Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokwenza Njani Ukuze Ukuthande Ukufunda IBhayibhile?

Unokwenza Njani Ukuze Ukuthande Ukufunda IBhayibhile?

UYOSHUWA kwakufuneka akhokele amaSirayeli awase kwiLizwe Lesithembiso. Yayiza kuba nzima kakhulu le nto. Kodwa uYehova wamenza waqiniseka ukuba uza kukwazi ukuyenza, waza wamkhuthaza esithi: ‘Yiba nesibindi womelele. Wunyamekele umthetho wam. Uwufunde imini nobusuku, ukuze ukwenze ngenyameko konke oko kubhalwe kuwo. Ngoko uya kuyenza iphumelele indlela yakho wandule ke wenze ngobulumko.—Yosh. 1:7, 8.

Kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ nathi sineengxaki ezinzima. (2 Tim. 3:1) NjengoYoshuwa, singazoyisa ngokulandela icebiso uYehova awamnika lona. Simele siyifunde qho iBhayibhile, size sisebenzise imigaqo yayo xa sivavanywa.

Abanye bethu banokungazi ukuba bafunde njani okanye abakuthandi ukufunda. Kodwa kuba kubalulekile ukufunda iBhayibhile, jonga ibhokisi ethi “ Khawuzame La Macebiso,” ukuze ufumane amacebiso anokwenza ukuthande ukuyifunda ukuze ikuncede.

Umdumisi wathi: “Ndinyathelise kuwo umendo wemiyalelo yakho, kuba ndiyayoliswa nguwo.” (INdu. 119:35) Nawe ungakuvuyela kakhulu ukufunda iLizwi LikaThixo. Xa uqhubeka ulifunda, zininzi izinto oza kuzazi.

Nangona kungafuneki ukhokele isizwe njengoYoshuwa, nawe uneengxaki ezinzima. NjengoYoshuwa, funda uze wenze izinto ezikwiLizwi LikaThixo ukuze zikuncede. Xa usenjenjalo, uza kuphumelela kwaye wenze ngobulumko.