Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kulungisa Ingxabano Uze Ufune Uxolo?

Ngaba Uza Kulungisa Ingxabano Uze Ufune Uxolo?

UYEHOVA UTHIXO ufuna onke amaKristu aluxabise uxolo, ukwenza uxolo kube yeyona nto iphambili kuthi. Xa siseluxolweni, nabanye abanquli benene baba noxolo oluninzi. Loo nto inceda ibandla libe nomtsalane kubantu abangazithandiyo iingxabano.

Ngokomzekelo, elinye igqirha elaziwayo laseMadagascar labona indlela amaNgqina KaYehova avisisana ngayo. Lazixelela oku, ‘Mhla ndaze ndafuna ukukhonza, ndiya kuya kule cawa.’ Ekuhambeni kwexesha wayeka ukuvumisa, kangangeenyanga walungisa umtshato wakhe owawungqubana nezibhalo, waza waba ngumkhonzi kaYehova, uThixo woxolo.

Njengale ndoda sigqib’ ukuthetha ngayo, nyaka ngamnye abantu abaninzi baye bafumane uxolo ebekukudala belufuna, ebandleni. Noko ke, iBhayibhile iyibeka icace into yokuba ukubakho ‘kwekhwele elikrakra nokusukuzana’ ebandleni kunokuphelisa ubuhlobo kuze kubangele iingxaki. (Yak. 3:14-16) Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile iphinda isicebise ngendlela yokungangeni kwezo ngxaki neyokugcina uxolo. Ukuze sibonise oko, makhe sithethe ngale mizekelo ilandelayo.

IINGXAKI NEZICOMBULULO

“Ndandingavani nomnye umzalwana endandisebenza naye. Ngenye imini sathi sisaxambulisana, kwangena abantu ababini basibona sigqajukelwa yimisindo.”​—UCHRIS.

“Omnye udade esasithanda ukushumayela kunye, wasuka wayeka. Emva koko wayeka nokuthetha nam. Andazi kwakutheni.”—UJANET.

“Ndandincokola nabantu ababini efowunini ngexesha elinye. Omnye wabo wabhabhayisa, ndacinga ukuba uyibekile ifowuni. Ndaqalisa ukuthetha kakubi ngaye kulo wesibini, kodwa kwathi kanti akayibekanga ifoni.”—UMICHAEL.

“Ebandleni lethu, oovulindlela ababini baqalisa ukungevani. Omnye waqonda ukuba makahlebe omnye. Loo nto yayibatyhafisa abanye.”—UGARY.

Ungazibetha ngoyaba ezi zinto. Kodwa, nganye kuzo ibinokubangela ukuba abo bakuyo bakhathazeke okanye bakhubeke. Kodwa ke, siyavuya kuba bonke aba bazalwana noodade baphinda baseluxolweni, basebenzisa amacebiso aseBhayibhileni. Ngawaphi amacebiso aseBhayibhileni ocinga ukuba bawasebenzisa?

“Nize ningaxabani endleleni.” (Gen. 45:24) UYosefu wabacebisa ngolo hlobo abantakwabo ababebuyela kuyise. Ayebonisa ubulumko loo mazwi! Xa umntu engakwazi ukuzibamba yaye ecaphuka msinya, unokwenza abanye abantu babe nomsindo. UChris wabona ukuba ingxaki yakhe kukuba nekratshi nokungafuni ukumamela xa kuthethwa naye. Kuba efuna ukutshintsha, waxolisa kulo mzalwana wayexabana naye, waza wazimisela ukubamba umsindo wakhe. Ebona ukuba uChris uzimisele ukutshintsha, naye lo mzalwana waqalisa ukutshintsha. Ngoku bakhonza uYehova kunye kamnandi.

“Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula.” (IMize. 15:22) UJanet wabona ukuba kufuneka awafake entliziyweni yakhe loo mazwi. Wagqiba ekubeni aye ‘kugqugula’ okanye athethe nalo dade. Xa babencokola uJanet ngobuchule wenza lo dade amxelele ukuba yintoni le ayicaphukelayo. Ekuqaleni babengakhululekanga bobabini, kodwa njengoko babencokola ngengxaki bezolile izinto zaba ngcono. Lo dade wafumanisa ukuba akayiqondanga kakuhle into ebithethwa kuye, nokuba uJanet wayengekho nokubakho kuloo nto. Wacela uxolo, ibe ngoku bakhonza uYehova kunye kwakhona.

“Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala.” (Mat. 5:23, 24) Umele ukuba uyakhumbula ukuba uYesu wasinika elo cebiso kwiNtshumayelo YaseNtabeni. UMichael wava kabuhlungu xa waqonda ukuba uye akamcingela yaye akathetha kakuhle ngomnye umntu. Wayezimisele ukuba aphinde enze babe seluxolweni. Waya kuloo mzalwana wayemvise kabuhlungu, wazithoba wacela uxolo. Kwenzeka ntoni? UMichael uthi, “Umzalwana wam wandixolela nyhani.” Baphinda baba ngabahlobo kwakhona.

“Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.” (Kol. 3:12-14) Oovulindlela ababini esithethe ngabo, bona bancedwa ngomnye umdala owathi mabazibuze le mibuzo: ‘Ngaba ilungile into yokuba senze abanye ebandleni babe buhlungu ngenxa yokuba thina singevani? Ngaba sinesizathu esivakalayo sokuba singanyamezelani size siqhubeke sikhonza uYehova siseluxolweni?’ Bavuma ukucetyiswa nguloo mdala baza balisebenzisa icebiso lakhe. Ngoku bayavana, ibe bashumayela iindaba ezilungileyo kunye.

Xa kukho umntu oye wasivisa kabuhlungu, kungakuhle ukuba siqale senze le nto kuthiwa masiyenze kwabaseKolose 3:12-14. Abanye baye bafumanisa ukuba xa bethobekile bayakwazi ukuxolela baze balibale. Emva kokuba uzamile uze ubone ukuba kusafuneka wenze okungakumbi, ngaba mhlawumbi ubungenakusebenzisa icebiso elikuMateyu 18:15? Eli cebiso likaYesu lithetha ngenyathelo elimele lithathwe xa umntu oniwe ngomnye, kwaye isisono esinzulu. Kodwa umgaqo ofumaneka kulo unokuwusebenzisa. Yiya kumzalwana okanye udade, uze uthethe naye ngobubele yaye uthobekile nize niyilungise ingxaki.

Kakade ke, iBhayibhile inawo namanye amacebiso amaninzi. Ukuze asebenze kufuneka ube ‘nesiqhamo somoya, uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa.’ (Gal. 5:22, 23) Njengeoli ethambisa umatshini ukuze usebenze, nazo ezi mpawu zenza ukuba kube lula ukwenza uxolo.

UKUBA NOBUNTU OBUNGAFANIYO KUYALINCEDA IBANDLA

Ubuntu ziimpawu esinazo ezingafaniyo, ezinokusenza sibe ngabahlobo abasondeleleneyo. Kwangaxeshanye ukungafani kobuntu bethu kunokusixabanisa. Umdala onamava wazekelisa ngolu hlobo: “Umntu oneentloni usenokungathandi ukuba kunye nomntu othetha kakhulu nongxolayo. Oku kungafani kunokukhangeleka kuyinto engenamsebenzi, kodwa kunokubangela ukungavani.” Ngaba ucinga ukuba abantu abanobuntu obungafaniyo baya kusoloko bexabana? Makhe sithethe ngabapostile ababini. Wayengumntu onjani uPetros? Usenokuthi wayethanda ukuthetha, engumntu okhawuleza enze. Yena uYohane wayenjani? Usenokuthi wayethandeka ibe ecinga ngaphambi kokuba athethe okanye enze. Kusenokuba zikhona izizathu ezibangela sicinge ngaloo ndlela ngaba bapostile. Kubonakala ukuba ubuntu babo babungafani. Kodwa, basebenza kunye kakuhle. (IZe. 8:14; Gal. 2:9) Ngoko, nanamhlanje amaKristu anobuntu obungafaniyo angakwazi ukusebenzisana kakuhle.

Mhlawumbi ebandleni kukho umzalwana okudikayo ngendlela athetha okanye enza ngayo izinto. Sekunjalo, uyayazi ukuba uKristu wamfela ibe kufuneka umthandile. (Yoh. 13:34, 35; Roma 5:6-8) Ngoko, endaweni yokuba uyeke ukuba ngumhlobo wakhe okanye umane umphepha, zibuze: ‘Ngaba lo mzalwana wenza into ethi iZibhalo masingayenzi? Ngaba ufuna ndingonwabi ngabom? Okanye sinobuntu nje obungafaniyo?’ Omnye umbuzo obalulekileyo ngulo: ‘Loluphi uphawu lwakhe oluhle endinokufunda kulo?’

Ubalulekile lo mbuzo wokugqibela. Ukuba loo mntu usisithethi kodwa wena uzithulele, cinga ngendlela ekufanele ukuba kulula ngayo ukuba aqalise incoko xa esentsimini. Usenokumcela ukuba usebenze naye entsimini ubone ukuba akunakufunda nto na kuye. Ukuba ungumntu othanda ukupha, ube wena uvimba, kutheni ungafundi kuye ukuba ukupha abantu abasele bekhululile, abagulayo nabangathathi ntweni kuyavuyisa? Into esiphuma nayo yile, nangona ninobuntu obungafaniyo, ninokuvana naloo mzalwana ukuba ujonga izinto ezintle kuye. Nisenokungabi ngabo abahlobo kodwa xa usenza loo nto ninokwazi ukusondelelelana kuze kubekho uxolo—phakathi kwenu nasebandleni lonke.

Kusenokwenzeka ukuba ubuntu bukaWodiya noSintike babungafani tu. Nakuba kunjalo, umpostile uPawulos wabakhuthaza esithi ‘mabacinge nto-nye beseNkosini.’ (Fil. 4:2) Ngaba unokusebenzela kwelo cebiso nasekubeni ekugqibeleni kubekho uxolo?

SUKUYIVUMELA INGXABANO IQHUBEKE IKHO

Ukhula luya lukhula egadini yezityalo xa lungancothulwa, kunjalo ke nangokungabacaceli abanye abantu, kuya kukhula ukuba aside sikuncothule. Inzondo xa sele yeyele entliziyweni yomntu inokude iphazamise umoya webandla. Ukuba siyamthanda uYehova nabazalwana bethu, siya kwenza konke esinako ukuze ukungavani kungamoshi okanye kuphelise uxolo olukhoyo phakathi kwabantu bakaThixo.

Ukuba uyazithoba uze uzimisele ukwenza uxolo, imiphumo iba mihle

Xa sizilungisa iingxabano, sifuna ukwenza uxolo, sinokothuswa yimiphumo emihle esinokuyifumana. Omnye udade uthi: “Kukho udade owayethanda ukundenza umntwana. Yayindikhathaza kakhulu le nto. Waya endidika, ibe ndaqala ukuthetha kakubi naye. Ndandisithi, ‘Akandihloneli, nam ke andizukumhlonela.’”

Lo dade waqalisa ukucinga ngale nto ayenzayo. “Ndaqalisa ukubona izinto ezingentle kubuntu bam, ibe ndaphoxeka. Ndabona ukuba kufuneka ndiyitshintshe indlela endicinga ngayo. Emva kokuthandaza kuYehova ngale ngxaki, ndamthengela isipho ndaza ndabhala isibhilivana ndixolisa ngokungamphathi kakuhle. Sawolana saza savumelana ukuba soze siphinde siyikhumbule loo ngxaki. Asikaze siphinde sibe nengxaki.”

Abantu balufuna nyhani uxolo. Kodwa, xa isikhundla sabo singathi asibonakali futhi beziva bedelelwa, abaninzi baye benze izinto eziphelisa uxolo. Abantu abaninzi abangamkhonziyo uYehova benza loo nto, kodwa abantu abazibiza ngegama lakhe bamele babe noxolo. UYehova waphefumlela uPawulos ukuba abhale athi: “Mna . . . ndiyanibongoza ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, ngokuthobeka okupheleleyo kwengqondo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana ngothando, nikuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.” (Efe. 4:1-3) Loo ‘mxokelelwane umanyanisayo woxolo’ uxabiseke kakhulu. Masiwuqinise, sizimisele ukulungisa iingxabano ezikhoyo phakathi kwethu.