Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Masikhuthazane ‘Nangakumbi’

Masikhuthazane ‘Nangakumbi’

‘Masinyamekelane, sikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.’​—HEB. 10:24, 25.

IINGOMA: 121, 119

1. Kutheni umpostile uPawulos wathi amaKristu angamaHebhere mawakhuthazane ‘ngakumbi’?

KUTHENI kufuneka sibe ngathi siyaqinisa ekukhuthazeni abantu? Umpostile uPawulos usichazela isizathu kwincwadi yakhe eya kumaKristu angamaHebhere. Wathi kuwo: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Heb. 10:24, 25) Kungaphelanga neminyaka emihlanu, amaKristu angamaYuda ahlala eYerusalem ayeza kubona ukuba ‘imini kaYehova’ isondele nokuba kufuneka abaleke aze aphume kweso sixeko ukuze asinde njengoko uYesu watshoyo. (IZe. 2:19, 20; Luka 21:20-22) Loo mini kaYehova yafika ngo-70 C.E., xa amaRoma atshabalalisa iYerusalem.

2. Kutheni ngoku kufuneka sizixhalabise ngakumbi ngokukhuthazana?

2 Nathi siyikholelwa nyhani into yokuba ‘imini kaYehova enkulu neyoyikeka kakhulu’ seyiza kufika. (Yow. 2:11) Umprofeti uZefaniya wathi: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” (Zef. 1:14) Eso silumkiso sisasebenza nangoku. UPawulos wathi “masinyamekelane [okanye sixhalabelane], sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle,” kuba imini kaYehova isondele. (Heb. 10:24) Ngoko kufuneka sibahoye ngakumbi abazalwana bethu ukuze sibakhuthaze nanini na bedinga ukukhuthazwa.

NGOOBANI ABAFUNA UKUKHUTHAZWA?

3. Wathini uPawulos ngokukhuthazana? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.” (IMize. 12:25) Injalo nyhani loo nto. Sonke siyafuna ukukhuthazwa ngamanye amaxesha. UPawulos wabonisa ukuba nabo bamele bakhuthaze abanye nabo bayafuna ukukhuthazwa. Wabhalela amaKristu aseRoma wathi: “Kuba ndilangazelela ukunibona, ndize ndininike isiphiwo esithile sokomoya ukuze niqiniswe; okanye, ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam.” (Roma 1:11, 12) UPawulos wayebakhuthaza abanye kodwa naye wayekhe afune ukukhuthazwa.—Funda eyabaseRoma 15:30-32.

4, 5. Ngoobani esinokubakhuthaza, ibe ngoba?

4 Sifanele sibancome abo bakhonza uYehova ixesha elizeleyo. Abanye babo ngoovulindlela. Abaninzi bancame izinto ezininzi ukuze babe ngoovulindlela. Kunjalo ke nangabathunywa bevangeli, abakhonza eBheteli, abaveleli beziphaluka namakhosikazi abo, nabo basebenza kwiiofisi zokuguqulela. Bonke aba bancame izinto ezininzi ukuze babe nexesha elingakumbi lokukhonza uYehova. Ngoko simele sibakhuthaze. Kanti nabo basayithandayo inkonzo kodwa abangasakwaziyo ngenxa yezizathu ezithile bayafuna ukukhuthazwa.

5 Abazalwana noodade abakhetha ukungatshati kuba befuna ukuthobela uYehova baze batshate “kuphela eNkosini” nabo simele sibakhuthaze. (1 Kor. 7:39) Namakhosikazi ayakhuthazeka xa abayeni bawo bewaxelela ukuba bayawathanda ibe bayazixabisa izinto abenzela zona. (IMize. 31:28, 31) NamaKristu aqhubeka ethembekile nangona etshutshiswa okanye egula ayafuna ukukhuthazwa. (2 Tes. 1:3-5) UYehova noKristu bayawathuthuzela onke la maKristu athembekileyo.—Funda eyesi-2 kwabaseTesalonika 2:16, 17.

ABADALA BAMELE BAZAME UKUKHUTHAZA

6. Yintoni umsebenzi wabadala ngokutsho kukaIsaya 32:1, 2?

6 Funda uIsaya 32:1, 2UYesu Kristu usebenzisa abazalwana bakhe abathanjisiweyo ‘neenkosana’ zezinye izimvu ezibaxhasayo, ukuze akhuthaze aze akhokele abo baphelelwe lithemba nabatyhafileyo kule mihla inzima. Kufanele kube njalo, kuba aba badala ‘abazonkosi’ phezu kokholo lwabo kodwa ‘ngabasebenzi abangamadlelane’ ukuze bavuye abazalwana.—2 Kor. 1:24.

7, 8. Yintoni enye abadala abanokuyenza ngaphandle ngokukhuthaza ngamazwi?

7 Abadala banokufunda kumpostile uPawulos. Wabhalela amaKristu aseTesalonika awayetshutshiswa wathi: “Ngenxa yokuba sinomsa ngani, kuye kwakholeka kuthi ukuba sininike, kungekuphela nje iindaba ezilungileyo zikaThixo, kodwa kwanemiphefumlo yethu, ngenxa yokuba naba ziintanda kuthi.”—1 Tes. 2:8.

8 UPawulos wabonisa ukuba akwanelanga ukukhuthaza ngamazwi kuphela, wathi kubadala base-Efese: “Nimele nisebenze ukuze nincede abo babuthathaka, yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’” (IZe. 20:35) UPawulos wayengabakhuthazi nje abazalwana bakhe kodwa ‘wayedleka’ aze achithe konke anako ngenxa yabo. (2 Kor. 12:15) Abadala abapheleli nje ekubakhuthazeni nasekubathuthuzeleni abazalwana ngamazwi kodwa babenzela nezinto ukuze babonise ukuba babakhathalele nyhani.—1 Kor. 14:3.

9. Abadala banokubakhuthaza njani abazalwana xa bebalungisa?

9 Ngamanye amaxesha ukukhuthaza kufuna ukuba abadala babalungise abazalwana. Kodwa kwanaxa bebalungisa bafanele balandele indlela entle yokukhuthaza eseBhayibhileni. Oyena mntu banokufunda kuye ukuyenza le nto nguYesu. Kwakufuneka ewalungise nyhani amabandla aseAsia Minor, kodwa masijonge indlela awayenza ngayo loo nto. Ngaphambi kokuba alilungise walincoma ibandla lase-Efese, lasePergamo nelaseTiyatira. (ISityhi. 2:1-5, 12, 13, 18, 19) Wathi kwibandla laseLawodike: “Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe. Ngoko ke yiba nenzondelelo uze uguquke.” (ISityhi. 3:19) Abadala bayakuba benza kakuhle xa befunda kuKristu indlela yokulungisa abazalwana.

AYINGOBADALA BODWA ABAMELE BAKHUTHAZE

Bazali, ngaba niyabafundisa abantwana benu ukuba babakhuthaze abantu? (Jonga isiqendu 10)

10. Sinokwenza njani ukuze sikhuthazane sonke?

10 Ayingobadala bodwa abamele bakhuthaze abazalwana. UPawulos wacela onke amaKristu ukuba izinto azithethayo ‘zibe zezilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze zibanike oko kukholekileyo’ abantu. (Efe. 4:29) Sonke sifanele sibe neliso, sibabone abantu abafuna ukukhuthazwa. UPawulos wathi kumaKristu angamaHebhere: “Zoluleni izandla eziwileyo namadolo anengevane, nize nihlale nizenzela umendo othe tye iinyawo zenu, ukuze into eqhwalelayo ingakrunwa, kodwa kunoko iphiliswe.” (Heb. 12:12, 13) Sonke, nkqu nabantwana, sinako ukubakhuthaza abantu ngendlela esithetha ngayo.

11. UMarthe wancedwa yintoni xa wayekhathazeke kakhulu?

11 UMarthe, * udade owayekhe wanamaxesha okukhathazeka kakhulu, ubhala athi: “Ngenye imini ndandifuna nyhani ukukhuthazwa, ndaza ndathandaza, emva koko ndadibana nomnye udade osele ekhulile owayenobubele nenkathalo. Wandibalisela ngengxaki awayenayo eyayibufana nale ndinayo, ndaqonda ukuba andidedwa.” Kungenzeka ukuba lo dade akazange ayiqonde indlela awamkhuthaza ngayo uMarthe amazwi akhe.

12, 13. Sinokulisebenzisa njani icebiso elikwabaseFilipi 2:1-4?

12 UPawulos wacebisa bonke ababekwibandla laseFilipi wathi: “Ukuba, ngoko, kukho ukhuthazo kuKristu, ukuba kukho intuthuzelo yothando, ukuba kukho ukwabelana komoya, ukuba kukho umsa nemfesane, luzaliseni uvuyo lwam ngokuthi nibe nengqondo efanayo yaye nibe nothando olufanayo, nibandakanywe ndawonye emphefumlweni, ninengcamango enye engqondweni, ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani, ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”—Fil. 2:1-4.

13 Sonke simele sizame ukujonga indlela esingabanceda ngayo abazalwana noodade, sibanike “intuthuzelo yothando,” “ukwabelana komoya,” kunye ‘nomsa nemfesane’ ukuze sibakhuthaze.

IZINTO EZISIKHUTHAZAYO

14. Yintoni enokusikhuthaza?

14 Ukuva ukuba abantu esasikhe sabanceda ngaphambili basathembekile kuyakhuthaza. Kwaba njalo nakumpostile uYohane, owabhala wathi: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.” (3 Yoh. 4) Oovulindlela abaninzi bangayingqina into yokuba kumnandi ukuva ukuba abantu ababanceda bafunda inyaniso basathembekile ibe mhlawumbi nabo bangoovulindlela. Ukukhumbuza nje uvulindlela otyhafileyo ngezinto zakudala ezimnandi kunokumthuthuzela.

15. Yeyiphi enye indlela esinokubakhuthaza ngayo abo abakhonza ngokuthembeka?

15 Abaveleli besiphaluka namakhosikazi abo badla ngokuchaza indlela abakhuthazeka ngayo xa befumana umyalezo nje omncinci obulela ngokutyelela kwabo ibandla. Kuba njalo ke nakubadala, abathunywa bevangeli, oovulindlela, kunye nentsapho yaseBheteli xa isiva amazwi abulela inkonzo eyenzayo.

SONKE SINOKUBAKHUTHAZA ABAZALWANA

16. Yintoni efunekayo ukuze sikhuthaze umntu?

16 Siya kuba siyaphazama ukuba sicinga ukuba asinakukwazi ukukhuthaza abantu kuba singengomancoko indalo. Akukho nto ininzi efunekayo ukuze sikhuthaze abantu, nokuncuma nje xa sibulisa umntu kunokwanela. Ukuba loo mntu akatyhilekanga, kungenzeka ukuba kukho into emkhathazileyo, ukummamela kunokumthuthuzela.—Yak. 1:19.

17. Omnye umzalwana wancedwa njani xa wayebuhlungu kakhulu?

17 UHenri, oneminyaka eyi-20, waba buhlungu kakhulu xa abantu bakowabo nkqu notata wakhe, owayengumdala owaziwayo, bayishiyayo inyaniso. Wakhuthazwa ngumveleli wesiphaluka owamkhuphayo bayokuphunga ikofu waza wamvumela ukuba achaze intlungu yakhe. Waqonda ukuba, ukuba ufuna ukunceda abantu bakowabo babuyele enyanisweni kufuneka aqhubeke ethembekile. Waqiniswa nangamazwi akwiNdumiso 46; kuZefaniya 3:17; nakuMarko 10:29, 30.

Sonke sinako ukubakhuthaza abantu (Jonga isiqendu 18)

18. (a) Yintoni awayiqaphelayo uKumkani uSolomon? (b) Wacebisa wathini umpostile uPawulos?

18 Into eyenzeka kuMarthe noHenri ibonisa ukuba sonke sinokukwazi ukubakhuthaza abazalwana noodade abafuna ukuthuthuzelwa. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo! Amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo; ingxelo elungileyo ityebisa amathambo.” (IMize. 15:23, 30) Nokufunda iMboniselo nezinto ezikwiwebhsayithi yethu kunokumhlaziya umntu otyhafileyo. UPawulos wathi sinokukhuthazwa nakukucula iingoma zoBukumkani kunye. Wathi: “Qhubekani nifundisana kwaye nilulekana ngeendumiso, ngemibongo kuThixo, ngeengoma zokomoya ninombulelo, nimvumela ezintliziyweni zenu uYehova.”—Kol. 3:16; IZe. 16:25.

19. Kutheni ukukhuthazana kuza kuya kubaluleka njengoko ixesha lihamba, ibe simele senze ntoni?

19 Ukukhuthazana kuza kuya kubaluleka njengoko imini kaYehova ‘isondela.’ (Heb. 10:25) Njengoko uPawulos watshoyo kumaKristu exesha lakhe, ‘masihlale sithuthuzelana yaye sisakhana, kanye njengokuba enyanisweni sisenza.’—1 Tes. 5:11.

^ isiqe. 11 Amagama atshintshiwe.