Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungagqibi Ngomntu Ngokumjonga Nje

Ungagqibi Ngomntu Ngokumjonga Nje

“Musani ukugweba ngokwembonakalo yangaphandle, kodwa gwebani ngomgwebo wobulungisa.”—YOH. 7:24.

IINGOMA: 142, 123

1. UIsaya waprofeta wathini ngoYesu, ibe kutheni isikhuthaza nje loo nto?

XA UISAYA waprofeta ngeNkosi yethu uYesu Kristu, wasithuthuzela ngento eza kuyenza. Wathi uYesu “akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe. Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa.” (Isa. 11:3, 4) Kutheni le nto isikhuthaza nje? Kuba siphila nabantu abacalulayo. Simdinga nyhani uMgwebi ofanelekileyo, uYesu, ongazukusijonga nje aze agqibe ngathi!

2. UYesu wathi masenze ntoni, ibe siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Yonke imihla siba nendlela ethile esibajonga ngayo abantu. Kodwa kuba singabantu, asikwazi ukubajonga ngendlela abajonga ngayo uYesu. Into eye ibe nefuthe kuthi yinto esiyibonayo. Kodwa uYesu wathi: “Musani ukugweba [okanye ukugqiba] ngokwembonakalo yangaphandle, kodwa gwebani ngomgwebo wobulungisa.” (Yoh. 7:24) Kucacile ukuba uYesu ufuna sifane naye, singagqibi ngabantu ngenxa nje yento esiyibonayo. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezidla ngokwenza abantu bagqibe ngabanye: ubuhlanga, ukusokola okanye ubutyebi neminyaka. Kwinto nganye, siza kujonga ukuba singawuthobela njani umyalelo kaYesu.

SUKUGQIBA NGOMNTU NGENXA YOHLANGA ALULO

3, 4. (a) Yintoni eyenza uPetros watshintsha indlela awayecinga ngayo ngabantu beeNtlanga? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yintoni uYehova awanceda uPetros wayiqonda?

3 Khawucinge ngendlela umpostile uPetros awayeziva ngayo xa wayesiya eKesareya kwindlu kaKorneli umntu weeNtlanga. (IZe. 10:17-29) Njengamanye amaYuda, uPetros wakhula ekholelwa ukuba abantu beeNtlanga abahlambulukanga. Kodwa kwenzeka izinto ezamenza wayitshintsha indlela acinga ngayo. Ngokomzekelo, wayesandul’ ukubona umbono omangalisayo. (IZe. 10:9-16) Yintoni awayibonayo? Kwehla isitya esinjengeshiti esinezilwanyana ezingahlambulukanga, waza weva ilizwi lisithi: “Vuka, Petros, xhela udle!” Wala uPetros. Ilizwi elivela ezulwini lalisithi, “musa ukuzibiza ngokuba ziyinqambi izinto uThixo aye wazihlambulula.” Ukuvuka kwakhe, waxakwa yinto elalizama ukumxelela yona elo lizwi. Kwangoko kwafika abathunywa abavela kuKorneli. Emva kokukhokelwa ngumoya oyingcwele, wahamba nabo ukuya kwindlu kaKorneli.

4 Ukuba uPetros wayegqibe ngento ayibonayo kuKorneli, ngewayengayanga endlwini yakhe. AmaYuda ayengangeni kwaukungena kwizindlu zabantu beeNtlanga. Yintoni eyabangela uPetros angene kwindlu yomntu weentlanga nakuba babecalulwa kangaka? Into eyambangela wangena kuloo ndlu ngumbono awawubonayo nakukuqinisekiswa ngumoya oyingcwele. Emva kokumamela uKorneli, uPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZe. 10:34, 35) Le nto yayimvuyisa uPetros, ibe yayiza kuwavuyisa onke amaKristu. Yayiza kuwavuyisa njani?

5. (a) Yintoni uYehova afuna ayazi onke amaKristu? (b) Zeziphi iimpawu esinokuba nazo, nakuba siyazi inyani ngoThixo?

5 Kule nto yenzeka kuPetros, uYehova wafundisa onke amaKristu ukuba yena akakhethi buso. Akukho hlanga alukhethayo kunolunye. Umntu omoyikayo aze enze okulungileyo wamkelekile kuye. (Gal. 3:26-28; ISityhi. 7:9, 10) Nawe uyayazi ukuba yinyani leyo. Kodwa kuthekani ukuba ukhulele kwilizwe okanye ikhaya elinocalucalulo? Nangona unokuthi awucalucaluli, zisenokubakho iimpawu zokucalula entliziyweni. Nasemva kokuba uPetros ebonile ukuba uYehova akakhethi, ekuhambeni kwexesha wabacalula abanye. (Gal. 2:11-14) Singamthobela njani uYesu, size siyeke ukugqiba ngabantu ngenxa yezinto esizibonayo kubo?

6. (a) Yintoni enokusinceda silukhuphe lonke ucalucalulo ezintliziyweni zethu? (b) Ingxelo eyabhalwa ngumdala yabonisa ntoni ngaye?

6 Kufuneka sifunde iLizwi LikaThixo ukuze sizihlolisise kakuhle enoba asinalo na ucalucalulo. (INdu. 119:105) Masibuze nakwabanye abantu ukuze sizazi, enoba sizibona singenalo. (Gal. 2:11, 14) Kungenzeka ukuba sinocalucalulo qha asiziboni. Masenze umzekelo ngomdala owathumela ingxelo yomzalwana nodade abatshatileyo abakwinkonzo yexesha elizeleyo. Loo mzalwana wayengowohlanga olujongelwa phantsi ngabantu abaninzi. Kusenokwenzeka ukuba lo mdala wayengaziboni ukuba uyamcalula lo mzalwana. Kuloo ngxelo yakhe wathetha izinto ezintle ngalo mzalwana, kodwa ekugqibeleni wathi: “Nangona ephuma [kolu hlanga], indlela aphila ngayo iye yabanceda abanye babona ukuba, nakuba abanye abantu [bolu hlanga] bemdaka, bengaphucukanga, kodwa asingabo bonke abanjalo.” Sifunda ntoni apha? Nokuba sele sisetyenziswa kangakanani yintlangano, simele sizihlolisise kakuhle size sivumele ukuncedwa ukuze sikwazi ukukhupha zonke iimpawu zocalucalulo esinazo. Yintoni enye esinokuyenza?

7. Singabonisa njani ukuba siyabathanda bonke abantu?

7 Ukuba sizama ukubathanda bonke abantu, asiyi kuba nalo ucalucalulo. (2 Kor. 6:11-13) Ngaba uthanda ukuhlala nabantu bohlanga lwakho okanye abathetha ulwimi lwakho? Ukuba unjalo, zama ukuchitha ixesha nabanye abantu. Kutheni ungaceli ukusebenza nabazalwana noodade bolunye uhlanga entsimini okanye ubamemele kwakho? (IZe. 16:14, 15) Ukuba uyayenza loo nto, akuyi kucalula nomnye umntu, uya kubathanda bonke. Kodwa zikhona nezinye izinto ezinokusenza sigqibe ngabantu ngenxa yezinto esizibonayo kubo. Masithethe ngokusokola nobutyebi.

UMPHATHA NJANI UMNTU OSISITYEBI OKANYE OSOKOLAYO?

8. ILevitikus 19:15 ithi masibaphathe njani abantu abazizityebi nabasokolayo?

8 Enye into enokusenza sibakhethe abantu kungenxa yokuba bezizityebi okanye besokola. ILevitikus 19:15 ithi: “Uze ungamphathi ngomkhethe osweleyo, yaye ungakhethi ubuso besikhulu. Uze usigwebe ngokusesikweni isinxulumani sakho.” Kodwa ingenzeka njani into yokukhetha umntu kuba esisityebi okanye elihlwempu?

9. Yintoni ebuhlungu uSolomon awayithethayo, ibe isifundisa ntoni?

9 USolomon waphefumlelwa ukuba abhale into ebuhlungu eyenziwa ngabantu abangafezekanga. KwiMizekeliso 14:20 wathi: “Osweleyo uthiywa nalidlelane lakhe, kodwa zininzi izihlobo zesityebi.” Sifunda ntoni kule vesi? Ukuba asilumkanga, sisenokufuna ukuba ngabahlobo babazalwana okanye oodade abazizityebi size singabahoyi abasokolayo. Kutheni kuyingozi nje ukuthanda abazalwana kuba bezizityebi?

10. Wawalumkisa ngantoni uYakobi amaKristu?

10 Ukuba sithanda abantu kuba bezizityebi okanye kuba besokola, loo nto inokuliqhekeza ibandla. Umfundi uYakobi wathi le nto yayiwohlukanisa amabandla ngexesha labapostile. (Funda uYakobi 2:1-4.) Masingayivumeli iwohlukanise amabandla ethu. Singenza njani ukuze singathandi abantu ngenxa yezinto abanazo?

11. Ngaba uYehova uthanda umntu kuba esisityebi okanye esokola? Cacisa.

11 Simele sibajonge ngendlela uYehova abajonga ngayo abazalwana bethu. UYehova akathandi umntu kuba esisityebi okanye esokola. Ubuhlobo bethu noYehova abuqiniswa kukuba sinezinto okanye singenazo. Yinyani yona into eyathethwa nguYesu esithi, “kuya kuba nzima ngesityebi ukungena ebukumkanini bamazulu,” kodwa akazange athi asizukungena. (Mat. 19:23) Waphinda wathi: “Ninoyolo nina mahlwempu, ngenxa yokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.” (Luka 6:20) Kodwa wayengathethi kuthi bonke abantu abasokolayo babeza kuzamkela izinto awayezifundisa. Abantu abaninzi abasokolayo abazange bammamele. Eyona nto siyifundayo yile, uYehova akathandi umntu kuba esisityebi okanye esokola.

12. Zithini iZibhalo kubantu abazizityebi nabasokolayo?

12 Sisikelelwe nyhani kuba sinabazalwana noodade, abazizityebi nabasokolayo, abakhonza uYehova ngeentliziyo zabo zonke. IZibhalo zithi abo bazizityebi bamele “bangathembeli kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo.” (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:17-19.) Kwangaxeshanye, iLizwi LikaThixo lilumkisa bonke abantu bakaThixo, abazizityebi nabasokolayo, ukuba bangayithandi imali. (1 Tim. 6:9, 10) Ukuba sibajonga njengoYehova abazalwana, asizukubathanda kuba benemali okanye besokola. Sibaphatha njani bona abantu abadala nabancinci kuthi? Makhe sithethe ngaloo nto ngoku.

UNGAMDELELI UMNTU NGENXA YEMINYAKA YAKHE

13. IZibhalo zisifundisa ntoni ngokuhlonipha abantu abadala?

13 IZibhalo zisoloko zisithi simele sibahloniphe abantu abadala. ILevitikus 19:32 ithi: “Uze usukume phambi kwengwevu, uyihlonele indoda enkulu, umoyike uThixo wakho.” Kanti iMizekeliso 16:31 yona ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” NoPawulos wathi kuTimoti umele angawagxeki amadoda amakhulu kodwa umele awahloniphe njengootata bakhe. (1 Tim. 5:1, 2) Nangona uTimoti wayekhokela, kwakufuneka awaphathe kakuhle.

14. Sinokumlungisa xa kutheni umntu omdala kuthi?

14 Kodwa uza kuthini xa umntu omdala esona ngabom okanye ekhuthaza izinto angazithandiyo uYehova? UYehova akasoze amxolele umntu owona ngabom, nokuba mdala okanye uyahlonitshwa. Umgaqo okuIsaya 65:20 uthi: “Aqalekiswe umoni eneminyaka elikhulu ubudala.” Omnye umgaqo ofana nalo ukumbono kaHezekile. (Hez. 9:5-7) Ngoko, oyena mntu simele simhloniphe nguNyangelemihla, uYehova uThixo. (Dan. 7:9, 10, 13, 14) Ukuba siyamhlonipha uYehova, asiyi koyika ukumlungisa umntu owonayo, nokuba ungakanani.—Gal. 6:1.

Ngaba uyabahlonipha abazalwana abasebatsha? (Jonga isiqendu 15)

15. Yintoni esiyifundayo kumpostile uPawulos ngokuhlonipha abazalwana abasebatsha?

15 Kuthekani ngabazalwana abasebatsha ebandleni? Ngaba bona uyabahlonipha? Umpostile uPawulos wabhalela umfana onguTimoti wathi: “Makungabikho mntu ubujongela phantsi ubutsha bakho. Kunoko, yiba ngumzekelo wabo bathembekileyo ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.” (1 Tim. 4:12) Xa uPawulos wayebhala la mazwi, inoba uTimoti wayesandul’ ukudlula kwiminyaka eyi-30. Kodwa uPawulos wayemnike imisebenzi emikhulu ebandleni. Sifunda ntoni thina kule nto? Asimele sibadelele abazalwana bethu abasebatsha. Simele sikhumbule ukuba neNkosi yethu uYesu yawenza wonke umsebenzi eyayiwuthunywe emhlabeni xa yayisandul’ ukudlula kwiminyaka eyi-30.

16, 17. (a) Yintoni abafanele bayisebenzise abadala ukuze babone ukuba umzalwana uyafaneleka ukuba sisicaka solungiselelo okanye umdala? (b) Yintoni enokwenzeka xa bengayisebenzisi imigaqo yeBhayibhile?

16 Mhlawumbi sikhulele kwindawo abadelelwayo kuyo abafana. Loo nto inokwenza kube nzima kubadala ukuncomela abazalwana abasebatsha abafanelekayo ukuba babe zizicaka zolungiselelo okanye abadala. Bonke abadala bamele bakhumbule ukuba iZibhalo azibeki minyaka umntu anokuba sisicaka solungiselelo okanye umdala ngayo. (1 Tim. 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9) Ukuba umdala ubeka umthetho ngenxa yendlela abajongwa ngayo abafana ekuhlaleni, akalithobeli iLizwi LikaThixo. Yimigaqo yeBhayibhile kuphela abafanele bayisebenzise abadala xa bejonga ukuba abazalwana abasebatsha bayafaneleka na.—2 Tim. 3:16, 17.

17 Khawucinge indlela abaza kumlibazisa ngayo umzalwana ofanelekayo xa bengayithobeli imigaqo yeBhayibhile. Kwelinye ilizwe, isicaka solungiselelo sasinikwe imisebenzi emikhulu ebandleni. Nangona abadala babesibona ukuba siyafaneleka ngokweZibhalo ukuba sibe ngumdala, abazange basincomele. Abanye abadala abasele bekhulile bema ngelithi lo mzalwana ukhangeleka emncinci ukuba angaba ngumdala. Into ebuhlungu kukuba lo mzalwana akazange abe ngumdala ngenxa nje yendlela akhangeleka ngayo. Kuyabonakala ukuba kumabandla amaninzi emhlabeni wonke abadala bacinga ngale ndlela. Kubalulekile ukuba sikhokelwe ziZibhalo kunokwenza izinto ngendlela esicinga ngayo okanye ekwenziwa ngayo ekuhlaleni. Ngaloo ndlela siya kuba sithobela uYesu, asibadeleli abazalwana ngenxa yeminyaka yabo.  

GWEBA NGOBULUNGISA

18, 19. Yintoni efunekayo ukuze abantu sibajonge ngendlela abajonga ngayo uYehova?

18 Nangona singafezekanga, simele sifunde ukuba njengoYehova, singabacaluli abantu. (IZe. 10:34, 35) Kodwa kuza kufuneka sisebenze nyhani ukuze sikwazi ukuyenza le nto, size simane sizikhumbuza ngeLizwi LikaThixo. Xa siyisebenzisa le migaqo, siza kukwazi ukumthobela uYesu size singagqibi ngomntu ngokumjonga nje ngaphandle.—Yoh. 7:24.

19 Kungekudala, uKumkani wethu uYesu Kristu, uza kugweba wonke umntu, hayi ngento ayibonayo, okanye ayivayo, kodwa ngobulungisa. (Isa. 11:3, 4) Ingathi alisafiki elo xesha!