Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kungakunceda Njani Ukuba Ngumhlobo KaThixo?

Kungakunceda Njani Ukuba Ngumhlobo KaThixo?

Ukuza kutsho ngoku, siye safunda izinto ezininzi ezisinceda siphendule umbuzo othi, Ngubani uThixo? Siqale ngokufunda eBhayibhileni ukuba igama lakhe nguYehova nokuba olona phawu lwakhe lukhulu luthando. Siye sabona nokuba ziintoni azenzileyo naseza kuzenza ukuze ancede bonke abantu. Zininzi kakhulu izinto esinokuzifunda ngoThixo. Kodwa inoba uyazibuza ukuba kuza kukunceda ngantoni ukufunda ngaye.

UYehova uthembisa ukuba, “ukuba uthe wamfuna, uya kumfumana.” (1 Kronike 28:9) Khawube nombono nje wezinto ezintle oza kuzifumana xa uthe wamazi uThixo, “ukusondelelana noYehova” ube ngumhlobo wakhe! (INdumiso 25:14) Kungakunceda njani ukuba ngumhlobo wakhe?

Uza konwaba nyhani. UYehova ‘nguThixo onoyolo’ (1 Timoti 1:11) Ukuba ngumhlobo wakhe uze wenze izinto njengaye kuza kukonwabisa nyhani. Kuza kukunceda uxole emphefumlweni, ube noxolo lwengqondo uze ubesempilweni. (INdumiso 33:12) Uza konwaba uze uphile ubomi obungazukukufaka engozini, wenze izinto eziza kukugcina usempilweni uze ukwazi ukuhlala nabantu. Nawe uza kuvumelana nomdumisi owathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum.”​—INdumiso 73:28.

Uza kukuhoya. UYehova wathi kubakhonzi bakhe: “Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdumiso 32:8) Le nto ithetha ukuba uYehova ubahoya bonke abakhonzi bakhe aze abanike izinto abazidingayo. (INdumiso 139:1, 2) Xa unobuhlobo obuhle noYehova uza kubona ukuba uhlala ekukhathalele.

Uza kukunika ikamva elihle. Nangona uYehova uThixo ekunceda wonwabe ngoku, useza kukunika ikamva elihle. (Isaya 48:17, 18) IBhayibhile ithi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Kula maxesha anzima, ithemba uThixo asinika lona lifana neankile, ibe lisinceda sihlale ‘siqinisekile yaye siqinile.’​—Hebhere 6:19.

Ezi zezinye zezona zizathu zibalulekileyo zokuba sifune ukumazi bhetele uThixo, size sibe ngabahlobo bakhe. Ukuba ufuna inkcazelo engakumbi, ungathetha neNgqina LikaYehova okanye ungene ku-jw.org/xh.