Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kungayiphi indlela umpostile uPawulos ‘awathatyathwa enjalo wasiwa kwelesithathu izulu’ ‘naseparadesi’?​—2 Kor. 12:2-4.

Kweyesi-2 kwabaseKorinte 12:2, 3, uPawulos uthetha ngendoda ethile ‘eyathatyathwa injalo yasiwa kwelesithathu izulu.’ Yayingubani lowo? Xa wayebhalela ibandla laseKorinte, uPawulos wayibethelela into yokuba uThixo wayemsebenzisa njengompostile. (2 Kor. 11:5, 23) Emva koko, wathetha ‘ngemibono nezityhilelo zeNkosi.’ Xa wayebalisa le nto, uPawulos akazange abize amagama abanye abazalwana. Kucacile ukuba nguye le ndoda yabona le mibono nezityhilelo.​—2 Kor. 12:1, 5.

Ngoko nguPawulos lo ‘wathatyathwa enjalo wasiwa kwelesithathu izulu’ ‘naseparadesi.’ (2 Kor. 12:2-4) Wasebenzisa igama elithi ‘izityhilelo,’ elithetha ukuba waboniswa into eyayiseza kwenzeka.

Yintoni ‘izulu lesithathu’ elabonwa nguPawulos?

EBhayibhileni, igama elithi “izulu” linokuthetha isibhakabhaka. (Gen. 11:4; 27:28; Mat. 6:26) Kodwa eli gama linokusetyenziswa nangezinye iindlela. Ngamanye amaxesha linokuthetha ulawulo lomntu. (Dan. 4:20-22) Okanye linokuthetha uBukumkani bukaThixo.​—ISityhi. 21:1.

UPawulos wabona ‘izulu lesithathu.’ Wayethetha ukuthini? IBhayibhile ikhe iyiphindaphinde kathathu into ukuze iyibethelele. (Isa. 6:3; Hez. 21:27; ISityhi. 4:8) Kubonakala ukuba, xa uPawulos wayethetha ‘ngezulu lesithathu,’ wayebethelela indlela obuphakame ngayo uBukumkani obulawulwa nguYesu Kristu kunye ne-144 000. (Jonga i-Insight on the Scriptures, Vol. 1, iphe. 1059, 1062.) Njengokuba umpostile uPetros watshoyo, silindele “amazulu amatsha” ngokwesithembiso sikaThixo.​—2 Pet. 3:13.

Yeyiphi yona le ‘paradesi’ uPawulos wayethetha ngayo?

Igama elithi, ‘paradesi’ linokuthetha izinto ezahlukahlukeneyo: (1) Xa sicinga ngendlela umhlaba owawuyiyo ekuqaleni, eli gama linokuthetha iParadesi eza kuba lapha emhlabeni. (2) Lisenokuthetha indlela abantu abaza kuphila kamnandi ngayo, beseluxolweni kwihlabathi elitsha. (3) Kwakhona, lisenokuthetha indlela ekuphilwa kamnandi ngayo ezulwini, ‘kwiparadesi kaThixo’ ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 2:7.​—Jonga IMboniselo kaJulayi 15, 2015, iphe. 5 isiqe. 8.

Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayethetha ngazo zontathu ezi paradesi kweyesi-2 kwabaseKorinte 12:4 xa wayechaza into eyenzeke kuye.

Siphuma nantoni ke?

Kuyabonakala ukuba ‘amazulu amatsha’ achazwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 12:2 buBukumkani obulawulwa nguYesu Kristu ne-144 000, oko kukuthi “amazulu amatsha.”—2 Pet. 3:13.

Obu Bukumkani bubizwa ngokuba ‘lizulu lesithathu’ ngenxa yendlela obuphakame ngayo.

Le ‘paradesi’ uPawulos ‘wathatyathelwa’ kuyo embonweni isenokuthetha (1) iParadesi eza kuba lapha emhlabeni, (2) indlela oluza kuba luninzi ngayo uxolo emhlabeni, ukodlula olo lukhoyo phakathi kwabantu bakaThixo (3) ‘iparadesi kaThixo’ esezulwini, eza kube isekho xa kukho ihlabathi elitsha.

Ngoko ke, ihlabathi elitsha iza kuba ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha. UBukumkani basezulwini buza kube bulawula, kwangaxeshanye nabantu baza kube bekhonza uYehova kwiparadesi esemhlabeni, into engazange yenzeka ngaphambili.