Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abavumisi—Ngaba Basikrobisa Kwixesha Elizayo?

Abavumisi—Ngaba Basikrobisa Kwixesha Elizayo?

ABAVUMISI NGEENKWENKWEZI

Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kusuka kwinkolelo yokuba iinkwenkwezi, inyanga neeplanethi zinefuthe kubomi babantu. Abavumisi ngeenkwenkwezi bathi uhlobo lomntu aza kuba lulo umntwana okanye indlela aza kuphila ngayo kwixesha elizayo ixhomekeke ekubeni uzelwe ziphi ezi zinto. Ukuvumisa ngeenkwenkwezi kwaqala eBhabhiloni, ibe kusathandwa nanamhlanje. Kuhlolisiso olwenziwa eMerika ngo-2012, kubantu ababuzwayo, bangaphezu kwekota abathi ukuvumisa ngeenkwenkwezi “kusondele kwisayensi,” ngoxa abayi-10 pesenti bathi “yisayensi uqobo.” Babenyanisile? Hayi. Nazi izizathu.

  • Iiplanethi neenkwenkwezi azinamandla ngendlela abatsho ngayo abavumisi ngeenkwenkwezi kubomi babantu.

  • Izinto abathi ziza kwenzeka isoloko izizinto ezinokwenzeka nakubani na.

  • Izinto abazithethayo zisekelwe kwinkolelo yakudala yokuba iiplanethi zijikeleza umhlaba. Kodwa inyaniso kukuba, zonke iiplanethi zijikeleza ilanga.

  • Abavumisi ngeenkwenkwezi abahlukeneyo bayakwazi ukuthetha izinto ezingafaniyo ngomntu omnye.

  • Basebenzisa amaqela ayi-12 eenkwenkwezi amela iinyanga zonyaka. Baye bahlulahlule abantu ngokweenyanga abazelwe ngazo, baze babize inkwenkwezi nganye ngokweentsuku ezithile. Ngoku kuba umhlaba uye watshintsha indlela omi ngayo, abantu abasaboni esaa sibhakabhaka sasibonakala kudala, ngoko la maqela eenkwenkwezi awasabonakali kwezaa ndawo ayebonakala kuzo kudala.

Kuthiwa ezi nkwenkwezi zichaza ukuba umntu uza kuba njani. Kodwa xa sithetha inyani, abantu abafani kuba nje bezelwe ngomhla omnye, umhla umntu azelwe ngayo awunanto yakwenza nobuntu bakhe. Endaweni yokuba abavumisi ngeenkwenkwezi bajonge uhlobo umntu alulo nyhani, baye baqikelele ukuba uza kuba ngumntu onjani. Ayingomkhethe ke lowo?

UKUXELA INTO EZA KWENZEKA

Kwakudala abantu babebuzisa kubantu abaxela izinto eziza kwenzeka. Abanye abantu abaphilisayo babejonga kwinyama yangaphakathi yezilwanyana neyabantu okanye kwindlela umqhagi owucholachola ngayo umbona. Abanye babejonga kumagqabi eti okanye kwintlenge yekofu. Namhlanje ikamva lomntu balifunda kumakhadi omlingo, kwiibhola zekristale, kumadayisi nakwezinye izinto. Ngaba simele sibathembe aba bantu? Hayi. Makhe sive ukuba kutheni singenakubathemba.

Abathethi nto inye. Nokuba bavumisa ngento efanayo, baye bathethe izinto ezingafaniyo. Ngokomzekelo, ukuba ubuza ababini kubo ngento eza kwenzeka kuwe, baze basebenzise ikhadi elinye, bamele bakuxelele into efanayo. Kodwa basoloko bethetha izinto ezahlukeneyo.

Ngoku abantu bayabathandabuza aba bavumisi. Abagxeki bathi amakhadi abawasebenzisayo zizinto njee kwaye endaweni yokujonga amakhadi, bamamela umntu, baze bamjonge ebusweni ngoxa ethetha, emva koko bamxelele into eza kwenzeka kuye. Ngokomzekelo, umvumisi olichule ubuza imibuzo aze abambe izinto ezithile eziza kumxelela ngaloo mntu, nkqu nakwizinto angazithethanga. Emva koko iba ngathi lo mvumisi uwazi kakuhle umsebenzi wakhe ngoxa eyive kwangalo mntu loo nto ayithethayo. Yiloo nto ebangela ukuba abanye abavumisi bafumane imali eninzi ebantwini.

ITHINI YONA IBHAYIBHILE?

Ukuvumisa ngeenkwenkwezi nokuxela izinto eziza kwenzeka kubonisa ukuba ikamva lethu seligqityiwe. Ngaba kunjalo? IBhayibhile ithi siyazikhethela into esifuna ukuyikholelwa nokuyenza, nokuba into esiyikhethayo iba nefuthe kwikamva lethu.​—Yoshuwa 24:15.

Esinye isizathu sokuba abakhonzi bakaThixo bangabakholelwa abavumisi ngeenkwenkwezi nabantu abaxela izinto eziza kwenzeka kukuba, uThixo akafuni naluphi na uhlobo lokuvumisa. IBhayibhile ithi: ‘Maze kungafunyanwa namnye kuwe ovumisayo, noqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo. Kuba uYehova a uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.’—Duteronomi 18:10-12.

a Eli ligama ‘lOyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.’​—INdumiso 83:18.