Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu Abathanda Ukupha Bayonwaba

Abantu Abathanda Ukupha Bayonwaba

“Kunoyolo [okanye konwabisa] ngakumbi ukupha.”—IZE. 20:35.

IINGOMA: 76, 110

1. Yintoni ebonisa ukuba uYehova nguThixo othanda ukupha?

NGAPHAMBI kokuba kubekho yonke indalo, uYehova wayeyedwa. Kodwa wacinga ukuba adale izidalwa aza kuzipha ubomi ezulwini nasemhlabeni. ‘UThixo onoyolo,’ uYehova, uyathanda ukuphisa ngezinto ezintle. (1 Tim. 1:11; Yak. 1:17) Ekubeni efuna nathi sonwabe, usifundisa ukuba sibe ngabantu abaphayo.—Roma 1:20.

2, 3. (a) Kutheni sisonwaba xa sisipha? (b) Siza kufunda ngantoni?

2 UThixo wenza umntu ngokufana naye. (Gen. 1:27) Le nto ithetha ukuba wasenza saneempawu ezifana nezakhe. Ukuze sonwabe nyhani, kufuneka sixelise uYehova ngokuba nomdla ebantwini nokuthanda ukupha. (Fil. 2:3, 4; Yak. 1:5) Ngoba? Kuba sidalwe ngolo hlobo. Nangona singafezekanga, sinokukwazi ukupha njengoYehova.

3 IBhayibhile isixelela indlela esinokupha ngayo. Makhe sibone ukuba iZibhalo zisifundisa ntoni ngokupha. Siza kubona ukuba ukupha kusenza njani sithandwe nguThixo nendlela ukusebenzela ukuba nolu phawu okusinceda ngayo senze umsebenzi asinike wona. Siza kufunda nangendlela olu phawu oludibana ngayo nokonwaba nokuba kutheni kufuneka sihlale sinalo.

INDLELA ESINOKUMVUYISA NGAYO UTHIXO

4, 5. UYehova noYesu baye babonisa njani ukuba bayapha, ibe thina sinokubaxelisa njani?

4 UYehova ufuna abantu bakhe baphe njengaye, kuba loo nto iyamvuyisa. (Efe. 5:1) Nathi ufuna sonwabe. Le nto siyibona kwindlela asidale ngayo. Usidale ngendlela emangalisayo, kwanomhlaba nayo yonke into ekuwo uyenzele ukuba sonwabe. (INdu. 104:24; 139:13-16) Ngoko siyamzukisa xa sisenza abanye abantu bonwabe.

5 AmaKristu axelisa uKristu, owasibonisa eyona ndlela abantu abamele baphe ngayo. Wathi: “UNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mat. 20:28) Nompostile uPawulos wakhuthaza amaKristu esithi: “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu, owathi, nangona wayekubume bukaThixo, . . . waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka.” (Fil. 2:5-7) Ngoko sonke simele sizibuze, ‘Ngaba ndinokumxelisa uYesu nangaphezu kokuba bendikade ndisenza?’—Funda eyoku-1 kaPetros 2:21.

6. Kumzekeliso wakhe womSamariya, uYesu wayesibonisa ntoni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Sinokumvuyisa uYehova ngokuxelisa yena noKristu, ngokuba nomdla wokuba abanye abantu bonwabe nangokukhangela iindlela esinokubanceda ngazo. Kumzekeliso wakhe womSamariya, uYesu wabonisa ukuba wayelindele ukuba abalandeli bakhe benze konke okusemandleni abo ukuze bancede abanye abantu, nkqu nabo bangabaziyo. (Funda uLuka 10:29-37.) Usawukhumbula umbuzo owabangela ukuba uYesu enze lo mzekeliso womSamariya? Omnye umYuda wambuza wathi: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” Impendulo kaYesu ibonisa ukuba simele sibe nomdla wokupha njengalo mSamariya ukuba sifuna ukuvuyisa uThixo.

7. USathana wenza ntoni e-Eden? Sibonisa njani ukuba siqinisekile ukuba indlela uYehova azenza ngayo izinto yeyona ilungileyo?

7 Zininzi izizathu zokuba amaKristu aphe. Indlela olubaluleke ngayo olu phawu siyibona kwinto eyathethwa nguSathana kuAdam noEva. Wathini? Wathi uAdam noEva, nayo yonke inzala yabo, babeza konwaba xa bengamthobeli uThixo kodwa besenza into ethandwa ngabo. UEva wafuna ukufana noThixo. Yena uAdam wafuna ukuvuyisa umkakhe. (Gen. 3:4-6) Imiphumo yezigqibo abazenzayo bobu bomi sibuphilayo. Umntu ocingela isiqu sakhe akonwabi. Xa sisipha sibonisa ukuba siqinisekile ukuba indlela uThixo athi masizenze ngayo izinto yeyona ilungileyo.

UKWENZA UMSEBENZI ESIWUNIKWE NGUTHIXO

8. Kutheni kwakufuneka uAdam noEva babe nomdla wokupha?

8 UThixo wanika uAdam noEva imiyalelo eyayiza kubenza bacinge ngokonwabisa abanye abantu ngoxa babesegadini yase-Eden. UYehova wabasikelela waza wathi mabaqhame bande bagcwalise umhlaba. (Gen. 1:28) Ekubeni uMdali wayenomdla wokuba indalo yakhe yonwabe, uAdam noEva nabo babemele babe nomdla wokuba abantwana babo abangekabazali bonwabe. Kwakufuneka iParadesi yandiselwe yonke inzala ka-Adam. Loo msebenzi mkhulu kangako wawuza kufuna ukuba yonke loo ntsapho yayiza kwanda, isebenzisane.

9. Kutheni ukwandisa iParadesi kwakuza kubonwabisa abantu?

9 Kwakufuneka abantu abafezekileyo basebenzisane noYehova ukuze kwenzeke intando yakhe yokuba umhlaba wonke ube yiParadesi. Le nto yayiza kubangela ukuba bangene ekuphumleni kwakhe. (Heb. 4:11) Khawube nombono wendlela owawuza konwabisa ngayo lo msebenzi! UYehova wayeza kubasikelela nyhani ngokwenza abantu bonwabe, ibe nabo babeza konwaba.

10, 11. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siwenze kakuhle umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi?

10 Namhlanje, uYehova unike abantu bakhe umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. Ukuze siwenze kakuhle lo msebenzi, kufuneka sibe nomdla ebantwini. Soze sidinwe nguwo ukuba siwenza kuba sithanda uThixo nabantu esishumayela kubo.

11 Ngexesha labapostile, uPawulos wathi yena nabazalwana awayekunye nabo ‘basebenza noThixo’ ngenxa yokuba babetyala yaye benkcenkceshela imbewu yenyaniso. (1 Kor. 3:6, 9) Nathi ‘sinokusebenza noThixo’ ngokunikela ngexesha, izinto esinazo namandla ethu kumsebenzi wokushumayela. Ngumsebenzi omnandi nyhani lo.

Ukunceda umntu afunde inyaniso kuyonwabisa (Jonga isiqendu 12)

12, 13. Yintoni ebangela ukuba uthi ukwenza abafundi kuyavuyisa?

12 Kusivuyisa kakhulu ukunikela ngexesha namandla ethu kumsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. Abazalwana noodade abaninzi abaye banezifundo eziqhuba kakuhle bangakubalisela izinto ezivuyisayo. Kuyasivuyisa ukubona umntu esimfundelayo eyiqonda inyaniso, ukholo lwakhe lusiya lusomelela, etshintsha indlela aphila ngayo aze aqalise ukuthetha nabanye ngeBhayibhile. NoYesu wavuya kakhulu xa abafundi abayi-70 awayebathume ukuba baye kushumayela ‘babuya bevuya’ ngenxa yezinto ezenzekayo.—Luka 10:17-21.

13 Ehlabathini lonke abavakalisi bayavuya xa bebona indlela iBhayibhile ebutshintsha ngayo ubomi babantu. Makhe sive into eyenzeka kuAnna, udade osemtsha owandisa inkonzo yakhe ngokuya kukhonza kummandla okwiMpuma Yurophu, apho kufuneka abavakalisi abangakumbi. * Uthi: “Zininzi izifundo endizifumanayo apha, ibe ndiyithanda kakhulu loo nto. Umsebenzi endiwenzayo uyandivuyisa. Xa ndifika endlini andinaxesha lokucinga ngeengxaki zam. Ndicinga ngeengxaki zabantu endifunda nabo namaxhala abanawo. Ndikhangela iindlela zokubakhuthaza nokubanceda. Loo nto indenze ndaqiniseka ukuba ‘kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’”—IZe. 20:35.

Xa singena kuzo zonke izindlu ezikwintsimi yethu, sinika abantu ithuba lokuva iindaba ezilungileyo (Jonga isiqendu 14)

14. Yintoni enokukuvuyisa enoba kwintsimi okuyo bambalwa abantu abanomdla kwiindaba ezilungileyo?

14 Enye into esivuyisayo kukunika abantu ithuba lokuva iindaba ezilungileyo nokuba abafuni ukusimamela. Umsebenzi esiwenzayo uyafana nowomprofeti uHezekile. UYehova wathi kuye: “Umele uwathethe amazwi am kubo, enoba bayeva okanye abeva.” (Hez. 2:7; Isa. 43:10) Nokuba abantu abasimameli, uYehova uyakuthanda ukusebenza nzima kwethu. (Funda amaHebhere 6:10.) Omnye umvakalisi wakha wathi: “Siye sityale, sinkcenkceshele size sathandaze sinethemba lokuba uYehova uza kukhulisa.”—1 Kor. 3:6.

INDLELA ESINOKONWABA NGAYO

15. Ngaba bonke abantu baza kuyamkela into esibapha yona, ngoko yintoni esimele siyenze?

15 UYesu ufuna siphe ukuze sonwabe. Abanye abantu bayabathanda abantu abaphayo. Wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.” (Luka 6:38) Asingabo bonke abantu abayamkelayo into esibapha yona, kodwa abo bayamkelayo, nabo baya kufuna ukupha. Ngoko kuthande ukupha, nokuba abantu bayayixabisa into obapha yona okanye abayixabisi. Kwazi bani, mhlawumbi into nje enye oyenzela abantu inganemiphumo emihle.

16. Yintoni emele isenze siphe?

16 Abantu abakuthandayo ukupha, abaphi kuba bejonge ukufumana into. UYesu wayecinga ngale nto xa wathi: “Xa usenza itheko, mema amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; yaye uya kuba noyolo [okanye uya konwaba], ngenxa yokuba abananto bangakubuyekeza ngayo.” (Luka 14:13, 14) Omnye umbhali ophefumlelweyo wathi: “Oneliso elinobubele [okanye umntu ophayo] uya kusikelelwa.” Kanti omnye wathi: “Unoyolo [okanye wonwabile] nabani na onikela ingqalelo kwisisweli.” (IMize. 22:9; INdu. 41:1) Simele siphe kuba siza konwaba xa sinceda abantu.

17. Ziziphi iindlela zokupha ezinokusenza sonwabe?

17 Xa uPawulos wayethetha amazwi kaYesu athi “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela,” wayengathethi ngokuphisa ngezinto onazo kuphela, kodwa wayethetha nangokukhuthaza, ukunikela amacebiso aseBhayibhileni nokunceda abantu. (IZe. 20:31-35) Ngezinto awazithethayo nawazenzayo, lo mpostile wasifundisa ukuba sinikele ngexesha namandla ethu, sincede abantu futhi sibathande.

18. Bathini abanye abaphandi ngokupha?

18 Nabantu abaphanda ngendlela abantu abaphila ngayo baye babona ukuba ukupha kwenza umntu onwabe. Elinye inqaku lathi “abantu bathi bonwaba kakhulu xa benzele abanye izinto.” Abanye abaphandi bona bathi “ukunceda abantu kwenza sibone ukuba ubomi bethu bunenjongo.” Yiloo nto ezinye iingcali zikhuthaza ukuba abantu benze imisebenzi yasekuhlaleni bengajonganga kubhatalwa, kuba loo nto ibenza babe sempilweni baze bonwabe. Le nto ayibothusi abantu abaye bayamkela iBhayibhile njengeLizwi loMdali obathandayo abantu, uYehova.—2 Tim. 3:16, 17.

UNGAZE UYEKE UKUPHA

19, 20. Zeziphi izizathu onazo ezikwenza ufune ukupha?

19 Kunokuba nzima ukuhlala sisipha xa siphila nabantu abakhathalele iziqu zabo kunabanye. Kodwa uYesu wathi imithetho emibini emikhulu kukuthanda uYehova ngeentliziyo, umphefumlo, ingqondo nangamandla ethu onke, nokuthanda ummelwane njengokuba sizithanda. (Marko 12:28-31) Kweli nqaku sibonile ukuba abantu abathanda uYehova bayamxelisa. UYehova noYesu bayapha. Basikhuthaza ukuba siphe, kuba siza konwaba. Ukuba sizama ukupha uThixo nabantu, siza kuzukisa uYehova kuze kuncedakale thina nabanye.

20 Ngokuqinisekileyo sele uzama ukupha nokunceda abanye abantu, ingakumbi abazalwana noodadewenu. (Gal. 6:10) Ukuba akuyeki ukwenjenjalo, abantu baza kukuthanda, ibe loo nto iza konwabisa. IMizekeliso 11:25 ithi: “Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa, yaye oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.” Kubomi bethu nasentsimini, zininzi iindlela esinokupha ngazo singajonganga nto. Ezi ndlela siza kuthetha ngazo kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 13 Igama litshintshiwe.