Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 12

Bacingele Abanye Abantu

Bacingele Abanye Abantu

“Cingani nto-nye nonke, nivelane.”​—1 PET. 3:8.

INGOMA 90 Khuthazanani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 3:8, kutheni kumnandi ukuba phakathi kwabantu abasikhathaleleyo nabafuna sonwabe?

KUMNANDI ukuba phakathi kwabantu abasikhathaleleyo nabafuna sonwabe. Bazama ukuzifaka ezihlangwini zethu ngokuqonda indlela esicinga nesiziva ngayo. Bayaziqaphela izinto esizidingayo baze basincede singekabaceli nokubacela. Siba nombulelo kakhulu xa abantu ‘bevelana’ * nathi okanye besicingela.​—Funda eyoku-1 kaPetros 3:8.

2. Kutheni simele sisebenze nzima ukuze sicingele abanye abantu?

2 NjengamaKristu, sonke siyafuna ukubacingela abanye abantu. Kodwa ke, le nto ayisoloko ilula. Ngoba? Kaloku asifezekanga. (Roma 3:23) Sizalwa singabantu abazicingelayo. Ngoko simele sisebenze nzima ukuze sicingele abanye abantu. Enye into eyenza kube nzima kwabanye bethu ukucingela abanye, yindlela esikhuliswe ngayo okanye izinto ezakha zenzeka ebomini bethu. Ukanti nabantu esiphila phakathi kwabo banokwenza kube nzima ukuba sibacingele abanye. Kule mihla yokugqibela, abantu abaninzi ababacingeli abanye abantu. Endaweni yoko, ‘bayazithanda.’ (2 Tim. 3:1, 2) Yintoni enokusinceda sibacingele abanye abantu nangona kunzima?

3. (a) Sinokufunda kubani ukucingela abanye? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

3 Singakwazi ukubacingela abanye abantu ngokufunda kuYehova uThixo nakuNyana wakhe, uYesu Kristu. UYehova uThixo uluthando, ibe ungoyena mntu sinokufunda kuye indlela yokucingela abanye abantu. (1 Yoh. 4:8) UYesu wayefana noTata wakhe ngezinto awayezenza nawayezithetha. (Yoh. 14:9) Xa wayesemhlabeni, wabonisa indlela umntu anokuvelana ngayo nabanye. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela uYehova noYesu ababacingela ngayo abantu. Emva koko siza kuthetha ngendlela esinokubalinganisa ngayo.

INDLELA UYEHOVA ABACINGELA NGAYO ABANTU

4. UIsaya 63:7-9 ubonisa njani ukuba uYehova uyabacingela abakhonzi bakhe?

4 IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova uyabacingela abakhonzi bakhe. Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela uYehova awaziva ngayo xa amaSirayeli ayesezingxakini. ILizwi LikaThixo lithi: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.” (Funda uIsaya 63:7-9) Ekuhambeni kwexesha, uYehova wasebenzisa umprofeti uZekariya ukuze achaze ukuba, xa abantu bakhe bephathwa kakubi, kuba ngathi nguye lo uphathwa kakubi. UYehova wathi kubakhonzi bakhe: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zek. 2:8) Lo mzekeliso uyichaza kakuhle indlela uYehova abacingela ngayo abantu bakhe!

UYehova wawavela amaSirayeli waza wawakhupha kubukhoboka baseYiputa (Jonga isiqendu 5)

5. Balisa ngento uYehova awayenzayo ukuze ancede abakhonzi bakhe abaneengxaki.

5 UYehova akapheleli nje ekubacingeleni abakhonzi bakhe abaneengxaki. Uba nento ayenzayo. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayephethwe kakubi, engamakhoboka eYiputa, uYehova wayiva kuye intlungu yawo waza wafuna ukuwanceda. UYehova wathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam. . . , yaye ndisivile isikhalo sabo . . . ndiyazi kakuhle intlungu yabo. Ndihlile ke ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa.” (Eks. 3:7, 8) Ngenxa yokuba uYehova wayebacingela abantu bakhe, wabakhulula ebukhobokeni. Emva kweminyaka emininzi, xa amaSirayeli ayekwiLizwe Lesithembiso, ahlaselwa ziintshaba zawo. Wenza ntoni uYehova? “Wayezisola ngokugcuma kwabo ngenxa yabacinezeli babo nabo babebatyhalatyhala.” Kwakhona, uYehova wavelana nabo waza wabanceda. Wathumela abagwebi ukuze basindise amaSirayeli kwiintshaba zawo.​—ABagwe. 2:16, 18.

6. Balisa ibali elibonisa ukuba uYehova uyabacingela abakhonzi bakhe naxa becinga into engeyiyo.

6 UYehova uyabacingela abakhonzi bakhe naxa becinga into engeyiyo. Khawucinge ngebali likaYona. UYehova wathuma lo mprofeti ukuba ayokushumayela ngokutshatyalaliswa kweNineve. Bathi bakuguquka abantu baseNineve, uThixo wakhetha ukungabatshabalalisi. Kodwa le nto ayizange imonwabise uYona. “Wavutha ngumsindo” ngenxa yokuba into ebeyiprofeta ingenzekanga. Kodwa uYehova waba nomonde kuYona waza wamnceda wayitshintsha indlela acinga ngayo. (Yona 3:10–4:11) Ekuhambeni kwexesha, uYona wayiqonda into uYehova awayemfundisa yona, kangangokuba wasetyenziswa nguYehova ukuba asibhalele eli bali ukuze lisincede.​—Roma 15:4. *

7. Indlela uYehova awabanceda ngayo abantu bakhe isiqinisekisa ngantoni?

7 Indlela uYehova awabanceda ngayo abantu bakhe iyasiqinisekisa ukuba uyabacingela abakhonzi bakhe. Wazi iintlungu zomntu ngamnye kuthi. UYehova ‘uyazi kakuhle intliziyo yomntu.’ (2 Kron. 6:30) Uyaziqonda izinto esizicingayo, indlela esiziva ngayo nezinto esingakwaziyo ukuzenza. Kwakhona, ‘akayi kusiyekela sihendwe ngaphaya koko sinokukuthwala.’ (1 Kor. 10:13) Sithuthuzela nyhani esi sithembiso!

INDLELA UYESU AWABACINGELA NGAYO ABANTU

8-10. Zeziphi izinto ekunokwenzeka ukuba zamenza uYesu wabacingela abantu?

8 Xa wayesemhlabeni, uYesu wayebacingela nyhani abantu. Zintathu izinto ezabangela ukuba abe lolo hlobo. Okokuqala, uYesu wayefana noTata wakhe osezulwini, njengoko bekutshiwo ngaphambili. Wayebathanda abantu njengoTata wakhe. Nangona uYesu wayevuyiswa kukuncedisa uYehova xa wayesenza zonke ezinye izinto, kodwa ‘izinto awazithandayo zazikoonyana babantu.’ (IMize. 8:31) Uthando lwamenza uYesu wabacingela abantu.

9 Okwesibini, uYesu uyakwazi ukubona izinto ezicingwa ngabantu njengoYehova. (Mat. 9:4; Yoh. 13:10, 11) Ngoko, xa uYesu wayebona ukuba abantu abonwabanga, wayebacingela aze abathuthuzele.​—Isa. 61:1, 2; Luka 4:17-21.

10 Okwesithathu, uYesu wakha wanazo ezinye zeengxaki ababenazo abantu awayephila kunye nabo. Ngokomzekelo, uYesu wakhulela kwintsapho esokolayo. Wafundiswa ngutata wakhe uYosefu ukwenza umsebenzi wezandla onzima. (Mat. 13:55; Marko 6:3) Kubonakala ngathi uYosefu wasweleka ngaphambi kokuba uYesu aqalise umsebenzi wakhe wokushumayela. Ngoko uYesu wayeyazi indlela ekubuhlungu ngayo ukuswelekelwa ngumntu omthandayo. Wayesazi nokuba kunjani ukuba nezizalwana ezingakholelwa kwizinto esizikholelwayo. (Yoh. 7:5) Ezi zinto nezinye kumele ukuba zamenza uYesu waziqonda iingxaki neendlela ababeziva ngayo abantu.

UYesu ucingela indoda engaboniyo aze ayiphilise kude nabantu (Jonga isiqendu 11)

11. Ukucingela kukaYesu abantu kwabonakala kakhulu xa esenza ntoni? Cacisa. (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

11 Indlela uYesu awayebacingela ngayo abantu yabonakala kakhulu naxa esenza imimangaliso. UYesu wayengayenzi imimangaliso kuba nje enyanzelekile. Wayeba ‘nosizi’ xa ebona abantu abaneengxaki. (Mat. 20:29-34; Marko 1:40-42) Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela uYesu awayeziva ngayo xa wayephilisa enye indoda eyimfama kude nabantu naxa wayevusa ekuphela konyana womnye umhlolokazi. (Marko 7:32-35; Luka 7:12-15) UYesu wabasizela aba bantu waza wafuna ukubanceda.

12. UYohane 11:32-35 uyibonisa njani indlela uYesu awamcingela ngayo uMarta noMariya?

12 UYesu wamcingela uMarta noMariya. “Zasuka zathi waxa iinyembezi kuYesu” akubona indlela ababebuhlungu ngayo ngenxa yokuswelekelwa ngumntakwabo, uLazaro. (Funda uYohane 11:32-35.) Wayengalili kuba nje eswelekelwe ngumhlobo wakhe. Ngapha koko, wayesazi ukuba uza kumvusa uLazaro. Wayelila kuba eyazi indlela ababebuhlungu ngayo abahlobo bakhe.

13. Kutheni kusikhuthaza ukwazi ukuba uYesu wayebacingela abantu?

13 Kusikhuthaza nyhani ukwazi ukuba uYesu wayebacingela abantu. Kakade ke, thina asifezekanga njengaye. Kodwa siyamthanda kuba wayevelana nabantu. (1 Pet. 1:8) Kuyasikhuthaza nokwazi ukuba ngoku unguKumkani woBukumkani bukaThixo. Kungekudala uza kuziphelisa zonke iingxaki esinazo. Kuba wayekhe waphila apha emhlabeni, ungoyena mntu unokusinceda kwiingxaki ezibangelwe lulawulo lukaSathana. Sisikelelwe nyhani ngokuba noMlawuli ‘ovelana nobuthathaka bethu.’​—Heb. 2:17, 18; 4:15, 16.

BACINGELE ABANTU NJENGOYEHOVA NOYESU

14. Xa sicinga ngeyabase-Efese 5:1, 2, siye sifune ukwenza ntoni?

14 Xa sicinga ngomzekelo kaYehova noYesu, nathi siye sifune ukubacingela ngakumbi abantu. (Funda eyabase-Efese 5:1, 2.) Kakade asizazi izinto ezicingwa ngabantu njengabo. Nangona kunjalo, sinokuzama ukwazi indlela abaziva ngayo nezinto abazidingayo. (2 Kor. 11:29) Ngokungafaniyo nabantu abaninzi abacingela iziqu zabo, thina sizama ‘ukunyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’​—Fil. 2:4.

(Jonga isiqendu 15-19) *

15. Ngoobani abona bamele babacingele abantu?

15 Abadala bebandla ngabona bamele babacingele abantu. Bayazi ukuba uYehova uza kubaphendulisa ngendlela abaziphatha ngayo izimvu zakhe. (Heb. 13:17) Abadala bamele babacingele abazalwana noodade ukuze bakwazi ukubanceda. Bangayenza njani loo nto?

16. Umdala obacingelayo abantu wenza ntoni, ibe kutheni ibalulekile loo nto?

16 Umdala obacingelayo abantu uchitha ixesha nabazalwana noodade. Ubuza imibuzo aze amamele kakuhle enomonde. Loo nto ibaluleke kakhulu xa loo mvu ifuna ukuthetha into kodwa ingazi ukuba mayiyibeke njani. (IMize. 20:5) Xa umdala echitha ixesha nabazalwana noodade, bayathembana, babe ngabahlobo baze bathandane ngakumbi.​—IZe. 20:37.

17. Yintoni eyona nto bayithandayo abazalwana noodade kubadala? Zekelisa.

17 Abazalwana noodade abaninzi bathi eyona nto bayithandayo kubadala kukucingela abantu. Ngoba? UAdelaide uthi: “Kuba lula ukuthetha nabo kuba uyazi baza kuyiqonda indlela oziva ngayo.” Uphinda athi: “Uye ubone kwindlela abaphendula ngayo xa uthetha nabo ukuba bayakuvela.” Omnye umzalwana onombulelo ngento awayenzelwa ngomnye umdala uthi: “Kwavela kwehla iinyembezi emehlweni alo mdala njengoko ndandimchazela ingxaki yam. Andisoze ndiyilibale loo nto.”​—Roma 12:15.

18. Singenza njani ukuze sibacingele abanye?

18 Kakade, ayingobadala kuphela abamele babacingele abantu. Sonke singayenza le nto. Njani? Zama ukuziqonda iingxaki abanazo abantu abasentsatsheni yakho nabasebandleni. Yiba nomdla kubantu abasebatsha ebandleni, abo bagulayo, abantu abadala kunye nabo baswelekelwe ngabantu ababathandayo. Babuze ukuba izinto zihamba njani. Bamamele kakuhle xa bephendula. Babonise ukuba uyaziqonda kakuhle iingxaki zabo. Zama kangangoko unako ukubanceda. Xa sisenza loo nto, sibonisa ukuba sibathanda nyhani.​—1 Yoh. 3:18.

19. Kutheni singenakubanceda ngendlela efanayo bonke abantu?

19 Asinakubanceda ngendlela efanayo bonke abantu. Ngoba? Ngenxa yokuba azifani izinto abazenzayo xa besezingxakini. Abanye abathandi ukuthetha ngeengxaki zabo. Nangona sifuna ukubanceda, asimele sibuze imibuzo eza kubenza bangakhululeki. (1 Tes. 4:11) Enoba abanye bayasichazela indlela abaziva ngayo, sisenokungasoloko sivumelana nezinto abazithethayo. Kodwa masikhumbule ukuba yindlela bona abaziva ngayo. Sifuna ukukhawuleza ukuva size sicothe ukuthetha.​—Mat. 7:1; Yak. 1:19.

20. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

20 Sifuna ukubacingela abantu abasebandleni, kodwa siyafuna nokubacingela nabantu esidibana nabo entsimini. Singabacingela njani abantu esishumayela kubo? Siza kuphendula lo mbuzo kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 130 Xolela

^ isiqe. 5 UYehova noYesu bayabacingela abanye abantu. Kweli nqaku siza kuthetha ngento esinokuyifunda kubo. Siza kuthetha nangesizathu sokubacingela abanye abantu nokuba singayenza njani loo nto.

^ isiqe. 1 AMAGAMA ACACISIWEYO: ‘Ukuvelana’ nomnye umntu kuthetha ukuzama ukuqonda indlela loo mntu aziva ngayo size sizive ngaloo ndlela nathi. (Roma 12:15) Kweli nqaku, ukuba “novelwano” “nokucingela” abanye abantu kuthetha into enye.

^ isiqe. 6 UYehova wabacingela nabanye abantu abathembekileyo ababetyhafile nababesoyika. Khawucinge ngebali likaHana (1 Sam. 1:10-20), elikaEliya (1 Kum. 19:1-18) nelikaEbhedi-meleki (Yer. 38:7-13; 39:15-18).

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: Zininzi iindlela esingabacingela ngazo abantu kwiintlanganiso zethu. Sibona (1) umdala ethetha nomvakalisi osemtsha nomama wakhe, (2) utata nentombi yakhe banceda udade osele ekhulile xa esiya emotweni (3) nabadala ababini abamamele kakuhle udade ofuna ukucetyiswa.