Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 8

Kutheni Simele Sibulele?

Kutheni Simele Sibulele?

“Hlalani ninombulelo.”​—KOL. 3:15.

INGOMA 46 Enkosi Yehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UmSamariya owaphiliswa nguYesu wabonisa njani ukuba unombulelo?

AMADODA alishumi ayedinga nyhani ukuncedwa. Ayeneqhenqa, ibe engenathemba lokuba aya kuze aphile. Kodwa ngenye imini, abona uYesu, uMfundisi Omkhulu, ekude. Ayevile ukuba akukho sigulo uYesu angazange asiphilise ibe ayeqinisekile ukuba nawo angawaphilisa. Ngoko amkhwaza athi: “Yesu, Myaleli, yiba nenceba kuthi!” La madoda alishumi aphiliswa. Ngokuqinisekileyo onke ayenombulelo ngento ayenzelwe nguYesu. Kodwa omnye kuwo akazange nje abulele ngaphakathi, endaweni yoko, waya kuYesu waza wabulela. * Loo mSamariya waphiliswayo waziva enyanzelekile ukuba azukise uThixo “ngelizwi elikhulu.”​—Luka 17:12-19.

2-3. (a) Kutheni kusenokuba nzima ukubulela? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Njengalo mSamariya, nathi sifuna ukubabulela abantu abasenzela izinto ezintle. Kodwa, ngamanye amaxesha sisenokulibala nokuthi enkosi okanye sibonise indlela esiyixabisa ngayo into entle esiyenzelweyo.

3 Kweli nqaku, siza kubona indlela ekubaluleke ngayo ukubulela ngamazwi nangezenzo. Siza kufunda ngabantu abaseBhayibhileni ababenombulelo nababengenawo. Emva koko, siza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze sibonise ukuba sinombulelo.

IZIZATHU ZOKUBA SIBULELE

4-5. Kutheni simele sibulele?

4 UYehova ungoyena mntu sinokufunda kuye ukuba nombulelo. Enye indlela akubonisa ngayo oku kukubasikelela abantu abenza ukuthanda kwakhe. (2 Sam. 22:21; INdu. 13:6; Mat. 10:40, 41) IZibhalo nazo zisikhuthaza ukuba sibe “ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efe. 5:1) Ngoko eyona nto isenza sifune ukuba nombulelo kukuba sifuna ukuba njengoYehova.

5 Khawucinge ngesinye isizathu esenza sifune ukubabulela abanye. Ukubulela kufana nokutya okuphekwe kakuhle. Oku kutya kuba mnandi ngakumbi xa kutyiwa nabanye abantu. Xa abantu besibulela ngezinto esizenzileyo siyavuya. Nathi xa sibabulela abanye bayavuya. Xa sibulela umntu ngento asenzele yona okanye asinike yona, uye abone ukuba usincede nyhani. Loo nto yenza ubuhlobo esinabo naloo mntu buqine.

6. Amazwi ombulelo nama-apile enziwe ngegolide afana ngantoni?

6 Kubalulekile ukubabulela abanye abantu. IBhayibhile ithi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” (IMize. 25:11) Khawube nombono wendlela elinokuba lihle ngayo iapile elenziwe ngegolide laza labekwa kwinto yesilivere! Khawucinge nangendlela elinokuxabiseka ngayo! Ungathini ukuba ungaphiwa into enje? Amazwi ombulelo owathethayo kwabanye anokuxabiseka njengeli apile lenziwe ngegolide. Nantsi enye into: Iapile elenziwe ngegolide linokuhlala ixesha elide kakhulu. Ngendlela efanayo, xa ubulela umntu ngento, unokuwaxabisa aze ahlale ewakhumbula loo mazwi ubomi bakhe bonke.

ABANTU ABABULELAYO

7. KwiNdumiso 27:4 uDavide wabonisa njani ukuba unombulelo, ibe abanye ababhali beendumiso babonisa njani bona?

7 Abakhonzi bakaThixo abaninzi ababephila kudala babebulela. Omnye wabo nguDavide. (Funda iNdumiso 27:4.) Wayeluxabisa kakhulu unqulo lokwenyaniso ibe le nto yayibonakala kwindlela awayezenza ngayo izinto. Wanikela ngezinto ezininzi awayenazo xa kwakusakhiwa itempile. Inzala ka-Asafu yabonisa indlela eyayinombulelo ngayo ngokubhala iindumiso okanye iingoma zokudumisa. Kwenye ingoma, yabulela uThixo yaza yabonisa indlela eyithanda ngayo ‘imisebenzi emangalisayo’ kaYehova. (INdu. 75:1) Icacile into yokuba uDavide nenzala ka-Asafu babefuna ukubonisa indlela ababenombulelo ngayo ngeentsikelelo ezivela kuYehova. Ngaba zikhona iindlela onokumlinganisa ngazo uDavide nabanye ababhali beendumiso?

Ileta kaPawulos eyayisiya kwibandla laseRoma isifundisa ntoni ngokubulela? (Jonga isiqendu 8-9) *

8-9. Umpostile uPawulos wabonisa njani ukuba wayebaxabisa abazalwana noodade, ibe kusenokwenzeka ukuba loo nto yabangela ntoni?

8 Umpostile uPawulos wayebaxabisa abazalwana noodade ibe loo nto wayeyibonisa kwindlela awayethetha ngayo ngabo. Wayesoloko embulela uThixo ngabo xa ethandaza eyedwa. Naxa ebabhalela wayebonisa indlela ababaluleke ngayo kuye. KwabaseRoma 16:1-15, uPawulos ubiza amaKristu ayi-27 ngamagama. Wathi uPriska noAkwila ‘babeka esichengeni iintamo zabo’ ngenxa yakhe, waza wathi uFibhi ‘ngumkhuseli wabaninzi,’ wakhusela naye lo. Wabancoma abo bazalwana noodade babesebenza nzima.

9 UPawulos wayesazi ukuba abazalwana noodade babengafezekanga, kodwa kumazwi akhe okugqibela kwileta eyayisiya kumaRoma wakhetha ukuthetha ngezinto ezintle ababezenza. Khawucinge ngendlela abakhuthazeka ngayo abo bazalwana noodade xa kwakufundwa le leta kaPawulos ebandleni! Kusenokwenzeka ukuba loo nto yenza baqina ubuhlobo babo noPawulos. Ngaba usoloko ubabulela abazalwana noodade abasebandleni lakho ngezinto ezintle abazenzayo nabazithethayo?

10. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awababulela ngayo abalandeli bakhe?

10 Xa wayethetha namabandla athile aseAsia Minor, uYesu wababulela abalandeli bakhe ngezinto ababezenza. Ngokomzekelo, xa wayethetha nebandla laseTiyatira waqala ngokuthi: “Ndiyazazi izenzo zakho, nothando nokholo nobulungiseleli nonyamezelo lwakho, nokuba izenzo zakho zamva zingaphezulu kwezo zangaphambili.” (ISityhi. 2:19) UYesu akazange nje athethe ngezinto abazenzayo kodwa wabancoma nangeempawu ezabakhuthaza ukuba benze ezo zinto. Nangona uYesu kwakufuneka alungise abantu abathile eTiyatira, waqala waza waphinda wagqibelisa ngokubakhuthaza. (ISityhi. 2:25-28) Khawucinge ngegunya uYesu analo njengokuba eyintloko yebandla. Akunyanzelekanga ukuba asibulele ngemisebenzi esimenzela yona. Nangona kunjalo, uyaqiniseka ukuba uyasibulela. Lowo ngumzekelo omhle abadala abamele bawuxelise!

ABANTU ABANGAZANGE BABULELE

11. Ngokutsho kwamaHebhere 12:16, uEsawu wayezijonga njani izinto ezingcwele?

11 Into ebuhlungu kukuba abanye abantu abaseBhayibhileni abazange babulele. Ngokomzekelo, nangona uEsawu wakhuliswa ngabazali ababemthanda nababemhlonipha uYehova, akazange abe nombulelo ngezinto ezingcwele. (Funda kumaHebhere 12:16.) Yabonakala njani loo nto? UEsawu wathengisa ngobuzibulo bakhe kumntakwabo uYakobi, ngenxa nje yesityu. (Gen. 25:30-34) Emva koko, uEsawu wazisola kakhulu ngento awayenzayo. Kodwa wayengenasizathu sokukhalazela intsikelelo eyafunyanwa ngumntakwabo kuba akazange abe nombulelo ngento awayenayo.

12-13. AmaSirayeli abonisa njani ukuba awanambulelo, ibe loo nto yabangela ntoni?

12 Zininzi izinto awayenokumbulela ngazo uThixo amaSirayeli. Akhululwa ebukhobokeni emva kokuba uYehova ezise iZibetho Ezilishumi eYiputa. Emva koko uThixo wawasindisa ngokuwutshabalalisa wonke umkhosi wamaYiputa kuLwandle Olubomvu. AmaSirayeli ayenombulelo kakhulu kangangokuba acula ingoma yoloyiso edumisa uYehova. Kodwa ngaba ahlala enombulelo?

13 Xa amaSirayeli aba nezinye iingxaki, akhawuleza azilibala zonke izinto ayezenzelwe nguYehova. Abonisa ukuba awanambulelo. (INdu. 106:7) Njani? “Yammbombozelela uMoses noAron yonke indibano yoonyana bakaSirayeli,” kodwa oyena mntu ayemkhalazela nguYehova. (Eks. 16:2, 8) Yamdanisa indlela abangazange babenombulelo ngayo abantu bakhe. Emva koko, uYehova wathi yonke inzala yamaSirayeli iza kufela entlango, ngaphandle kukaYoshuwa noKalebhi. (Num. 14:22-24; 26:65) Makhe sibone ukuba singenza njani ukuze singafani naba bantu bangazange babenombulelo size sifane nababenawo.

BULELA NANAMHLANJE

14-15. (a) Umntu otshatileyo angabonisa njani ukuba uyamxabisa umntu atshate naye? (b) Abazali bangabafundisa njani abantwana babo ukubulela?

14 Entsatsheni. Yonke intsapho iyancedakala xa wonke umntu ebulela. Xa umyeni ekwazi ukuthi enkosi kwinkosikazi yakhe nenkosikazi ngokunjalo, basondelelana ngakumbi. Kuba lula nokuba baxolelane. Xa umyeni eyixabisa inkosikazi yakhe akapheleli nje ekuqapheleni izinto ezithethayo nezenzayo kodwa ‘uyaphakama, aze ayidumise.’ (IMize. 31:10, 28) Inkosikazi elumkileyo iyamxelela umyeni wayo eyona nto iyixabisayo kuye.

15 Bazali, ningabafundisa njani abantwana benu ukubulela? Khumbulani ukuba abantwana benu baza kulinganisa izinto enizithethayo nenizenzayo. Ngoko yibani ngumzekelo omhle ngokuthi enkosi kubo xa benenzele izinto. Enye into enimele nibafundise yona abantwana benu kukuba bathi enkosi xa abantu bebenzela izinto. Ncedani abantwana benu baqonde ukuba ukubulela kumele kube yinto esuka entliziyweni ibe amazwi abo anokubanceda abanye. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa elinguClary lithi: “Xa umama wayeneminyaka eyi-32, kwafuneka akhulise abantwana abathathu yedwa. Ndathi ndakuba neminyaka eyi-32, ndayibona indlela ekumele ukuba kwakunzima ngayo kuye ngela xesha. Ngoko ndambulela ngazo zonke izinto awazenzayo ukuze akhulise mna nabantakwethu. Ebesandul’ ukundixelela ukuba wayithanda into endamxelela yona, usoloko ecinga ngayo ibe iyamvuyisa.”

Fundisa abantwana bakho ukubulela (Jonga isiqendu 15) *

16. Khawenze umzekelo wendlela ukubulela okunokubakhuthaza ngayo abanye.

16 Ebandleni. Xa sibabulela abazalwana noodade, siyabakhuthaza. Ngokomzekelo, uJorge, ongumdala oneminyaka eyi-28, wagula kakhulu. Akazange akwazi ukuya kwiintlanganiso kangangenyanga. Naxa waphinda waya kwiintlanganiso, wayengakwazi ukunikela iintetho. UJorge uthi: “Kwakungathi akho yam kuba ndandingakwazi ukwenza izinto zebandla. Kodwa ngenye imini emva kweentlanganiso, omnye umzalwana wathi kum: ‘Ndifuna ukukubulela kuba ungumzekelo omhle kwintsapho yam. Awuyazi indlela esizithande ngayo iintetho zakho kule minyaka idlulileyo. Zilwenze lwaqina ukholo lwethu.’ Ndabindeka, zaza zazehlela iinyembezi. Le nto wayithethayo yandikhuthaza nyhani.”

17. Ngokutsho kwabaseKolose 3:15, singambulela njani uYehova ngezinto asipha zona?

17 KuThixo wethu ophayo. UYehova usinike izinto ezininzi eziqinisa ukholo. Ngokomzekelo, sifumana izinto ezisincedayo kwiintlanganiso, kwiimagazini nakwiiwebhsayithi zethu. Ngaba wakha weva intetho, wafunda inqaku okanye wabukela iBroadcasting waza wathi, ‘Yile nto kanye bendiyidinga le’? Singenza njani ukuze simbulele uYehova? (Funda kwabaseKolose 3:15.) Enye indlela kukusoloko simbulela ngezi zipho asinika zona xa sithandaza.​—Yak. 1:17.

Ukuncedisa xa kucocwa iHolo YoBukumkani yeyona ndlela sibonisa ngayo umbulelo (Jonga isiqendu 18)

18. Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba sinombulelo ngeeHolo zethu zoBukumkani?

18 Enye indlela esimbulela ngayo uYehova kukuyigcina icocekile indawo esikhonzela kuyo. Sihlala sizicoca ibe sizigcina zikwimeko efanelekileyo iiHolo ZoBukumkani, nabo basebenza ngezixhobo zesandisi-lizwi nezevidiyo ebandleni bayaqiniseka ukuba azonakali. Xa siziphatha kakuhle iiHolo zethu zoBukumkani, ziza kuhlala ixesha elide ibe akukho zinto zingako ziza kufuna ukulungiswa. Ngaloo ndlela, iza kuba ninzi imali yokwakha neyokulungisa ezinye iiHolo ZoBukumkani emhlabeni wonke.

19. Yintoni oyifundileyo kwinto eyenzeka kumveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe?

19 Kwabo basebenza nzima ukuze basincede. Xa simbulela umntu, amazwi esiwathethayo anokuyitshintsha indlela acinga ngayo ngeengxaki anazo. Khawucinge ngento eyenzekayo komnye umveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe. Ngobunye ubusika, emva kokuchitha ixesha elide entsimini babuya bediniwe. Kwakubanda nyhani kangangokuba le nkosikazi yalala inxibe idyasi. Kusasa, yaxelela umyeni wayo ukuba ayisakwazi ukuqhubeka nomsebenzi wokujikeleza. Kwangaloo ntsasa, kwafika ileta evela kwiofisi yesebe isiya kule nkosikazi. Le leta yayiyincoma ngendlela eqhuba ngayo entsimini nangokunyamezela kwayo. Yayithetha nangendlela ekusenokwenzeka ukuba kunzima ngayo ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye qho ngeveki. Umyeni wakhe uthi: “Wonwaba kakhulu emva kokufunda loo leta ibe akazange aphinde athethe ngokuwushiya umsebenzi wokujikeleza. Phofu, amaxesha amaninzi nguye owayendikhuthaza ukuba ndiqhubeke xa ndicinga ngokuyeka.” Lo mveleli nenkosikazi yakhe baqhubeka nomsebenzi wokujikeleza phantse iminyaka eyi-40.

20. Yintoni esimele sizame ukuyenza, ngoba?

20 Masizame yonke imihla ukubonisa ukuba sinombulelo ngezinto esizenzayo nesizithethayo. Amazwi ethu asuka entliziyweni nezinto esizenzayo zisenokuba yeyona nto ayidingayo umntu ukuze omelele kweli hlabathi linabantu abangenambulelo. Xa sibulela, ubuhlobo bethu nabanye buza kuqina ibe busenokungapheli. Eyona nto ibalulekileyo kukuba siza kube silinganisa uTata wethu ophayo nonombulelo, uYehova.

INGOMA 20 Usinike Unyana Wakho Ekuphela Kwakhe

^ isiqe. 5 Yintoni esinokuyifunda kuYehova, uYesu, nakumSamariya owayeneqhenqa ngokubulela? Kweli nqaku, siza kuthetha ngabo nangabanye abantu. Siza kubona ukuba kutheni kubaluleke kangaka ukubulela neendlela esingabulela ngazo.

^ isiqe. 1 IGAMA ELICACISIWEYO: Ukuba nombulelo kuthetha ukuyiqonda indlela exabiseke ngayo into okanye umntu. Eli gama lisenokubhekisela kumntu obulela ngokusuka entliziyweni.

^ isiqe. 55 UMFANEKISO: Kufundwa ileta kaPawulos kwibandla laseRoma; uAkwila, uPriska, uFibhi nabanye bayavuya xa besiva amagama abo.

^ isiqe. 57 UMFANEKISO: Umama unceda intombi yakhe ukuze ibulele udade osele ekhulile kuba engumzekelo omhle.