Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Xa Unyamezela Iimvavanyo Uyasikelelwa

Xa Unyamezela Iimvavanyo Uyasikelelwa

IGOSA leKGB lathi: “Ungutat’ onjani okhohlakele kangaka? * Ushiye inkosikazi yakho ikhulelwe nosana lwakho. Baza kondliwa baze bahoywe ngubani? Yithi uza kuwuyeka lo msebenzi ibe siza kukukhulula ugoduke!” Ndathi: “Hayi, andiyishiyanga intsapho yam. Nini enindibambileyo! Nindibambele ntoni phofu?” Eli gosa laphendula: “Alikho ityala elingaphezu kokuba liNgqina.”

Lo mfo ndandiphendulana naye ngo-1959 kwintolongo yesixeko saseIrkutsk, eRashiya. Khawuthi ndinibalisele ukuba kutheni mna nenkosikazi yam, uMaria, sasikulungele ‘ukubandezeleka ngenxa yobulungisa’ nangendlela esasikelelwa ngayo ngenxa yokuhlala sithembekile.—1 Pet. 3:13, 14.

Ndazalelwa eUkraine ngo-1933 kwidolophana ebizwa ngokuba yiZolotniki. Ngo-1937 umakazi nomyeni wakhe, ababengamaNgqina, beza kusibona bevela eFransi baza basishiyela incwadi ethi Government nethi Deliverance, ezipapashwe yiWatch Tower Society. Utata wathi akufunda ezo ncwadi, wakholelwa kwakhona kuThixo. Okubuhlungu kukuba, ngo-1939 wagula, kodwa ngaphambi kokuba asweleke wathi kumama: “Yinyaniso le. Uyifundise abantwana.”

ISIBERIA—INTSIMI ENTSHA

NgoAprili 1951, abasemagunyeni baqalisa ukuqokelela amaNgqina amaninzi kwintshona yeUSSR bewathumela elubhacweni eSiberia. Mna nomama nomninawa wam, uGrigory sagxothwa kwiNtshona yeUkraine. Emva kohambo lweekhilomitha eziyi-6 000 ngetreyini, safika kwisixeko saseTulun, eSiberia. Emva kweeveki ezimbini, umkhuluwa wam, uBogdan, wafika kwinkampu ekwisixeko esikufutshane saseAngarsk. Wayenikwe isigwebo seminyaka eyi-25 esebenza nzima.

Mna, umama noGrigory sashumayela kwiindawo ezijikeleze iTulun, kodwa kwakufuneka sibe namacebo. Ngokomzekelo, sasidla ngokubuza, “Ngaba ukho umntu enimaziyo othengisa inkomo apha?” Xa simfumene umntu othengisa inkomo, sasiye sichaze indlela iinkomo ezidalwe ngokumangalisayo ngayo. Emva koko sasiye sincokole naye ngoMdali. Ngelo xesha, elinye iphephandaba labhala lathi amaNgqina abuza ngeenkomo kanti akhangela izimvu! Sazifumana ke nyhani izimvu! Kwakumnandi ukufunda iZibhalo nabantu abathobekileyo nabanezinwe bale ntsimi engabelwanga bani. Namhlanje, kukho ibandla elinabavakalisi abangaphezu kwe-100 eTulun.

INDLELA OLWAVAVANYWA NGAYO UKHOLO LUKAMARIA

Inkosikazi yam, uMaria, yafumana inyaniso eUkraine xa kwakugquba iMfazwe Yehlabathi II. Xa eneminyaka eyi-18, kukho igosa leKGB elaqalisa ukumsokolisa, lizama nokumnyanzela ukuba alale nalo, kodwa walibhebhetha kwema ngaye. Ngeny’ imini, xa efika kowabo, wafika lo mfo engqengqe ebhedini yakhe. UMaria wabaleka. Enomsindo, wasongela uMaria esithi uza kumbambisa kuba eliNgqina, nyhani ke, ngo-1952, uMaria wagwetywa iminyaka elishumi entolongweni. Wayeziva njengoYosefu, owavalelwa entolongweni kuba engazange agungqe ekuthobeleni uYehova. (Gen. 39:12, 20) Umqhubi wemoto eyamthatha enkundleni imsa entolongweni wathi kuye: “Ungoyiki wena. Baninzi abantu abaya entolongweni baze babuye besenesidima.” Loo mazwi amkhuthaza.

Ukususela ngo-1952 ukuya ku-1956, uMaria wasiwa kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo kwisixeko saseGorkiy (ngoku esibizwa ngokuba yiNizhniy Novgorod) eRussia. Wayalelwa ukuba asiphule imithi neengcambu, kwanaxa imozulu ibanda. Impilo yakhe yaba nkenenkene, kodwa ngo-1956 wakhululwa waza waya eTulun.

NDABA KUDE NENKOSIKAZI NABANTWANA BAM

Xa omnye umzalwana waseTulun wandixelela ukuba kukho udade ozayo, ndanyawuza ibhayisekile yam ndaya estopini sebhasi ndiyobona lo dade ndifuna nokumphathisa umthwalo wakhe. Ukumthi ntla nje kwam uMaria, ndavele ndamthanda. Wathatha ixesha yena ukuba ade andithande—kodwa ke ekugqibeleni ndade ndamfumana. Satshata ngo-1957. Emva konyaka saba nentombi saza sayibiza uIrina, kodwa lwaphela msinya olo vuyo lokuba nomntwana. Ngo-1959, ndabanjelwa ukuprinta iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Ndavalelwa ndedwa isiqingatha sonyaka. Ukuze ndikwazi ukuzola ngelo xesha, ndandisoloko ndithandaza, ndicula iingoma zoBukumkani, kwaye ndicinga ngendlela endiza kushumayela ngayo xa ndikhululwe.

Apha sasihlala kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo, ngo-1962

Xa ndandisentolongweni, igosa elalindincina lakhwaza lathi kum, “Kungekudala siza kunityumza nina bantundini oku kwempuku ephantsi!” Ndathi kuye, “UYesu wathi iindaba ezilungileyo ZIZA kushunyayelwa kuzo zonke iintlanga, akukho umntu unokuyinqanda loo nto.” Emva koko, eli gosa lazama elinye iqhinga, endiye ndabalisa ngalo ekuqaleni, lizama ukundenza ndilahle unqulo lwam. Xa izisongelo namaqhinga alo engazange asebenze, ndagwetywa iminyaka esixhenxe yokusebenza nzima kwinkampu ekufutshane nesixeko saseSaransk. Endleleni eya kule nkampu, ndeva ukuba inkosikazi yalekelise ngentombi yethu yesibini, uOlga. Nangona inkosikazi nabantwana babekude, ndandithuthuzelwa yinto yokuba mna noMaria sasiye asagungqa ekukhonzeni uYehova.

Lo nguMaria neentombi zethu, uOlga noIrina, ngo-1965

UMaria wayesiza kanye ngonyaka eze kundibona eSaransk, nangona uhambo olusuka eTulun ukuya nokubuya lwaluthatha iintsuku eziyi-12 ngetreyini. Qho ezile wayendiphathela iibhutsi ezintsha. Kwizithende zazo wayefaka iiMboniselo ezisandul’ ukuphuma. Utyelelo lukaMaria ngomnye unyaka lwalukhetheke kakhulu kuba weza neentombi zethu zombini. Khawuthelekelele nje indlela endandivuye ngayo ukubabona nokuba kunye nabo!

UKUFUDUKELA KWEZINYE IINDAWO NEENGXAKI ZAKO

Ngo-1966, ndakhululwa kuloo nkampu saza sobane safudukela kwisixeko saseArmavir, kufutshane neBlack Sea. Apho, saba noonyana ababini, uYaroslav noPavel.

Akubanga thuba lide, amagosa eKGB agqogqa ikhaya lethu, ekhangela iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Abhuqa yonk’ indawo, nkqu nakubuhlanti beenkomo. Ngeny’ imini, la magosa ayebile xhopho bubushushu, iisuti zawo zinkone luthuli. UMaria wawasizela, kuba ayesenza nje into ayithunyiweyo. Wawagalelela isiselo sokuthoba unxano waza wawaphathela ibrashi yempahla, ikomu enamanzi, netawuli. Kamva, xa kwafika igosa eliphezulu leKGB, la magosa alixelela ngobubele abenzelweyo. Ekuhambeni kwawo, igosa eliphezulu lancuma laza laphakamisa isandla lisivalelisa. Savuya sakubona ukuba xa sizama ‘ukuhlala siboyisa ububi ngokulungileyo,’ izinto zihamba kakuhle.—Roma 12:21.

Saqhubeka sishumayela eArmavir nangona sasigqogqwa sigqogqiwe. Sancedisa nakwiqela elincinane labavakalisi ababekwidolophu ekufutshane yaseKurganinsk. Kuyandivuyisa ukwazi ukuba ngoku kukho amabandla amathandathu eArmavir namane eKurganinsk.

Ukutyhubela le minyaka, kwakubakho amaxesha apho sasikhe sibhekele kuYehova. Kodwa siyambulela uYehova kuba wasebenzisa abazalwana abathembekileyo ukuba basilungise baze basincede siphinde sisondele kuye. (INdu. 130:3) Kwakunzima kakhulu nokukhonza noongcothoza beKGB ababenyebelezile baza bangena emabandleni bengaziwa mntu. Babebonakala bekhuthele entsimini. Abanye bade banikwa nezikhundla ezibalulekileyo entlanganweni. Kodwa ke ethubeni sababona eyona nto bayiyo.

Ngo-1978, xa uMaria wayeneminyaka eyi-45, wakhulelwa kwakhona. Ngenxa yengxaki yentliziyo awayenayo, oogqirha bamcenga ukuba akhuphe isisu besoyika ukuba angasweleka. UMaria akazange afune nokuva. Hayi ke, abanye oogqirha bamlandela kuso sonke eso sibhedlele bephethe inaliti, befuna ukumtofa ukuze abeleke ngaphambi kwexesha. Ukuze akhusele usana lwethu, uMaria wabaleka waphuma kweso sibhedlele.

I-KGB yathi masiphume siphele kweso sixeko. Safudukela kwidolophana ekufutshane nesixeko saseTallinn e-Estonia, eyayiyinxalenye yeUSSR. ETallinn, uMaria wabeleka unyana ongumqabaqaba, uVitaly, ayenzeka yonke laa nto yayithethwe ngoogqirha.

Kamva, safuduka e-Estonia saya kuhlala eNezlobnaya kumzantsi weRashiya. Sasichul’ ukunyathela xa sishumayela kwiidolophu ezikufutshane ezineendawo zeeholide, ekwakusiza kuzo abantu abavela kulo lonke ilizwe. Babesizela unyango kwezi dolophu, kodwa abanye babo bemka benethemba lobomi obungunaphakade!

UKUNCEDA ABANTWANA BETHU BAMTHANDE UYEHOVA

Sazama ukukugxininisa kubantwana bethu ukuthanda uYehova nokunqwenela ukumkhonza. Sasidla ngokumema kwikhaya lethu abazalwana ababeza kuba nefuthe elihle kubantwana bethu. Omnye esasithanda ukummema ngumninawa wam uGrigory owaba ngumveleli wesiphaluka ukusuka ngo-1970 ukuya ku-1995. Sonke njengentsapho sasisonwaba xa eze kusibona kuba wayehlala evuya kwaye elincoko. Xa sineendwendwe, sasidla ngokudlala imidlalo yeBhayibhile, ibe abantwana bethu bawathanda amabali eBhayibhile.

Ngoonyana bam aba kunye noomolokazana.

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene, ngasemva: NguYaroslav, uPavel, Omnci., noVitaly

Phambili: NguAlyona, uRaya, noSvetlana

Ngo-1987, unyana wethu uYaroslav wafudukela kwisixeko saseRiga, eLatvia, ibe wayekwazi ukushumayela ngokukhululekileyo. Kodwa wathi akungavumi ukuya emkhosini, wagwetywa unyaka onesiqingatha entolongweni kwaye watshintshatshintshwa kwiintolongo ezisithoba. Izinto endandimbalisele zona ngentolongo zamnceda. Kamva, waba nguvulindlela. Ngo-1990, unyana wethu, uPavel, owayeneminyaka eyi-19 ngoko, wafuna ukuba nguvulindlela eSakhalin, isiqithi esikumntla weJapan. Ekuqaleni, sasingafuni aye. Kwakunabavakalisi abayi-20 kuphela kweso siqithi, ibe thina sikumgama weekhilomitha eziyi-9 000 ukusuka apho. Kodwa ekugqibeleni savuma, ibe yayisigqibo esihle eso. Abantu beso siqithi bawuthanda umyalezo woBukumkani ababewuva. Kwisithuba seminyaka nje embalwa, kwakukho amabandla asibhozo apho. UPavel wakhonza eSakhalin de yangu-1995. Ngelo xesha, kwakusele igqibelo lethu, uVitaly, kuphela ekhaya. Ukususela ebuntwaneni bakhe, wayekuthanda ukufunda iBhayibhile. Xa wayeneminyaka eyi-14, waba nguvulindlela, ibe ndandisebenza naye entsimini kangangeminyaka emibini. Kwakumnandi nyhani. Xa eneminyaka eyi-19, uVitaly wemka wayokukhonza njengovulindlela okhethekileyo.

Ngo-1952, igosa leKGB lalithe kuMaria: “Lahla le nkonzo yakho okanye uza kunkantsa iminyaka elishumi entolongweni. Uya kuthi uphuma, ube ulixhegokazi elingenabani.” Kodwa izinto azizange zihambe ngolo hlobo. Sibonile ukuba uThixo wethu ongabalahliyo abantu bakhe, uYehova, abantwana bethu, nabantu abaninzi esibe nenyhweba yokubafundisa inyaniso, bayasithanda. SinoMaria siye savuyiswa kukutyelela kwiindawo abantwana bethu abebekhonza kuzo. Siyibonile indlela abanombulelo ngayo abantu abafundiswe ngabantwana bethu ngoYehova.

NDIYAMBULELA UYEHOVA NGOKULUNGA KWAKHE

Ngo-1991, umsebenzi wamaNgqina KaYehova wamkelwa njengosemthethweni. Eso sigqibo sasenza saba ngathi siyaqinisa apha ekushumayeleni. Ibandla lethu lada lathenga ibhasi ukuze siye kwiidolophu nakwiidolophana ezikufutshane mpelaveki nganye.

Ndim nenkosikazi apha ngo-2011

Iyandivuyisa into yokuba uYaroslav nomkakhe, uAlyona, noPavel kunye nenkosikazi yakhe, uRaya, bekhonza eBheteli ngoxa uVitaly nenkosikazi yakhe, uSvetlana, bona bekumsebenzi wesiphaluka. Umafungwashe wethu, uIrina, nentsapho yakhe bahlala eJamani. Umyeni wakhe, uVladimir, noonyana babo abathathu bangabadala. UOlga yena uhlala e-Estonia ibe uman’ ukundifowunela. Ngelishwa, inkosikazi yam endiyithanda kunene, uMaria, yasweleka ngo-2014. Ingathi alisafiki ixesha endiya kuphinda ndimbone ngalo evusiwe! Ngoku ndihlala kwisixeko saseBelgorod, ibe abazalwana balapha bandixhasa kakhulu.

Kule minyaka ndikhonza uYehova ndifumanise ukuba ukuze uthembeke kuye kufuneka uncame okuthile, kodwa ke uYehova ukubuyekeza ngoxolo olungaphaya kwezo zinto uzincamileyo. Izinto esisikelelwe ngazo noMaria ngenxa yokungagungqi ekukhonzeni uYehova zibe ngaphezulu koko bendikulindele. Ngaphambi kokuwa kweUSSR ngo-1991, sasinabavakalisi abangaphezu kwe-40 000. Namhlanje, bangaphezu kwe-400 000 abavakalisi kumazwe awayekade eyinxalenye yeSoviet Union! Ngoku ndineminyaka eyi-83 kwaye ndisengumdala. Bendisoloko ndiqiniswa kukuxhaswa nguYehova. Ngokwenene uYehova undisikelele.—INdu. 13:5, 6.

^ isiqe. 4 I-KGB sisishunqulelo sesiRashiya esithetha iKomiti Yokukhusela Urhulumente WeSoviet.