Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kutheni kungavumelekanga ukufaka iincwadi zamaNgqina KaYehova kwiwebhsayithi ozenzele yona okanye kumajelo akho okuncokola?

Ngenxa yokuba singazithengisi iincwadi zethu ezithetha ngeBhayibhile, abanye abantu bacinga ukuba ukuzifaka kwezinye iiwebhsayithi okanye kwamanye amajelo okuncokola akuyongxaki. Kodwa xa umntu esenza loo nto wophula Imiqathango * yeewebhsayithi zethu, ibe loo nto ibangele iingxaki ezinkulu. Njengoko kuboniswe ngokucacileyo kuloo miqathango, akukho mntu uvumelekileyo ukuba “afake imifanekiso, iincwadi, umculo, iifoto, iividiyo, amanqaku, uphawu okanye oonobumba intlangano eyaziwa ngabo ngokusemthethweni abakwiwebhsayithi yethu kwenye iwebhsayithi kwi-Intanethi (nayiphi iwebhsayithi, iisayithi zokuhambisa iifayile, iisayithi zokuhambisa iividiyo okanye amajelo okuncokola).” Kutheni kubekwe loo miqathango?

Akukho mntu uvumelekileyo ukuba afake iincwadi zethu kwezinye iiwebhsayithi

Intlangano inelungelo elisemthethweni ngazo zonke izinto ezikwiiwebhsayithi zethu. Abawexuki nabanye abasichasayo basebenzisa iincwadi zethu abazifake kwiiwebhsayithi zabo ukuze batsale amaNgqina KaYehova nabanye abantu. Ezi webhsayithi bazenzele ukuze benze abantu abafunda kuzo baqalise ukuthandabuza. (INdu. 26:4; IMize. 22:5) Abanye abantu baye bathatha izinto ezikwiincwadi zethu okanye uphawu luka-jw.org balusebenzisa kwiintengiso, kwizinto abazithengisayo nakwiiapp zefowuni okanye kwiithableti. Ngenxa yokuba sinelungelo lokuba zingakotshwa, siyakwazi ukusebenzisa umthetho ukuze sinqande ukuba zingasetyenziswa kakubi. (IMize. 27:12) Kodwa ukuba sivumela abantu, nkqu nabazalwana, ukuba bazifake ezi zinto kwezinye iiwebhsayithi okanye basebenzise uphawu luka-jw.org ukuthengisa, iinkundla zisenokungasixhasi xa sizama ukunqanda abantu abasichasayo neenkampani ezithengisayo ukuba zingazisebenzisi.

Ukudawunlowuda iincwadi zethu kwiwebhsayithi engenguye u-jw.org kunokusibeka engozini. Likhoboka “elithembekileyo neliyingqondi” kuphela uYehova alimisele ukuba lisenzele izinto eziqinisa ukholo lwethu. (Mat. 24:45) Ukuze lenze loo nto, eli ‘khoboka’ lisebenzisa iiwebhsayithi zalo kuphela ezingu-www.pr418.com/xh, u-tv.pr418.com/xh, no-wol.pr418.com/xh. Ibe zintathu kuphela iiapp ezilisebenzisayo, iJW Language®, iJW Library®, noJW Library Sign Language®. Sithemba ezi webhsayithi nezi app kuphela kuba siqinisekile ukuba akukho mntu ufaka iintengiso okanye izinto zeli hlabathi likaSathana kuzo. Ukuba izinto eziqinisa ukholo lwethu sizifumana ngezinye iindlela, asinakuqiniseka ukuba akwenziwanga maqhinga zatshintshwa okanye zangcoliswa ngabantu.—INdu. 18:26; 19:8.

Ukongezelela, ukufaka iincwadi zethu kwiiwebhsayithi ekuncokolwa kuzo, kuvulela ithuba abawexuki nabanye abagxeki lokuba benze abantu bangayithembi intlangano kaYehova. Abanye abazalwana baye baphendulana nabantu kwezo webhsayithi nto leyo eyenze igama likaYehova langcoliswa ngakumbi. I-intanethi asiyondawo ifanelekileyo ‘yokubayalela ngobulali abo bangenalutyekelo luhle.’ (2 Tim. 2:23-25; 1 Tim. 6:3-5) Kukho nabantu abanamaqhinga abaye bavula iiwebhsayithi zokuncokola okanye ezinye, besenza ngathi zezentlangano, zezeQumrhu Elilawulayo okanye zezelungu lalo. Kodwa ke, akukho lungu leQumrhu Elilawulayo elinewebhsayithi okanye elikumajelo okuncokola.

Ukuxelela abantu ngo-jw.org kunceda kushunyayelwe ‘iindaba ezilungileyo.’ (Mat. 24:14) Izixhobo zethu ze-elekroniki zokushumayela ziya ziphuculwa. Sifuna zincede wonke umntu. Ngoko, njengoko ibonisa Imiqathango, ungamthumelela ngeimeyile umntu ikopi ye-elekroniki yencwadi okanye ilinki yento anokuyifumana ku-jw.org/xh. Xa sixelela abantu ngeewebhsayithi zethu, sibadibanisa nekhoboka “elithembekileyo neliyingqondi,” ekulilo lodwa elisetyenziswa ukuze sifumane izinto eziqinisa ukholo lwethu.

^ isiqe. 1 Le miqathango ifumaneka kwindawo ethi ‘Imiqathango’ ezantsi kwiphepha lokuqala ku-jw.org/xh, ibe isebenza kuyo yonke into ekwiiwebhsayithi zethu.