Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokuhluba Ubuntu Obudala Size Sibugcine Bukude

Indlela Yokuhluba Ubuntu Obudala Size Sibugcine Bukude

“Buhlubeni ubuntu obudala kunye noqheliselo lwabo.”KOL. 3:9.

IINGOMA: 83, 129

1, 2. Yintoni abaye bayiphawula abantu ngamaNgqina KaYehova?

ABANTU badla ngokuthetha ngeempawu ezithandekayo abazibona kubantu bakaYehova. Ngokomzekelo, xa wayebhala ngabazalwana noodadewethu ngexesha iJamani yayilawulwa ngamaNazi, uAnton Gill wathi: “AmaNgqina KaYehova ayecatshukelwa ngokukhethekileyo ngamaNazi. . . . Kuthe kubetha u-1939 abe sele eyi-6 000 [akwiinkampu zoxinaniso.]” Lo mbhali wongeza athi, nangona ayenyamezele loo ntshutshiso, ayengabantu “onokubathemba kwaye ezolile” ibe “ayengagungqi koko ayekumela kwaye emanyene.”

2 Kutshanje, abantu eMzantsi Afrika baphawule iimpawu ezintle ezifanayo kubantu bakaThixo. Ngaphambili, amaNgqina antsundu, amhlophe, awebala nangamaNdiya ayengakwazi ukuhlanganisana kunye ngokukhululekileyo kweli lizwe. Kodwa ngeCawa, nge-18 kaDisemba, 2011, kwakungumbono omhle xa abazalwana baseMzantsi Afrika nabasuka kumazwe aselumelwaneni abangaphezu kwe-78 000 beentlanga ngeentlanga bathontelana kwelona bala lemidlalo likhulu eRhawutini ukuze bamamele iintetho ezakhayo. Omnye wabaphathi beli bala wathetha wenjenje ngabazalwana: “Andizange ndababona abantu abanembeko ngolu hlobo kweli bala. Bonke banxibe kakuhle. Nide nalicoca kakuhle eli bala. Kodwa okona kubaluleke nangakumbi kukuba anizenzisi xa nisithi namkela abantu bazo zonke iintlanga.”

3. Yintoni esenza sahluke?

3 Amazwi anjalo avela kubantu abangengomaNgqina abonisa ukuba ngokwenene sahlukile emehlweni abantu. (1 Pet. 5:9) Kodwa ke yintoni esenza sahluke kuzo naziphi na ezinye iinkonzo okanye imibutho? ILizwi LikaThixo nomoya wakhe oyingcwele uyasinceda ukuba sizame ngamandla ‘ukuhluba ubuntu obudala.’ Endaweni yabo, ‘sambatha ubuntu obutsha.’—Kol. 3:9, 10.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku, ibe ngoba?

4 Kukho umahluko ke phakathi kokuhluba ubuntu obudala nokubugcina bukude nathi. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela esinokubuhluba ngayo ubuntu obudala, isizathu sokuba kungxamisekile ukubuhluba, nesizathu sokuba umntu enako ukutshintsha kwanokuba ebetshone waphelela kwizenzo eziphosakeleyo. Siza kuthetha nangezinto ezinokwenziwa ngamagqala enyanisweni ukuze abubhebhethe ubuntu obudala. Kutheni ziyimfuneko nje ezi zikhumbuzo? Kubuhlungu ukubona abanye abazalwana abakhe bamkhonza uYehova beyekelele umxakatho baza babuyela kwizinto ababezenza. Ngenxa yoko, sonke kufuneka sisiqaphele esi silumkiso sithi: “Lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.”—1 Kor. 10:12.

“BHUBHISANI” NAYIPHI IMINQWENO ‘YOHENYUZO’

5. (a) Zekelisa uchaze isizathu sokuba kungxamisekile ukuhluba ubuntu obudala. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Ngokutsho kweyabaseKolose 3:5-9, yiyiphi imikhwa ebubuntu obudala?

5 Ubuya kwenza ntoni ukuba impahla yakho ibimdaka, mhlawumbi isitsho ngevumba elibi? Ubuza kuyihluba okanye uyikhulule ngoko nangoko. Kunjalo ke nangemikhwa emibi engadibaniyo nobuntu bukaThixo, kufuneka sohlukane nayo ngokukhawuleza. Sifuna ukuthobela umyalelo ocacileyo kaPawulos awawubhekisa kumaKristu exesha lakhe, esithi: “Ngoku ngokwenene lahlani konke.” Makhe sithethe ngemibini kwimikhwa esisono athetha ngayo uPawulos—uhenyuzo nokungahlambuluki.—Funda eyabaseKolose 3:5-9.

6, 7. (a) Amazwi kaPawulos abonisa njani ukuba kufuneka kuthathwe amanyathelo acacileyo ukuze kuhlutywe ubuntu obudala? (b) Wayephila njani uSakura, ibe yintoni eyamnika amandla okutshintsha?

6 Uhenyuzo. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uhenyuzo” liquka ukulala komntu nomntu angatshatanga naye nokulala kwendoda nendoda okanye umfazi nomfazi. UPawulos waxelela amanye amaKristu ukuba ‘abhubhise amalungu awo omzimba’—ngamany’ amazwi, ayiphelise nayiphi na inkanuko ‘yokuhenyuza.’ Isigama esisetyenziswe nguPawulos apha sibonisa ukuba kufuneka kuthathwe amanyathelo acacileyo ukuze itshayelwe ithi tu loo nkanuko. Kodwa ke inako ukoyiswa inkanuko yokwenza isono.

7 Masenze umzekelo ngoSakura * waseJapan. Ekukhuleni kwakhe, wayenesithukuthezi, eziva ngathi kukho into eshotayo kuye. Uthe akuba neminyaka eyi-15, waqalisa ukulala nabantu abahlukeneyo ukuze achithe eso sithukuthezi. Eneentloni, uthi: “Ngenxa yale nto, ndakhupha isisu kwada kwakathathu.” Ucacisa athi: “Ekuqaleni, ndandiziva noko ndingumntu xa ndilele nendoda, ndicinga ukuba ndiyafunwa kwaye ndiyathandwa. Kodwa okukhona ndiyenza le nto, ndaya ndiphelelwa kukuzithemba.” Waqhubeka ephila ngolu hlobo uSakura de waneminyaka eyi-23. Emva koko waqalisa ukufundelwa ngamaNgqina. Wayithanda inyaniso, waza ngenxa yokuncedwa nguYehova wakwazi ukwahlukana nomvandedwa nokuziva elihlazo, wayeka ukuziphatha okubi. Ngoku uSakura unguvulindlela othe ngxi kwaye akasenasithukuthezi. Kunoko, uthi: “Ndonwabe nyhani kuba ndiluva umhla nezolo uthando lukaYehova.”

SINGAYOYISA IMIKHWA ENGAHLAMBULUKANGA

8. Ziziphi ezinye zezinto ezinokusenza singahlambuluki kuThixo?

8 Ukungahlambuluki. Igama lesiGrike eliguqulelwe eBhayibhileni ngokuthi “ukungahlambuluki” liphangalele kwaye liquka nezinye izinto ngaphandle kwezono zesondo. Linokubhekisela kumkhwa oyingozi wokutshaya okanye ukwenza iziqhulo ezingamanyala. (2 Kor. 7:1; Efe. 5:3, 4) Lisenokusebenza nakwizinto ezingacocekanga umntu anokuzenza xa engabonwa mntu, ezinjengokufunda iincwadi ezimenza akhanuke isondo okanye ukubukela amanyala, zinto ezo zinokukhokelela ekubeni aphulule amaphambili.—Kol. 3:5. *

9. Unokuba yintoni umphumo xa sivuselela “inkanuko yesini”?

9 Abantu abanomkhwa wokubukela amanyala bayayivuselela “inkanuko yesini,” ibe loo nto inokubenza babe ngamakhoboka esondo. Uphando lubonisa ukuba abantu abaye bavuma ukuba abakwazi ukuzinqanda ukuba bangabukeli amanyala baba neempawu ezifanayo nezamakhoboka otywala naweziyobisi. Yiloo nto ukubukela amanyala kusiba nemiphumo emibi—enjengokuziva ulihlazo, ukungaqhubi kakuhle emsebenzini, ukungonwabi entsatsheni, uqhawulo-mtshato, nokuzibulala. Xa eny’ indoda yayibhiyozela ukugqiba unyaka ingasabukeli amanyala, yabhala yathi: “Nditsho ndakwazi ukuziva ndingumntu onenyani.”

10. URibeiro waphumelela njani ekulweni nokuba likhoboka lamanyala?

10 Kwabaninzi, ukulwa nokubukela amanyala yinto eqhubekayo. Kodwa njengoko sinokubona kuRibeiro waseBrazil, sinako ukuphumelela. URibeiro wemka kowabo ekwishumi elivisayo waza ethubeni waphangela kwindawo esebenza ngamaphepha amadala, wadibana apho ke nale mifanekiso yamanyala. Uthi xa ebalisa: “Kancinci kancinci ndaba likhoboka layo. Ndade ndafika kwinqanaba lokuba ibe ngathi akasahambi lo sisi ndandihlalisana naye ukuze ndibukele iividiyo ezibonisa amanyala.” Ngeny’ imini, uRibeiro wathi esakhangela kwimfumba yeencwadi ezilahliweyo awayeza kusebenza ngazo, wabona incwadi enomxholo othi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Wayichola waza wayifunda. Izinto awazifunda kuyo zamenza wafuna ukufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova, kodwa kwamthatha ixesha elide ukwahlukana nalo mkhwa. Wade wancedwa yintoni? Uyasichazela: “Ndathi ndakuthandaza, ndafunda iBhayibhile ndaza ndacingisisa ngezinto endizifundileyo, ndabuqonda ngakumbi ubuntu bukaThixo de ndamthanda ngaphezu kwamanyala.” URibeiro wancedwa ngamandla eLizwi LikaThixo nomoya wakhe oyingcwele ukuze alahle ubuntu bakhe obudala, wabhaptizwa, ibe ngoku ungumdala ebandleni.

11. Yintoni efunekayo ukuze umntu angawabukeli amanyala?

11 Phawula ukuba kwafuneka uRibeiro angapheleli nje ekufundeni iBhayibhile ukuze aphumelele eli dabi. Kwafuneka avumele ukuba loo nto ithethwa yiBhayibhile ingene entliziyweni yakhe. Ngenxa yokuthandaza nokucinga kakuhle ngezinto, waye wathanda uThixo ngaphezu kokuba ethanda ukubukela amanyala. Elona yeza lisebenzayo kulo mkhwa wokubukela amanyala kukumthanda kakhulu uYehova nokuzenyanya izinto ezimbi.—Funda iNdumiso 97:10.

YAHLUKANANI NOMSINDO, UKUTHUKA, NOKUXOKA

12. Yintoni eyanceda uStephen wahlukana nomsindo nokuthukisa?

12 Abantu abacaphuka msinya badla ngokuthetha amazwi ahlabayo. Le nto idla ngokwenza kungabi mnandi entsatsheni. UStephen, indoda yaseOstreliya enosapho, ubalisa athi: “Ndandidla ngokuthuka kakhulu, ndibe ligqabi ngumsindo ngenxa nje yento engenamsebenzi. Inkosikazi yandishiya kwada kwakathathu ibe sasisele siza kuqhawula umtshato.” Emva koko bobabini bafundiswa iBhayibhile ngamaNgqina. Kwenzeka ntoni kuStephen akulandela icebiso leBhayibhile? Uthi: “Izinto zatshintsha kakhulu entsatsheni. UYehova wandinceda, ibe ngoku ndiziva ndinoxolo kwaye ndizolile, kanti ngaphambili ndandifana nebhombu elayishe inkohlakalo nomsindo, eyayinokuqhushunjiswa nayinto encinci nje.” Namhlanje, uStephen usisicaka solungiselelo, kwaye inkosikazi yakhe ineminyaka inguvulindlela othe ngxi. Abadala bebandla akulo uStephen bathi: “UStephen ngumzalwana othuleyo, okhutheleyo nothobekileyo.” Bathi abakhumbuli bembona enomsindo. Ngaba uStephen uyazincoma ngale nkqubela ayenzileyo? Uthi: “Ngendingakhange ndisikelelwe ngezi zinto zintle kangaka ukuba bendingamvumelanga uYehova abutshintshe ngokupheleleyo ubuntu bam.”

13. Yintoni eyenza umsindo ube yingozi, ibe iBhayibhile isilumkisa ngantoni?

13 IBhayibhile inesizathu esihle sokuthi masohlukane nomsindo, ukuthuka nokushawutisa. (Efe. 4:31) Into elusizi kukuba ezi zinto zidla ngokubangela ukuba abantu babethane. Ihlabathi lizijonga njengezinto eziqhelekileyo izinto esizenzayo xa sinomsindo, kodwa zilihlazo kuMdali wethu. Abaninzi kuthi kuye kwafuneka bazihlube ezi zinto ngaphambi kokuba bambathe ubuntu obutsha.—Funda iNdumiso 37:8-11.

14. Ngaba umntu othanda ukulwa unako ukutshintsha aze alulame?

14 Masenze umzekelo ngoHans, ongumdala kwibandla eliseAustria. Umnxibelelanisi wequmrhu labadala webandla akulo uthi: “Ungomnye wabona bazalwana balulamileyo.” Kodwa ngaphambili uHans wayengengomntu ululamileyo. Xa wayekwishumi elivisayo, waqalisa ukusela ngokugqithiseleyo ibe, ngenxa yoko, waba nguphuma-silwe. Ngeny’ imini wathi enxilile yaye enomsindo, wabulala intombi awayethandana nayo, waza wagwetywa iminyaka eyi-20 entolongweni. Ukuvalelwa entolongweni akuzange kumtshintshe uHans ekuthandeni ukulwa. Ethubeni, unina wacela omnye umdala ukuba aye kuye entolongweni, ibe waqalisa ukufunda iBhayibhile. Uthi: “Kwakunzima kum ukuhluba ubuntu obudala. Ndakhuthazwa ziivesi ezifana noIsaya 55:7, othi: ‘Ongendawo makashiye indlela yakhe,’ neyoku-1 kwabaseKorinte 6:11, ethi xa ibhekisa kubantu abayekileyo ukwenza izono: ‘Abanye kuni babenjalo kanye.’ UYehova ebenomonde kum yonke le minyaka endinceda ngomoya wakhe oyingcwele ukuze ndambathe ubuntu obutsha.” Emva kokunkantsa iminyaka eyi-17 enesiqingatha entolongweni, wakhululwa sele engumKristu obhaptiziweyo. Uthi: “Ndiyambulela uYehova ngokundenzela inceba nangokundixolela.”

15. Nguwuphi umkhwa oqhelekileyo, kodwa iBhayibhile ithini ngawo?

15 Omnye umkhwa obonisa ukuba sinobuntu obudala kukuxoka. Ngokomzekelo, kuqhelekile ukuba abantu baxoke xa befaka ingxelo yerhafu okanye xa befihla izono zabo ukuze bangohlwaywa. Kodwa ke uYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdu. 31:5) Ngoko uthi “ngamnye” kubanquli bakhe “makathethe inyaniso nommelwane wakhe,” ‘bangaxokisani.’ (Efe. 4:25; Kol. 3:9) Ngoko simele siyithethe inyaniso kwanokuba iza kusihlazisa okanye iza kusifaka enkathazweni.—IMize. 6:16-19.

INDLELA ABAPHUMELELA NGAYO

16. Yintoni enokusenza siphumelele ekuhlubeni ubuntu obudala?

16 Soze ukwazi ukuhluba ubuntu obudala usebenzisa amandla akho. Abantu ekuthethwe ngabo kweli nqaku—uSakura, uRibeiro, uStephen, noHans—kwafuneka balwe ngamandla ukuze bayeke ukwenza izono ababezenza. Into eyabenza baphumelela kukuvula iingqondo neentliziyo zabo ukuze iLizwi LikaThixo nomoya oyingcwele ukwazi ukusebenza kubo. (Luka 11:13; Heb. 4:12) Ukuze nathi sifumane loo mandla, kufuneka sifunde iBhayibhile qho, sicinge ngezinto esizifundileyo, size singayeki ukuthandazela ubulumko namandla okusebenzisa amacebiso afumaneka eBhayibhileni. (Yosh. 1:8; INdu. 119:97; 1 Tes. 5:17) Enye into esenza sincedwe liLizwi LikaThixo nomoya wakhe oyingcwele kukulungiselela nokuya kwiintlanganiso zebandla. (Heb. 10:24, 25) Ukongezelela koko, masixhamle kwiindlela ezahlukeneyo abondliwa ngazo elukholweni abantu bakaThixo ehlabathini lonke.—Luka 12:42.

Yintoni enokusinceda siphumelele ekuhlubeni ubuntu obudala? (Jonga isiqendu 16)

17. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Sithethe ngemikhwa eliqela amaKristu afanele ayihlube aze ayigcine ikude nawo. Kodwa ngaba iphelele apho into esifanele siyenze ukuze simkholise uThixo? Hayi. Kufuneka sambathe ubuntu obutsha. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngezinto eziliqela kubuntu obutsha esifanele singaze sizihlube.

^ isiqe. 7 Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 8 Jonga isahluko 25 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1.