Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba uYakobi waba ngukhokho kaMesiya ngenxa yokuthenga amalungelo obuzibulo kuEsawu?

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngexesha lamaSirayeli, ukuze umntu abe kumnombo kaMesiya ngaba kwakufuneka abe unelungelo lobuzibulo?

Sikhe satsho ngaphambili. Loo nto ibivakala ngathi iyadibana nento ebhalwe kumaHebhere 12:16. Le vesi isixelela ukuba uEsawu ‘wayengazixabisanga izinto ezingcwele,’ waza “ngenxa yesidlo esinye wanikela [kuYakobi] ngamalungelo akhe obuzibulo.” Kwakungathi ithi xa uYakobi wafumana ‘amalungelo obuzibulo’ watsho wafumana ithuba lokuba ngukhokho kaMesiya.—Mat. 1:2, 16; Luka 3:23, 34.

Kodwa xa sijonga ezinye iZibhalo kubonakala ukuba ukuze umntu abe ngukhokho kaMesiya kwakunganyanzelekanga ukuba abe lizibulo. Makhe sijonge ubungqina baloo nto:

Izibulo likaYakobi (uSirayeli), yayinguRubhen, unyana kaLeya. Ekuhambeni kwexesha unyana wokuqala awamfumana kuRakeli, nguYosefu. Xa uRubhen waziphatha kakubi, ilungelo lobuzibulo lanikwa uYosefu. (Gen. 29:31-35; 30:22-25; 35:22-26; 49:22-26; 1 Kron. 5:1, 2) Sekunjalo, uMesiya akazange aphume kuRubhen okanye kuYosefu. Waphuma kuYuda, unyana wesine kaYakobi ngoLeya.—Gen. 49:10.

ULuka 3:32 udwelisa amanye amadoda amahlanu awayekumnombo kaMesiya. Kubonakala ngathi omahlanu ayengamazibulo. UBhohazi wayengutata kaObhedi, yena uObhedi engutata kaYese.—Rute 4:17, 20-22; 1 Kron. 2:10-12.

Kodwa ke, unyana kaYese, uDavide, wayengelilo izibulo. Wayengunyana wokugqibela kwabasibhozo. Sekunjalo uDavide waba ngukhokho kaMesiya. (1 Sam. 16:10, 11; 17:12; Mat. 1:5, 6) NoSolomon waba nguye nangona wayengelilo izibulo likaDavide.—2 Sam. 3:2-5.

Le nto ayithethi kuthi ukuba lizibulo kwakungabalulekanga. Izibulo lalisiba kwisikhundla esiphezulu, ibe yayidla ngokuba lilo intloko-ntsapho elandelayo. Lalisahlulelwa izixa ezibini kwilifa.—Gen. 43:33; Dut. 21:17; Yosh. 17:1.

Kodwa ke ilungelo lobuzibulo lalinokunikwa omnye umntu. UAbraham wamgxotha uIshmayeli waza ilungelo lobuzibulo walinika uIsake. (Gen. 21:14-21; 22:2) Kwakhona njengoko sele sibonile, nelungelo lobuzibulo likaRubhen lanikwa uYosefu.

Makhe sibuyele kumaHebhere 12:16, athi: “Kungabikho mhenyuzi naye nabani na ongazixabisiyo izinto ezingcwele, njengoEsawu, owathi ngenxa yesidlo esinye wanikela ngamalungelo akhe obuzibulo.” Ithetha ukuthini le vesi?

Apha, umpostile uPawulos wayengathethi ngomnombo kaMesiya. Wayesandul’ ukucela amaKristu ukuba azenzele “umendo othe tye iinyawo” zawo. Loo nto yayiza kubenza bangaphoswa ‘bububele obungasifanelanga bukaThixo,’ nto leyo eyayinokwenzeka ukuba babeziphatha kakubi. (Heb. 12:12-16) Ukuba babesenza loo nto, babeza kufana noEsawu. Zange ‘azixabise izinto ezingcwele,’ waza wakhetha ukwenza into emdaka.

UEsawu wayephila ngaphambi kokuba kubekho uhlanga lwakwaSirayeli, ibe naye kusenokwenzeka ukuba wayekhe afumane inyhweba yokubingelela. (Gen. 8:20, 21; 12:7, 8; Yobhi 1:4, 5) Kodwa kuba wayengenalukholo, uEsawu wancama yonke loo nyhweba ngenxa nje yesityu. Kusenokwenzeka ukuba wayengafuni ukuva intlungu ekwakuprofetwe ngayo ukuba iza kufunyanwa yinzala ka-Abraham. (Gen. 15:13) UEsawu wayebonakala ethanda izinto ezimdaka, wabonisa ukuba akazixabisi izinto ezingcwele ngokutshata abafazi abangabahedeni ababini, ibe yabavisa kabuhlungu abazali bakhe loo nto. (Gen. 26:34, 35) Wayengafani tu noYakobi, kuba yena watshata umntu owayenqula uThixo oyinyaniso!—Gen. 28:6, 7; 29:10-12, 18.

Ke ngoku, sigqiba ngelithini kumba womnombo kaYesu owaba nguMesiya? Kwakukho amazibulo kumnombo wakhe kodwa yayingengawo odwa. AmaYuda ayeyazi loo nto ibe eyivuma, kuba ayesithi uKristu wayeza kuvela kwinzala kaDavide, unyana wokugqibela kaYese.—Mat. 22:42.