Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ndiya Kuhamba Enyanisweni Yakho”

“Ndiya Kuhamba Enyanisweni Yakho”

“Ndiyalele, Yehova, ngendlela yakho. Ndiya kuhamba enyanisweni yakho.”​—INDU. 86:11.

IINGOMA: 31, 72

1-3. (a) Simele siyixabise kangakanani inyaniso? Yenza umzekelo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

KUQHELEKILE ukujikisa into ubuyithengile. Kuqikelelwa ukuba kwamanye amazwe, abantu bajikisa phantse i-9 pesenti yezinto abazithengayo. Kanti izinto ezijikiswayo ebezithengwe kwi-intanethi zisenokuba ngaphezu kwe-30 pesenti. Mhlawumbi abathengi babone ukuba aziyiyo le nto bebeyicinga, zinengxaki okanye abazithandi. Ngenxa yaloo nto, baye bazijikise baze bathathe ezinye izinto okanye bacele imali yabo.

2 Nangona sisenokucela imali yethu xa sijikisa into ebesiyithengile, asifuni ukujikisa okanye ‘ukuthengisa’ ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso’ oluseBhayibhileni ‘esiluthengileyo.’ (Funda iMizekeliso 23:23; 1 Tim. 2:4) Njengokuba besifundile kwinqaku elidlulileyo, kwasithatha ixesha ukufunda inyaniso. Ukongezelela koko, ukuze sithenge inyaniso kusenokwenzeka ukuba sancama umsebenzi obhatalayo, asasondela kangako kwintsapho nabahlobo, satshintsha indlela esasicinga nesasiziphethe ngayo okanye sayeka amasiko angafunwayo nguThixo. Kodwa ke, zonke izinto esiye sazincama azifiki kwiintsikelelo esizifumeneyo.

3 Inyaniso eseBhayibhileni siyithanda njengala ndoda uYesu wathetha ngayo komnye wemizekeliso yakhe. Xa wayebonisa indlela abayixabisa ngayo inyaniso yoBukumkani BukaThixo abo bayifumanayo, uYesu wabalisa ngomrhwebi ohambahambayo ofuna iiperile ezintle wafumana enye yexabiso elikhulu. Loo perile yayixabiseke kakhulu kangangokuba “kwangoko wathengisa” zonke izinto awayenazo ukuze ayithenge. (Mat. 13:45, 46) Ngendlela efanayo, inyaniso esayifumanayo, inyaniso yoBukumkani BukaThixo nazo zonke ezinye iinyaniso ezixabisekileyo esazifunda kwiLizwi LikaThixo, ixabiseke kakhulu kuthi kangangokuba asizange silibazise ukuncama nantoni na ukuze siyifumane. Xa siyixabisa nyhani inyaniso, soze ‘sithengise ngayo.’ Into ebuhlungu kukuba, abanye abakhonzi bakaThixo baye bayeka ukuyixabisa inyaniso abayifumeneyo, bade bayithengisa. Asifuni yenzeke kuthi loo nto! Ukuze sibonise indlela esiyixabise ngayo inyaniso size singaze siyithengise, simele sithobele icebiso leBhayibhile ‘lokuqhubeka sihamba enyanisweni.’ (Funda eyesi-3 kaYohane 2-4.) Loo nto ithetha ukuyibeka kuqala ebomini bethu ize ibonakale nakwindlela esiphila ngayo. Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Kutheni abanye ‘besenokuyithengisa’ inyaniso kwaye bayithengisa njani? Sinokuqiniseka njani ukuba asiyenzi loo mpazamo? Singenza njani ukuze sizimisele ngakumbi ‘ukuqhubeka sihamba enyanisweni’?

KUTHENI ABANYE ‘BEYITHENGISA’ INYANISO KWAYE BAYITHENGISA NJANI?

4. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, yintoni eyenza abanye ‘bayithengisa’ inyaniso?

4 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, abanye abantu ababezithanda izinto awayezifundisa abazange baqhubeke behamba enyanisweni. Ngokomzekelo, emva kokuba enze ummangaliso wokondla abantu abaninzi, abo bantu bamlandela baya kwelinye icala loLwandle LwaseGalili. Kodwa uYesu wathetha into eyabothusayo, wathi: “Ngaphandle kokuba nitya inyama yoNyana womntu nize nisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.” Endaweni yokuba bacele uYesu ukuba abacacisele eyona nto wayeyithetha, bakhutyekiswa ngamazwi akhe baza bathi: “Le ntetho iyothusa; ngubani na onako ukuyiphulaphula?” Ngenxa yoko, “abaninzi kubafundi bakhe baphindela kwizinto ezisemva baza ababi sahamba naye.”​—Yoh. 6:53-66.

5, 6. (a) Kule mihla yethu, yintoni ebangele abanye bayishiya inyaniso? (b) Inokwenzeka njani into yokuba umntu ayishiye kancinci kancinci inyaniso?

5 Into ebuhlungu kukuba, nabanye kule mihla yethu baye bayeka ukuhamba enyanisweni. Abanye baye bakhutyekiswa kukutshintshwa kwendlela ebikade iqondwa ngayo ivesi ethile yeBhayibhile, okanye ngenxa yento eyenziwe okanye ethethwe ngumzalwana odumileyo. Kanti abanye baye bakhutyekiswa kukulungiswa ngeZibhalo, okanye bayishiya inyaniso kuba bengavani nomnye umKristu. Kukho nabanye abaye bakholelwa izinto ezithethwa ngabawexuki nabachasi abaye bazijija iimfundiso zethu. Loo nto iye yabangela ukuba ‘bemke’ ngabom kuYehova nakwibandla. (Heb. 3:12-14) Ngekwaba bhetele ukuba babexelise umpostile uPetros ngokuthi bahlale benokholo baze bamthembe uYesu. Xa uYesu wabuza abapostile ukuba bayafuna na ukumshiya, uPetros wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.”​—Yoh. 6:67-69.

6 Abanye baye bayishiya kancinci kancinci inyaniso, mhlawumbi bengayiqapheli bona loo nto. Umntu oshiya inyaniso ngolo hlobo singamfanisa nesikhephe esibhekela kancinci kancinci elunxwemeni. IBhayibhile ithi oko ‘kukukhukuliseka.’ (Heb. 2:1) Umntu owenza le nto akayishiyi ngabom inyaniso. Noko ke, loo mntu umosha ubuhlobo bakhe noYehova ibe usengozini yokumshiya. Singayilumkela njani le nto?

SINOKUQINISEKA NJANI UKUBA ASIYITHENGISI INYANISO?

7. Yintoni eza kusinceda singayithengisi inyaniso?

7 Ukuze sihambe enyanisweni, kufuneka sizamkele size sizithobele zonke izinto ezithethwa nguYehova. Inyaniso imele ibe yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu size siphile ngemigaqo yeBhayibhile. Xa wayethandaza kuYehova, uKumkani uDavide wathi: “Ndiya kuhamba enyanisweni yakho.”(INdu. 86:11) UDavide wayezimisele ukuhamba enyanisweni. Nathi simele sizimisele ukwenza njalo. Ukuba asiyenzi loo nto, sisenokufuna ukuyijikisa inyaniso size sifune ukubuyiselwa eza zinto sayithenga ngazo. Masingayenzi loo nto, kodwa masiyibambe nkqi inyaniso. Masingakhethi ukuba sithobele le size singayithobeli leya. Kodwa, masihambe “kuyo yonke inyaniso.” (Yoh. 16:13) Makhe sithethe ngezinto ezintlanu ekusenokwenzeka ukuba sayithenga ngazo inyaniso. Oku kuza kusinceda singafuni nkqu nokubuyiselwa nentwana le yazo.​—Mat. 6:19.

8. UmKristu olisebenzisa kakubi ixesha lakhe angazibhaqa njani sele ebhekela enyanisweni? Yenza umzekelo.

8 Ixesha. Ukuze singabhekeli enyanisweni, kufuneka silisebenzise kakuhle ixesha lethu. Ukuba asilumkanga, sisenokuzibhaqa sesichitha ixesha elininzi sizonwabisa, sisenza izinto esizithandayo, sikwi-Intanethi okanye sihleli phambi kweTV. Nangona kungekho nto imbi ngezi zinto, sisenokuchitha ixesha elininzi kuzo de singabi nalo elokwenza izinto eziqinisa ukholo. Khawucinge ngento eyenzeka kuEmma. * Wakuthanda eseyintombazana ukukhwela amahashe. Nanini na enethuba, wayekhwela ihashe. Ekuhambeni kwexesha, yaqalisa ukumtya into yokuchitha ixesha elide kangaka ekhwela amahashe. Wayilungisa le nto waza wayeka ukuchitha ixesha elininzi ezonwabisa. Wakhuthazwa nalibali likaCory Wells owayekade ethanda ukukhwela amahashe. * Ngoku uEmma uchitha ixesha elininzi esebenzela uYehova kunye nentsapho nabahlobo. Usondele ngakumbi kuYehova kwaye wonwabile kuba elisebenzisa kakuhle ixesha lakhe.

9. Ingenzeka njani into yokuba ukufuna izinto zeli hlabathi kwenze abanye bangazikhathaleli izinto eziqinisa ukholo?

9 Ukufuna ukuba nezinto. Ukuba sifuna ukuqhubeka sihamba enyanisweni, kufuneka sizibeke kwindawo yazo izinto zeli hlabathi. Xa sasiqala ukufunda inyaniso, sabona ukuba eyona nto ibalulekileyo kukukhonza uYehova kunokuthanda izinto. Zange sibe nangxaki xa kwafuneka sizincame ukuze sikwazi ukuhamba enyanisweni. Kodwa, ekuhambeni kwexesha sisenokubona abanye bethenga izinto ze-elektroniki okanye behambela phambili kweli hlabathi. Sisenokuqalisa ukucinga ukuba siyaphoswa, singaneliswa zizinto esinazo size sichithe ixesha elininzi sileqeka emva kwezinto kunokuba sikhonze uYehova. Le nto isikhumbuza uDemas. Kaloku wamshiy’ apho umpostile uPawulos kuba ‘ethanda inkqubo yezinto yangoku.’ (2 Tim. 4:10) Kwakutheni ukuze amshiye? IBhayibhile ayisixeleli. Mhlawumbi wayethanda izinto ngaphezu kokukhonza uThixo okanye kwakukho izinto awayengasafuni ukuzincama ukuze akhonze noPawulos. Asifuni kuphinda sizithande izinto zeli hlabathi size siyeke ukuyithanda inyaniso.

10. Ukuze siqhubeke sihamba enyanisweni, yintoni esimele siqiniseke ukuba ayenzeki?

10 Intsapho nabahlobo. Ukuze siqhubeke sihamba enyanisweni, asimele sivumele abanye abantu basiphazamise ekukhonzeni uYehova. Sathi sakuqalisa ukufunda inyaniso akwabikho nto ingako isidibanisa nabahlobo okanye iintsapho zethu ezingengawo amaNgqina. Abanye bayamkela loo nto ukanti abanye basichasa. (1 Pet. 4:4) Nangona sifuna ukuvana neentsapho zethu, kufuneka sikulumkele ukungayithobeli imigaqo yeBhayibhile kuba sifuna ukuvuyisa zona. Ewe kona sizama kangangoko ukuhlala ngoxolo namalungu eentsapho zethu. Kodwa, sifuna ukuba abona bahlobo bethu ibe ngabantu abathanda uYehova, njengoko isitsho eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33.

11. Yintoni enokusinceda singaziphathi kakubi?

11 Ukucinga nokuziphatha ngendlela angayifuniyo uThixo. Bonke abantu abahamba enyanisweni kufuneka babe ngcwele. (Isa. 35:8; funda eyoku-1 kaPetros 1:14-16.) Xa saqalisa ukufunda inyaniso, satshintsha indlela esasikade siphila ngayo ukuze ihambisane nemigaqo yeBhayibhile. Abanye kwafuneka bayeke izinto ekwakunzima kakhulu ukohlukana nazo. Nokuba satshintsha ntoni, simele sikulumkele ukuthengisa indlela ecocekileyo esiziphethe ngayo ngenxa yokuziphatha kakubi kweli hlabathi. Yintoni enokusinceda singaziphathi kakubi? Cinga ngoko uYehova asihlawulele kona ukuze sibe ngcwele, igazi elixabisekileyo loNyana wakhe, uYesu Kristu. (1 Pet. 1:18, 19) Eyona nto inokusinceda sihlale sicocekile emehlweni kaYehova kukusoloko sikhumbula indlela elixabiseke ngayo idini lentlawulelo likaYesu.

12, 13. (a) Kutheni kubalulekile ukuba iiholide sizijonge ngendlela uYehova azijonga ngayo? (b) Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula?

12 Amasiko nezenzo ezingafunwayo nguThixo. Amalungu eentsapho zethu, abantu esisebenza nesifunda nabo basenokufuna ukuba nathi sibhiyozele imihla yokuzalwa okanye ezinye iiholide. Yintoni enokusinceda singenzi amasiko okanye sibhiyozele iiholide angazifuniyo uYehova? Ngokuthi sihlale sicinga ngendlela uYehova azijonga ngayo ezi zinto. Enye into enokusinceda kukufunda iincwadi zethu ezisixelela ukuba zisuka phi ezi holide. Xa sizikhumbuza ngezizathu eziseBhayibhileni zokuba singamele sizibhiyozele, siyaqiniseka ukuba sihamba ngendlela ‘eyamkelekileyo eNkosini.’(Efe. 5:10) Xa sithembela kuYehova nakwiLizwi lakhe ‘asizukungcangcazela ngumntu.’​—IMize. 29:25.

13 Ukuhamba enyanisweni yinto eqhubekayo kwaye yindlela esifuna ukuhamba ngayo ngonaphakade. Singenza njani ukuze sizimisele ngakumbi ukuqhubeka sihamba enyanisweni? Makhe sithethe ngezi ndlela zintathu.

ZIMISELE NGAKUMBI UKUQHUBEKA UHAMBA ENYANISWENI

14. (a) Ukuqhubeka sithenga inyaniso kuza kusinceda njani singaze siyithengise? (b) Kutheni ubulumko, ingqeqesho nokuqonda zibalulekile?

14 Okokuqala, qhubeka ufunda iinyaniso ezikwiLizwi LikaThixo uze ucingisise ngazo. Thenga inyaniso ngokuzibekela ixesha lokufunda iLizwi LikaThixo rhoqo. Xa usenza loo nto uza kuyithanda ngakumbi inyaniso kwaye ungayithengisi. Ukongezelela ekuthengeni inyaniso, iMizekeliso 23:23 ithi simele sithenge “ubulumko, ingqeqesho nokuqonda.” Ukwazi nje iBhayibhile akwanelanga. Kufuneka siyiphile inyaniso. Xa siyiqonda, sidibanisa izinto esizifundayo nesisele sizazi. Ubulumko bona businceda sizenze izinto esizaziyo. Ngamanye amaxesha, inyaniso iyasiqeqesha ize isibonise izinto esimele sizilungise. Xa kunjalo kufuneka sihlale sithobela. Loo ngqeqesho ixabiseke ngakumbi kunesilivere.​—IMize. 8:10.

15. Ibhanti lenyaniso lisikhusela njani?

15 Okwesibini, zimisele ukuyiphila inyaniso yonke imihla. Libophe liqine ibhanti lenyaniso esinqeni sakho. (Efe. 6:14) Ngamaxesha eBhayibhile, ibhanti lejoni lalikhusela isinqe salo namanye amalungu omzimba. Ukuze eli bhanti lilikhusele, ijoni lalimele lilibophe liqine. Ukuba lalingaqinanga lalingazukulikhusela. Ibhanti lethu lenyaniso lisikhusela njani? Ukuba inyaniso siyibopha iqine ezinqeni zethu, iza kusinceda singacingi izinto ezimbi size senze izigqibo ezilumkileyo. Xa sinengxaki okanye silingwa ukuba senze into embi, inyaniso isinceda sizimisele ukwenza into elungileyo. Njengokuba ijoni lalingasoze liyicinge nokuyicinga into yokuya emfazweni lingalibophanga ibhanti lalo, nathi simele sizimisele ukuba singaze singalibophi liqine okanye silikhulule ibhanti lenyaniso. Kunoko, senza konke esinako ukuze siligcine liqinile ngokuthi sizenze izinto esizifunda eBhayibhileni. Enye into eyayisenziwa libhanti lejoni yayikukugcina ikrele lalo. Loo nto isizisa kwenye indlela esinokuzimisela ngakumbi ngayo ukuqhubeka sihamba enyanisweni.

16. Kusinceda njani ukufundisa abanye abantu inyaniso?

16 Okwesithathu, fundisa abanye abantu inyaniso eseBhayibhileni kangangoko unako. Xa usenza njalo uza kulibamba nkqi ikrele, oko kukuthi “iLizwi LikaThixo.” (Efe. 6:17) Sonke singaphucula kwindlela esifundisa ngayo size ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Xa sinceda abanye abantu ukuba bathenge inyaniso baze balahle iimfundiso ezingeyonyani, siye siyazi size siyithande ngakumbi inyaniso. Ngaloo ndlela, sizimisela ngakumbi ukuqhubeka sihamba enyanisweni.

17. Kutheni uyixabisa inyaniso?

17 Inyaniso sisipho esixabisekileyo esivela kuYehova. Yiyo esinceda sikwazi ukuba ngabahlobo bakaTata wethu osezulwini. Izinto asifundise zona ukuza kuthi ga ngoku zimbalwa xa sizithelekisa nezinto aseza kusifundisa zona! UThixo usithembisa ukuba uza kuqhubeka esifundisa ngonaphakade. Ngoko, yixabise inyaniso njengeperile entle. Qhubeka ‘uyithenga inyaniso, ungathengisi ngayo.’ Xa usenza loo nto, nawe njengoDavide, uza kutsho ukwazi ukumthembisa uYehova uthi: “Ndiya kuhamba enyanisweni yakho.”​—INdu. 86:11.

^ isiqe. 8 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 8 Yiya kwiJW Broadcasting uze ujonge kwindawo ethi INCOKO NAMAVA > INYANISO IGUQULA UBOMI.