Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yintoni eyabangela ukuba umfundi uStefano ahlale ezolile ngoxa wayetshutshiswa?

USTEFANO wema phambi kweqela lamadoda akhohlakeleyo. Iijaji eziyi-71 ezazingamalungu enkundla ephakamileyo kwaSirayeli, iSanhedrin, zazingamanye awona madoda anegunya kolo hlanga. Zazidityaniswe nguMbingeleli Omkhulu uKayafa, owaxoxa ityala elaphumela ekubeni uYesu abulawe kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. (Mat. 26:57, 59; IZe. 6:8-12) Njengoko zazimane zibiza ngamnye kubantu ababemangalele uStefano ngobuxoki, zabona into eyothusayo kuStefano, ubuso bakhe “babunjengobuso bengelosi.”​—IZe. 6:13-15.

Yintoni eyabangela ukuba uStefano ahlale ezolile kwimeko eyayisoyikisa ngolo hlobo? Ngaphambi kokuba asiwe phambi kweSanhedrin ngenkani, wayezinikele ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela, uThixo emphe umoya wakhe oyingcwele. (IZe. 6:3-7) Xa wayesematyaleni, kwalo moya wamnceda ngokumthuthuzela nokumkhumbuza iZibhalo. (Yoh. 14:16) Ngokutsho kweZenzo isahluko 7, umoya oyingcwele wamkhumbuza iivesi eziyi-20 nangaphezulu zeZibhalo ZesiHebhere xa wayezithethelela ngesibindi. (Yoh. 14:26) Kodwa ukholo lwakhe lwaqina kakhulu xa waboniswa umbono kaYesu emi ngakwisandla sasekunene sikaThixo.—IZe. 7:54-56, 59, 60.

Nathi ngenye imini sinokuzibona sikwiimeko ezoyikisayo okanye sitshutshiswa. (Yoh. 15:20) Xa silifunda qho iLizwi LikaThixo size sikhuthale entsimini, umoya kaYehova uza kusebenza kuthi. Siza kufumana amandla okumelana nabantu abasichasayo sizolile.—1 Pet. 4:12-14.