Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Uza Kuphelisa Izinto Ezimbi

UThixo Uza Kuphelisa Izinto Ezimbi

“Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva? Kuya kude kube nini na ndicela ukuba undincede kugonyamelo, ungandisindisi?” (Habhakuki 1:2, 3) La ngamazwi kaHabhakuki, indoda eyayithandwa nguThixo. Ngaba ayebonisa ukuba akanalukholo? Tu ke khona! UThixo wamqinisekisa ukuba wayenexesha alibekileyo aza kuphelisa ngalo izinto ezimbi.​—Habhakuki 2:2, 3.

Xa izinto ezimbi zisehlela wena okanye umntu omthandayo, kulula ukuvele uthi uThixo uyacotha, bekufanele ukuba sele enze into ngoku. Kodwa iBhayibhile ithi: “UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.”​—2 Petros 3:9.

UZA KUNGENELELA NINI UTHIXO?

Kungekudala! UYesu wathi kwakuza kubakho isizukulwana esithile esasiya kubona izinto ezichaza ukuba ifikile imihla yokugqibela yale ‘nkqubo yezinto.’ (Mateyu 24:3-42) Ukwenzeka kwezinto ezazithethwe nguYesu kule mihla yethu kubonisa ukuba uThixo sele eza kungenelela. *

UThixo uza kuziphelisa njani zonke izinto ezimbi? Xa uYesu wayelapha emhlabeni wabonisa amandla uThixo anawo okuphelisa izinto ezimbi. Nantsi eminye imizekelo.

Iintlekele Zemvelo: Xa uYesu nabapostile babehamba ngesikhephe kuLwandle LwaseGalili, kwabakho isaqhwithi somoya omkhulu yangathi siza kuzika isikhephe ababehamba ngaso. Kodwa uYesu wabonisa ukuba yena noYise bayakwazi ukulawula amandla endalo. (Kolose 1:15, 16) Wavele wathi: “Yithi tu! Uzole!” Kwenzeka ntoni ke? “Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.”​—Marko 4:35-39.

Ukugula: UYesu wayesaziwa ngokuphilisa abantu abangaboniyo, abaqhwalelayo, ababexhuzula, ababeneqhenqa nazo naziphi na ezinye izigulo. “Wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi.”​—Mateyu 4:23, 24; 8:16; 11:2-5.

Indlala: Esebenzisa amandla awanikwe nguThixo, uYesu wenza kwakho ukutya okuninzi kakhulu. IBhayibhile ithi wondla amawaka abantu kwade kwakabini.​—Mateyu 14:14-21; 15:32-38.

Ukufa: Into yokuba uYehova unamandla okuphelisa ukufa siyibona kwiziganeko ezintathu apho uYesu wavusa khona abantu abaswelekileyo. Wavusa nomntu owayesele eneentsuku ezine eswelekile.​—Marko 5:35-42; Luka 7:11-16; Yohane 11:3-44.

^ isiqe. 5 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngemihla yokugqibela, funda isahluko 9 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina KaYehova ibe ungayidawunlowuda simahla ku-www.pr418.com/xh.