Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wayenjani Kanye Kanye UYesu?

Wayenjani Kanye Kanye UYesu?

Akakho umntu onefoto kaYesu. Akazange ame phambi komzobi, azotywe. Kodwa sisoloko simbona ezotyiwe.

Nabo bantu babemzoba, abamazi ukuba wayenjani kanye kanye. Xa babemzoba, babecinga ngendlela izinto ezazisenziwa ngayo ngexesha lakhe, ngezinto abazikholelwayo abantu bonqulo kunye nezinto ezifunwa ngabantu ababebazobela. Le mizobo yabo yayinokwenza abantu bangamqondi uYesu neemfundiso zakhe.

Abanye bamzoba engumntu ocekeceke, oneenwele ezinde neentshetyana njee okanye obonakala elusizi. Kanti abanye babemenza abonakale njengomntu onamandla angaqhelekanga, othwele isithsaba nongasondeliyo ebantwini. Ngaba wayenjalo nyhani uYesu? Sinokwazi njani? Into enokusinceda kukujonga oko kuthethwa yiBhayibhile. Siza kutsho simazi kakuhle ukuba wayengumntu onjani.

“UNDILUNGISELELE UMZIMBA”

Kubonakala ngathi kumthandazo uYesu awawenza xa wayebhaptizwa, wathetha la mazwi. (Hebhere 10:5; Mateyu 3:13-17) Wawunjani lo mzimba? Ngaphambi kokuba uYesu azalwe, ingelosi uGabriyeli yathi kuMariya: “Uya kukhawula esibelekweni sakho uze uzale unyana, . . . uNyana kaThixo.” (Luka 1:31, 35) Le nto ithetha ukuba uYesu wayefezekile, njengokuba noAdam wayefezekile xa wayedalwa. (Luka 3:38; 1 Korinte 15:45) UYesu umele ukuba wayenomzimba owakhekileyo, enezinto afana ngazo nonina ongumYuda, uMariya.

UYesu wayenentshebe kuba amaYuda ayeyikhulisa, ngokungafaniyo namaRoma. Le ntshebe yayingekho nde kwaye ingekho mdaka kuba yayiluphawu lwesidima nokuhlonipheka. Siqinisekile ukuba uYesu wayeyihoya eyakhe ibe neenwele zakhe wayezicheba kakuhle. NgamaNaziri afana noSamson kuphela awayengazichebi iinwele.​—Numeri 6:5; ABagwebi 13:5.

Ekukhuleni kwakhe, uYesu wayengumchweli ibe wayengenabo oomatshini bale mihla abasetyenziswa ngabachweli. (Marko 6:3) Ngoko kufanele ukuba wayomelele. Kungekudala emva kokuba eqalise umsebenzi wakhe wokushumayela, engancediswa mntu “wabagxotha etempileni bonke abo babenezimvu neenkomo, waziphalaza iingqekembe zabatshintshi bemali waza wazibhukuqa iitafile zabo.” (Yohane 2:14-17) Le nto yayifuna umntu onamandla nowomelele nyhani. UYesu wasebenzisa lo mzimba wayewulungiselelwe nguThixo ukuze enze le nto wayeyithunyiwe, kuba uthi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Ukuze umntu akwazi ukushumayela ezi ndaba kuyo yonke iPalestina ehamba ngenyawo, kufuneka ibe kanti unamandla nyhani.

“YIZANI KUM, . . . NDIZA KUNIHLAZIYA”

Indlela uYesu awayenobubele ngayo imele ukuba yabenza abo ‘babulalekayo nabasindwa ngumthwalo’ banomdla kwesi simemo sakhe. (Mateyu 11:28-30) Ububele nothando uYesu awayenalo lwabenza abo bafuna ukufundiswa nguye baqinisekea ukuba uza kubahlaziya nyhani. Nabantwana babekuthanda ukuya kuYesu, kuba iBhayibhile ithi: “Wabawola.”—Marko 10:13-16.

UYesu waphathwa kabuhlungu ngaphambi kokuba afe, kodwa loo nto ayithethi ukuba wayehleli nje ekhathazekile. Ngokomzekelo, wawenza mnandi nangakumbi umtshato owawuseKana ngokutshintsha amanzi abe yiwayini. (Yohane 2:1-11) Kwamanye amatheko wafundisa abantu izinto ezingasoze zilityalwe.​—Mateyu 9:9-13; Yohane 12:1-8.

Iimfundiso zikaYesu zazibashiya abo bammameleyo benethemba elivuyisayo lobomi obungunaphakade. (Yohane 11:25, 26; 17:3) Xa abafundi bakhe abayi-70 babembalisela ngezinto ezazenzeke xa beshumayela, uYesu ‘wavuya ngokugqithiseleyo’ waza wathi: “Yibani nemihlali ngenxa yokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.”​—Luka 10:20, 21.

“KE NINA ZE NINGABI NJALO”

Abefundisi bexesha likaYesu babekuthanda ukujongwa ngabantu ibe befuna kucace ukuba banegunya. (Numeri 15:38-40; Mateyu 23:5-7) Ngokungafaniyo nabo, uYesu wathi kubapostile bakhe mabangabi ‘ziinkosi phezu kwabanye.’ (Luka 22:25, 26) Wade wabalumkisa wathi: “Balumkeleni ababhali abafuna ukuhambahamba ngemiwunduzo nabafuna imibuliso kwiindawo zemarike.”​—Marko 12:38.

UYesu wayengumntu wabantu ibe xa ephakathi kwabantu wayede angaqapheleki. (Yohane 7:10, 11) Kwakungekho mahluko naphakathi kwakhe nabapostile bakhe abayi-11. NoYudas kwafuneka ade amphuze ‘umqondiso’ ababeza kumbona ngawo abo babeza kumbulala.​—Marko 14:44, 45.

Nangona singazi yonke into ngoYesu kodwa kucacile ukuba akanguye lo mntu adla ngokuzotywa enguye ngabanye abantu. Phofu eyona nto ibalulekileyo asikokuba wayenjani kodwa yindlela esimjonga ngayo thina ngoku.

“SELISONDELE IXESHA LOKUBA IHLABATHI LINGABI SANDIBONA”

UYesu wafa waza wangcwatywa kanye ngale mini awathetha ngayo la mazwi. (Yohane 14:19) Wanikela ngobomi bakhe ukuze abe “yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Ngosuku lwesithathu, uThixo wamvusa ‘engumoya’ “waza wamenza abonakale” kwabanye abafundi bakhe. (1 Petros 3:18; IZenzo 10:40) Wayenjani xa wayebonakala kubafundi bakhe? Kuyacaca ukuba uYesu wayohlukile kuba nabahlobo bakhe zange bakhawuleze bamazi. UMariya Magadala wayecinga ukuba ngumntu osebenza egadini ibe abafundi bakhe ababini ababesiya e-Emawusi babecinga ukuba ngumntu nje abangamaziyo.​—Luka 24:13-18; Yohane 20:1, 14, 15.

Namhlanje, ngaba sifanele sicinge ukuba unjani uYesu? Emva kweminyaka eyi-60 efile, uYohane wabona uYesu embonweni. Zange abone umntu obethelelwe emnqamlezweni. Kodwa wabona “uKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.” Lowo ke nguKumkani woBukumkani BukaThixo, ibe uza koyisa zonke iintshaba zikaThixo, enoba ziidemon okanye ngabantu, aze abangele abantu basikelelwe ngonaphakade.​—ISityhilelo 19:16; 21:3, 4.