Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uxolo​—⁠Unganalo Njani?

Uxolo​—⁠Unganalo Njani?

NGENXA yokuba siphila kwihlabathi elineenkathazo, siyasokola ukuze sibe noxolo. Kanti, nokuba sesilufumene uxolo kuba nzima ukuba sihlale sinalo. Yintoni ethethwa liLizwi LikaThixo enokusinceda sifumane uxolo lwenene noluhlala luhleli? Singabanceda njani abanye abantu balufumane?

YINTONI EFUNEKAYO UKUZE SIBE NOXOLO LWENENE?

Ukuze sibe noxolo lwenene kufuneka sizive sikhuselekile kwaye singenaxhala. Kukwafuneka sibathande abantu. Kanti okubaluleke nangakumbi ukuze sihlale sinoxolo kukusondela kuThixo. Singayenza njani loo nto?

Iingxaki zobomi ziphelisa uxolo

Xa sithobela imiyalelo nemigaqo yobulungisa kaYehova sibonisa ukuba siyamthemba nokuba sifuna ukuba seluxolweni kunye naye. (Yer. 17:7, 8; Yak. 2:22, 23) Naye uya kusondela kuthi aze asisikelele ngoxolo lwengqondo. UIsaya 32:17 uthi: “Nomsebenzi wobulungisa bokwenyaniso umele ube luxolo; nenkonzo yobulungisa bokwenyaniso, ukuzola nonqabiseko ukusa kwixesha elingenammiselo.” Singalufumana uxolo lwengqondo ngokuthobela uYehova ngokusuka entliziyweni.—Isa. 48:18, 19.

Enye into esinceda sihlale sinoxolo lwengqondo sisipho esisiphiwe nguBawo wethu osezulwini—umoya wakhe oyingcwele.—IZe. 9:31.

UMOYA KATHIXO USINCEDA SIBE NOXOLO

Umpostile uPawulos uchaza uxolo njengophawu lwesithathu ‘lwesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Ngenxa yokuba uxolo lwenene luveliswa ngumoya kaThixo, kufuneka sivumele umoya oyingcwele usikhokele ukuze sibe nalo. Makhe sithethe ngeendlela ezimbini umoya kaThixo onokusinceda ngazo sifumane uxolo.

Okokuqala, uxolo silufumana ngokufunda rhoqo iLizwi LikaThixo. (INdu. 1:2, 3) Njengoko sicinga ngezinto esizifunda eBhayibhileni, umoya kaThixo usinceda siqonde indlela uYehova azijonga ngayo izinto. Ngokomzekelo, siye sibone indlela ahlala enoxolo ngayo, nokuba kutheni uxolo lubalulekile kuye. Xa sizenza izinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo siba noxolo olungakumbi ebomini bethu.—IMize. 3:1, 2.

Okwesibini, kufuneka sithandazele umoya oyingcwele kaThixo. (Luka 11:13) UYehova uthembisa ukuba xa sicela uncedo kuye, “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo [zethu] namandla [ethu] engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:6, 7) Xa sithandaza rhoqo size sicele umoya kaYehova, uThixo wethu usinika uxolo lwengqondo alunika abantu abasondeleyo kuye kuphela.—Roma 15:13.

Abanye abantu baye bawasebenzisa njani la macebiso asuka kwiZibhalo, baza benza utshintsho olufunekayo ukuze bahlale beseluxolweni noYehova, neziqu zabo nabanye abantu?

INDLELA ABALUFUMANA NGAYO UXOLO OLUHLALA LUHLELI

Kumabandla amaKristu namhlanje, kukho abantu ababekade ‘benomsindo’ kodwa ngoku bayabacingela abanye abantu, banobubele, umonde noxolo. * (IMize. 29:22) Jonga indlela eyenzeka ngayo le nto kubavakalisi ababini abancedwa bayeka ukucaphuka msinya baza baba noxolo nabanye abantu.

Ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile nokucela kuThixo asinike umoya oyingcwele usincede, kuza kusenza sibe noxolo

UDavid wayekrwada, ethetha kakubi nabantu. Ngaphambi kokuba azinikele kuThixo wayethanda ukugxeka kwaye ethetha kakubi nentsapho yakhe. Ekuhambeni kwexesha wabona ukuba kufuneka atshintshe aze abe ngumntu onoxolo. Wakwenza njani oko? Uthi, “Ndaye ndaphila ngemigaqo yeBhayibhile, ibe loo nto yandenza ndayihlonipha intsapho yam yaza nayo yandihlonipha.”

URachel wakhuliswa ngendlela eyaba nefuthe kuye. Uthi, “Nangoku ndisalwa nokuba nenzondo kuba ndakhulela kwikhaya elinenzondo.” Yintoni eye yamnceda waba noxolo? Uthi, “Kukuthandaza kuYehova.”

UDavid noRachel yimizekelo ebonisa ukuba xa sisebenzisa imigaqo yeZibhalo size sithembele kumoya kaThixo, siza kuba nalo uxolo. Kucacile ukuba nangona siphila kweli hlabathi, singanalo uxolo lwengqondo olusenza sihlale kakuhle neentsapho zethu namanye amaKristu. UYehova usikhuthaza ukuba sibe “noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Ngaba inokwenzeka loo nto, kwaye kusinceda ngantoni ukuzama ukudala uxolo?

ZAMA UKUBA NOXOLO NABANTU

Xa sishumayela sinceda abantu beve umyalezo woxolo woBukumkani BukaThixo. (Isa. 9:6, 7; Mat. 24:14) Okuvuyisayo kukuba abaninzi baye bawamkela lo myalezo. Umphumo kukuba abasasindwa ziingxaki kwaye abasenamsindo ngenxa yezinto ezenzeka kubo. Endaweni yoko, ngoku banethemba lenene ngekamva kwaye ‘bafuna uxolo.’—INdu. 34:14.

Kodwa ke asingabo bonke abantu abawamkelayo umyalezo wethu, ngokukodwa xa beqala ukuwuva. (Yoh. 3:19) Sekunjalo, sincedwa ngumoya kaThixo ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo ngoxolo nentlonelo. Ngale ndlela silandela umyalelo kaYesu ongentsimi okuMateyu 10:11-13 othi, “Xa ningena endlwini, ze nibabulise abakuloo ndlu; yaye ukuba indlu leyo iyafaneleka, uxolo eniyinqwenelela lona malube kuyo; kodwa ukuba ayifaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni.” Xa silandela icebiso likaYesu, singakwazi ukuhamba kuloo ndlu noxolo lwethu, sinethemba lokuba loo mntu kwixesha elizayo uya kusimamela.

Enye indlela esidala ngayo uxolo kuxa sithetha nabasemagunyeni ngentlonelo, kuquka nabo bawuchasayo umsebenzi wethu. Ngokomzekelo, kwelinye ilizwe eAfrika, urhulumente wavumela ukuba uchaswe size singakwazi ukwakha iiHolo ZoBukumkani. Ukuze kulungiswe le ngxaki ngoxolo, kwacelwa omnye umzalwana owayekhe wangumthunywa wevangeli apho ukuba aye kuthetha nonozakuzaku welo lizwe owayeseLondon, eNgilani. Wayeye kumcacisela ngomsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova kwilizwe lakhe. Wahamba njani ke?

Uthi: “Xa ndafika kwidesika yomamkeli weendwendwe ndabona ngesinxibo sakhe lo sisi ukuba ungowohlanga endandifunde ulwimi lwalo. Ngoko ndambulisa ngolwimi lwakhe. Wothuka waza wathi, ‘Ndingakunceda ngantoni?’ Ngokuzithoba ndathi ndicela ukubona unozakuzaku. Wamfowunela unozakuzaku, weza kum waza wandibulisa ngolwimi lwakhe. Emva koko, wandimamela ngoxa ndandimcacisela ngemisebenzi eyenziwa ngamaNgqina.”

Intlonelo eyaboniswa ngulo mzalwana yamenza wawuqonda umsebenzi wethu waza akawuchasa. Emva kwexesha, urhulumente welo lizwe laseAfrika waye wayisusa imiqathango yokwakha. Abazalwana bavuya nyhani yiloo nto! Ukubahlonipha abanye abantu kuyanceda kwaye kuzisa uxolo.

YIBA NOXOLO OLUHLALA LUHLELI

Namhlanje, abantu bakaYehova baseluxolweni lwenene. Nawe ungongeza kolo xolo njengoko usiba nolu phawu lwesiqhamo somoya. Okubaluleke nangakumbi kukuba uza kuvuyisa uYehova kwaye uza kufumana uxolo oluhlala luhleli kwihlabathi elitsha likaThixo.—2 Pet. 3:13, 14.

^ isiqe. 13 Uphawu lobubele siza kuphinda sithethe ngalo kula manqaku acacisa ngesiqhamo somoya.