Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kuzifaka Entliziyweni Izinto Ezibhaliweyo?

Ngaba Uza Kuzifaka Entliziyweni Izinto Ezibhaliweyo?

“Ezi zinto . . . zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.”1 KOR. 10:11.

IINGOMA: 11, 61

1, 2. Kutheni siza kufunda ngookumkani abane bakwaYuda?

UKUBA ubunokubona umntu etyibilika aze awe endleleni, ngaba wena ubungayi kuchul’ ukunyathela xa uhamba kuloo ndlela? Xa sifunda ngeempazamo ezenziwa ngabanye abantu, sinokutsho sikwazi ukuphepha ukwenza iimpazamo abazenzayo. Kunjalo ke naxa kufikwa kunqulo lwethu. Sinokufunda lukhulu kwiimpazamo ezenziwa ngabanye abantu, kuquka ezo zibhalwe eBhayibhileni.

2 Ookumkani abane bakwaYuda esithethe ngabo kwinqaku elingaphambi kweli bamkhonza uYehova ngeentliziyo ezipheleleyo. Kodwa ke benza iimpazamo ezinkulu. Yintoni esinokuyifunda kubo, kwaye sinokwenza njani ukuze singagaxeleki kwiingxaki abangena kuzo? Ukucingisisa ngabo kunokusinceda sizuze kwizinto ezabhalelwa thina kwangaphambili ukuze sifundiswe.—Funda amaRoma 15:4.

UKUTHEMBELA KUBULUMKO BABANTU KUKUZIBIZELA INKATHAZO

3-5. (a) Nangona intliziyo ka-Asa yayiphelele kuYehova, yiyiphi ingxaki awaba nayo? (b) Sisenokuba sasiyintoni isizathu sokuba uAsa athembe abantu xa uBhahasha wasondela kwaYuda?

3 Makhe siqale ngoAsa, sibone indlela iLizwi LikaThixo elinokuba nefuthe ngayo kubomi bethu. UAsa waqamela ngoYehova xa umkhosi wamaTiyopiya obalelwa kwisigidi weza uze kuhlasela uYuda, kodwa woyiswa kukwenza loo nto xa uBhahasha, ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukuxhobisa iRama, isixeko esasikumda womhlaba wakhe. (2 Kron. 16:1-3) Ngesi sihlandlo, uAsa wabona ukuba makazame elakhe icebo, waza wanyoba uKumkani uBhen-hadadi waseSiriya ukuze ahlasele uBhahasha. Ngaba lasebenza ke elo qhinga? IBhayibhile ithi: “Kwathi kamsinya nje akukuva oko uBhahasha, wayeka ngoko nangoko ukwakha iRama waza wawuyeka umsebenzi wakhe.” (2 Kron. 16:5) Libonakala ngathi lasebenza eli qhinga—xa ulikha nje phezulu!

4 UYehova yena wayeyijonga njani le nto yenziwe nguAsa? UThixo wathumela isithethi sakhe uHanani ukuba aye kumkhalimela ngokungathembeli kuye. (Funda eyesi-2 yeziKronike 16:7-9.) UHanani wathi: “Ukususela ngoku kuse phambili kuya kubakho iimfazwe nxamnye nawe.” Ewe uBhahasha wemka; kodwa ke uAsa nabantu bakhe baphila ubomi bentshontsho ziimfazwe ngexesha kusaphethe yena.

5 Njengoko sibonile kwinqaku elingaphambi kweli, uThixo wayihlola intliziyo ka-Asa waza wagqiba kwelokuba yayikuye ngokupheleleyo. (1 Kum. 15:14) UThixo wayevakalelwa kukuba uAsa wayezinikele ngokwaneleyo, esaneliseka yinkonzo yakhe. Sekunjalo, kwakuseza kufuneka ayive imiphumo yobudenge awayebenzile. Kumba kaBhahasha, yintoni eyayenze uAsa waqamela ngaye siqu noBhen-hadadi kunokuba athembele ngoYehova? Ngaba wayecinga ukuba ubuchule bokuthethana nabanye ookumkani okanye ukukwazi ukubhexesha umkhosi kwakuza kuba neziphumo ezibhetele kunezo wayeza kuzifumana ngokucela uncedo kuThixo? Ngaba walahlekiswa licebiso lomnye umntu ukuze acinge ngolo hlobo?

6. Yintoni esinokuyifunda kwimpazamo ka-Asa? Zekelisa.

6 Ngaba ibali lika-Asa liza kwenza nathi sijonge ezethu iindlela? Xa simhokamhokana neengxaki ezibonakala zingaphaya kwamandla ethu, kuba lula ukubona ukuba siyamdinga uYehova. Kodwa siye senze ntoni xa izizinto ezincinane nje ezibakho umhla nezolo? Ngaba siye sibhenele kumacebo abantu ngokuzama ukuzilungisa ngezethu iindlela? Okanye ngaba siye sijonge imigaqo yeBhayibhile size sizame ukuyisebenzisa, itsho icace into yokuba sithembele kwindlela kaYehova yokulungisa iingxaki? Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha usenokuchaswa yintsapho yakho ngenxa yokuya kwiintlanganiso okanye endibanweni. Ucela uYehova ukuba akubonise indlela kwaye akuncede ubone eyona ndlela yokujongana nale meko. Okanye masithi uphelelwe ngumsebenzi, ibe awude uwufumane omnye. Xa uthetha nomntu ocela umsebenzi kuye, ngaba uza kumchazela ukuba uza kuya kwiintlanganiso zaphakathi kweveki? Nokuba yiyiphi na ingxaki esinayo, kuya kusakha ukuthobela amazwi omdumisi owathi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.”—INdu. 37:5.

INKATHAZO ABANOKUKUFAKA KUYO ABAHLOBO ABANGALUNGANGA

7, 8. Ziziphi iimpazamo ezenziwa nguYehoshafati, ibe waba yintoni umphumo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 Kuthekani ngonyana ka-Asa, uYehoshafati? Wayenobuntu obuthandekayo. Ininzi into awayiphumezayo ngokuthembela kuThixo. Kodwa zikho iindawana awagqwidiza kuzo. Ngokomzekelo, watshatiselana noKumkani uAhabhi ongendawo wobukumkani basemntla kuba egxeleshe intsebenziswano. Ibe nangona wayelunyukisiwe ngumprofeti uMikaya, wahamba noAhabhi baya kuhlasela amaSiriya. UYehoshafati wasinda cebetshu ekubulaweni kwelo dabi. Emva koko wabuyela eYerusalem. (2 Kron. 18:1-32) Ukufika kwakhe, umprofeti uYehu wambuza lo mbuzo: “Ngaba uncedo lumele lunikwe abantu abangendawo, ngaba ufanele ubathande abo bamthiyayo uYehova?”—Funda eyesi-2 yeziKronike 19:1-3.

8 Ngaba uYehoshafati wafunda kule nto? Nangona waqhubeka ezama ngamandla ukukholisa uThixo, kubonakala ngathi akazange afunde nto, nesilumkiso sikaYehu sangena ngenye indlebe saya kuphuma ngenye. Waqala obunye ubudenge ngokuthi akhe ubuhlobo nomnye ukumkani. Waqhogana notshaba lukaThixo, unyana ka-Ahabhi owayengendawo, uKumkani uAhaziya. Aba kumkani babini bakha iinqanawa kunye, ezavele zophuka zingakhange ziyenze naloo nto zaziyakhelwe.—2 Kron. 20:35-37.

9. Ukuba nabahlobo abangalunganga kunokusifaka njani enkathazweni?

9 Xa sifunda ibali likaYehoshafati kufuneka nathi sihlole indlela esiphila ngayo. Njani? Kaloku, ubukhulu becala uYehoshafati wayeqhuba kakuhle njengokumkani. Wayesenza okulungileyo kwaye “emfuna uYehova ngentliziyo yakhe yonke.” (2 Kron. 22:9) Sekunjalo, abahlobo bakhe abangalunganga baba nefuthe kuye. Khumbula umzekeliso othi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMize. 13:20) Kuhle kona ukuba sizame ukunceda abantu abanomdla bamkele inyaniso. Kodwa ke kwakungeyomfuneko ukuba uYehoshafati enze izinto noAhabhi, ibe wasinda ngokulambisa ekubulaweni. Nakuthi ke, ukuqhogana nabantu abangamkhonziyo uYehova kunokuba yingozi.

10. (a) Yintoni esinokuyifunda kuYehoshafati ngokutshata? (b) Yintoni esifanele siyikhumbule xa sinengxaki yabahlobo abangalunganga?

10 Yintoni esinokuyifunda kwibali likaYehoshafati? UmKristu angaqalisa ukuthandana nomntu ongamthandiyo uYehova, ecinga ukuba akakho umntu omfaneleyo phakathi kwamaKristu enene. Okanye usenokumelwa ngasemva zizalamane ezingakholwayo ukuba atshate ‘ngaphambi kokuba adudelwe nguJambase.’ Ukongezelela koko, abanye basenokuvakalelwa njengomnye udade, owathi: “Isegazini kuthi into yokufuna ukuthandwa nokuba nomyeni.” Ufanele enze ntoni umKristu xa kunje? Kunokunceda ukucinga ngento eyehlela uYehoshafati. Ngokuqhelekileyo wayeye acele uThixo ukuba ambonise indlela. (2 Kron. 18:4-6) Kodwa kwenzeka ntoni xa uYehoshafati waqhogana noAhabhi, owayengamthandi uYehova? Ngewayekhumbule ukuba amehlo kaYehova akwabo bantliziyo zipheleleyo kuye. Kusenjalo ke nangoku, amehlo kaThixo “asingasinga emhlabeni wonke” kwaye ukulungele ‘ukubonisa amandla’ akhe ukuze asincede. (2 Kron. 16:9) Uyayiqonda imeko yethu kwaye uyasithanda. Ngaba wena uyayithemba into yokuba uThixo uya kukunika olo thando nobuhlobo obufunayo, de waneliseke? Siyakuqinisekisa ukuba, ngenye imini, uza kuyenza loo nto!

UNGAYIVUMELI INTLIZIYO YAKHO IKHUKHUMALE

11, 12. (a) UHezekiya wakutyhila njani okwakusentliziyweni yakhe? (b) Yintoni eyamsindisayo kwingqumbo kaThixo?

11 KuHezekiya sifunda ngentliziyo. Ngenye imini, uYehova wakutyhila oko kwakusentliziyweni kaHezekiya. (Funda eyesi-2 yeziKronike 32:31.) Xa uHezekiya wagulayo, uThixo wamenzela umqondiso ukuze abone ukuba wayeza kuphila—owawusisithunzi esibuya umva. Kuyabonakala ukuba, iinkosana zaseBhabhiloni zathumela igqiza ukuba liye kuva ngalo mqondiso. (2 Kum. 20:8-13; 2 Kron. 32:24) Etyhila into eyayisentliziyweni yakhe xa ‘eshiywe’ yedwa, uHezekiya wabonisa loo maBhabhiloni “indlu yakhe yobuncwane.” Obo budenge babhenca “konke okusentliziyweni yakhe.”

12 IBhayibhile ayisichazeli ukuba yintoni kanye kanye eyenza uHezekiya wakhukhumala. Ngaba yayikukoyisa kwakhe ama-Asiriya bethu, okanye ke yayikukunyangwa nguThixo ngokwakhe? Akungebi wayekhukhumaliswa ‘bubutyebi nozuko olukhulu kakhulu’? Enoba yintoni na eyayimenza aziphakamise, ‘uHezekiya akazange alubuyekeze uncedo awayelenzelwe.’ Yabuhlungu ke leyo! Nangona wayenokuzingxengxezela kuThixo athi umkhonze ngentliziyo epheleleyo, wamcaphukisa uYehova kangangexesha elithile. Kodwa ke kamva “uHezekiya wazithoba,” waba uyasinda ngolo hlobo kwingqumbo kaYehova, yena nabantu bakhe.—2 Kron. 32:25-27; INdu. 138:6.

13, 14. (a) UYehova ‘unokusishiya sedwa nini ngenjongo yokusivavanya’? (b) Sifanele senze njani xa sinconywa ngento esiyenzileyo?

13 Yintoni esinokuyizuza ngokufunda ibali likaHezekiya nangokucingisisa ngalo? Khumbula ukuba ikratshi likaHezekiya libonakele kamsinya emva kokuba uYehova oyise uSenaribhe waza wamnyanga lo kumkani kwisifo esibulalayo. Nathi ke, xa siye safeza into ethile ebalulekileyo, uYehova ‘usishiya’ sedwa, avumele ukuba iphutshuluke le nto ikumazantsi eentliziyo zethu? Ngokomzekelo, masithi umzalwana akalali ebusuku elungiselela intetho, aze ekugqibeleni ayinikele kwinginginya yabaphulaphuli. Emva koko unconywa enconyiwe ngabantu ngentetho yakhe. Uza kuthini ke akutyibelwa ngolo hlobo?

14 Xa sinconywa ngabantu, kuya kusinceda ukusebenzisa amazwi kaYesu athi: “Xa nenze zonke izinto enizabelweyo, yithini, ‘Singamakhoboka angancedi nganto. Oko sikwenzileyo koko besifanele sikwenze.’” (Luka 17:10) Nalapha, singafunda nto kumzekelo kaHezekiya. Ikratshi lakhe laphutshuluka ngokuthi ‘angalubuyekezi uncedo awayelenzelwe.’ Xa sicingisisa ngezinto asenzele zona uThixo siya kutsho sikuphephe ukucinga nokujonga izinto ngendlela uYehova ayicaphukelayo. Siya kuzukisa uYehova. Nguye osinike iZibhalo Ezingcwele nomoya oyingcwele onceda abantu bakhe.

SUKUVELA WENZE ISIGQIBO NJE

15, 16. Yintoni eyabangela ukuba uYosiya angakhuselwa nguThixo aze abulawe?

15 Okokugqibela, sisiphi isilumkiso esisifumanayo xa sifunda oko kwenzeka kuKumkani uYosiya? Makhe sijonge into eyabangela ukuba oyiswe aze abulawe. (Funda eyesi-2 yeziKronike 35:20-22.) UYosiya “waphuma . . . ukuya kuqubisana” noKumkani uNeko waseYiputa, nangona lo kumkani wayemxelele ukuba yena akaxabenanga naye. IBhayibhile ithi amazwi kaNeko ‘ayevela emlonyeni kaThixo.’ Wayengenwe yintoni ke uYosiya ukuze afune ukuziva amandla kuye? IBhayibhile ayisichazeli.

16 Kodwa ke, uYosiya wayeza kuyazelaphi into yokuba amazwi kaNeko ayesuka kuYehova? Ilula loo nto, ngewayebuze uYeremiya, omnye wabaprofeti ababethembekile. (2 Kron. 35:23, 25) Kodwa ayikho into ebonisa ukuba wambuza. Enye into, uNeko yena wayeziyela eKarkemishe. Wayeye kulwa “nenye indlu,” engezanga eYerusalem. Ukongezelela koko, igama likaThixo lalingabandakanyekanga, kuba uNeko akazange agculele Yehova, engazange agculele nabantu bakhe. Yayingenangqondo tu into yokuba uYosiya aleqeke emva koNeko. Ngaba siyayibona into esinokuyifunda kule nto? Xa sinengxaki, kuya kusinceda ukufuna ukuqonda ukuba uYehova angathanda ilungiswe njani.

17. Xa sinengxaki, yintoni esimele siyenze ukuze siphephe impazamo eyenziwa nguYosiya?

17 Xa sinengxaki, simele sijonge imigaqo yeBhayibhile ebandakanyekayo size siyisebenzise kakuhle. Kwezinye iimeko, kusenokufuneka sithethe nabadala. Kusenokwenzeka ukuba sikhe sayihlafunisisa nathi loo nto, saza saphanda nakwiincwadi zethu. Kodwa mhlawumbi ikho eminye imigaqo yeBhayibhile efuna ukuqwalaselwa anokusinceda ngayo umdala. Ngokomzekelo, oodade bayazi ukuba banembopheleleko yokushumayela iindaba ezilungileyo. (IZe. 4:20) Kodwa, masithi udade uzimisele ukuya entsimini ngosuku oluthile, kodwa umyeni wakhe ongakholwayo uthi makabe sekhaya. Uthi abakhange bachithe xesha kunye mvanje, kwaye angathanda ukuba bakhe benze izinto kunye. Udade unokujonga iivesi zeBhayibhile ezisebenzayo, ezinjengethi simele sithobele uThixo, nethetha ngomyalelo wokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20; IZe. 5:29) Kodwa kukwafuneka acinge nangento yokuba kufuneka azithobe njengenkosikazi, kwaye azicingisise izinto. (Efe. 5:22-24; Fil. 4:5) Ngaba umyeni akafuni kwaphela ukuba aye entsimini, okanye ngaba umcela nje ngaloo mini ukuba enze enye into? Kufuneka sisebenzise ingqondo kaloku xa sisenza ukuthanda kukaThixo kwaye sizame ukuba nezazela ezikhululekileyo.

QHUBEKA UNENTLIZIYO EPHELELEYO, UZE WONWABE

18. Yintoni onokuyizuza ngokufunda ngookumkani abane ekuthethwe ngabo kweli nqaku?

18 Ekubeni singafezekanga, ngamanye amaxesha nathi sinokuzenza ezi mpazamo zenziwa ngaba kumkani bane sithethe ngabo. Mhlawumbi (1) sinokuthi ngokungazi siqamele ngobulumko babantu, (2) sithembele ngabahlobo abangafanelekanga, (3) sikhukhumale likratshi, okanye (4) senze izigqibo singakhange sijonge ukuba uThixo angathanda kwenziwe ntoni. Ngokwenene ulungile uYehova kuba nakuthi ubone okuhle, kanye ngendlela awenza ngayo kwaba kumkani bane! UYehova uyayibona nendlela esimthanda ngayo nesikufuna kakhulu ngayo ukumkhonza ngokupheleleyo. Usinike le mizekelo ukuze asilumkise, singenzi iimpazamo ezinkulu. Masizetyise ke izinto esizifunde kula mabali aseBhayibhileni, size simbulele uYehova ngenxa yokuba esibhalele wona!