Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Kholosa NgoYehova, Wenze Okulungileyo”

“Kholosa NgoYehova, Wenze Okulungileyo”

“Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo; . . . uqhube ngokuthembeka.”INDU. 37:3.

IINGOMA: 133, 63

1. Zeziphi izinto uYehova asidale sakwazi ukuzenza?

UYEHOVA wasidala sakwazi ukwenza izinto ezimangalisayo. Wasidala sakwazi ukucinga ukuze silungise iingxaki nokuze silungiselele ikamva. (IMize. 2:11) Usinike namandla okwenza oko sikucebayo ukuze sikwazi ukwenza izinto ezintle esicebe ukuzenza. (Fil. 2:13) Kwakhona wasidala sanesazela, amandla okwahlula okulungileyo nokubi, asinceda siphephe ukona size silungise apho siphazame khona.Roma 2:15.

2. UYehova ulindele ukuba sizisebenzise njani iziphiwo esinazo?

2 UYehova ulindele ukuba la mandla asinike wona siwasebenzise kakuhle. Ngoba? Kaloku uyasithanda, ibe uyazi ukuba xa sisebenzisa ezi ziphiwo siyonwaba. UYehova usikhuthaza ngeLizwi lakhe ukuba sizisebenzisele ukwenza okuhle. Ngokomzekelo, kwiZibhalo ZesiHebhere, uthi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo,” aphinde athi: “Konke esikufumanayo ukuba sikwenze isandla sakho kwenze ngamandla akho onke.” (IMize. 21:5; INtshu. 9:10) KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, siva oku: “Ngoko ke, lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke”; kwaye “njengoko ngamnye wenu wasamkelayo isiphiwo, lungiselelanani.” (Gal. 6:10; 1 Pet. 4:10) Kucacile ke ukuba, uYehova ufuna senze izinto eziza kunceda thina nabanye.

3. Ziintoni abantu abangakwaziyo ukuzenza?

3 Kwangaxeshanye, uYehova uyazi apho amandla ethu aphela khona. Asinako ukuphelisa ukungafezeki, isono, nokufa; asikwazi nokulawula abantu, kuba wonke umntu unelungelo lokuzenzela izigqibo. (1 Kum. 8:46) Nokuba singaze sibe nolwazi namava angakanani, siziintsana xa sithelekiswa noYehova.Isa. 55:9.

Xa uneengxaki, “kholosa ngoYehova wenze okulungileyo”

4. Siza kufunda ntoni kweli nqaku?

4 Simele sixhomekeke ekukhokelweni nguYehova, kwaye simthembe ukuba ngalo lonke ixesha uza kusinceda kwizinto esingenako thina ukuzenzela zona. Kwangaxeshanye, simele senze unako-nako ukuze silungise iingxaki zethu kwaye sincede abanye abantu. (Funda iNdumiso 37:3.) Ngamafutshane, simele sizenze zombini ezi zinto, ‘sikholose ngoYehova, kwaye senze okulungileyo’; ‘siyiqhube ngokuthembeka’ loo nto. Ngoku, masibone oko sinokukufunda kumzekelo kaNowa, okaDavide nowabanye abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaxhomekeka kuYehova baza bathatha amanyathelo afanelekileyo. Njengoko siza kubona, le nto yayifuna ukuba bahlule phakathi kwezinto ababenokukwazi ukuzenza nezinto ababengenakukwazi ukuzenza, baze bathathe amanyathelo afanelekileyo.

XA UPHAKATHI KWABANTU ABANGENDAWO

5. Chaza imeko awayekuyo uNowa.

5 UNowa wayephila kwihlabathi ‘elalizele lugonyamelo’ nokuziphatha okubi. (Gen. 6:4, 9-13) Wayesazi ukuba ekugqibeleni uYehova wayeza kulitshabalalisa elo hlabathi lingendawo. Nakuba kwakunjalo, uNowa umele ukuba wayehlutshwa bobo bungendawo. Wabona ukuba zikhona izinto awayenokukwazi ukuzenza, nawayengenakukwazi ukuzenza.

Ukuchaswa entsimini (Jonga isiqendu 6-9)

6, 7. (a) Ziintoni uNowa awayengenakukwazi ukuzenza? (b) Imeko esikuyo ifana njani nawayekuyo uNowa?

6 Izinto uNowa awayengenakukwazi ukuzenza: Nangona uNowa wayeshumayela umyalezo kaYehova elumkisa abantu, into awayengenakukwazi ukuyenza kukunyanzela abantu ukuba bawamkele loo myalezo, okanye enze uMkhukula ufike msinya. Kwakufuneka amthembe uYehova ukuba wayeza kusigcina isithembiso sakhe sokuphelisa ubungendawo kwaye akholelwe ukuba wayeza kukwenza oko ngexesha elifanelekileyo.Gen. 6:17.

7 Nathi siphila kwihlabathi elizele bubungendawo, esaziyo ukuba uYehova uza kulisiphula neengcambu. (1 Yoh. 2:17) Kodwa ke, asikwazi kunyanzela abantu ukuba bamkele ‘iindaba ezilungileyo zoBukumkani.’ Asikwazi nokuyenza ifike msinya “imbandezelo enkulu.” (Mat. 24:14, 21) NjengoNowa, sidinga ukholo olomeleleyo, sithembe ukuba kungekudala uThixo uza kungenelela. (INdu. 37:10, 11) Siqinisekile ukuba uYehova akasoze aliyeke eli hlabathi liqhubeke likho ngaphaya kwexesha alimiseleyo.Hab. 2:3.

8. Ziintoni uNowa awayenokukwazi ukuzenza? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 Izinto uNowa awayenokukwazi ukuzenza: Kunokuba anikezele ngenxa yezinto awayengenakukwazi ukuzenza, wajonga izinto awayenokukwazi ukuzenza. ‘Njengomshumayeli wobulungisa,’ uNowa wawudlulisa ngokuthembeka umyalezo olumkisayo awayewuthunyiwe. (2 Pet. 2:5) Ngokuqinisekileyo oko kwamnceda wagcina ukholo lwakhe lomelele. Ukongezelela ekushumayeleni, wayesebenzisa amandla nengqondo yakhe ukuze aphumeze umsebenzi wokwakha umkhombe awayewunikwe nguThixo.Funda amaHebhere 11:7.

9. Singawuxelisa njani umzekelo kaNowa?

9 NjengoNowa, nathi sifuna ukuba “nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.” (1 Kor. 15:58) Lo msebenzi usenokuquka ukwakha nokulungisa izakhiwo zokunqulela, ukuba litsha-ntliziyo kwiindibano nokuncedisa kwiofisi yesebe okanye kwiofisi yokuguqulela. Kodwa ke, eyona nto iza kuqala kuthi ngumsebenzi wokushumayela, kuba lo msebenzi womeleza ithemba lethu ngekamva. Omnye udade uthi: “Xa uthetha nabantu ngeentsikelelo zoBukumkani bukaThixo, uye ubone ukuba abanalo ithemba ibe bacinga ukuba iingxaki zabo azisoze ziphele.” Ngokwenene, ukushumayela kusenza silibone liqaqambile ikamva lethu, ibe kusinceda singanikezeli.1 Kor. 9:24.

XA SENZE IMPAZAMO

10. Chaza imeko kaDavide.

10 UYehova wamchaza uKumkani uDavide ‘njengendoda evunyiweyo yintliziyo yakhe.’ (IZe. 13:22) Ubukhulu becala, singathi uDavide wathembeka. Nangona kunjalo, ngamanye amaxesha wayesenza izono ezinzulu. Wakrexeza noBhatshebha. Okona kubi kukuba, wazama ukufihla isono sakhe ngokwenza iyelenqe lokuba u-Uriya, umyeni kaBhatshebha, abulawe edabini. Wade wanesibindi sokumnika esandleni u-Uriya umyalelo owawuza kubangela abulawe! (2 Sam. 11:1-21) Ekugqibeleni, isono sakhe sabhenceka. (Marko 4:22) Xa kwenzeka loo nto, wathini uDavide?

Izono zangaphambili (Jonga isiqendu 11-14)

11, 12. (a) Yintoni uDavide awayengenakukwazi ukuyenza ngezono zakhe? (b) Xa siguquka kwiimpazamo ezinkulu esizenzayo, yintoni esinokumthemba uYehova ukuba uza kusenzela yona?

11 Izinto uDavide awayengenakukwazi ukuzenza: UDavide wayengenakukwazi ukuzilungisa iimpazamo awayezenzile. Wayengenakukwazi nokuphepha imiphumo yeempazamo zakhe. Kaloku eminye yayo wayeza kuphila nayo ubomi bakhe bonke. (2 Sam. 12:10-12, 14) Yiloo nto wayemele abe nokholo. Kwakuza kufuneka athembe ukuba xa eguquka, uYehova wayeza kumxolela aze amncede anyamezele imiphumo yezenzo zakhe.

12 Ngenxa yokungafezeki, sonke siyona. Ezinye iimpazamo zinkulu kunezinye. Kwezinye iimeko sisenokungakwazi ukuzilungisa iimpazamo esizenzileyo. Kunokufuneka nje siyinyamezele imiphumo yazo. (Gal. 6:7) Kodwa siyakukholelwa oko uThixo akutshoyo, siyamthemba ukuba xa siguquka, uya kusixhasa ebunzimeni—kwanokuba ibisithi abazinqikele elineembovane.Funda uIsaya 1:18, 19; neZenzo 3:19.

13. Yintoni eyanceda uDavide aphinde akhe ubuhlobo noYehova?

13 Izinto uDavide awayenokukwazi ukuzenza: UDavide wavumela uYehova ukuba amncede aphinde akhe ubuhlobo kunye naye. Enye yeendlela awamvumela ngayo kukwamkela isiluleko esasivela kumthunywa kaYehova, umprofeti uNatan. (2 Sam. 12:13) UDavide wathandaza kuYehova evuma izono zakhe, emxelela nokuba ufuna ukuba ngumhlobo wakhe kwakhona. (INdu. 51:1-17) Kunokuba asindwe ngumvandedwa, wafunda kwiimpazamo zakhe. Nyhani ke, akazange aziphinde ezo zono zinzulu. Wafa ethembekile, ezenzele igama elihle angasayi kulilibala uYehova.Heb. 11:32-34.

14. Sifunda ntoni kumzekelo kaDavide?

14 Sifunda ntoni kumzekelo kaDavide? Xa senze isono esinzulu, simele siguquke ngokwenene size sisebenzele ekubeni uYehova asixolele. Kufuneka sizivume izono zethu kuye. (1 Yoh. 1:9) Simele sicele noncedo kubadala, ukuze siphinde sakhe ubuhlobo kunye noYehova. (Funda uYakobi 5:14-16.) Xa sisenza oko uYehova asiyalela kona, siza kube sibonisa ukuba siyamthemba xa esithi uza kusinceda sichache aze asixolele. Emva koko, kuya kusinceda ukufunda kwiimpazamo zethu, siqhubeke nenkonzo yethu ngokuzithemba, singajongi ngemva.Heb. 12:12, 13.

KWEZINYE IIMEKO

Impilo enkenenkene (Jonga isiqendu 15)

15. Sifunda ntoni kumzekelo kaHana?

15 Mhlawumbi usenokucinga ngabanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo bakudala abakholosa ngaye ngoxa bethatha amanyathelo afanelekileyo. Ngokomzekelo, uHana wayengenakukwazi ukuzinceda kwingxaki yakhe yokungafumani bantwana. Kodwa wamthemba uYehova ukuba uza kumthuthuzela, ngoko waqhubeka emnqula emnqubeni waza wathandaza ephalaza imbilini yakhe. (1 Sam. 1:9-11) Lo ngumzekelo omhle! Xa sinempilo enkenenkene okanye naziphi na iingxaki esingenakuzinceda, simele siziphose kuYehova kuba simthembile ukuba usikhathelele. (1 Pet. 5:6, 7) Simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sincedakale kwiintlanganiso zethu kwaye sixhamle nakuzo zonke izinto eziqinisa ubuhlobo bethu noYehova.Heb. 10:24, 25.

Abantwana abashiya inyaniso (Jonga isiqendu 16)

16. Yintoni abazali abanokuyifunda kuSamuweli?

16 Kuthekani ngabazali abathembekileyo abanabantwana abaye bayishiya inyaniso? USamuweli owayaluphele wayengenakukwazi ukunyanzela oonyana bakhe abadala ukuba bathembeke kuYehova ngendlela awayebafundise ngayo. (1 Sam. 8:1-3) Kwafuneka ayekele konke kuYehova. Nangona kunjalo, uSamuweli yena wayenako ukuzenzela igama elihle kuYise osezulwini. (IMize. 27:11) Namhlanje, abazali abangamaKristu abaninzi bakwimeko efanayo. Banethemba lokuba njengobawo ekuthethwe ngaye kwibali lonyana wolahleko, uYehova usoloko efuna ukwamkela aboni abaguqukileyo. (Luka 15:20) Kwangaxeshanye, aba bazali basebenza nzima ukuze bahlale bethembekile kuYehova, benethemba lokuba umzekelo wabo uza kukhuthaza abantwana babo ukuba babuyele kuYehova.

Ukungabi namali (Jonga isiqendu 17)

17. Kutheni umzekelo womhlolokazi ongathathi ntweni ukhuthaza?

17 Cinga nangomhlolokazi owayengathathi ntweni wexesha likaYesu. (Funda uLuka 21:1-4.) Wayengenakwenza nto ngorhwaphilizo olwalusenzeka etempileni. (Mat. 21:12, 13) Kusenokwenzeka ukuba kwakungekho nto ingako awayenokuyenza ngemeko yakhe yemali. Kodwa wanikela ‘ngeengqekembe ezimbini ezincinane,’ ephosa “konke abenokuphila ngako.” Lo mhlolokazi uthembekileyo waba ngumzekelo omhle wokumthemba uYehova ngentliziyo yakhe yonke, kuba wayesazi ukuba xa ebeka uYehova kuqala wayeza kumxhasa ngezinto azidingayo. Ukuthemba kwakhe uYehova kwamenza waxhasa unqulo lwenene. Nathi, sinethemba lokuba, ukuba sifuna kuqala uBukumkani, uYehova uya kusinika oko sikudingayo.Mat. 6:33.

18. Balisa ngomkhonzi wexesha lethu obezijonga ngendlela efanelekileyo izinto.

18 Abazalwana bethu abaninzi nabo basimisela umzekelo omhle wokumthemba uYehova nokuthatha amanyathelo afanelekileyo. Masenze umzekelo ngomzalwana onguMalcolm owahlala ethembekile de wasweleka ngo-2015. Kuwo onke loo mashumi eminyaka yena nomkakhe abebekhonza ngawo uYehova, ubomi babo bebungamahla-ndinyuka. Wathi: “Maxa wambi ubomi buyaguquguquka, abuqinisekanga de bube nzima. Kodwa uYehova uyabasikelela abo bakholosa ngaye.” UMalcolm ucebisa esithi: “Thandazela ukuba ukwazi ukumkhonza uYehova ngamandla akho onke. Nikela ingqalelo kwizinto okwaziyo ukuzenza, kungekhona ongakwaziyo ukuzenza.” *

19. (a) Kutheni umxholo wonyaka ka-2017 ufanelekile? (b) Uza kuwusebenzisa njani lo mxholo wonyaka ebomini bakho?

19 Njengoko eli hlabathi lisiya ‘lihambela phambili ebubini,’ silindele ukuba ubunzima buye busithi chatha. (2 Tim. 3:1, 13) Ngoko kubaluleke ngakumbi ngoku ukuba singatyhafiswa ziingxaki ezinjalo. Kunoko simele sisebenzele ekumthembeni uYehova ngoxa sithatha amanyathelo afanelekileyo. Ngoko ungena gingci lo mxholo wonyaka ka-2017 othi: “Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo”!INdu. 37:3.

Umxholo wonyaka ka-2017: “Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo.”INdumiso 37:3