Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uzazi Zonke Iinkcukacha?

Ngaba Uzazi Zonke Iinkcukacha?

“Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.”—IMIZE. 18:13.

IINGOMA: 126, 95

1, 2. (a) Yintoni ebalulekileyo ekufuneka siyenze ngaphambi kokuba siqiniseke ngento eyenzekayo, ibe kutheni? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

SONKE kufuneka sizame ukuzihlola zonke iinkcukacha ngaphambi kokuba siqiniseke ngeyona nto yenzekayo. (IMize. 3:21-23; 8:4, 5) Ukuba asiyenzi loo nto, kungalula ukuba uSathana neli hlabathi bajije indlela esicinga ngayo. (Efe. 5:6; Kol. 2:8) Kodwa ukuze siyazi kakuhle into eyenzekayo, kufuneka sizazi zonke iinkcukacha. IMizekeliso 18:13 ithi: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.”

2 Kweli nqaku, siza kubona izinto ezenza kube nzima ukuba sizazi zonke iinkcukacha ukuze siyazi kakuhle into eyenzekayo. Siza kufunda ngemigaqo yeBhayibhile nangabantu esinokufunda kubo ukuze sikwazi ukuhlola iinkcukacha.

SUKUKHOLELWA YONKE INTO ETHETHWAYO

3. Kutheni kufuneka sisebenzise umgaqo okwiMizekeliso 14:15? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 Kulula ukwazi izinto kule mihla. Iwebhsayithi, iTV, nezinye izinto zeteknoloji zibafundisa izinto ezininzi abantu. Abantu abaninzi bathunyelelwa ii-imeyile, imiyalezo ngefowuni, babaliselwa nezinto ngabahlobo babo. Ngoko kubalulekile ukuba silumke, sizihlole izinto esizivayo, kuba kule mihla baninzi abantu abathetha izinto ezingekhoyo. Ngowuphi umgaqo weBhayibhile onokusinceda? IMizekeliso 14:15 ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”

4. Incwadi yabaseFilipi 4:8, 9 isinceda njani sizikhethe izinto esizifundayo, ibe kutheni ibalulekile loo nto? (Jonga ibhokisi ethi “ Ezinye Zezinto Ezinokusinceda Sifumane Iinkcukacha Ezichanileyo.”)

4 Ukuze sizazi kakuhle izinto, kufuneka sibe neenkcukacha ezipheleleyo. Yiloo nto kufuneka silumke size sizikhethe kakuhle izinto esizifundayo. (Funda kwabaseFilipi 4:8, 9.) Ngoko kufuneka singachithi ixesha lethu sibukela iindaba ezithandabuzekayo kwiiwebhsayithi okanye sifunde izinto ekungaqinisekwanga ngazo kwii-imeyile okanye kwiifowuni. Kufuneka singangeni kwaukungena kwiiwebhsayithi zabawexuki. Into abayifunayo kukuphelisa ukholo lwabantu bakaThixo nokujija inyaniso. Iinkcukacha ezingachananga zingenza singayazi eyona nyaniso. Ungaze ucinge ukuba inkcazelo engachananga ayinakuze iyonakalise ingqondo nentliziyo yakho.—1 Tim. 6:20, 21.

5. Yintoni awayixelelwayo amaSirayeli engeyonyani, ibe kwenzeka ntoni emva koko?

5 Ukukholelwa into engeyonyani kungayingozi. Ngokomzekelo, ngexesha likaMoses kwathunyelwa iintlola eziyi-12 ukuba ziye kuhlola iLizwe Lesithembiso, zaza eziyi-10 zabuya zithetha izinto ezingekhoyo. (Num. 13:25-33) Loo nto yabenza boyika abantu bakaYehova baza batyhafa. (Num. 14:1-4) Kwakutheni ukuze boyike? Mhlawumbi babecinga ukuba, kuba iintlola ezininzi zithetha into enye, zisenokuba zinyanisile. Abazange bafune ukumamela uYoshuwa noKalebhi ababethetha inyani. (Num. 14:6-10) Endaweni yokuba bazame ukufumana zonke iinkcukacha baze bathembele ngoYehova, benza ubudenge bokukhetha ukumamela ezo ntlola zazixoka.

6. Kutheni singafanele sothuke xa abantu bethetha kakubi ngabantu bakaYehova?

6 Kufuneka silumke kakhulu xa sisiva kuthethwa izinto ngabantu bakaYehova. Singaze siyilibale into yokuba uSathana usoloko exoka ngabantu bakaThixo. (ISityhi. 12:10) Ngoko, yiloo nto uYesu wasilumkisa ngabantu abaza ‘kuthetha ngathi lonke uhlobo lwento engendawo bexoka.’ (Mat. 5:11) Ukuba siyawakholelwa amazwi kaYesu, soze sothuke xa abantu bethetha izinto ezingekhoyo ngabantu bakaYehova.

7. Yintoni esimele sicinge ngayo ngaphambi kokuthumela imiyalezo?

7 Ngaba uyakuthanda ukuthumelela abahlobo bakho ii-imeyile okanye imiyalezo ngefowuni? Ukuba kunjalo, inoba uthi uqala nje ukuva iindaba ube ufuna ukuba ngowokuqala ukuziphaka zishushu oku kwentatheli. Kodwa ke, ngaphambi kokuba uthumele loo myalezo, zibuze: ‘Ngaba phofu yinyani le nto? Ngaba ndizazi zonke iinkcukacha?’ Ukuba awuqinisekanga, unokuzibona sele uxelela abazalwana into engeyiyo. Ukuba uyathandabuza, wucime loo myalezo ungabikho.

8. Yintoni eyenziwe ngabantu abasichasayo kwamanye amazwe, ibe singabancedisa njani singaqondanga?

8 Sikhona nesinye isizathu esifuna sicinge ngaphambi kokuba sithumele imiyalezo ngeimeyile okanye ngefowuni. Kwamanye amazwe umsebenzi wethu uphantsi kwemithetho ebekwe ngurhulumente okanye uvaliwe. Abantu abasichasayo kuloo mazwe, banokusasaza izinto ezinokwenza abazalwana boyike okanye bangathembani. Ngokomzekelo, cinga ngento ekhe yenzeka eSoviet Union. Umbutho wamapolisa, iKGB, wasasaza ubuxoki ngabazalwana abakhokelayo usithi bangcatshe abantu bakaYehova. * Abazalwana abaninzi babuthemba obo buxoki, baza bayeka ukukhonza uYehova. Yaba buhlungu ke loo nto! Into evuyisayo kukuba abaninzi babuya, kodwa abanye abazange babuye. Baphelelwa lukholo. (1 Tim. 1:19) Singenza njani ukuze ingenzeki kuthi loo nto? Masingasasazi izinto ezimbi okanye esingaqinisekanga ngazo. Masingakholelwa yonke into esiyivayo. Masiqiniseke ukuba sinazo zonke iinkcukacha.

INKCAZELO ENGAPHELELANGA

9. Yintoni enye into enokwenza kube nzima ukwazi iinkcukacha ezichanileyo?

9 Ngamanye amaxesha sisenokuva izinto ezinenyani engaphelelanga ibe loo nto inokwenza kube nzima ukwazi into eyenzekayo. Inkcazelo engaphelelanga ingasilahlekisa kakhulu. Singenza njani ukuze singalahlekiswa zizinto ezinenyani engaphelelanga?—Efe. 4:14.

10. Yintoni eyaphantse yabangela ukuba amaSirayeli ahlasele abantakwabo, ibe enza njani ukuze ingenzeki loo nto?

10 Cinga ngento eyenzeka kumaSirayeli awayehlala kwintshona yoMlambo IYordan ngexesha likaYoshuwa. (Yosh. 22:9-34) Eva ukuba amaSirayeli ahlala kwimpuma yoMlambo IYordan (oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase) akhe isibingelelo esikhulu esihle kufutshane neYordan. Yayiyinyani ke leyo, kodwa lalingaphelelanga ibali. Kuba amaSirayeli ahlala kwintshona yoMlambo IYordan eve loo ngxelo ingaphelelanga, acinga ukuba la asempuma amvukele uYehova, ngoko afuna ukuwahlasela. (Funda uYoshuwa 22:9-12.) Into evuyisayo kukuba, ngaphambi kokuba awahlasele, aqala ngokuthumela amadoda athembekileyo ukuba ayokuva into eyenzekileyo. Abona ntoni ke? Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase babesakhile isibingelelo, kodwa babengazukubingelela kuso. Babesakhela ukukhumbuza inzala yabo ukuba nabo babengabakhonzi abathembekileyo kuYehova. Inoba amaSirayeli aqonda ukuba ancedile angabahlaseli abantakwabo, kunoko aqale aphande ngeyona nto yenzekileyo!

11. Kwenzeka ntoni kuMefibhoshete? (b) UDavide ngewayeyiphephe njani into awayenzayo?

11 Nathi kusenokungenziwa ubulungisa kuthi ngenxa yenyaniso okanye inkcazelo engaphelelanga esasazwayo ngathi. Masenze umzekelo ngento eyenzeka kuKumkani uDavide noMefibhoshete. UDavide waba nobubele kuMefibhoshete, wambuyisela yonke imihlaba katatomkhulu wakhe uSawule. (2 Sam. 9:6, 7) Kodwa ekuhambeni kwexesha, uDavide weva into embi ngoMefibhoshete. Akazange afune ukuyiqonda ukuba yinyani na loo nto, wagqiba ukuba alithathe lonke ilifa lakhe. (2 Sam. 16:1-4) Xa wade wathetha noMefibhoshete, uDavide wabona ukuba wenze impazamo waza wambuyisela eminye yemihlaba yakhe. (2 Sam. 19:24-29) Ngeyingazange yenzeke yonke le nto ukuba uDavide wayeqale wafuna ukuqonda into eyenzekileyo.

12, 13. (a) UYesu wenza ntoni xa kwakuxokwa ngaye? (b) Simele senze ntoni xa umntu exoka ngathi?

12 Uza kwenza ntoni ukuba kuxokwe ngawe? UYesu noYohane uMbhaptizi nabo kwakukhe kwaxokwa ngabo. (Funda uMateyu 11:18, 19.) Wenza ntoni uYesu ngaloo nto? Akazange abe echitha ixesha namandla akhe ezithethelela. Kunoko wakhuthaza abantu ukuba bajonge izinto azenzayo nazifundisayo. Wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.”—Mat. 11:19.

13 Kukho into ebalulekileyo esiyifundayo kule nto yenziwa nguYesu. Ngamanye amaxesha abantu banokuthetha izinto ezingezizo okanye ezimbi ngathi. Nathi sisenokufuna ukuzithethelela ukuze sigcine igama lethu licocekile. Kodwa ikho enye into esinokuyenza. Ukuba umntu uxoka ngathi, abantu kufuneka bazibonele kwizinto asizenzayo ukuba unyanisile na. Njengokuba uYesu wenzayo, ukuba siziphatha njengamaKristu, abantu baza kubona xa kuxokwa ngathi.

NGABA UZITHEMBE KAKHULU?

14, 15. Kutheni singamele sizithembe kakhulu?

14 Siyabona ukuba kunzima ukufumana iinkcukacha ukuze sibone into eyenzekayo. Kanti enye into ebangela kube nzima kukungafezeki kwethu. Ngokomzekelo, sisenokuba kudala sikhonza uYehova ibe sinobulumko kwizinto ezininzi. Abanye abazalwana basenokusihlonipha ngaloo nto. Ngaba naloo nto inokuba yingxaki?

15 Ewe, inokuba yingxaki ukuba sithembela kakhulu kubulumko bethu. Indlela esiziva nesifuna izinto zenzeke ngayo, inokuba nefuthe kwindlela esicinga ngayo. Sisenokucinga ukuba siyayiqonda into eyenzekayo singakhange sifumane zonke iinkcukacha. Yingozi kakhulu leyo! IBhayibhile isilumkisa ukuba singazithembi kakhulu.—IMize. 3:5, 6; 28:26.

16. Kulo mzekeliso, yintoni eyenzeka kwivenkile yokutya, ibe uTom wacinga ntoni?

16 Khawuve lo mzekeliso. Xa omnye umdala, onguTom, wayekwivenkile yokutya, wabona omnye umdala, onguJohn, ehleli nebhinqa elingeyonkosikazi yakhe. UTom wayebabukele behleka, bonwabile besangana nokwangana. Yamphazamisa kakhulu le nto. Wacinga, ‘Ayizukuphelisa umtshato kaJohn le nto? Iza kumphatha njani umkakhe? Baza kuthini abantwana bona?’ UTom kudala wabona imitshato iqhawulwa zizinto ezinje. Wawuza kuthini wena ukuba wawunguTom?

17. Kulo mzekeliso, yintoni awayifumanisayo uTom, ibe thina usifundisa ntoni?

17 Khawuyicinge le nto, nangona uTom ebona ngathi uJohn akathembekanga kwinkosikazi yakhe, ngaba nyhani akathembekanga ke? Ngaloo ngokuhlwa uTom wafowunela uJohn. Wakhululeka kakhulu uTom xa wevayo ukuba elaa bhinqa ngudade boJohn owayeze kubabona. Wayemgqibele kudala udade wabo. Into eyabangela ukuba badibanele kwivenkile yokutya yayikukuba udade wabo wayegqitha, engazukuhlala ixesha elide. Inkosikazi yakhe ayizange ikwazi ukuya kutya nabo. Wanceda uTom angasasazi into engeyiyo. Sifunda ntoni apha? Nokuba sesinexesha elide kangakani sikhonza uYehova, loo nto ayithi masigqibe ngento ngaphandle kokufuna iinkcukacha.

18. Yintoni enokusenza sikholelwe into embi ngomzalwana wethu?

18 Enye into ebangela ukuba kube nzima ukufumana iinkcukacha kuxa singavani nomzalwana ebandleni. Ukuba siza kuhlala sibambe loo nto, sisenokusoloko simkrokrela umzalwana wethu. Ngoko xa sisiva into embi ngaye, kuba lula ukuyikholelwa. Sifunda ntoni? Ukusoloko sicinga ngeempazamo zabazalwana, kunokusenza sibone izinto ezimbi ngabo ezingeyonyani. (1 Tim. 6:4, 5) Singayiphepha loo nto ngokuba singabamoneli abazalwana bethu. Into esimele siyenze kukubathanda size sibaxolele ngokusuka entliziyweni.—Funda kwabaseKolose 3:12-14.

IMIGAQO YEBHAYIBHILE IZA KUSIKHUSELA

19, 20. (a) Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokusinceda? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

19 Kule mihla, ukufumana iinkcukacha kunzima kakhulu ngenxa yeenkcazelo ezingachananga, izinto ezingenanyani ipheleleyo nokungafezeki kwethu. Yintoni enokusinceda ke? Kufuneka siyazi imigaqo yeBhayibhile size siyisebenzise. Omnye wawo uthi bubudenge nokuthotywa ukuphendula into ngaphambi kokuyiva. (IMize. 18:13) Omnye uthi kufuneka sizihlole izinto esizivayo ngaphambi kokuba sizikholelwe. (IMize. 14:15) Owokugqibela uthi nokuba sele sinexesha elide kangakanani sikhonza uYehova, asimele sithembele kubulumko bethu. (IMize. 3:5, 6) Le migaqo inokusikhusela ukuba sisebenzisa iinkcukacha esizifumene kwiindawo esizithembileyo ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo.

20 Kodwa kusekho nenye ingxaki. Abantu bayathanda ukugqiba ngento abayibonayo. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngezinto ezinokusibangela senze le mpazamo nendlela esinokuyiphepha ngayo.

^ isiqe. 8 Jonga iNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2004, iphe. 110-112, neNcwadi Yonyaka ka-2008, iphe. 133-135.