Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uza Kusenzela Ntoni UThixo?

Uza Kusenzela Ntoni UThixo?

Ukuba ubusengxakini, ngokuqinisekileyo ubuza kulindela ukuba umhlobo wakho akuncede. Abanye bacinga ukuba uThixo akangomhlobo wabo, kuba besithi akho kwanto ayenzayo ngeengxaki zabo. Xa sithetha inyani, zininzi izinto uThixo asenzele zona ibe uza kuphelisa ubunzima neengxaki esinazo. Uza kwenza ntoni?

UZA KUPHELISA ZONKE IZINTO EZIMBI

UThixo uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ngokutshabalalisa unobangela wazo. IBhayibhile iyasixelela ukuba ngubani lowo, xa isithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Lo “ongendawo” ngulo wathi uYesu xa embiza ‘ngumlawuli weli hlabathi,’ uSathana uMtyholi. (Yohane 12:31) Yimisebenzi kaSathana ebangela izinto ezibuhlungu nezikhathazayo apha emhlabeni. Uza kwenza ntoni uThixo?

Kungekudala uYehova uThixo uza kuyilungisa le nto esebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu, aze “amtshitshise lowo unamandla okubangela ukufa, oko kukuthi, uMtyholi.” (Hebhere 2:14; 1 Yohane 3:8) IBhayibhile ithi noSathana uyayazi “ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:12) UThixo uza kubasusa bonke abantu abenza izinto ezimbi.​—INdumiso 37:9; IMizekeliso 2:22.

UZA KWENZA UMHLABA UBE YIPARADESI

Emva kokuba ephelise zonke izinto ezimbi emhlabeni, uMdali wethu uza kuyizalisekisa injongo yakhe yokuba emhlabeni kuphile abantu abafezekileyo kwiparadesi. Ziintoni esinokuzilindela?

Uxolo olungapheliyo nokhuseleko. “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”​—INdumiso 37:11.

Ukutya okuninzi okunesondlo. “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”​—INdumiso 72:16.

Izindlu ezintle nemisebenzi eyanelisayo. “Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo.  . . Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.”​—Isaya 65:21, 22.

Ngaba awunqweneli ukuphila kwindawo enjalo? Kungekudala iza kuba bubomi babantu obo.

UZA KUPHELISA UKUGULA NOKUFA

Wonke umntu kule mihla uyagula aze afe, kodwa kungekudala iza kuphela loo nto. UThixo uza kusebenzisa intlawulelo kaYesu “ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Iza kunceda ntoni loo nto?

Kuza kupheliswa izigulo. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’ Abemi belo lizwe baya kuzixolelwa iziphoso zabo.”​—Isaya 33:24.

Ukufa kuza kupheliswa nako. “Uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.”​—Isaya 25:8.

Abantu baza kuphila ubomi obungenasiphelo. “Isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.”—Roma 6:23.

Baza kuvuswa abo baswelekileyo. “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Ngenxa yokusifela kukaYesu abantu abaswelekileyo baza kuvuswa.

UThixo uza kuyenza njani yonke le nto?

UZA KUZISA OYENA RHULUMENTE UDINGWA NGABANTU

UThixo uza kuyizalisekisa injongo yakhe yokuba abantu baphile ngonaphakade emhlabeni esebenzisa urhulumente osezulwini. UYesu Kristu unyulwe njengoMlawuli walo rhulumente. (INdumiso 110:1, 2) Lo rhulumente okanye obu bukumkani, bubo obu uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele bathi: “Bawo wethu osemazulwini, . . . mabufike ubukumkani bakho.”​—Mateyu 6:9, 10.

UBukumkani BukaThixo buza kulawula umhlaba wonke buze buphelisa zonke iintlungu nezinto ezimbi ezenzekayo. Obu Bukumkani ngoyena rhulumente udingwa nyhani ngabantu! Yiyo le nto uYesu xa wayelapha emhlabani wayezimisele kangaka ‘ukushumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani’ nokufundisa abafundi bakhe ukuba benze into efanayo.​—Mateyu 4:23; 24:14.

Ngenxa yokuba ebathanda kakhulu abantu, uYehova uThixo uthembisa ukuba uza kuqhubeka ebenzela izinto ezintle. Ngaba loo nto ayikwenzi ube nomdla wokumazi uze ube ngumhlobo wakhe? Umxholo olandelayo uza kuthetha ngaloo nto.

UZA KUSENZELA NTONI UTHIXO? UThixo uza kuphelisa ukugula nokufa, alawule abantu phantsi koBukumkani bakhe, aze enze umhlaba ube yiparadesi