Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Umpostile uPawulos wabhala wathi, uYehova akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala.” (1 Kor. 10:13) Ngaba loo nto ithetha ukuba uYehova uzihlola kusengaphambili izinto esinokuzithwala, aze akhethe izilingo esiza kuzifumana?

Ukuba bekunjalo, cinga oko kunokuthethwa yile mbono. Omnye umzalwana owayenonyana owazibulalayo wabuza wathi: ‘Ngaba uYehova uyiqonde kwangaphambili into yokuba mna nomfazi wam siza kukwazi ukumelana nale ntlungu? Ngaba le nto yenzeke kuba uThixo efikelele kwisigqibo sokuba siza kukwazi ukuyinyamezela?’ Ngaba sikhona isizathu esivakalayo esenza sikholelwe ukuba uYehova uye ajije iziganeko zobomi bethu ukuze zihambe ngendlela ethile?

Ukucingisisa ngala mazwi kaPawulos akweyoku-1 kwabaseKorinte 10:13 kusenze safikelela kwesi sigqibo: Akukho sizathu kwiZibhalo esenza sikholelwe ukuba uYehova uhlola kwangaphambili izinto esinokuzithwala aze asikhethele izilingo esiza kuzifumana. Makhe sijonge izizathu ezine ezibonisa ukuba kutheni sifikelela kweso sigqibo.

Okokuqala, uYehova unike abantu inkululeko yokuzikhethela. Ufuna ibe sithi abazikhethela indlela esiza kubuphila ngayo ubomi bethu. (Dut. 30:19, 20; Yosh. 24:15) Ukuba sikhetha indlela efanelekileyo, singacela uYehova alathise amanyathelo ethu. (IMize. 16:⁠9) Kodwa ukuba sikhetha indlela engafanelekanga, siya kuvuna oko sikulimileyo. (Gal. 6:⁠7) Ukuba uYehova ebesikhethela izilingo esiza kuzifumana, ngaba ebengayi kuba usihlutha isipho sokuzikhethela?

Okwesibini, uYehova akasikhuseli ‘kwixesha nakwisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshu. 9:11) Iingozi ezimasikizi​—mhlawumbi ezinemiphumo emibi kakhulu​—zinokwenzeka kuba ukwindawo embi ngexesha elibi. UYesu wathetha ngengozi embi eyehlela abantu abayi-18 abawelwa yinqaba, ebonisa ukuba uThixo wayengathandi ukuba yenzeke loo nto. (Luka 13:1-5) Ngaba ke, asimdlel’ indlala uThixo xa sicinga ukuba ugqiba kusengaphambili ukuba ngubani ophilayo kwaye ngubani ofayo kwiziganeko ezenzeka nje zingacetywanga?

Okwesithathu, ngamnye wethu kufuneka azingqine ukuba akagungqi ekukhonzeni uYehova. Khumbula kaloku ukuba uSathana wathi bonke abo bakhonza uYehova ayingobantu bokuthenjwa, baya kumlahla uYehova xa kuvela izilingo. (Yobhi 1:9-11; 2:4; ISityhi. 12:10) Ngoko ukuba uYehova ebesikhusela kwiimvavanyo ezithile kuba esithi ziza kusixaka, ngaba loo nto ibingayi kungqina ukuba uSathana uchanile xa esithi simkhonza uThixo kuba izinto zisihambela kakuhle?

Okwesine, uYehova akanyanzelekanga ukuba azi yonke into eza kwenzeka kuthi. Le mbono yokuba uThixo ukhetha kusengaphambili iimvavanyo esiza kuzifumana ithetha ukuba kufuneka azi yonke into eza kwenzeka kuthi. Kodwa imbono enjalo ayixhaswa ziZibhalo. UThixo ngokuqinisekileyo uyakwazi oko kuza kwenzeka. (Isa. 46:10) Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba uyakhetha xa kufikwa kumba wokwazi iziganeko zexesha elizayo. (Gen. 18:20, 21; 22:12) Ngenxa yoko nangona enawo amandla okwazi izinto, uyayihlonela nenkululeko yethu yokuzikhethela. Asiyonto ebesinokuyilindela ke leyo kuThixo oyihloniphayo inkululeko yethu nokwaziyo ukulawula amandla akhe ngendlela eyiyo?​—Dut. 32:4; 2 Kor. 3:17.

Ngoko, sifanele siwaqonde njani amazwi kaPawulos athi: “UThixo . . . akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala”? Apha uPawulos uchaza into uYehova ayenzayo ebudeni bezilingo kungekhona ngaphambi kwazo. * La mazwi ompostile asiqinisekisa ukuba nokuba zinjani izilingo ezisehlelayo, uYehova uya kusixhasa xa sithembela ngaye. (INdu. 55:22) Amazwi athuthuzelayo kaPawulos asekelwe kwiimfundiso ezimbini ezibalulekileyo.

Okokuqala, izilingo esizifumanayo ‘ziqhelekile ebantwini.’ Ngoko izilingo esizifumanayo zifunyanwa ngumntu wonke. Sinokukwazi ukuzinyamezela kuphela xa sithembele ngoThixo. (1 Pet. 5:8, 9) Kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:13, uPawulos wayebhekisela kwizilingo ezafunyanwa ngamaSirayeli entlango. (1 Kor. 10:6-11) Akukho nasinye kwezo zilingo esasiqala ukwenzeka apha emhlabeni okanye esasinokuwaxaka amaSirayeli awayethembekile. Sekunjalo kangangezihlandlo ezine, uPawulos uthi “abathile kubo” zange bathobele. Okubuhlungu kukuba, amanye amaSirayeli anikezela kwezo zilingo, kuba engazange athembele ngoThixo.

Okwesibini, ‘uThixo uthembekile.’ Xa ufunda indlela uThixo awaqhubana ngayo nabantu bakhe uya kubona ukuba akabalahli abo “bamthandayo nabayigcinayo imiyalelo yakhe.” (Dut. 7:⁠9) Kwakhona, uya kubona ukuba uThixo uyazigcina izithembiso zakhe. (Yosh. 23:​14) Ngenxa yoko, abantu abamthandayo nabamthobelayo banokumthemba ukuba uya kusigcina isithembiso sakhe esintlu-mbini esingezilingo ezinokubafikela: (1) Akayi kuvumela nasiphi na isilingo siqhubeke de kube nzima ukusithwala, kwaye (2) “uya . . . kwenza nendlela yokuphuma” kuso.

UYehova “uyasithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu”

Xa abo bathembele ngaye belingwa, uYehova uyenza njani indlela yokuphuma? Ewe kona, ebenokusuka nje asisuse eso silingo. Kodwa khumbula la mazwi kaPawulos: “[UYehova] uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.” Yiloo nto kwiimeko ezininzi, esenza ‘indlela yokuphuma’ ngokusinika oko sikudingayo ukuze sikwazi ukunyamezela ezo zilingo. Nazi ezinye iindlela uYehova anokusivulela ikroba ngazo:

  • ‘Uyasithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Kor. 1:3, 4) UYehova unokuthomalalisa iingcinga, iintliziyo neemvakalelo zethu ngeLizwi lakhe, ngomoya oyingcwele nangeencwadi ezisasazwa likhoboka elithembekileyo.​—Mat. 24:45; Yoh. 14:16; Roma 15:4.

  • Unokusikhokela esebenzisa umoya oyingcwele. (Yoh. 14:26) Xa sifikelwa zizilingo, lo moya uya kusinceda sikhumbule iivesi zeBhayibhile nemigaqo yayo size senze izigqibo ezifanelekileyo.

  • Unokusebenzisa iingelosi ukuba zisincede.​—Heb. 1:14.

  • Unokusebenzisa abazalwana bethu ukuba basikhuthaze ngamazwi nangezenzo.​—Kol. 4:11.

Ke ngoku, sigqiba ngelithini ngentsingiselo yamazwi kaPawulos akweyoku-⁠1 kwabaseKorinte 10:​13? UYehova akasikhetheli izilingo esiza kuzifumana. Kodwa xa sele zisifikela, sinokuqiniseka ukuba, ukuba sithembela ngoYehova akasoze asivumele sithwale oko kungaphezu kwamandla ethu. Uya kusoloko esenza indlela yokuphuma kuzo ukuze sizinyamezele. Kusikhuthaza ngokwenene ukwazi loo nto!

^ isiqe. 2 NgesiGrike igama elithi “isihendo” linokubhekisela “kwiimvavanyo” okanye “kwizilingo.”