Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 2

Dumisa UYehova Ebandleni

Dumisa UYehova Ebandleni

“Phakathi ebandleni ndiya kukudumisa.”—INDU. 22:22.

INGOMA 59 Dumisa UYa Kunye Nam

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UDavide wayeziva njani ngoYehova ibe wenza ntoni?

UKUMKANI uDavide wathi: “UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu.” (INdu. 145:3) Wayemthanda uYehova ibe loo nto yamenza wamdumisa “phakathi ebandleni.” (INdu. 22:22; 40:5) Ngokuqinisekileyo uyamthanda uYehova ibe uyavumelana namazwi kaDavide athi: “Mawubongwe wena, Yehova Thixo kaSirayeli ubawo wethu, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.”—1 Kron. 29:10-13.

2. (a) Singamdumisa njani uYehova? (b) Yeyiphi ingxaki abanye abazalwana noodade abanayo, ibe siza kuthetha ngantoni?

2 Namhlanje, enye indlela esimdumisa ngayo uYehova kukuphendula kwiintlanganiso. Kodwa iba nzima le nto kwabanye abazalwana noodade. Bayafuna bona ukuphendula kwiintlanganiso, kodwa baye bangakwazi ngenxa yokoyika. Yintoni enokubanceda bayeke ukoyika? Ibe ngawaphi amacebiso anokusinceda sonke ukuba sitsho ngeempendulo ezikhuthazayo? Ngaphambi kokuba siphendule le mibuzo, makhe sithethe ngezizathu ezibalulekileyo ezine zokuba siphendule kwiintlanganiso.

KUTHENI SIPHENDULA KWIINTLANGANISO?

3-5. (a) Ngokutsho kwamaHebhere 13:15, kutheni siphendula kwiintlanganiso? (b) Ngaba sonke simele siphendule ngendlela efanayo? Cacisa.

3 UYehova usinike sonke ithuba lokumdumisa. (INdu. 119:108) Enye yeendlela esenza ngayo “umbingelelo [okanye umnikelo] wendumiso” kukuphendula kwiintlanganiso, ibe akukho mntu unokusenzela loo mnikelo. (Funda amaHebhere 13:15.) Ngaba uYehova ulindele ukuba sonke sinikele okanye siphendule ngendlela efanayo? Hayi, akalindelanga loo nto!

4 UYehova uyazi ukuba sikwazi ukwenza izinto ezahlukeneyo kwaye neemeko zethu azifani, ibe uyixabisa kakhulu iminikelo esimenzela yona. Khawucinge ngeminikelo yamaSirayeli awayamkelayo. Amanye ayenikela ngegusha okanye ngebhokhwe. Kodwa asokolayo ayenokunikela ‘ngamahobe amabini asendle okanye ngamantshontsho amabini amavukuthu.’ Ukuba umSirayeli wayengenazo ezi ntaka, uYehova wayewamkela umnikelo “osisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocolekileyo.” (Lev. 5:7, 11) Lo mgubo wawungabizi mali eninzi kodwa uYehova wayewuxabisa lo mnikelo ukuba nje ‘ngumgubo ocolekileyo.’

5 UThixo wethu usenjalo nanamhlanje. Xa siphendula kwiintlanganiso, akalindelanga ukuba sonke sibe ngamaciko njengoApolo okanye senze abantu bayibone into baze bayenze njengokuba uPawulos wayenjalo xa ethetha. (IZe. 18:24; 26:28) Eyona nto uYehova ayifunayo kukuba siphendule kangangoko sinako kodwa ngendlela esikwazi ngayo. Uyamkhumbula umhlolokazi owanikela ngeengqekembe ezimbini ezincinci? UYehova wayemthanda lo mhlolokazi kuba wanikela kangangoko wayenako.—Luka 21:1-4.

Ukuphendula kwiintlanganiso kunceda thina nabo bamameleyo (Jonga isiqendu 6-7) *

6. (a) Ngokutsho kwamaHebhere 10:24, 25, iimpendulo zabanye zinokusinceda njani? (b) Ungabonisa njani ukuba uyazixabisa iimpendulo ezikukhuthazileyo?

6 Xa siphendula siyakhuthazana. (Funda amaHebhere 10:24, 25.) Kuba mnandi kuthi sonke xa simamele iimpendulo ezahlukeneyo kwiintlanganiso. Siyavuya xa sisiva abantwana abancinci beneempendulo ezimfutshane nezisuka ezintliziyweni. Kuyasikhuthaza ukuva indlela avuya ngayo umntu xa ephendula ngento asandokuyifunda ebengayazi. Kuba mnandi naxa sisiva umntu oneentloni okanye ofunda ulwimi lwethu eqweba isibindi aze aphendule. (1 Tes. 2:2) Singabonisa njani ukuba siyazixabisa iimpendulo zabo? Emva kweentlanganiso singayokubabulela ngeempendulo zabo ezikhuthazayo. Enye indlela yokubabulela kukuba nathi siphendule. Xa sisenza njalo, ayisithi sodwa abakhuthazwayo kodwa nathi sikhuthaza abanye.—Roma 1:11, 12.

7. Kusinceda njani ukuphendula kwiintlanganiso?

7 Xa siphendula, nathi siyancedakala. (Isa. 48:17) Njani? Okokuqala, xa sizixelele ukuba siza kuphendula kwiintlanganiso siye sizilungiselele kakuhle. Xa silungiselele kakuhle siliqonda nangakumbi iLizwi LikaThixo. Xa siliqonda nangakumbi, siza kutsho sikwazi ukuzenza izinto ezithethwa lilo. Okwesibini, kunokuba mnandi kakhulu kwiintlanganiso kuba kukho into esiye sayenza. Okwesithathu, kuba kufuneka silungiselele kakuhle ukuze siphendule, amaxesha amaninzi siye sizikhumbule iimpendulo zethu naxa sele iintlanganiso ziphelile.

8-9. (a) Ngokutsho kukaMalaki 3:16, ucinga ukuba uYehova uziva njani xa siphendula kwiintlanganiso? (b) Yintoni abanye abasenokuyoyika?

8 Sivuyisa uYehova xa sithetha ngokholo lwethu. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyasiva ibe uzixabisa kakhulu izinto esizenzayo ukuze sikwazi ukuphendula kwiintlanganiso. (Funda uMalaki 3:16.) Loo nto siyibona kwindlela asisikelela ngayo xa sizama ukwenza into ayifunayo.—Mal. 3:10.

9 Kuyacaca ukuba sinezizathu ezivakalayo zokuphendula kwiintlanganiso. Sekunjalo, abanye basenokoyika ukuphakamisa izandla zabo. Ukuba nguwe lowo, ungatyhafi. Makhe sijonge eminye imigaqo yeBhayibhile, imizekelo embalwa nezinye izinto esinokuzenza ukuze sonke sikwazi ukuphendula nangakumbi kwiintlanganiso.

IZINTO ESINOKUZENZA UKUZE SIYEKE UKOYIKA

10. (a) Abaninzi kuthi boyika ntoni? (b) Ukuba uyoyika ukuphendula, loo nto inokubonisa ukuba ungumntu onjani?

10 Ngaba luyatsho uvalo qho xa ucinga ngokuphakamisa ukuze uphendule? Ukuba kunjalo, ayinguwe wedwa. Abaninzi kuthi baye boyike xa bephendula. Ngaphambi kokuba ukwazi ukuyeka ukoyika, kufuneka wazi ukuba yintoni ekwenza woyike. Ngaba unexhala lokuba uza kuyilibala into ofuna ukuyithetha okanye uza kuthetha into engeyiyo? Ngaba ucinga ukuba impendulo yakho ayizukuba mnandi njengeempendulo zabanye? Akukho nto imbi ngokuba nexhala lezo zinto. Kaloku loo nto ibonisa ukuba uthobekile ibe awuziboni ubhetele kunabanye. UYehova uyabathanda abantu abathobekileyo. (INdu. 138:6; Fil. 2:3) Kodwa uYehova uyafuna nokuba umdumise uze ubakhuthaze abazalwana noodade kwiintlanganiso. (1 Tes. 5:11) Uyakuthanda ibe uza kukunceda ube nesibindi.

11. Zeziphi izinto ezithethwa yiBhayibhile ezinokusinceda?

11 Makhe sijonge ezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile. Ithi sonke siyazenza iimpazamo xa sithetha nangendlela esithetha ngayo. (Yak. 3:2) UYehova akalindelanga ukuba singazenzi iimpazamo, kunjalo nangabazalwana noodadewethu. (INdu. 103:12-14) Bayintsapho yethu ibe bayasithanda. (Marko 10:29, 30; Yoh. 13:35) Bayaqonda ukuba xa siphendula ngamanye amaxesha asithethi le nto besifuna ukuyithetha.

12-13. Sifunda ntoni kumzekelo kaNehemiya nokaYona?

12 Makhe sithethe ngeminye imizekelo eseBhayibhileni enokukunceda uyeke ukoyika. Masiqale ngokaNehemiya. Wayesebenza kwindlu kakumkani. UNehemiya wayekhathazekile kuba wayeve ukuba iindonga zaseYerusalem zidiliziwe neegeyithi zayo zitshisiwe. (Neh. 1:1-4) Inoba waba novalo xa ebuzwa ngukumkani ukuba kutheni ekhathazekile. UNehemiya wakhawuleza wathandaza waza wamphendula. Emva koko, ukumkani wabanceda ngezinto ezininzi abantu bakaThixo. (Neh. 2:1-8) Omnye umzekelo ngokaYona. Xa uYehova wayemthume ukuba aye kuthetha nabantu baseNineve, uYona woyika waza waya kwelinye icala. (Yona 1:1-3) Kodwa uYehova wamnceda wayokushumayela eNineve. Izinto awazithethayo zabanceda kakhulu abantu baseNineve. (Yona 3:5-10) Kumzekelo kaNehemiya, sifunda ukuba kubalulekile ukuthandaza ngaphambi kokuba siphendule. Ibe kokaYona, sifunda ukuba uYehova unokusinceda sikwazi ukumkhonza nokuba soyika kangakanani na. Ngaba likhona ibandla eloyikeka njengabantu baseNineve?

13 Ngawaphi amacebiso anokukunceda ube neempendulo ezikhuthazayo kwiintlanganiso? Makhe sithethe ngamanye awo.

14. Kutheni simele sizilungiselele kakuhle iintlanganiso, ibe singazilungiselela nini?

14 Zilungiselele zonke iintlanganiso. Xa ulungiselele kakuhle kusengaphambili, uza kutsho ungoyiki ukuphendula. (IMize. 21:5) Kakade ke, asilungiseleli ngamaxesha afanayo. UEloise, owaswelekelwa ngumyeni noneminyaka epha koo-80, uqalisa ukulungiselela iMboniselo ekuqaleni kweveki. Uthi: “Kuba mnandi kakhulu kwiintlanganiso xa ndiye ndalungiselela kwangaphambili.” UJoy, oba semsebenzini phakathi evekini, uyilungiselela ngoMgqibelo iMboniselo. Uthi: “Kuba lula ukuyikhumbula xa ndiyilungiselele ngosuku olungaphambi kweentlanganiso.” UIke, umdala oxakekileyo nokwanguvulindlela, uthi: “Kuyandinceda mna ukumane ndifunda iziqendu ezimbalwa evekini kunokuba ndiyilungiselele yonke ngosuku olunye.”

15. Ziintoni onokuzenza ukuze uzilungiselele kakuhle iintlanganiso?

15 Ziintoni onokuzenza ukuze uzilungiselele kakuhle iintlanganiso? Ngaphambi kokuba uqalise, cela uYehova akuphe umoya oyingcwele. (Luka 11:13; 1 Yoh. 5:14) Emva koko sebenzisa imizuzu embalwa ukuze ujongisise eli nqaku uza kulifunda. Jonga umxholo, imixholwana, imifanekiso neebhokisi ezikwelo nqaku. Njengoko ufunda isiqendu, zifunde kangangoko unako neZibhalo ezikhoyo. Cinga ngale nto uyifundayo, uze uqiniseke nangakumbi ngeendawo ofuna ukuphendula kuzo. Xa ulungiselela kakuhle, uza kuncedakala kakhulu ibe kunokuba lula nokuphendula kwiintlanganiso.—2 Kor. 9:6.

16. Zeziphi iindlela zokuphanda ozisebenzisayo, ibe uzisebenzisa njani?

16 Ukuba unokukwazi, sebenzisa iiapp, iiwebhsayithi okanye iinkqubo zekhompyutha ezikhoyo ngolwimi olwaziyo. UYehova usebenzise intlangano yakhe ukuze sikwazi ukulungiselela iintlanganiso kwizixhobo ze-elektroniki. I-JW Library app iyasinceda sikwazi ukudawunlowuda iincwadi zethu kwiifowuni okanye kwiithableti. Sitsho sikwazi ukufunda okanye ukumamela inqaku enoba kunini okanye siphi na. Abanye basebenzisa le app ukuze bafunde xa bekwikhefu esikolweni, emsebenzini okanye xa besendleleni. IWatchtower Library neWatchtower LAYIBRARI EKWI-INTANETHI zisenzela lula umsebenzi xa sifuna ukuphanda ngakumbi ngezinto esizithandileyo kwinqaku esilifundayo.

Uzilungiselela nini iintlanganiso? (Jonga isiqendu 14-16) *

17. (a) Kunceda ngantoni ukulungiselela iimpendulo ezininzi? (b) Yintoni oyifundileyo kwividiyo ethi, Yiba Ngumhlobo KaYehova—Lungiselela Impendulo Yakho?

17 Ukuba unokukwazi, lungiselela iimpendulo ezininzi kwinqaku ngalinye. Ngoba? Kuba usenokungabizwa qho xa uphakamisile. Kusenokwenzeka ukuba ngeli xesha uphakamise isandla, baninzi nabanye abaziphakamisileyo ibe umqhubi usenokukhetha omnye wabo. Ukuze aqiniseke ukuba iintlanganiso ziphuma ngexesha, kusenokufuneka angabizi wonke umntu ophakamisileyo. Ngoko ungakhubeki okanye utyhafe ukuba akakukhombi xa uqala ukuphakamisa. Ukuba ulungiselele iimpendulo ezininzi, zininzi neendawo oza kufumana amathuba okuphendula kuzo. Usenokulungiselela nokufunda isibhalo. Kodwa ukuba ungakwazi, ungalungiselela ukuphendula ngamazwi akho. *

18. Kutheni umele ube neempendulo ezimfutshane?

18 Yiba neempendulo ezimfutshane. Ngamaxesha amaninzi, iimpendulo ezilula nezimfutshane zezona zikhuthazayo. Ngoko zimisele ukuba neempendulo ezimfutshane. Zama ukuba zingagqithi kwimizuzwana eyi-30. (IMize. 10:19; 15:23) Ukuba uneminyaka emininzi uphendula kwiintlanganiso, kubalulekile ukuba ube ngumzekelo omhle ngokuba neempendulo ezimfutshane. Xa uphendula, ukuba uthetha izinto ezininzi, unokuboyikisa abanye, bacinge ukuba abazukwazi ukuphendula njengawe. Enye into, xa iimpendulo zimfutshane, baba baninzi nabantu abaphendulayo kwiintlanganiso. Ukuba ukhonjwe kuqala, impendulo yakho mayibe lula ize iphendule ngqo umbuzo. Sukuzama ukuthetha yonke into esesiqendwini. Ukuba sele uphendulwe umbuzo, ungathetha nangezinye izinto ezisesiqendwini.—Jonga ibhokisi ethi, “ Ndingaphendula Ngantoni?

19. Umqhubi angakunceda njani, kodwa yintoni ekufuneka uyenzile?

19 Chazela umqhubi ukuba ufuna ukuphendula kwisiqendu esithile. Ukuba ukhetha ukwenza ngolu hlobo, yiya kumqhubi ngaphambi kokuba iintlanganiso ziqale. Emva kokuba kubuzwe umbuzo wesiqendu obusicelile, khawulezisa uphakamise isandla sakho, usiphakamise kakhulu ukuze umqhubi asibone.

20. Iintlanganiso zifana njani nokutya isidlo nabahlobo?

20 Khawuzijonge iintlanganiso ngokungathi utya nabahlobo bakho. Ukuba abazalwana noodade ebandleni baye bakumema kwisidlo baza bakucela ukuba upheke into, ubuza kuthini? Usenokuba nexhala kancinci, kodwa usenokwenza konke onako ukuze uze nento eza kuthandwa ngumntu wonke. UYehova, osimemileyo, ugcwalise itafile ngokutya esiza kukuthanda kwiintlanganiso. (INdu. 23:5; Mat. 24:45) Uyavuya xa sisenza konke esinako ukuze size nesipho, enoba sincinci. Ngoko lungiselela kakuhle uze uphendule kangangoko unako. Xa usenza njalo, awuzukutya nje kuphela kwitafile kaYehova kodwa uza kuzisa isipho esiza kunceda ibandla.

INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho

^ isiqe. 5 Njengomdumisi uDavide, sonke siyamthanda uYehova ibe siyakuthanda nokumdumisa. Siba nethuba elihle lokubonisa indlela esimthanda ngayo uThixo ngokuthi siphendule xa sikwiintlanganiso. Sekunjalo, kuba nzima kwabanye ukuphendula kwiintlanganiso. Ukuba nawe unale ngxaki, eli nqaku liza kukunceda wazi ukuba kutheni usoyika lize likubonisa izinto onokuzenza ukuze uyeke ukoyika.

^ isiqe. 17 Bukela ividiyo eku-jw.org/xh ethi, Yiba Ngumhlobo KaYehova—Lungiselela Impendulo Yakho. Yiya kwindawo ethi, IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > ABANTWANA.

^ isiqe. 63 IMIFANEKISO: Abazalwana noodade bazimisele ukuphendula kwisifundo seMboniselo.

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: Aba ngabanye babazalwana noodade ebebezimisele ukuphendula kwisifundo seMboniselo. Nakubeni iimeko zabo zingafani, bonke bazibekele ixesha lokulungiselela iintlanganiso.