Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Nceda “Abaphambukeli” ‘Bakhonze UYehova Benemihlali’

Nceda “Abaphambukeli” ‘Bakhonze UYehova Benemihlali’

“UYehova ulinda abaphambukeli.”—INDU. 146:9.

IINGOMA: 84, 73

1, 2. (a) Zeziphi iimvavanyo ekuye kwafuneka bazinyamezele abanye abazalwana noodadewethu? (b) Yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?

UMZALWANA ogama linguLije uthi: “Xa kwaqalisa imfazwe yamakhaya eBurundi, intsapho yasekhaya yayisendibanweni, sabona abantu bebaleka, bexhabashile. Mna nabazali bam nabantwana basekhaya abayi-10 sabaleka sinezinto ezimbalwa nje. Abanye kwintsapho yam bade bayokufika kwinkampu yeembacu eMalawi, behambe umgama onokuba ngaphezu kweekhilomitha eziyi-1 600. Mna nabanye sasithe saa kwezinye iindawo.”

2 Emhlabeni wonke, ngoku kukho iimbacu ezingaphezu kwe-65 miliyoni ezibaleke zishiya amakhaya azo ngenxa yemfazwe okanye intshutshiso—elo lelona nani likhulu leembacu kwabhaliweyo. * Kwelo nani kukho amawaka amaNgqina KaYehova. Amaninzi alahlekelwe zizihlobo zawo aza ashiyeka enezinto ezimbalwa. Zeziphi ezinye iingxaki aye aba nazo? Singabanceda njani aba bazalwana noodade ukuba ‘bakhonze uYehova benemihlali’ nakuba bevavanywa? (INdu. 100:2) Ibe singazishumayela njani iindaba ezilungileyo ukuze zisimamele iimbacu ezingamaziyo uYehova?

UBOMI BEEMBACU

3. Kwenzeka njani ukuba uYesu nabafundi bakhe abaninzi babe ziimbacu?

3 Emva kokuba ingelosi ilumkise uYosefu ukuba uKumkani uHerode ufuna ukubulala uYesu, uYesu oselula nabazali bakhe baba ziimbacu eYiputa. Bahlala apho wada wafa uHerode. (Mat. 2:13, 14, 19-21) Emva kwamashumi eminyaka, abafundi bakaYesu “bachithachitheka kuyo yonke imimandla yelakwaYuda neSamariya” kuba babetshutshiswa. (IZe. 8:1) UYesu wayesazi ukuba abalandeli bakhe babeya kutshutshiswa bagxothwe kumakhaya abo. Wathi: “Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, sabelani kwesinye.” (Mat. 10:23) Kungakhathaliseki ukuba siyintoni isizathu, akukho lula ukusaba.

4, 5. Zeziphi iingozi ezibakho xa iimbacu (a) zibaleka? (b) zihlala kwiinkampu?

4 Iimbacu zisenokuba sengozini xa zibaleka okanye zihlala kwiinkampu zeembacu. Umninawa kaLije, uGad uthi: “Ndandineminyaka eyi-12. Sahamba iiveki, sidlula izidumbu ezininzi. Ndadunjelwa ziinyawo kangangokuba ndathi mabandishiye abantu basekhaya. Utata wayengenakundiyekela ezandleni zomkhosi wabo bavukeli, ngoko wandityatha. Sasibona usuku luphela sisaphila, sasithandaza ibe sithembele ngoYehova, ngamanye amaxesha sasisitya iimango ezazikhula ecaleni kwendlela.”—Fil. 4:12, 13.

5 Phantse yonke intsapho yakuloLije yahlala kangangeminyaka kwiinkampu zeembacu zeZizwe Ezimanyeneyo. Nakuba kunjalo, yayingakhuselekanga apho. ULije, ngoku ongumveleli wesiphaluka, uthi: “Abantu abaninzi babengenamsebenzi. Babehleba, benxila, bengcakaza, besiba, ibe beziphethe kakubi.” Ukuze angosulelwa yiloo mikhwa, amaNgqina awayekwezo nkampu kwakufuneka ahlale enqula kunye. (Heb. 6:11, 12; 10:24, 25) Ukuze ahlale enokholo oluqinileyo, alisebenzisa kakuhle ixesha lawo, amaninzi aba ngoovulindlela. Ukucinga ngohambo lwamaSirayeli entlango, kwawanceda aqhubela phambili esazi ukuba nawo awayi kuhlala umphelo kwezo nkampu.—2 Kor. 4:18.

ZITHANDE IIMBACU

6, 7. (a) Ukuthanda uThixo kuwaqhuba njani amaKristu ukuba enze okuthile ngeemfuno zabazalwana? (b) Yenza umzekelo.

6 Ukuba siyamthanda uThixo, siya kunyanzeleka ukuba sibathande abantu, ingakumbi abo bakwiimeko ezimbi. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:17, 18.) Ngenkulungwane yokuqala, xa amaKristu awayehlala kwaYuda ayethwaxwa yindlala, ibandla lenza indlela yokuba ancedwe. (IZe. 11:28, 29) Umpostile uPawulos noPetros babongoza amaKristu ukuba abe nobuntu omnye komnye. (Roma 12:13; 1 Pet. 4:9) Ngoko ukuba amaKristu amele amkele abazalwana abawatyeleleyo, kubekaphi ngokwamkela abazalwana babo abasecicini lokufa okanye abatshutshiswa ngenxa yokholo lwabo!—Funda iMizekeliso 3:27. *

7 Kutshanje, amawaka amaNgqina KaYehova—amadoda, abafazi, kunye nabantwana—kuye kwafuneka abaleke imfazwe nentshutshiso kwimpuma yaseUkraine. Okubuhlungu kukuba, amanye aye abulawa. Kodwa amaninzi ahlala nabazalwana abakwezinye iindawo kwalapho eUkraine, kanti amanye amaninzi aya kuhlala namanye amaNgqina eRashiya. Kuwo omabini la mazwe, ahlala engathathi cala kwezepolitiki, ‘engeyonxalenye yehlabathi’ yaye ezimisele ukuqhubeka “evakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi.”—Yoh. 15:19; IZe. 8:4.

NCEDA IIMBACU ZIQINISE UKHOLO LWAZO

8, 9. (a) Zeziphi iingxaki eziba nazo iimbacu ezibalekele kwamanye amazwe? (b) Kutheni kufuneka sibe nomonde xa sizinceda?

8 Ngoxa abanye abantu beye babalekele kwezinye iindawo kwakwilizwe labo, abaninzi kuye kufuneke baye kwiindawo abangaziqhelanga, kwamanye amazwe. Urhulumente usenokubapha ukutya, impahla, nendawo yokufihla intloko, kodwa kusenokungabikho ukutya abakuqhelileyo. Iimbacu ezisuka kwiindawo ezifudumeleyo kuye kufuneke ziqhelane nemozulu ebandayo, zibe zingazi nokuba zinxibe njani ukuze zifudumale. Ukuba zisuka ezilalini, zisenokungakwazi ukuzisebenzisa izinto zombane.

9 Abanye oorhulumente baye baneendlela zokunceda iimbacu ziqhelane neemeko ezintsha. Nakuba kunjalo, kwiinyanga nje ezingephi, iimbacu kuye kufuneke zenze icebo lokuzixhasa. Xa iimeko zitshintsha ngolo hlobo kusenokuba nzima. Yiba nombono uzama ukufunda ulwimi olutsha, ukuqhela imithetho emitsha nendlela omele uziphathe ngayo, ukubamba ixesha, ukuhlawula amatyala nerhafu, ukuba umele uye nini nakangaphi esikolweni, nokuqeqesha abantwana—zonke ngexesha elinye! Ngaba unokubanceda unomonde nentlonipho abazalwana noodade abakwezo meko?—Fil. 2:3, 4.

10. Singaluqinisa njani ukholo lweembacu ezifikayo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 Ukongezelela koko, ngamanye amaxesha abasemagunyeni benza kube nzima ngabazalwana bethu abaziimbacu ukuba baqhagamshelane nebandla. Amanye amasebe karhulumente aye abagrogrisa ngokungabancedi nangokungabafuneli indawo yokuhlala ukuba abawuthathi umsebenzi oza kubenza baphoswe ziintlanganiso. Ngenxa yokoyika nokungakwazi ukuzinceda, abanye abazalwana baye banikezela. Ngoko ke, kufuneka sidibane nabo ngokukhawuleza bakufika. Bamele babone ukuba sibakhathalele. Xa sizixhalabisa ngabo yaye sibanceda, loo nto ingaluqinisa ukholo lwabo.—IMize. 12:25; 17:17.

IINDLELA ESINOKUZINCEDA NGAZO IIMBACU

11. (a) Ziintoni ezinokufuna ukuncedwa ngazo iimbacu xa zisafika? (b) Zinokubulela njani iimbacu?

11 Xa besafika, kusenokufuneka sibabonelele ngokutya, ngempahla nangezinye izinto ezibalulekileyo abazalwana bethu. * Kanti nezipho ezincinane, njengokupha umzalwana iqhina, zinokwenza umahluko omkhulu. Xa iimbacu zibulela, zingabanyanzeli abazalwana ukuba bazincede, zenza abo baziphayo bavuye. Inyaniso kukuba, xa iimbacu zinokuphila ngokukhongozwa, ziya kuphelelwa kukuzihlonipha, kanti loo nto isenokuzenza zixabane nabazalwana. (2 Tes. 3:7-10) Kodwa ziyafuna ukuncedwa nangezinye izinto.

Sinokubanceda njani abazalwana noodadewethu abaziimbacu? (Jonga isiqendu 11-13)

12, 13. (a) Zeziphi iindlela esinokuzinceda ngazo iimbacu? (b) Yenza umzekelo.

12 Ukunceda iimbacu akufuni imali eninzi, kodwa ubukhulu becala kufuna ixesha nenkathalo. Sinokuzibonisa izinto zokukhwela nokuba zinokukuthenga phi ukutya okusempilweni okungabizi kangako, okanye zinokuzifumana njani izinto zokusebenza—njengomatshini wokuthunga okanye wokucheba ingca—ukuze ziziphilise. Okubaluleke nangakumbi kukuba, unokuzinceda zibe nenxaxheba ebandleni ezikulo. Ukuba kunokwenzeka, unokuzikhwelisa ukuze ziye ezintlanganisweni. Ungazinceda zazi iindlela zokushumayela ngoBukumkani ebantwini basekuhlaleni. Ungahamba nabo abazalwana noodade abaziimbacu xa usiya entsimini.

13 Xa abafana abane abaziimbacu bafika kwelinye ibandla, abadala babafundisa ukuqhuba, ukubhala, ukutayipa, ukwenza iCV, nokucwangcisa ixesha lokukhonza uYehova. (Gal. 6:10) Kungekudala, bobane baba ngoovulindlela. Olo qeqesho, kunye nomgudu wabo wokukhonza uYehova, wabanceda benza inkqubela nokuba bangatsalwa yile nkqubo kaSathana.

14. (a) Sesiphi isihendo ezimele ziqhubeke zisilwa naso iimbacu? (b) Yenza umzekelo.

14 Njengawo onke amaKristu, iimbacu nazo kufuneka zilwe nesihendo sokubeka ubuhlobo bazo noYehova emngciphekweni kuba zifuna izinto zokuphila. * ULije, ebesikhe sathetha ngaye, nabantwana bakowabo, bakhumbula isifundo abasifunda kutata wabo, esaqinisa ukholo lwabo xa babebaleka. Uthi: “Utata wayelahla izinto ezazingabalulekanga esasiziphethe. Ekugqibeleni, waphakamisa ibhegi engenanto, ibe encumile wathi: ‘Niyabona? Nantsi into eyimfuneko!’”—Funda eyoku-1 kuTimoti 6:8.

EYONA NTO SINOKUZINCEDA NGAYO IIMBACU

15, 16. Singazixhasa njani iimbacu (a) kukholo lwazo? (b) kwiimvakalelo?

15 Ngaphezu kwezinto esinokuzipha zona, iimbacu zidinga ukuba sizixhase kukholo lwazo kwaye sivelane nazo. (Mat. 4:4) Abadala banokuzinceda ngokuthi bazifunele iincwadi ngolwimi lwazo nangokuzinceda ziqhagamshelane nabazalwana abathetha ulwimi lwazo. Ezininzi ziye zahlukaniswa neentsapho zazo, abantu basekuhlaleni namabandla azo. Ngoko xa zikunye nabazalwana bazo kufuneka zibone ukuba uYehova uyazithanda kwaye uzikhathalele. Ukuba aziyiboni loo nto, ziya kusondela kwizihlobo ezingakholwayo okanye kubakhaya bazo abaphila ngendlela efanayo neyazo nabayiqondayo imeko abakuyo. (1 Kor. 15:33) Xa sizenza zizive zisekhaya ebandleni, siya kuba nenyhweba yokuncedisa uYehova ekukhuseleni ‘abaphambukeli.’—INdu. 146:9.

16 NjengoYesu oselula nentsapho yakhe, iimbacu zisenokungakwazi ukubuyela emakhayeni azo logama abo bazicinezeleyo besenegunya. Ngaphezu koko, uLije uthi: “Abazali abaninzi ababona kudlwengulwa yaye kubulawa izalamane zabo, abasakwazi kubuyela nabantwana babo kwezo ndawo.” Ukuze bancede abo baye babona loo manyumnyezi, abazalwana abakumazwe amkela iimbacu kufuneka babe ‘novelwano, umsa wobuzalwana, imfesane, nokuthobeka engqondweni.’ (1 Pet. 3:8) Ngenxa yokutshutshiswa iimbacu ezininzi zizenza amakheswa, ibe zisenokuba neentloni zokuthetha ngezinto ezibuhlungu ezizehleleyo, ingakumbi phambi kwabantwana bazo. Zibuze, ‘Ukuba ibindim lo ukule meko, bendiya kufuna ukuphathwa njani?’—Mat. 7:12.

SHUMAYELA KWIIMBACU EZINGENGAWO AMANGQINA

17. Ukushumayela kuzisa isiqabu njani kwiimbacu?

17 Iimbacu ezininzi namhlanje zisuka kumazwe apho umsebenzi wethu wokushumayela unemiqathango. Ngenxa yamaNgqina azimiseleyo akumazwe amkela iimbacu, amawaka eembacu aye eva “ilizwi lobukumkani” okokuqala ebomini bawo. (Mat. 13:19, 23) Abaninzi ‘abasindwa ngumthwalo’ bayancedwa kukufundiswa nguYehova kwiintlanganiso zethu, ibe bakhawuleza bavume ukuba ‘ngokwenene uThixo uphakathi kwethu.’—Mat. 11:28-30; 1 Kor. 14:25.

18, 19. Singalumka njani xa sishumayela kwiimbacu?

18 Abo bashumayela kwiimbacu kufuneka ‘balumke’ ibe babe ‘nobuqili.’ (Mat. 10:16; IMize. 22:3) Zimamele kakuhle njengoko zichaza izinto ezizixhalabisayo, kodwa ningancokoli ngeepolitiki. Landela ulwalathiso lweofisi yesebe nolwabasemagunyeni; ungenzi nto enokubeka wena okanye abanye abantu engozini. Kufuneka uzazi iinkolelo zeembacu kunye nezithethe zazo uze uzihlonele. Ngokomzekelo, abantu abasuka kwamanye amazwe bangqongqo kakhulu kumba wokunxiba ngendlela efanelekileyo kwamabhinqa. Ngoko ke, xa ushumayela kwiimbacu, nxiba ngendlela engayi kuzikhubekisa.

19 NjengomSamariya olungileyo kumzekelo kaYesu, sifuna ukunceda abantu abaxhwalekileyo, kuquka nabo bangengawo amaNgqina. (Luka 10:33-37) Eyona ndlela esinokubanceda ngayo kukushumayela iindaba ezilungileyo kubo. Umdala oncede iimbacu ezininzi uthi: “Kubalulekile ukuyenza icace zisuka nje into yokuba singamaNgqina KaYehova, ibe eyona njongo yethu kukubanceda basondele kuThixo, hayi ukubapha izinto. Ukuba asiyenzi loo nto, abanye banokunxulumana nathi kuba bejonge amaqithiqithi.”

IZIPHUMO EZIVUYISAYO

20, 21. (a) Iba yintoni imiphumo xa sizithanda iimbacu esikhonza nazo? (b) Siza kufunda ngantoni kwinqaku elilandelayo?

20 Ukuthanda “abaphambukeli” kuba nemiphumo evuyisayo. Omnye udade uthi, yena nentsapho yakhe bemka e-Eritrea ngenxa yokutshutshiswa. Emva kokuba abane kubantwana bakhe behambe iintsuku ezisibhozo entlango, bafika eSudan bediniwe. UAlganesh uthi: “Abazalwana balapho babaphatha njengezalamane zabo, babanika ukutya, iimpahla, nendawo yokulala yaye babakhwelisa kwizithuthi zabo. Ngubani onokwamkela umntu angamaziyo kwakhe kuba nje bekhonza uThixo omnye? NgamaNgqina KaYehova kuphela!”—Funda uYohane 13:35.

21 Kuthekani ngabantwana abaninzi abafika nabazali babo abaziimbacu, nababanye abaphambukeli? Kwinqaku elilandelayo, siza kubona indlela esinokubanceda ngayo bakhonze uYehova benemihlali.

^ isiqe. 2 Kweli nqaku, siza kusebenzisa igama elithi “iimbacu” ukuchaza abo baye banyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo—enoba bashiye ilizwe labo okanye basekumazwe abo—ngenxa yemfazwe, intshutshiso, okanye iintlekele. Ngokutsho kweUNHCR (United Nations High Commissioner for Refugees), namhlanje “umntu omnye kwabayi-113” emhlabeni wonke uye “wanyanzelwa ashiye ikhaya lakhe.”

^ isiqe. 6 Bona inqaku elithi, “Yibani Nobubele Kubantu Basemzini” kwiMboniselo kaOktobha 2016, iphe. 8-12.

^ isiqe. 11 Ngokukhawuleza emva kokuba zifikile iimbacu, abadala bamele balandele imiyalelo ekwincwadi ethi, Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, kwisahluko 8, isiqendu 30. Banokubhalela isebe labo ku-jw.org ukuze bakwazi ukuqhagamshelana namabandla azo. Ngobuchule, banokubuzisa ngebandla nangokuba loo mbacu ibisiya na entsimini ukuze babone ukuba bunjani ubuhlobo bayo noYehova.

^ isiqe. 14 Jonga inqaku elithi, “Akukho Bani Unokukhonza Iinkosi Ezimbini” nelithi “Yomelela UYehova Ungumncedi Wakho!akwiMboniselo ka-Aprili 15, 2014, iphe. 17-26.