Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indibano yesithili yaseNyzhnya Apsha, eUkraine, ngo-2012

Isivuno Esikhulu!

Isivuno Esikhulu!

UYESU wathi abalandeli bakhe babeza kufumana isivuno esikhulu ngexesha lesiphelo. (Mat. 9:37; 24:14) Ngokomzekelo, amazwi akhe aye aba yinyaniso ngendlela ekhethekileyo eTranscarpathia, eUkraine. Kwezinye iidolophu ezintathu ezisondeleleneyo kukho amabandla ayi-50 anabavakalisi abayi-5 400. * Iyamangalisa into yokuba umntu omnye kwabane kwezo dolophu liNgqina LikaYehova!

Injani ke intsimi yabo? UVasile umzalwana wapha uthi: “Abantu balapha bayayihlonipha iBhayibhile, bawuxabisa kakhulu umthetho, neentsapho zabo zisondelelene kakhulu, ibe banobuntu.” Uphinda athi: “Abasoloko bevumelana neenkolelo zethu. Kodwa xa ubatyhilela iBhayibhile baye bamamele kakuhle.”

Ngenxa yokuba emaninzi amaNgqina kule ndawo, abazalwana noodade baba neengxaki ezingaqhelekanga entsimini. Ngokomzekelo, elinye ibandla linabavakalisi abayi-134, kodwa intsimi yalo inezindlu eziyi-50 qha! Benza njani ke abavakalisi?

Abanye abazalwana noodade baye bayokushumayela kwiindawo ezinabavakalisi abambalwa. UIonash, umzalwana oneminyaka eyi-90, uthi: “Kweyethu intsimi umvakalisi omnye unezindlu ezimbini amele ashumayele kuzo. Ndishumayela apha kule dolophana yethu, kodwa ngaphambi kokuba ndigule bendikade ndishumayela nakwintsimi engabelwanga bani ekwiikhilomitha eziyi-160 yesiHungary.” Abavakalisi kufuneka bancame izinto zabo ukuze bancedise kwezinye iindawo. UIonash uthi: “Bendivuka ngo-4:00 ekuseni ndikhwele itreyini ndize ndishumayele de kubethe u-6:00 emalanga, ndize ndikhwele itreyini egodukayo. Bendisenza loo nto kabini okanye kathathu ngeveki.” Ngaba ikho into ayifumeneyo ngale mizamo ayenzileyo? Uthi: “Indivuyise nyhani le ndlela yokushumayela. Ndibe nenyhweba yokufundisa inyaniso enye intsapho ekwintsimi engabelwanga bani.”

Kakade ke, abanakukwazi bonke abavakalisi abakula mabandla ukuhamba imigama emide. Kodwa bonke, kuquka nabo sele bekhulile, bazama kangangoko ukuyicokisa intsimi yebandla labo. Ngenxa yoko, ngo-2017, abantu abebeze eSikhumbuzweni kwezi dolophu zintathu baphantse baliphinda kabini inani labavakalisi—okanye bebesisiqingatha sabemi bazo. Kucacile ukuba, naphi na apho sikhoyo, ‘iseninzi into esinokuyenza emsebenzini weNkosi.’—1 Kor. 15:58.

^ isiqe. 2 Ezo dolophu yiHlybokyy Potik, iSerednye Vodyane neNyzhnya Apsha.