Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

“Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.”—ROMA 15:5.

IINGOMA: 84, 5

1, 2. (a) Bathini abazalwana abaninzi ngokusondela kuThixo? (b) Yeyiphi imibuzo emithathu esiza kuyiphendula?

OMNYE udade waseKhanada uthi, “Kuba ndisondele kuThixo ndiye ndonwaba, ibe nditsho ndakwazi ukunyamezela iimvavanyo.” Umzalwana waseBrazil uthi, “Besonwabe kakhulu kule minyaka iyi-23 sitshatile, kuba besisoloko sicinga ngento efunwa nguThixo.” Umzalwana wakwiiPhilippines yena uthi: “Ukusondela kuThixo kuye kwandenza ndaphola engqondweni, ibe kundincedile ndatsho ndakwazi nokuhlala kakuhle nabazalwana.”

2 La mazwi athethwa ngaba bazalwana nodade abonisa ukuba kuyanceda ukukhokelwa ngumoya kaThixo. Ngenxa yoko, mhlawumbi uyazibuza ukuba, ‘Ndingenza njani ukuze nam ndikhule ndize ndifane naba bazalwana nodade bachazwe ngasentla?’ Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo makhe siqale siqonde ukuba iBhayibhile ithini ngabantu abakhokelwa ngumoya kaThixo, okanye abacinga njengaye. Kweli nqaku siza kuphendula imibuzo emithathu ebalulekileyo. (1) Unjani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo? (2) Ngoobani esimele sifunde kubo ukuze siye sisondela kuThixo? (3) Ukuzama ukuba ‘nengqondo kaKristu’ kungasinceda njani sikhokelwe ngumoya kaThixo?

UNJANI UMNTU OKHOKELWA NGUMOYA KATHIXO?

3. IBhayibhile ithi wahluka njani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo kumntu olawulwa yinyama?

3 Umpostile uPawulos usinceda siqonde ukuba unjani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo ngokusibonisa umahluko phakathi ‘komntu wokomoya’ ‘nomntu wokwenyama.’ (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 2:14-16.) Bahluke njani? Kuthiwa “umntu wokwenyama” okanye umntu olawulwa yinyama, akazamkeli “izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akanakuzazi.” Kwelinye icala “umntu wokomoya,” okanye umntu okhokelwa ngumoya kaThixo, yena “uncina zonke izinto” ibe ‘unengqondo kaKristu.’ UPawulos usikhuthaza ukuba sikhokelwe ngumoya kaThixo. Zeziphi ezinye iindlela ahluka ngazo umntu okhokelwa ngumoya kaThixo kolawulwa yinyama?

4, 5. Simbona ngantoni umntu olawulwa yinyama okanye yiminqweno yakhe?

4 Makhe siqale ngendlela azijonga ngayo izinto umntu olawulwa yinyama. Abantu abaninzi eyona nto iphambili kubo kukwenza into efunwa ngabo. UPawulos uthi ‘ngumoya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ (Efe. 2:2) Lo moya wenza abantu abaninzi bacinge ngendlela efanayo ethi, landela isininzi. Balawulwa yinyama. Ngenxa yoko, abantu abaninzi benza into abayibona ilungile kubo, ibe abazihluphi ngokuphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo. Umntu olawulwa yinyama usoloko efuna ukutatazelelwa nokuba nezinto ibe usoloko ezithethelela ngelithi loo nto ayenzayo iselungelweni lakhe.

5 Yintoni enye esimbona ngayo umntu olawulwa yiminqweno yakhe? Simbona ngokwenza “imisebenzi yenyama.” (Gal. 5:19-21) UPawulos uchaza ezinye izinto esibabona ngazo abantu abalawulwa yiminqweno yabo kwincwadi yakhe yokuqala eya kwibandla laseKorinte. Babangela abantu bangevani, bathatha icala xa kuxatyanwa, bakhuthaza abanye abantu ukuba bavukele, bayamangalelana ezinkundleni, ababahloniphi abantu abakhokelayo ibe batya yaye basela kakhulu. Xa elingwa umntu olawulwa yiminqweno yakhe kuba lula ukuba anikezele. (IMize. 7:21, 22) UYude wathetha ngabantu ababeza kuqatsela kangangokuba ‘bangabinawo umoya’ kaThixo.—Yude 18, 19.

6. Unjani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo?

6 Unjani yena umntu okhokelwa ngumoya kaThixo? Akafani tu nomntu olawulwa yiminqweno yakhe, kuba yena ukhathalele ubuhlobo bakhe noThixo. Umntu okhokelwa ngumoya kaThixo uzama ‘ukuxelisa uThixo.’ (Efe. 5:1) Le nto ithetha ukuba ufunda indlela uYehova acinga ngayo aze azibone izinto njengaye. Bakholelwa nyhani kuThixo. Abafani nomntu olawulwa yiminqweno yakhe, bazama ngamandla ukwenza izinto ngendlela kaYehova. (INdu. 119:33; 143:10) Kunokuba bacinge ngeminqweno yabo, bazama ukuba ‘nesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Ukuze simcacise ngakumbi umntu okhokelwa ngumoya kaThixo makhe sizekelise: Umntu olichule kwezoshishino kudla ngokuthiwa uyakuthanda ukushishina. Unjalo ke nomntu okhokelwa ngumoya kaThixo uzixabisa kakhulu izinto eziqinisa ukholo okanye izinto ezinokwenza nonqulo, uthanda izinto zikaThixo.

7. Ithini iBhayibhile ngabantu abacinga ngendlela uYehova acinga ngayo?

7 IBhayibhile ithetha kakuhle ngabantu abacinga ngendlela uYehova acinga ngayo. UMateyu 5:3 uthi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.” EyabaseRoma 8:6 isibonisa indlela ekunceda ngayo ukucinga ngendlela uYehova acinga ngayo, kuba ithi: “Ukunyamekela inyama [okanye izinto ezifunwa yimizimba enesono] kuthetha ukufa, kodwa ukunyamekela umoya [okanye izinto ezifunwa ngumoya oyingcwele] kuthetha ubomi noxolo.” Xa sisoloko sicinga ngezinto eziqinisa ukholo siyonwaba, sithandwe nguThixo size sibe nethemba lokuphila ubomi obungenasiphelo.

8. Kutheni kufuneka silwe nzima ukuze sisondele kuThixo kwaye siqiniseke ukuba asiphinde sibhekele kuye?

8 Kodwa ke, siphila phakathi kwabantu abayingozi. Kuba belawulwa yiminqweno yabo, kufuneka silwe nzima ukuze sisondele kuThixo kwaye siqiniseke ukuba asiphinde sibhekele kuye. Xa umntu eyeka ukukhokelwa ngumoya kaThixo, uvulela umoya ongcolileyo wehlabathi ungene kuye uze umlawule. Yintoni enokusinceda ukuze ingenzeki loo nto? Singenza njani ukuze siye sisondela kuThixo?

ABANTU ESINGAFUNDA KUBO

9. (a) Yintoni engasinceda sisondele ngakumbi kuYehova? (b) Ngoobani esiza kufunda ngabo?

9 Umntwana ukhula ngokubukela abazali bakhe, aze enze into ayibona kubo. Nathi singasondela ngakumbi kuYehova ngokujonga abantu abasondele kuye size senze ngendlela abenza ngayo. Kwelinye icala, kubantu abalawulwa yiminqweno yesono simele sifunde izinto esimele silumkele ukuzenza. (1 Kor. 3:1-4) IBhayibhile isichazela ngazo zombini ezi ntlobo. Kodwa ke, kuba sifuna ukusondela ngakumbi kuYehova, makhe sijonge abantu esingafunda kubo izinto ezintle. Siza kufunda ngoYakobi, uMariya noYesu.

Sifunda ntoni kuYakobi? (Jonga isiqendu 10)

10. Ziintoni ezibonisa ukuba uYakobi wayekhokelwa ngumoya kaThixo?

10 Okokuqala, makhe sijonge ukuba sifunda ntoni kuYakobi. Njengokuba kunjalo nakuthi namhlanje, ubomi babungekho lula kuYakobi. Kwakufuneka anyamezele umkhuluwa wakhe, uEsawu, owayelawulwa yiminqweno yesono owayefuna ukumbulala. Kwelinye icala, umkhwe wakhe owayenamaqhinga, wazama kaninzi ukumqhatha. Nakuba wayehlala nala madoda akhokelwa yiminqweno yawo, yena wayekhokelwa ngumoya kaThixo. Wasikholelwa isithembiso esasenziwe kuAbraham ibe waqiniseka ukuba uyayihoya intsapho yakhe eyayiza kuba nendima ebalulekileyo kwinjongo kaYehova. (Gen. 28:10-15) Izinto awayezithetha nawayezenza zibonisa ukuba wayesoloko ecinga ngemithetho kaThixo nangokuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, xa wayesoyika uEsawu, wathandaza kuThixo wathi: “Khawuncede undihlangule . . . Wawuthe wena, ‘Ngokungathandabuzekiyo ndiya kuqhubana kakuhle nawe ndize ndiyenze imbewu yakho ibe njengentlabathi yolwandle.’” (Gen. 32:6-12) Kucacile ke ukuba, wayezikholelwa izithembiso uYehova awazenza kuye nakookhokho bakhe, ibe wayefuna ukwenza ukuthanda kwakhe nenjongo yakhe.

Sifunda ntoni kuMariya? (Jonga isiqendu 11)

11. Yintoni ebonisa ukuba uMariya wayesondele kuYehova?

11 Makhe sithethe ngomnye umntu esinokufunda kuye, uMariya. Kutheni uYehova wakhetha uMariya ukuba abe ngumama kaYesu? Kucacile ukuba wayesondele kuYehova. Siyazi njani loo nto? Simbona ngendlela awamdumisa ngayo uYehova xa wayeye kubona izizalwana zakhe uZekariya noElizabhete. (Funda uLuka 1:46-55.) Amazwi akhe asibonisa ukuba wayelithanda iLizwi LikaThixo ibe eqhelene neZibhalo ZesiHebhere. (Gen. 30:13; 1 Sam. 2:1-10; Mal. 3:12) Phawula nokuba, yena noYosefu abazange babelane ngesondo de kwazalwa uYesu. Yintoni esiyifundayo kuloo nto? Sifunda ukuba eyona nto yayibalulekile kubo bobabini yayikukuthanda kukaYehova, hayi iminqweno yabo. (Mat. 1:25) Ekuhambeni kwexesha, uMariya waziqwalasela kakuhle izinto ezazisenzeka ebomini bukaYesu waza wawamamela namazwi obulumko awayewathetha. Ukongezelela koko, “wawagcina ngenyameko onke la mazwi entliziyweni yakhe.” (Luka 2:51) Kucacile ukuba wayenomdla nyhani kwinjongo kaThixo engoMesiya. Ngaba indlela uMariya awenza ngayo ayisenzi nathi sijonge ukwenza ukuthanda kukaThixo njengeyona nto ibalulekileyo ebomini?

12. (a) UYesu wayemfuze njani uYise? (b) Thina sinokumxelisa njani uYesu? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

12 Kodwa kubo bonke abantu abakhe baphila, oyena mntu sifanele sifunde kuye ukukhokelwa ngumoya kaThixo, nguYesu. Kuzo zonke izinto awayezenza apha emhlabeni, wabonisa ukuba wayefuna ukwenza izinto njengoYise, uYehova. Indlela awayecinga ngayo, awayeziva ngayo, nawayesenza ngayo izinto yayifana nekaYehova, ibe wayesenza ukuthanda kukaThixo kwaye ethobela imithetho yakhe. (Yoh. 8:29; 14:9; 15:10) Ngokomzekelo, jonga into ethethwa ngumprofeti uIsaya echaza indlela uYehova awayenosizi ngayo, uze uyithelekise nethethwa nguMarko echaza indlela uYesu awayeziva ngayo. (Funda uIsaya 63:9; noMarko 6:34.) Ngaba nathi siba nosizi njengoYesu xa sidibana nabantu abadinga uncedo? Ukongeza kuloo nto, eyona nto uYesu wayeyenza kukushumayela nokufundisa abantu iindaba ezilungileyo. (Luka 4:43) Indlela awayeziva ngayo, nezinto awayezenza zibonisa ukuba wayengumntu okhokelwa ngumoya kaThixo.

13, 14. (a) Sinokufunda ntoni kubazalwana noodadewethu bale mihla abajonga izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo? (b) Zekelisa.

13 Ukongezelela kubantu abaseBhayibhileni, bakhona nabantu bale mihla abakhokelwa ngumoya kaThixo esinokufunda kubo abaye baphucula baza baba nobuntu obufana nobukaKristu. Mhlawumbi uyayibona indlela abazimisele ngayo entsimini, indlela abanobubele novelwano ngayo, nezinye iimpawu ezintle. Njengathi, nabo bakhe banezinto abangazenzi kakuhle, benza neempazamo, xa bebezama ukuba neempawu ezithandwa nguThixo. URachel, udade waseBrazil uthi: “Mna ndandizithandela nje ifashoni yeli hlabathi. Ngenxa yoko, ndandinganxibi ngendlela enesidima. Kodwa ndathi ndakufunda inyaniso ndafuna ukwenza izinto ngendlela kaYehova. Kwakungelulanga ukutshintsha, kodwa ndonwabile ngoku ibe ndinento endiyiphilelayo.”

14 UReylene wakwiiPhilippines, wayenengxaki eyahlukileyo. Wayefuna ukuba nemfundo enomsila nomsebenzi obhatalayo ukuze aphile kamnandi. Uthi: “Ndaya ndibhekela kuYehova. Kodwa ndabona ukuba ikhona into eshotayo apha kum, into ebaluleke ngaphezu komsebenzi wam. Ngoko, ndaphinda ndafuna ukusondela kuYehova.” Ukususela ngoko, uye wangomnye wabantu esinokufunda kubo ukukholelwa isithembiso sikaYehova esikuMateyu 6:33, 34. Uthi: “Andiyithandabuzi nakancinci into yokuba uYehova uza kundinika izinto endizidingayo!” Mhlawumbi bakhona nabanye obaziyo ebandleni lakho abacinga ngolu hlobo. Ngaba wena awufuni kufana nabo, ulandele uKristu?—1 Kor. 11:1; 2 Tes. 3:7.

YIBA ‘NENGQONDO KAKRISTU’

15, 16. (a) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sibe njengoKristu? (b) Sinokuyazi njani “ingqondo kaKristu”?

15 Thina singamxelisa njani uKristu? Eyoku-1 kwabaseKorinte 2:16 ithi masibe ‘nengqondo kaKristu.’ NamaRoma 15:5 athi masibe “nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.” Ukuze sibe njengoKristu, kufuneka siyazi indlela awayecinga ngayo nazo zonke iimpawu zobuntu bakhe. Emva koko simele senze kanye le nto ebeyenza. Eyona nto acinga kakhulu ngayo uYesu bubuhlobo bakhe noYehova. Ngoko xa sifana noYesu, sifana noYehova. Ngenxa yezi zizathu sithethe ngazo, siyayibona indlela ekubaluleke ngayo ukufunda ukucinga njengoYesu.

16 Singayenza njani loo nto? Abafundi bakhe bambona xa esenza imimangaliso, bamva enikela iintetho, bayibona indlela awayeziphatha ngayo zonke iintlobo zabantu, baza bayibona nendlela awayeyisebenzisa ngayo imigaqo kaThixo. Bathi: “Singamangqina azo zonke izinto awazenzayo.” (IZe. 10:39) Thina asikwazi kumbona ngamehlo ethu. Kodwa uYehova uyasithanda kuba usibhalele iincwadi zeVangeli ezisenza sibe ngathi siyabubona ubuntu bukaYesu. Xa sifunda incwadi kaMateyu, ekaMarko, ekaLuka nekaYohane size sicinge ngezinto esizifunde kuzo, siza kutsho siyazi indlela uKristu acinga ngayo. Ngoko nathi singakwazi ‘ukulandela emanyathelweni akhe ngokusondeleyo’ size nathi ‘sizimisele’ njengoKristu.—1 Pet. 2:21; 4:1.

17. Kusinceda ngantoni ukucinga njengoKristu?

17 Kusinceda njani ukufunda ukucinga njengoKristu? Njengokuba ukutya okunesondlo kusakha umzimba, ukondla iingqondo zethu ngokufunda ngendlela uYesu acinga ngayo, kunokusinceda sisondele kuThixo. Siza kuya siyiqonda indlela uYesu abeya kuzenza ngayo izinto kwimeko nganye. Le nto iphinda incede kwathina sikwazi ukwenza izigqibo ezisenza singaziva sinetyala kuThixo size samkeleke kuye. Ngaba ezi zinto azisenzi sifune ukuba ‘neempawu zeNkosi uYesu Kristu’?—Roma 13:14.

18. Ufunde ntoni kwizinto esithethe ngazo ngomntu okhokelwa ngumoya kaThixo?

18 Kweli nqaku, sifunde ngokuba unjani umntu okhokelwa ngumoya kaThixo. Sibone nokuba bakhona abantu abakhokelwa ngumoya kaThixo esinokufunda kubo. Safunda nokuba, ukuba ‘nengqondo kaKristu’ kusinceda njani sisondele kuThixo. Zikhona nezinye izinto esifanele sicinge ngazo ukuba sifuna ukusondela kuThixo. Ngokomzekelo, singazazi njani ukuba sisondele kangakanani kuThixo? Yeyiphi enye into esingayenza ukuze sisondele ngakumbi kuye? Ibe ukusondela kuThixo kusinceda njani kwindlela esenza ngayo izinto suku ngalunye? Inqaku elilandelayo liza kuphendula le mibuzo.