Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile Ngexesha Elizayo?

Ithini IBhayibhile Ngexesha Elizayo?

YIBA nombono wakho uhamba endaweni emnyama ebusuku. Nangona kumnyama, awunaxhala lokulahleka kuba uphethe ithotshi. Xa ulayite ezantsi, ubona yonk’ into ephambi kwakho. Xa ulayite phambili, ubona phaa kude.

Ngezinye iindlela, iBhayibhile iyafana naloo thotshi. Njengoko sibonile kumanqaku angaphambili, iLizwi likaThixo linokusinceda simelane neengxaki esidibana nazo mihla le kweli hlabathi lingathembekanga. Kodwa alipheleli apho. Lisinceda sibone nezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo ukuze sihambe ngendlela esisa kulonwabo olungasoze luphele. (INdumiso 119:105) Liyenza njani loo nto?

Makhe sibone ezi ndlela zimbini iBhayibhile esinika ngazo ithemba ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo: 1 Isenza sibone ukuba ubomi bunenjongo, 2 isifundisa nendlela esinokubakha ngayo ubuhlobo noMdali wethu.

1 INJONGO YOBOMI

IBhayibhile asiyoncwadi nje esinceda kwiingxaki esinazo ngoku, kodwa isinika amacebiso anokusinceda sikwazi ukumelana nazo. Kunokuba isikhuthaze ukuba sijongane neengxaki zethu, isenza sibe nombono wezinto ezivuyisayo eziza kwenzeka ebomini bethu kwixesha elizayo. Yiloo nto kuphela enokwenza siphile ubomi obunenjongo.

Ngokomzekelo, khawucinge ngalo mgaqo weBhayibhile uthi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Cinga ngexesha owakha wanceda ngalo umntu owayenento ayidingayo, okanye xa wawumamele umhlobo ekuxelela ngengxaki yakhe. Zange khe uvuyiswe kukwenza umntu owayekhathazekile wonwaba?

Sonwaba kakhulu xa sisipha singajonganga kubuyekezwa. Omnye umbhali wathi: “Akufane kwenzeke ukuba uphe uze ungafumani into engaphezu kwaleyo uphise ngayo, ngaphandle kokuba uphe umntu ongalindelanga nto kuye.” Kodwa xa sisipha, ingakumbi abantu abangenanto banokusibuyisela ngayo, ikho into esiyifumanayo. Siba phakathi kwabantu abaza kuvuya kwixesha elizayo. Ngokuqinisekileyo ngokwenjenjalo, sisebenzisana noMdali wethu othi siboleka yena xa sisenzela abanye ububele. (IMizekeliso 19:17) Ukuxabisa nyhani oko sikwenzela abangenanto, kangangokuba usithembisa ngobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. Alisivuyisi na elo themba?—INdumiso 37:29; Luka 14:12-14. *

Ngaphezu koko, iBhayibhile isifundisa ukuba singayifumana eyona njongo yobomi ngokunqula uThixo oyinyaniso, uYehova. ILizwi lakhe lisikhuthaza ukuba simnike uzuko nembeko size simthobele, kuba oko kumfanele. (INtshumayeli 12:13; ISityhilelo 4:11) Xa sisenjenjalo, senza into esimangalisayo xa siyicinga: Sivuyisa uMdali wethu. Ngoko uyasibongoza esithi: “Yiba nobulumko  . . uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam.” (IMizekeliso 27:11) Khawucinge, xa sisenza izigqibo ngobulumko, sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, siyenza ibe nemihlali intliziyo kaBawo wethu osezulwini. Ngoba? Kuba usikhathalele kwaye ufuna singenelwe ngokulandela ukhokelo lwakhe. (Isaya 48:17, 18) Ngoko, yeyiphi enye into ebalulekileyo ebomini ebesinokuyenza ngaphandle kokunqula umlawuli wendalo yonke, size siphile ngendlela evuyisa intliziyo yakhe?

2 UKUBA NGUMHLOBO WOMDALI WETHU

IBhayibhile isifundisa nendlela esinokukwazi ngayo ukuba ngabahlobo boMdali wethu. ISibhalo sithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ngamany’ amaxesha sisenokuthandabuza ukuba singakwazi ukuba ngabahlobo boMdali wethu ongusomandla. IBhayibhile isiqinisekisa ukuba, ukuba siqhubeka ‘sifuna uThixo, siza kumfumana kuba akakho kude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) Licebiso leBhayibhile lokuba ngumhlobo kaThixo elinokusenza siphile kwixesha elizayo. Njani?

Khawuyicinge le nto: Nokuba singazama kangakanani, akukho nomnye kuthi onokukwazi ukulibaleka utshaba lwethu lokugqibela, ukufa. (1 Korinte 15:26) Kodwa yena uThixo akanasiphelo. Akasoze afe, kwaye ufuna nabahlobo bakhe baphile ngonaphakade. IBhayibhile isebenzisa la mazwi acacileyo namnandi xa ichaza into efunwa nguYehova kubantu abamfunayo: ‘Ngamana ningaphila ngonaphakade.’—INdumiso 22:26.

Singabakha njani ubuhlobo obungasoze buphele noThixo? Ngokuqhubeka sifunda ngaye eLizwini lakhe iBhayibhile. (Yohane 17:3; 2 Timoti 3:16) Mcele akuncede ukuze uziqonde iZibhalo. IBhayibhile isiqinisekisa ukuba xa ‘siqhubeka sicela ubulumko kuThixo,’ uza kusipha. * (Yakobi 1:5) Emva koko, zama ukusebenzisa izinto ozifundileyo, uze uyekele iLizwi likaThixo libe ‘sisibane elunyaweni lwakho nokukhanya endleleni yakho,’ ngoku nakwixesha elizayo.—INdumiso 119:105.

^ isiqe. 8 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesithembiso sikaThixo sobomi obungunaphakade kumhlaba oyiParadesi, funda isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 13 AmaNgqina KaYehova afundisa abantu iBhayibhile ngaphandle kwemali. Oko kunokukunceda uziqonde ngakumbi iZibhalo. Ukuze ubone indlela afundisa ngayo, bukela ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile? Unokuyifumana ngokungena ku-jw.org/xh, ujonge kwindawo ethi, IIMPAPASHO > IIVIDIYO.

UThixo akasoze afe, kwaye ufuna nabahlobo bakhe baphile ngonaphakade