Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sinokubambatha Njani Ubuntu Obutsha Size Singabuhlubi?

Sinokubambatha Njani Ubuntu Obutsha Size Singabuhlubi?

“Nambathe ubuntu obutsha.”—KOL. 3:10.

IINGOMA: 43, 106

1, 2. (a) Kutheni sinokukwazi ukwambatha ubuntu obutsha? (b) Zeziphi izinto zobuntu obutsha esifunda ngazo kweyabaseKolose 3:10-14?

“UBUNTU obutsha.” Eli binzana livela kabini kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. (Efe. 4:24; Kol. 3:10) Libhekisela kubuntu “obadalwa ngokokuthanda kukaThixo.” Singakwazi ukuba nobu buntu butsha. Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova wabadala abantu ngokomfanekiso wakhe, nto leyo esenza sikwazi ukuba neempawu ezintle ezifana nezakhe.—Gen. 1:26, 27; Efe. 5:1.

2 Inyaniso kukuba ngenxa yokungafezeki esakufumana kubazali bethu bokuqala siba neminqweno ephosakeleyo ngamanye amaxesha. Abantu nezinto ezisingqongileyo nazo ziba nefuthe kuthi. Nakuba kunjalo, uYehova kuba enenceba angasinceda sibe yile nto afuna sibe yiyo. Ukuze sikunqwenele ukuyenza loo nto, makhe sithethe ngezinto zobuntu obutsha umpostile uPawulos awaphefumlelwa ukuba abhale ngazo. (Funda eyabaseKolose 3:10-14.) Siza kubona nokuba sinokuzisebenzisa njani xa sisentsimini.

“NONKE NINGUMNTU OMNYE”

3. Yeyiphi enye into obubonakala ngayo ubuntu obutsha?

3 Emva kokuba uPawulos esibongoze ukuba sambathe ubuntu obutsha, uchaza ukungacalulani njengento ebalulekileyo kubo. Wathi akukho “mGrike namYuda, kwaluka nakungaluki, kungekho wasemzini, namSkitiya, nakhoboka, nokhululekileyo.” * Kutheni ebandleni singamele sicalulane ngenxa yebala, uhlanga okanye umgangatho wethu ekuhlaleni? Kungenxa yokuba abalandeli bakaKristu ‘bangumntu omnye.’—Kol. 3:11; Gal. 3:28.

4. (a) Abakhonzi bakaYehova bafanele babaphathe njani abantu? (b) Yintoni enokuba ngumqobo ekumanyaneni kwamaKristu?

4 Abantu abambethe ubuntu obutsha baphatha abantu abakhonza nabo nabanye ngembeko, kungakhathaliseki ukuba bakowuphi umgangatho ekuhlaleni okanye banaliphi ibala. (Roma 2:11) Kusenokuba nzima ukwenza loo nto kwezinye iindawo. Ngokomzekelo, apha eMzantsi Afrika amaNgqina amaninzi asahlala kwiindawo ezazohlulwe ngokwebala—iindawo zeengcungcu, iilokishi zabantsundu okanye apho kwakuhlala abantu bebala. Ukuze lincede abazalwana ‘baphangalale,’ ngo-Oktobha 2013 iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kubekho ilungiselelo elikhethekileyo elaliza kunceda abazalwana bazane ngcono. (2 Kor. 6:13) Kwakusenziwa ntoni?

5, 6. (a) Ukuze kuncedwe abantu bakaThixo bamanyane ngakumbi, kuye kwenziwa eliphi ilungiselelo apha eMzantsi Afrika? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Ibe njani imiphumo?

5 Kwalungiselelwa ukuba amabandla amabini olwimi okanye ibala elahlukileyo abe kunye ngeempela-veki ezithile. Abazalwana noodade baloo mabandla mabini babeshumayela, baye ezintlanganisweni kunye baze babuthelane emakhayeni abo. Maninzi amabandla awenza loo nto, ibe iofisi yesebe yafumana iingxelo ezintle ngeli lungiselelo, nakubantu abangengawo amaNgqina. Ngokomzekelo, omnye umfundisi wathi, “AndiloNgqina, kodwa ndiyavuma ukuba umsebenzi wenu wokushumayela ulungelelaniswe kakuhle, ibe nimanyene nakuba niziintlanga ngeentlanga.” Athini wona amaNgqina ngeli lungiselelo?

6 Ekuqaleni, omnye udade othetha isiXhosa onguNoma wayesonqena ukumemela abazalwana abamhlophe abakwibandla lesiNgesi ekhayeni lakhe eliphantsi. Kodwa emva kokuba eshumayele nabo waza waya emakhayeni abo, wathi, “Ngabantu nje abafana nathi!” Ngoko xa yayilibandla lesiXhosa ekwakufuneka libuke elesiNgesi, wapheka waza wamema abanye babazalwana. Omnye owayekhona yayingumzalwana omhlophe ongumdala. UNoma wathi, “Ndothuka xa ndabona ukuba akanangxaki nokuhlala kwikhreyithi yeplastiki.” Ngenxa yeli lungiselelo lisaqhubekayo, abazalwana noodade abaninzi banezihlobo ezitsha yaye bazimisele ukuphangalala xa bedibene.

“IMFESANE NOBUBELE”

7. Kutheni kufuneka siqhubeke sinemfesane?

7 Lingekapheli nje eli hlabathi likaSathana siseza kuvavanywa. Sisenokuba asiphangeli, sigula kakhulu, siyatshutshiswa, sintlithwa ziintlekele zemvelo, sibelwe izinto zethu, okanye sijongene nobunye ubunzima. Ukuze sikwazi ukuxhasana xa sisiva kabuhlungu okanye sisebunzimeni, kufuneka sibe nemfesane nyhani. Imfesane iya kusiqhuba ukuba senze ububele. (Efe. 4:32) Ezi zinto zobuntu obutsha ziya kusinceda sixelise uThixo size sithuthuzele abanye abantu.—2 Kor. 1:3, 4.

8. Ukuba nemfesane nobubele kubo bonke abantu abasebandleni kunokuba nayiphi imiphumo? Zekelisa.

8 Singabenzela njani ububele abo basebandleni lethu abavela kwamanye amazwe okanye abangathathi ntweni? Kufuneka sibamkele, sibe ngabahlobo size sibenze bazive besekhaya ebandleni. (1 Kor. 12:22, 25) Ngokomzekelo, uDannykarl wafudukela eJapan evela kwiiPhilippines. Emsebenzini wayengaphathwanga kakuhle njengabantu basekuhlaleni. Waya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova. UDannykarl uthi: “Phantse wonk’ umntu owayekwezo ntlanganiso wayengumJapan, kodwa bandamkela ngezandla ezishushu yangathi kudala sisazana.” Abazalwana baqhubeka bemenzela ububele, ibe loo nto yamnceda wasondela kuYehova. Wabhaptizwa yaye ngoku ungumdala. Abanye abadala bathi ibandla lisikelelwe ngobukho bukaDannykarl nomkakhe, uJennifer. Aba badala bathi, “Abaleqeki emva kwezinto, ibe bangoovulindlela abangumzekelo wokubeka kuqala uBukumkani.”—Luka 12:31.

9, 10. Yenza imizekelo yendlela esisikelelwa ngayo xa sisiba nemfesane kubantu esishumayela kubo.

9 Xa sishumayela kwabanye abantu ngoBukumkani, sifumana ithuba lokwenza “okulungileyo kubo bonke.” (Gal. 6:10) Ngenxa yokuba ebaxhalabele abantu basemzini, amaNgqina amaninzi aye afunda olunye ulwimi. (1 Kor. 9:23) Oku kuye kwanemiphumo emihle. Ngokomzekelo, omnye udade waseOstreliya, uTiffany, wafunda isiSwahili ukuze ancedise kwibandla lesiSwahili elikwisixeko saseBrisbane. Nangona kwakunzima ukufunda olo lwimi, uTiffany utsho wanenjongo ebomini. Uthi: “Ukuba ufuna ukonwaba entsimini, fudukela kwibandla lolunye ulwimi. Iba ngathi utyelele kwelinye ilizwe. Uye uzibonele ngokwakho ukuba sinabazalwana emhlabeni wonke, ubone nendlela engakholelekiyo esimanyene ngayo.”

Yintoni eqhuba amaKristu ukuba ancede abantu basemzini? (Jonga isiqendu 10)

10 Nanku omnye umzekelo wentsapho yaseJapan. USakiko, intombi yakhona uthi: “Ngeminyaka yoo-1990, xa sisentsimini sasidla ngokudibana nabantu abavela eBrazil. Xa sifunda nabo izibhalo kwiiBhayibhile zabo zesiPhuthukezi, ezinjengeSityhilelo 21:3, 4 okanye iNdumiso 37:10, 11, 29, babemamela ibe babelila ngamanye amaxesha.” Le ntsapho zange iphelele apho. USakiko uthi: “Xa sabona indlela abayifuna ngayo inyaniso, sonke ekhaya saqalisa ukufunda isiPhuthukezi.” Kamva le ntsapho yancedisa ekubeni kumiselwe ibandla lesiPhuthukezi. Ekuhambeni kweminyaka, le ntsapho incede abantu basemzini abaninzi bakhonza uYehova. USakiko uphinda athi: “Sisebenze nzima ukuze sifunde isiPhuthukezi, kodwa xa sithelekisa loo mizamo neentsikelelo esizifumeneyo, iba ngathi ayiyonto. Simbulela kakhulu uYehova.”—Funda iZenzo 10:34, 35.

“NAMBATHE . . . UKUTHOBEKA”

11, 12. (a) Kutheni kubalulekile nje ukuqhutywa sisizathu esifanelekileyo ukuba sambathe ubuntu obutsha? (b) Sinokuncedwa yintoni ukuze sihlale sithobekile?

11 Sifanele sambathe ubuntu obutsha kuba siqhutywa kukufuna ukubeka uYehova hayi ukunconywa ngabantu. Khumbula ukuba nengelosi eyayifezekile yona kuba yazivumela yanekratshi. (Thelekisa uHezekile 28:17.) Kubekele phi ke ukuba nzima kuthi bantu bangafezekanga ukuba singabi nekratshi okanye singaphakami! Nakuba kunjalo, sinako ukwambatha ukuthobeka. Sinokuncedwa yintoni?

12 Ukuze sihlale sithobekile, kufuneka yonke imihla sicingisise ngoko sikufunda eLizwini LikaThixo. (Dut. 17:18-20) Kufuneka sicingisise ngokukhethekileyo ngezinto uYesu awayezifundisa nangomzekelo wakhe wokuthobeka. (Mat. 20:28) UYesu wade wahlamba iinyawo zabapostile bakhe. (Yoh. 13:12-17) Kwakhona kufuneka sithandazele umoya kaThixo rhoqo ukuze silwe nayo nantoni esenza sizive singcono kunabanye abantu.—Gal. 6:3, 4; Fil. 2:3.

13. Siya kufumana ntoni xa sithobekile?

13 Funda iMizekeliso 22:4. UYehova ufuna bonke abakhonzi bakhe bathobeke ibe baya kufumana umvuzo ngokwenza loo nto. Ukuthobeka kunceda ukuba ibandla libe seluxolweni yaye limanyane. Xa sisebenzela ekubeni sithobeke uThixo uya kusenzela ububele obungasifanelanga. Umpostile uPetros wathi: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.”—1 Pet. 5:5.

“NAMBATHE . . . UBULALI, NOKUZEKA KADE UMSINDO”

14. Ngowuphi owona mzekelo wokuba nobulali nomonde?

14 Namhlanje xa umntu enobulali nomonde kuye kuthiwe unyabile okanye umathile. Akanyabanga tu ke kanti! Ezi mpawu zintle zivela kuThixo. UYehova ungoyena mntu sinokufunda kuye ukuba nobulali nomonde. (2 Pet. 3:9) Khawucinge ngendlela awamphendula ngayo uAbraham noLote ngeengelosi xa babephikisana naye. (Gen. 18:22-33; 19:18-21) Kwakhona kangangeminyaka eyi-1 500 waba nomonde kuhlanga lwamaSirayeli olwaluwexukile.—Hez. 33:11.

15. UYesu waba ngumzekelo njani wokuba nobulali nomonde?

15 UYesu wayenomoya “wobulali.” (Mat. 11:29) Waba nomonde kakhulu xa kwakufuneka enyamezele iimpazamo zabalandeli bakhe. Ngalo lonke ixesha awayeshumayela ngalo apha emhlabeni wanyamezela ukugxekwa ziinkokeli zonqulo ezazimchasa. Kodwa waba nobulali nomonde de wabulawa engenatyala. Ngoxa wayebethelelwe kwisibonda sentuthumbo esiva ezona ntlungu, uYesu wathandaza kuYise ecela ukuba abaxolele abo babembulala. Wathi: “Abakwazi oko bakwenzayo.” (Luka 23:34) Lo ngumzekelo obalaseleyo wokuba nobulali nomonde naxa sisiva kabuhlungu okanye sixinezelekile!—Funda eyoku-1 kaPetros 2:21-23.

16. Singenza ntoni ukuze sibe nobulali nomonde?

16 Singenza ntoni ukuze sibe nobulali nomonde? UPawulos wachaza enye yezinto esinokuzenza xa wabhalela abanye awayekhonza nabo, wathi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kol. 3:13) Ukuze sikwazi ukuxolela kufuneka sibe nobulali nomonde. Xa sixolela, senza ukuba ibandla limanyane yaye lihlale limanyene.

17. Kutheni kubalulekile ukuba sibe nobulali nomonde?

17 UmKristu unyanzelekile ukuba ambathe ubulali nomonde. Kubalulekile ukuba sibe nazo ukuba sifuna ukusindiswa. (Mat. 5:5; Yak. 1:21) Okubaluleke nangakumbi kukuba ezi mpawu zisinceda sibeke uYehova size sincede nabanye abantu bathobele esi siluleko siseBhayibhileni.—Gal. 6:1; 2 Tim. 2:24, 25.

“YAMBATHANI UTHANDO”

18. Uthando ludibana njani nokungacaluli?

18 Zonke ezi mpawu sele sithethe ngazo ziyadibana nothando. Ngokomzekelo, umfundi uYakobi kwafuneka aluleke abazalwana bakhe ngokukhetha izityebi kumahlwempu. Wabonisa ukuba eso senzo sasingahambisani tu nomthetho wakomkhulu othi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” Wongezelela wathi: “Ukuba niqhubeka nibonisa umkhethe, niyona.” (Yak. 2:8, 9) Ngokwahlukileyo koko, uthando luya kusenza singabacaluli abanye abantu ngenxa yemfundo, yebala, okanye yomgangatho wabo ekuhlaleni. Asifanele sizenze ngathi asinalucalulo. Ukungacaluli kufanele kube bubuntu bethu nyhani.

19. Kutheni kubalulekile ukuba sambathe uthando?

19 Kwakhona uthando “luzeka kade umsindo yaye lunobubele” ibe “alukhukhumali.” (1 Kor. 13:4) Kufuneka sibe nomonde, ububele nokuthobeka ukuze siqhubeke sishumayela ngoBukumkani kubamelwane bethu. (Mat. 28:19) Ezi mpawu zikwasinceda sikwazi ukuqhubana kakuhle nabo bonke abazalwana noodade ebandleni. Iba yintoni imiphumo xa sinolo thando? Ibandla liyamanyana ibe loo nto yenza uYehova azukiswe batsho nabanye abantu babe nomdla. Ifanele ke iBhayibhile ukugqibelisa ngala mazwi xa icacisa ubuntu obutsha: “Phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” —Kol. 3:14.

‘QHUBEKA UHLAZIYWA’

20. (a) Yeyiphi imibuzo ekufuneka sizibuze yona, ibe kutheni? (b) Yintoni esijonge phambili kuyo?

20 Ngamnye wethu umele azibuze, ‘Yintoni enye endingayenza ukuze ndibuhlube ubuntu obudala ndize ndingaze ndibambathe kwakhona?’ Kufuneka singayeki ukumcela uThixo ukuba asincede size sisebenze nzima ukutshintsha iingcinga nezenzo ezimbi eziya kusenza singabudl’ ilifa uBukumkani BukaThixo. (Gal. 5:19-21) Kwakhona kufuneka sizibuze, ‘Ngaba amandla engqondo yam aqhubeka ehlaziywa?’ (Efe. 4:23, 24) Thina maKristu siya kuhlala sizama ukwambatha ubuntu obutsha nokungabukhululi de sifezeke. Khawucinge indlela ekuya kuba mnandi ngayo xa wonke umntu ebambethe ngokupheleleyo ubuntu obutsha!

^ isiqe. 3 Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, amaSkitiya ayejongelwa phantsi kuba ayesemva empucukweni.