Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Nceda Abantwana ‘Babaphambukeli’

Nceda Abantwana ‘Babaphambukeli’

“Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.”—3 YOH. 4.

IINGOMA: 88, 41

1, 2. (a) Yeyiphi ingxaki ababa nayo abantwana abaninzi babantu abafudukele kwamanye amazwe? (b) Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

UJOSHUA uthi: “Xa ndandisemncinci, ekhaya nasebandleni ndandithetha ulwimi lwabazali bam ababefudukele kwelinye ilizwe. Kodwa emva kokuqala isikolo, ndaqalisa ukuthanda ulwimi lwasekuhlaleni. Kwiminyaka nje embalwa, ndandisele ndisazi lona. Ndandingaseva ezintlanganisweni, ibe ndingaziboni ndiluhlanga olunye nabazali bam.” Le nto yenzeka kuJoshua iqhelekile.

2 Namhlanje kukho abantu abangaphezu kwe-240 miliyoni abahlala kumazwe asemzini. Ukuba ungumzali ongumphambukeli, ungabanika njani abantwana bakho ithuba lokuba bakhule bemoyika uThixo kwaye ‘behamba enyanisweni?’ (3 Yoh. 4) Ibe banokuncedisa njani abanye ebandleni?

BAZALI, YIBANI NGUMZEKELO OMHLE

3, 4. (a) Abazali banokuba ngumzekelo omhle njani kubantwana babo? (b) Yintoni abangafanele bayilindele ebantwaneni?

3 Bazali, ukuba ngumzekelo ebantwaneni benu kubalulekile ukuze baqalise kwindlela esa kubomi obungenasiphelo. Xa bebona ukuba “nifuna kuqala ubukumkani,” bafunda ukuxhomekeka kuYehova ukuze bafumane izinto abazidingayo zemihla ngemihla. (Mat. 6:33, 34) Ngoko musani ukuzama ukuphila njengezityebi. Ncamani ubutyebi ngenxa yokholo lwenu—ningancami ukholo ngenxa yobutyebi. Zamani ukungabi namatyala. Funani ‘ubuncwane basezulwini,’ obukukumkholisa uYehova, hayi ubutyebi okanye “uzuko lwabantu.”—Funda uMarko 10:21, 22; Yoh. 12:43.

4 Ningaze nixakeke nide ningabi nalo ixesha labantwana benu. Bachazeleni ukuba ninebhongo ngabo xa begqiba kwelokuba babeke uYehova kuqala kunokuba baleqeke emva kodumo okanye ubutyebi—enoba babufunela nina okanye bona. Musani ukucinga njengabantu abangengomaKristu abathi kufuneka abantwana babe nentsebenzo baze baphilise abazali babo tofotofo. Khumbulani, “asingobantwana abafanele ukuqwebela abazali babo, kodwa ngabazali abafanele baqwebele abantwana babo.”—2 Kor. 12:14.

BAZALI, WUVALENI UMSANTSA OBANGELWA LULWIMI

5. Kutheni abazali bemele bathethe nabantwana babo ngoYehova?

5 Njengoko kwaprofetwayo, abantu ‘abaphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga’ bathontelana kwintlangano kaYehova. (Zek. 8:23) Kodwa ulwimi lunokwenza kube nzima ukufundisa abantwana bakho inyaniso. Abantwana bakho zezona zifundo zeBhayibhile zibalulekileyo oya kuze ube nazo, yaye ‘ukwazi’ kwabo uYehova kuya kubenza bafumane ubomi obungenasiphelo. (Yoh. 17:3) Ukuze bazi iimfundiso zikaYehova, umele ‘uthethe ngazo’ nanini na kuvela ithuba.—Funda iDuteronomi 6:6, 7.

6. Banokuncedakala njani abantwana bakho ngokufunda ulwimi lwakho? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Abantwana bakho banokulufunda esikolweni nakwezinye iindawo ulwimi lwasekuhlaleni, kodwa olweenkobe banokulufunda kuni bazali, ngokuthi nithethe nabo rhoqo ngolwimi lwenu. Ngaphezu kokuba ukwazi kwabo ulwimi lwakho kunenza nikwazi ukuphalazelana iimbilini, kuphinda kubancede nangezinye iindlela. Ukwazi iilwimi ezimbini kuyazilola iingqondo zabantwana bakho batsho bakwazi nokuqhubana nabantu. Kunokubavulela namathuba amaninzi okwandisa inkonzo. UCarolina ozalwa kwintsapho efudukele kwelinye ilizwe uthi: “Ukuba kwibandla elithetha ulwimi lwethu bekumnandi, ibe kuyonwabisa ukunceda apho kufuneka abavakalisi abangakumbi.”

7. Unokwenza ntoni ukuba kukho umsantsa wolwimi entsatsheni yakho?

7 Noko ke, njengoko abantwana babantu abafudukele kwelinye ilizwe beqhelana nezithethe nolwimi lwasekuhlaleni, abanye basenokuphelelwa ngumnqweno wokuthetha nabazali babo ngolwimi lweenkobe, bade bangakwazi ukuncokola nabo ngalo. Bazali, ukuba banjalo abantwana benu, ngaba aninakuzama ukuba nofifana lolo lwimi lwasekuhlaleni? Niya kubakhulisa kakuhle abantwana benu babe ngamaKristu ukuba niyabeva xa bencokola nani, niyaziqonda izinto abazonwabisa ngazo nomsebenzi wesikolo, kwaye niyakwazi ukuthetha ngqo nootitshala babo. Yinyaniso kona ukuba ukufunda ulwimi olutsha kuthatha ixesha, kunzima yaye kufuna sithobeke. Kodwa ukuba umntwana wakho ebengeva ngeendlebe, ngaba ubungayi kuzama ukufunda intetho yezandla ukuze ukwazi ukuthetha naye? Umntwana ova olunye ulwimi bhetele ufuna ukukhathalelwa ngendlela efanayo, akunjalo? *

8. Ungabanceda njani abantwana bakho ukuba akulwazi kakuhle ulwimi abaluvayo?

8 Kuyinyaniso kona ukuba abazali basenokungakwazi ukuluthetha ngokutyibilikayo ulwimi lwabantwana babo. Ngenxa yaloo msantsa, kuba nzima kubo ukufundisa abantwana babo izinto ezinzulu ‘ezikwimibhalo engcwele.’ (2 Tim. 3:15) Ukuba kunjalo nakuwe, unako ukubanceda bamazi yaye bamthande uYehova. UShan ongumdala uthi: “Umama owayesikhulisa eyedwa wayengalwazi kakuhle ulwimi esasiluthetha mna noodadewethu, sabe nathi singalwazi kakuhle ulwimi lwakhe. Kodwa xa simbona efunda, ethandaza, kwaye esenza konke okusemandleni ukuze aqhube unqulo lwentsapho rhoqo ngeveki, sabona ukuba ukwazi uYehova kubalulekile.”

9. Abazali banokubanceda njani abantwana ekusenokufuneka bafunde ngeelwimi ezimbini?

9 Abanye abantwana kufuneka bafunde ngoYehova ngeelwimi ezimbini—olwasesikolweni nolwasekhaya. Ukuze bakwazi ukuphumelela, abanye abazali basebenzisa iincwadi, izinto ezirekhodiweyo neevidiyo ngazo zombini iilwimi. Izicacele into yokuba, abazali abafudukele kwamanye amazwe kufuneka bachithe ixesha elingakumbi kwaye benze nomgudu othe chatha ukuze bancede abantwana babe nobuhlobo obuqinileyo noYehova.

LELIPHI IBANDLA ENIMELE NIBE KULO?

10. (a) Ngubani omele agqibe ngebandla emakuyiwe kulo? (b) Yintoni afanele ayenze ngaphambi kokwenza isigqibo?

10 Xa “abaphambukeli” behlala kude namaNgqina athetha ulwimi lwabo, kufuneka baye kwibandla lolwimi lwasekuhlaleni. (INdu. 146:9) Kodwa ukuba kukho ibandla elithetha ulwimi lweenkobe, nanku umbuzo: Libandla laluphi ulwimi elilungele intsapho yakho? Emva kokuthandaza, ukucinga, nokuthetha nenkosikazi yayo nabantwana, intloko-ntsapho iya kwenza isigqibo. (1 Kor. 11:3) Ziintoni emele iziqwalasele intloko-ntsapho? Yeyiphi imigaqo esebenzayo? Makhe sijonge eminye yayo.

11, 12. (a) Ulwimi lunganefuthe njani ekuveni komntwana kwiintlanganiso? (b) Kutheni abanye abantwana bengafuni ukufunda ulwimi lwabazali babo?

11 Abazali kufuneka bazi iimfuno zabantwana babo. Ewe kona—ngaphandle kolwimi—ukuze bayibambe inyaniso, abantwana bafuna ixesha elininzi befundiswa kuneeyure ezimbalwa abazichitha kwiintlanganiso veki nganye. Cinga ngale nto: Kwiintlanganiso zolwimi abaluva kakuhle, banokuzuza lukhulu ngokubakho nje kuphela, mhlawumbi bafunde ngaphezu kokuba abazali babo becinga. Ayinakwenzeka loo nto xa umntwana engaluva ngokupheleleyo ulwimi. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 14:9, 11.) Ulwimi lomthonyama lomntwana kusenokwenzeka lungahlali lulolona alwaziyo nolufikelela intliziyo yakhe. Enyanisweni, abanye abantwana baye bafunde ukuphendula, ukwenza imiboniso nokunikela iintetho ngolwimi lwabazali babo bengathethi ngokusuka entliziyweni.

12 Ukongezelela koko, ayilolwimi nje kuphela oluba nefuthe kwintliziyo yomntwana. Kwakunjalo kuJoshua esimcaphule ngaphambili. UEsther, udadewabo, uthi: “Kubantwana abancinci, ulwimi lwabazali, izithethe, nonqulo zizinto ezihamba kunye.” Xa abantwana bengazamkeli izithethe zabazali babo, basenokungafuni ukufunda ulwimi lwabazali—nokwamkela unqulo lwabo. Banokwenza ntoni abazali abafudukele kwamanye amazwe?

13, 14. (a) Kwakutheni ukuze intsapho efudukele kwelinye ilizwe iye kwibandla lolwimi lwasekuhlaleni? (b) Abazali benza njani ukuze baqhubeke besondele kuYehova?

13 Kubazali abangamaKristu lukholo lwabantwana babo oluza kuqala kunezinto abazifunayo. (1 Kor. 10:24) USamuel, utata kaJoshua noEsther, uthi: “Mna nenkosikazi yam sajonga ukuba loluphi ulwimi olwalubanceda basondele kuYehova, saza sathandaza sicela ubulumko. Impendulo ayizange ibe yile thina sasiyilindele. Kodwa xa safumanisa ukuba abeva kangako kwiintlanganiso zolwimi lwethu, sagqiba ekubeni siye kwibandla lolwimi lwasekuhlaleni. Sasisiya kunye qho kwiintlanganiso nasentsimini. Sasimema nabazalwana basebandleni kwisidlo naxa sizonwabisa. Yonke loo nto iye yabanceda abantwana bethu babazi abazalwana, bazi noYehova, hayi njengoThixo wabo kuphela kodwa njengoBawo noMhlobo. Yeyona nto ibalulekileyo leyo kuthi ngaphezu kokubafundisa ulwimi lwethu.”

14 USamuel wongeza ngelithi: “Ukuze sigcine ukholo lwethu luqinile, mna nomfazi wam sasisiya nakwiintlanganiso zolwimi lwethu. Ngenxa yokuxakeka sasidinwa. Kodwa siyambulela uYehova ngokuwusikelela umgudu nokuzimisela kwethu. Ngoku bobathathu abantwana bethu bakwinkonzo yexesha elizeleyo.”

INTO ENOKWENZIWA NGABANTWANA

15. Kutheni udade onguKristina wavakalelwa kukuba anganenkqubela xa esiya kwibandla lolwimi lwasekuhlaleni?

15 Abantwana abadala banokubona ukuba banokumkhonza uYehova bhetele kwibandla lolwimi abalwazi ngcono. Xa kunjalo, abazali abamele bacinge ukuba babalahlile. UKristina uthi: “Ndandinofifana nje lolwimi lwabazali bam, kodwa ulwimi olwaluthethwa ezintlanganisweni ndandingaluva. Xa ndandina-12, ndaya kwindibano eqhutywa ngolwimi endandifunda ngalo esikolweni. Okokuqala ebomini bam, ndaqonda ukuba le nto ndiyivayo yinyaniso! Enye into eyatshintsha izinto kuxa ndaqalisa ukuthandaza ngolwimi lwasesikolweni. Ndandithetha noYehova ngokusuka entliziyweni!” (IZe. 2:11, 41) Xa sele emdala, wathetha nabazali bakhe ngale ngxaki wagqiba ekubeni aye kwibandla elithetha olo lwimi. Ukhumbula oku: “Ukufunda ngoYehova ngolwimi endandifunda ngalo esikolweni kwandinceda ndenza inkqubela.” Kungekudala, uKristina waba nguvulindlela othe ngxi ibe wayonwabile.

16. Kutheni uNadia evuyiswa kukuba bahlala kwibandla lolwimi lwabazali bakhe?

16 Bantwana, ngaba nikhetha ukuya kwibandla lolwimi lwasekuhlaleni? Ukuba kunjalo, zibuzeni ukuba kutheni. Ngaba ukuya kwelo bandla kuza kuninceda nisondele kuYehova? (Yak. 4:8) Okanye ngaba nifuna ukufuduka kuba nifuna ukukhekheleza okanye nifuna ukwenza unothanda? UNadia, okhonza eBheteli, uthi: “Ekuqabukeni kwethu, mna nabantwana basekhaya sasifuna ukutshintsha ibandla siye kwelolwimi lwasekuhlaleni.” Kodwa abazali bakhe baqonda ukuba yayiza kuba yingxaki loo nto. “Ngoku siyavuya kuba abazali bethu basifundisa ulwimi lwabo saza sahlala kwibandla lolwimi lwabo. Loo nto iye yabuphucula ubomi bethu saza safumana namathuba angakumbi okunceda abantu bazi uYehova.”

INDLELA ABANOKUNCEDA NGAYO ABANYE

17. (a) UYehova ulinike bani ilungelo lokukhulisa abantwana? (b) Abazali banokuncedwa njani ekufundiseni abantwana babo inyaniso?

17 UYehova ulinike abazali ilungelo lokukhulisela abantwana enyanisweni, akalinikanga utatomkhulu nomakhulu okanye nabani na ongomnye. (Funda iMizekeliso 1:8; 31:10, 27, 28.) Kodwa abazali abangalwaziyo ulwimi lwasekuhlaleni basenokufuna ukuncedwa ukuze bakwazi ukufikelela iintliziyo zabantwana babo. Eli lungiselelo alithethi kuthi bayayibaleka imbopheleleko abayinikwe nguThixo; kunoko, linokunceda abantwana bakhulele “ekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Ngokomzekelo, abazali banokucela amacebiso kubadala ngendlela yokuqhuba unqulo lwentsapho nangoncedo ekufumaneni abahlobo abalungileyo.

Abazali nabantwana bayancedakala ngokunxulumana nebandla (Jonga isiqendu 18, 19)

18, 19. (a) Banokubanceda njani abantwana abazalwana noodade abaqolileyo? (b) Yintoni ekufuneka baqhubeke beyenza abazali?

18 Ngokomzekelo, abazali banokumema ezinye iintsapho zibe kunye nabo kunqulo lwentsapho ngamaxesha athile. Ukongezelela, abantwana abaninzi baye baphumelela ngenxa yefuthe lokholo lwabanye abaye, ngokomzekelo, babamema ukuze bashumayele nabo kwaye bazonwabise ngendlela efanelekileyo. (IMize. 27:17) UShan ebesithethe ngaye uthi: “Ndibakhumbula kakuhle abazalwana abandifaka ngaphantsi kwamaphiko abo. Xa babendinceda ngeentetho zesikolo, ndandifunda lukhulu. Ibe kwakuba mnandi xa siziphumlele sonke njengeqela.”

19 Abo baye bakhethwa ngabazali ukuba bancede abantwana babo kufuneka babenze babahloniphe abazali babo, bathethe kakuhle ngabo, bangalenzi elabo ilungelo lokukhulisa abantwana. Ngaphezu koko, abo bancedisayo abamele benze nantoni na enokubangela abantu bangaphandle okanye abasebandleni bayikrokrele indlela abaziphethe ngayo. (1 Pet. 2:12) Abazali abamele bayekele abanye abantu ukuba bafundise abantwana babo ngoThixo. Bamele balubeke esweni uncedo oluvela kwabanye baze baqhubeke bebafundisa ngokwabo.

20. Abazali banokubanceda njani abantwana babo babe ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo?

20 Bazali, celani uncedo kuYehova nize nenze konke okusemandleni enu. (Funda eyesi-2 yeziKronike 15:7.) Ubuhlobo babantwana benu noYehova mabube kwindawo yokuqala kunezinto ezifunwa nini. Yenzani konke okusemandleni enu ukuqinisekisa ukuba iLizwi LikaThixo liyazifikelela iintliziyo zabo. Hlalani niyikholelwa into yokuba abantwana benu banokuba ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo. Xa abantwana benu belilandela iLizwi LikaThixo nomzekelo wenu omhle, niya kuvakalelwa njengompostile uYohane owathi ngabantu awayebafundise inyaniso awayebajonga njengabantwana bakhe: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.”—3 Yoh. 4.

^ isiqe. 7 Jonga inqaku elithi “Unako Ukufunda Olunye Ulwimi!” kuVukani! kaMatshi 2007, iphe. 10-12.