Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isazela Sakho Masiqeqeshwe Yimithetho Nemigaqo KaThixo

Isazela Sakho Masiqeqeshwe Yimithetho Nemigaqo KaThixo

“Ndixhalabele izikhumbuzo zakho.”​—INDU. 119:99.

IINGOMA: 127, 88

1. Yintoni ebangela ukuba abantu babaluleke kunezilwanyana?

ENYE yezinto ezibangela abantu babaluleke kunezilwanyana kukuba bona banesazela. Abantu bokuqala, uAdam noEva badalwa benesazela. Emva kokuba bophule umthetho kaYehova, bazifihla. Le nto ibonisa ukuba babetyiwa sisazela.

2. Isazela sifana njani nekhampasi? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

2 Abantu abanezazela ezingaqeqeshwanga kakuhle singabafanisa nenqanawa enekhampasi engasebenzi kakuhle. Ukuhamba ngenqanawa enekhampasi engasebenzi kakuhle kunokuba yingozi. Umoya omkhulu waselwandle unokuyisa kwicala engayi kulo. Kodwa ikhampasi esebenza kakuhle inceda umqhubi wenqanawa akwazi ukuyigcina isendleleni. Isazela sethu sifana nqwa nekhampasi. Siyinto engaphakathi esibonisa into elungileyo nengalunganga, ibe sinokusibangela senze into elungileyo. Kodwa ukuze sisikhokelele kwindlela efanelekileyo, simele sisiqeqeshe kakuhle.

3. Kwenzeka ntoni xa isazela singaqeqeshwanga kakuhle?

3 Xa isazela singaqeqeshwanga kakuhle, asimnqandi umntu ukuba angenzi into embi. (1 Tim. 4:1, 2) Sinokude simenze aqiniseke ukuba ‘okubi kulungile.’ (Isa. 5:20) UYesu walumkisa abafundi bakhe wathi: “Liyeza ilixa laxa wonk’ ubani onibulalayo eya kucinga ukuba unikele inkonzo engcwele kuThixo.” (Yoh. 16:2) Nabantu ababulala uStefano babecinga ukuba banikela inkonzo engcwele. (IZe. 6:8, 12; 7:54-60) Kuyo yonke imbali, abantu abaninzi abakhonzayo baye babulala abantu besithi benzela uThixo. Kodwa inyaniso kukuba, uThixo akayithandi loo nto. (Eks. 20:13) Kucacile ukuba baye balahlekiswa zizazela zabo!

4. Yintoni enokunceda izazela zethu zihlale zisebenza?

4 Yintoni enokunceda izazela zethu zihlale zisebenza? Imithetho nemigaqo ekwiLizwi LikaThixo ‘iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto nasekuqeqesheleni ebulungiseni.’ (2 Tim. 3:16) Ngoko, xa sifunda iBhayibhile, sicinge ngezinto esizifundileyo size sizisebenzise, siyaziqeqesha izazela zethu. Zitsho zikwazi ukusikhokela kakuhle size sicinge ngendlela uThixo acinga ngayo. Makhe sibone ukuba imithetho nemigaqo kaYehova inokusinceda njani siqeqeshe izazela zethu.

QEQESHWA YIMITHETHO KATHIXO

5, 6. Kusinceda njani ukuthobela imithetho kaThixo?

5 Ukuze imithetho kaThixo isincede, asimele siphelele ekuyifundeni nje, siyazi. Simele siyithande size siyihlonele. ILizwi LikaThixo lithi: “Thiyani okubi, nithande okulungileyo.” (Amosi 5:15) Kodwa singayenza njani loo nto? Kufuneka sibone izinto ngendlela uYehova azibona ngayo. Masenze umzekelo: Masithi unengxaki yokulala. Ugqirha wakho ukuxelela indlela omawutye ngayo, athi jima, utshintshe nendlela ophila ngayo. Uthi wakuzenza ezi zinto, uncedakale! Mhlawumbi loo nto iya kwenza umthande ngenxa yokuba ekuncedile. Utsho ube nombulelo ngendlela lo gqirha akuncede ngayo.

6 Ngendlela efanayo, uMdali wethu usinike imithetho esikhusela kwisono nemiphumo yaso, butsho ubomi bethu bube bhetele. Siyancedakala xa sithobela imithetho eseBhayibhileni efana nokuba masingaxoki, singacebi okubi, singebi, siziphathe kakuhle, singathandi ukulwa, sohlukane nezinto zeedemon. (Funda iMizekeliso 6:16-19; ISityhi. 21:8) Xa sibona indlela esincedakala ngayo ngokwenza izinto ngendlela afuna ngayo uYehova, sitsho simthande kakhulu, sithande nemithetho yakhe.

7. Kungasinceda njani ukufunda nokucinga ngamabali aseBhayibhileni?

7 Akunyanzelekanga ukuba sifunde isifundo ngemiphumo emibi esiyifumana ngenxa yokwaphula imithetho kaThixo. Masifunde kwiimpazamo zabanye abantu ezibhalwe kwiLizwi LikaThixo. IMizekeliso 1:5 ithi: “Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi.” Olu yalelo, yiyo yonke imiyalelo evela kuThixo, ibe iyodlula lee eminye! Ngokomzekelo, cinga indlela awaba buhlungu ngayo uKumkani uDavide emva kokuba elele noBhatshebha. (2 Sam. 12:7-14) Xa sifunda ngeli bali size sicingisise ngalo sisenokuzibuza: ‘UKumkani uDavide wayenokuyiphepha njani le nto? Ukuba yayindim, ndandiza kukwazi ukubaleka? Ndandiza kubaleka njengoYosefu okanye ndandiza kunikezela njengoDavide?’ (Gen. 39:11-15) Xa sibona imiphumo emibi yesono, sitsho ‘sikuthiye okubi.’

8, 9. (a) Siye sizisebenzise xa kutheni izazela zethu? (b) Imigaqo kaYehova isebenzisana njani nesazela?

8 Kubalulekile ukuba siziphephe izinto uThixo angazithandiyo. Kodwa zikho izinto iZibhalo ezingabeki mthetho ucacileyo kuzo. Sinokuyazi njani into uThixo afuna siyenze? Zisebenza xa kulapho ke izazela zethu eziqeqeshwe yiBhayibhile.

9 UYehova usinike imigaqo esebenzisana nezazela zethu eziqeqeshwe yiBhayibhile. Uthi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isa. 48:17, 18) Xa sisebenzisa iingqondo neentliziyo zethu ukuze sicinge ngemigaqo yeBhayibhile, sinokuzilungisa izazela zethu. Loo nto isinceda sikwazi ukuzenza kakuhle izigqibo.

KHOKELWA YIMIGAQO KATHIXO

10. Yintoni umgaqo, ibe uYesu wawusebenzisa njani xa efundisa?

10 Umgaqo yinyaniso engenakutshintshwa okanye imfundiso elawula indlela yokucinga okanye yokwenza izinto. Xa siyiqonda kakuhle imigaqo eseBhayibhileni siye siyiqonde kakuhle indlela acinga ngayo uMniki-mthetho, uYehova, nesizathu sokuba asinike imithetho. UYesu wabafundisa imigaqo abafundi bakhe ukuze babone ukuba izinto abazenzayo zinemiphumo emibi okanye emihle. Ngokomzekelo, wabafundisa ukuba inzondo inokuphumela kubundlobongela kuze ukuncwasa kuphumele ekukrexezeni. (Mat. 5:21, 22, 27, 28) Ukuze sibe nezazela eziqeqeshwe kakuhle, kufuneka sikhokelwe yimigaqo kaThixo, ibe loo nto iyamzukisa uThixo.—1 Kor. 10:31.

UmKristu okhulileyo elukholweni uyazikhathalela izazela zabanye (Jonga isiqendu 11, 12)

11. Ngaba amaKristu anezazela eziqeqeshwe yiBhayibhile asoloko esenza izigqibo ezifanayo?

11 Ngamanye amaxesha, amaKristu anezazela eziqeqeshwe yiBhayibhile asenokungagqibi ngendlela efanayo ngento. Masizekelise ngotywala. IBhayibhile ayitsho ukuba utywala mabungaselwa. Kodwa ithi masingaseli kakhulu futhi singanxili. (IMize. 20:1; 1 Tim. 3:8) Ngaba ezi kuphela kwezinto umKristu amele acinge ngazo xa eza kusela? Hayi. Nakubeni esakhe isazela simvumela, kodwa umele acingele nezabanye.

12. AmaRoma 14:21 abonisa njani ukuba simele sizicingele izazela zabanye?

12 Ukuze abonise ukuba amaKristu amele acingele izazela zabanye, uPawulos wathi: “Kuhle ukuba ungatyi nyama okanye ungaseli wayini okanye ungenzi nantoni na emkhubekisayo umzalwana wakho.” (Roma 14:21) Ngoko simele sikulungele ukuncama izinto esizithandayo ukuba ziyabakhubekisa abanye abazalwana. Abanye abazalwana babekade besela kakhulu ngaphambi kokuba babe ngamaNgqina, kodwa ngoku abafuni nokubufaka emlonyeni. Siqinisekile ukuba, akukho namnye umzalwana onokufuna ukuwisa omnye. (1 Kor. 6:9, 10) Ngoko ingayinto embi nyhani ukunyanzela umzalwana ukuba asele, abe yena engafuni.

13. UTimoti wenza ntoni ukuze akwazi ukushumayela?

13 Xa uTimoti wayesondele kwiminyaka eyi-20 okanye ngaphezulwana, waxolela ukuva iintlungu, aluswe ukuze angakhathazi amaYuda awayeza kushumayela kuwo. Nompostile uPawulos wayengafuni ukubakhubekisa abantu. (IZe. 16:3; 1 Kor. 9:19-23) Ngaba nawe ungenza njengoTimoti, uncame izinto ozithandayo ukuze uncede abanye abantu?

“MASIXHINELE EKUQOLENI”

14, 15. (a) Yeyiphi enye indlela abonakala ngayo umntu okhulileyo elukholweni? (b) Indlela esibathanda ngayo abanye ibonisa njani ukuba sikhulile elukholweni?

14 Onke amaKristu amele ‘adlule kwimfundiso esisiqalelo engoKristu’ aze ‘axhinele ekuqoleni’ okanye akhule elukholweni. (Heb. 6:1) UmKristu akasuki nje akhule. Kufuneka ‘axhinele’ okanye akusebenzele ukukhula elukholweni. Sikhuthazwa ukuba sifunde iBhayibhile yonke imihla ukuze siyazi size siyiqonde kakuhle, kuba le yenye yeendlela abonakala ngayo umntu okhulileyo elukholweni. (INdu. 1:1-3) Ngaba uzimisele ukuyenza loo nto? Xa siyifunda yonke imihla iBhayibhile sitsho siyiqonde kakuhle imithetho nemigaqo kaYehova.

15 Owona mthetho ubalulekileyo kumaKristu ngumthetho wothando. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yoh. 13:35) Umninawa kaYesu ngonina, uYakobi, wathi uthando ‘ngumthetho wakomkhulu.’ (Yak. 2:8) Yena uPawulos wathi: “Uthando lukukuzaliseka komthetho.” (Roma 13:10) Le ndlela lubethelelwa ngayo uthando ayisothusi kuba iBhayibhile ithi “uThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8) Ngoko uthando asiyondlela nje aziva ngayo. UYohane wathi: “Kwabonakaliswa ngale [nto] ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye.” (1 Yoh. 4:9) Luthando olwabangela ukuba uThixo enze le nto. Indlela esikhule ngayo elukholweni ibonakala kwindlela esimthanda ngayo uYehova, uNyana wakhe, abazalwana bethu kunye nabanye abantu.—Mat. 22:37-39.

Xa sisebenzisa imigaqo kaThixo, izazela zethu ziye zisebenze kakuhle (Jonga isiqendu 16)

16. Njengoko sikhula elukholweni, yintoni eyenza imigaqo iye ibaluleka kuthi?

16 Njengoko usiya ukhula elukholweni, uza kuyibona indlela ebaluleke ngayo imigaqo. Kaloku imithetho isebenza kwizinto ebekelwe zona, kodwa yona imigaqo isebenza kwizinto ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, umntwana usenokungabuqondi ubungozi bokuba neetshomi ezingalunganga, ngoko umzali usenokumbekela imithetho emkhuselayo kwezo tshomi. (1 Kor. 15:33) Kodwa njengokuba ekhula, indlela acinga ngayo iyatshintsha, aze akwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Utsho akwazi ukukhetha iitshomi. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 13:11; 14:20.) Xa siyiqonda imigaqo kaThixo, zisebenza kakuhle izazela zethu, sicinge ngendlela acinga ngayo uThixo.

17. Kutheni sisithi sinazo izinto ezinokusinceda sizenze kakuhle izigqibo?

17 Ngaba sinazo zonke izinto ezinokusinceda senze izigqibo ezivuyisa uYehova? Sinazo. Xa siyisebenzisa kakuhle imithetho nemigaqo ekwiLizwi LikaThixo, siza ‘kuwufanelekela size siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 3:16, 17) Ngoko zama ukuphanda imigaqo yeZibhalo ukuze ‘uqonde into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.’ (Efe. 5:17) Sebenzisa izixhobo zentlangano ezisinceda siyazi iBhayibhile, njengeWatch Tower Publications Index, iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, iWatchtower Library, iWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI neJW Library app. Ezi zixhobo zenzelwe ukusinceda xa sizifundela naxa siqhuba unqulo lwentsapho.

IZAZELA EZIQEQESHWE YIBHAYIBHILE ZIYASINCEDA

18. Kusinceda njani ukuthobela imithetho nemigaqo kaYehova?

18 UYehova uyasinceda xa sithobela imithetho nemigaqo yakhe, njengokuba neNdumiso 119:97-100 isithi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele. Umyalelo wakho undenza ndilumke ngakumbi kuneentshaba zam, ngenxa yokuba ngowam ukusa kwixesha elingenammiselo. Ndiye ndaba nengqiqo ngakumbi kunabafundisi bam bonke, ngenxa yokuba ndixhalabele izikhumbuzo zakho. Ndiziphatha ngokuqonda ngakumbi kunamadoda amakhulu, ngenxa yokuba ndiyigcinile imiyalelo yakho.” Nathi, xa sizipha ixesha ‘lokuxhalabela’ okanye lokufunda imithetho nemigaqo kaThixo, siza kukwazi ukwenza izinto ngobulumko, ngengqiqo nokuqonda. Njengoko sizama ngamandla ethu onke ukuvumela imigaqo nemithetho kaThixo iqeqeshe izazela zethu, siza kufumana ‘umlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.’—Efe. 4:13.