Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 13

Bacingele Abantu Oshumayela Kubo

Bacingele Abantu Oshumayela Kubo

“Wasisizela . . . Yaye wasifundisa izinto ezininzi.”​—Marko 6:34.

INGOMA 70 Funani Abafanelekayo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yeyiphi enye yezinto ezithandekayo ngoYesu? Cacisa.

ENYE yezinto ezithandekayo ngoYesu kukuba uyaziqonda iingxaki esinazo thina bantu bangafezekanga. Xa wayesemhlabeni, uYesu wayevuya nabantu abavuyayo aze ‘alile nabantu abalilayo.’ (Roma 12:15) Ngokomzekelo, xa abafundi bakhe abayi-70 babuya bevuya entsimini, uYesu ‘waba novuyo olugqithiseleyo ngomoya oyingcwele.’ (Luka 10:17-21) Ukanti, xa wabona indlela ababebuhlungu ngayo abantu emva kokusweleka kukaLazaro, “wagcuma emoyeni, wakhathazeka.”​—Yoh. 11:33.

2. Yintoni eyenza uYesu wabacingela abanye abantu?

2 Nakubeni uYesu wayefezekile, wayenenceba ibe ebavela abantu abangafezekanga. Yintoni eyamenza waba lolu hlobo? Njengoko sele kutshiwo kwinqaku elidlulileyo, ‘izinto awazithandayo zazikoonyana babantu.’ (IMize. 8:31) Indlela awayebathanda ngayo abantu yamenza wayazi indlela abacinga ngayo. Umpostile uYohane wathi: “Wayekwazi oko kwakusemntwini.” (Yoh. 2:25) UYesu wayebakhathalele nyhani abanye abantu. Abantu babeyazi indlela abathanda ngayo ibe babemmamela xa ebashumayeza ngoBukumkani. Xa sibavela abantu, siza kukwazi ngakumbi ukubanceda xa sishumayela kubo.​—2 Tim. 4:5.

3-4. (a) Ukuba siyabacingela abantu esishumayela kubo, siza kuyijonga njani intsimi? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

3 Umpostile uPawulos wayesazi ukuba kufuneka ashumayele, ibe kunjalo nakuthi. (1 Kor. 9:16) Kodwa ke, ukuba siyabacingela abantu esishumayela kubo, asizukushumayela nje kuba kufuneka sishumayele. Siza kufuna ukubonisa ukuba sibakhathalele abanye abantu ibe sifuna nyhani ukubanceda. Siyazi ukuba “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) Xa sishumayela kuba sifuna ukunceda abanye, siza kukonwabela ngakumbi ukushumayela.

4 Kweli nqaku, siza kufunda ngendlela esinokubacingela ngayo abantu entsimini. Siza kuqala ngokufunda ngendlela uYesu awayebacingela ngayo abantu. Emva koko siza kuthetha ngeendlela ezine esingamlinganisa ngazo.​—1 Pet. 2:21.

UYESU WAYEBACINGELA ABANTU AWAYESHUMAYELA KUBO

Kuba uYesu wayebacingela abanye abantu, wafuna ukubathuthuzela (Jonga isiqendu 5-6)

5-6. (a) Ngoobani awabacingelayo uYesu? (b) Ngokutsho kukaIsaya 61:1, 2, kwakutheni ukuze uYesu abe nosizi kubantu awayeshumayela kubo?

5 Nanku umzekelo wendlela uYesu awayebacingela ngayo abantu. Ngenye imini, uYesu nabafundi bakhe babediniwe kuba babeshumayele ixesha elide bengakhange baphumle. Babengenalo ‘kwanexesha lokudla isidlo.’ Ngoko uYesu wahamba nabafundi bakhe baya “kwindawo engasese bebodwa” ukuze ‘baphumle kancinci.’ Kodwa abantu abaninzi babalandela. Wathini uYesu akubona aba bantu? ‘Wabasizela *, ngenxa yokuba babenjengezimvu ezingenamalusi, yaye wabafundisa izinto ezininzi.’​—Marko 6:30-34.

6 Kwakutheni ukuze uYesu abe nosizi, okanye abacingele aba bantu? Waqaphela ukuba ‘babenjengezimvu ezingenamalusi.’ Mhlawumbi uYesu wabona ukuba abanye babo babesokola ibe besebenza nzima ukuze bondle iintsapho zabo. Mhlawumbi abanye babebuhlungu kuba beswelekelwe ngabantu ababathandayo. Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba uYesu wayeziqonda kakuhle iimeko zabo. Njengoko sele kutshiwo kwinqaku elidlulileyo, kusenokwenzeka ukuba uYesu waba nazo ezinye zezi ngxaki. UYesu wayebacingela abanye abantu, ibe wafuna ukubathuthuzela.​—Funda uIsaya 61:1, 2.

7. Sifunda ntoni kuYesu?

7 Sifunda ntoni kuYesu? Nathi siphila nabantu ‘abanjengezimvu ezingenamalusi.’ Baneengxaki ezininzi. Sinayo into eza kubanceda, iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (ISityhi. 14:6) Ngoko senza njengeNkosi yethu, sishumayela iindaba ezilungileyo kuba ‘sinosizi ngesisweli nangehlwempu.’ (INdu. 72:13) Siyabacingela abantu ibe sifuna ukubanceda.

SINGABACINGELA NJANI ABANYE ABANTU?

Cinga ngezinto ezidingwa ngumntu ngamnye (Jonga isiqendu 8-9)

8. Yeyiphi indlela yokuqala esinokubacingela ngayo abantu esidibana nabo entsimini? Yenza umzekelo.

8 Yintoni engasinceda sibacingele abantu esishumayela kubo? Sifuna ukuzifaka ezihlangwini zabantu esishumayela kubo size sibaphathe ngendlela nathi ebesinokufuna ukuphathwa ngayo ukuba besikwimeko yabo. * (Mat. 7:12) Makhe sithethe ngeendlela ezine esingabacingela ngazo abantu esishumayela kubo. Okokuqala, cinga ngezinto ezidingwa ngumntu ngamnye. Xa sishumayela, senza umsebenzi ofanayo nokagqirha. Ugqirha owenza kakuhle umsebenzi wakhe ucinga ngezinto ezidingwa ngumntu ogulayo ngamnye. Umbuza imibuzo aze ammamele kakuhle njengoko loo mntu echaza indlela aziva ngayo. Endaweni yokumnika iyeza lokuqala acinge ngalo, uye aqale amjongisise ukuba ugula yintoni aze emva koko amnike iyeza eliza kumnceda. Ngokufanayo, asimele siyiqale ngendlela enye incoko kumntu ngamnye esidibana naye entsimini. Endaweni yoko, simele sizame ukucinga ngeemeko nezinto ezicingwa nguloo mntu sidibana naye.

9. Yintoni esingamele siyicinge? Cacisa.

9 Xa udibana nomntu entsimini sukucinga ukuba uyazazi iimeko zakhe nezinto azikholelwayo nokuba kutheni ezikholelwa. (IMize. 18:13) Endaweni yoko, mbuze imibuzo ecingisiswe kakuhle. (IMize. 20:5) Mbuze ngomsebenzi wakhe, intsapho yakhe, indlela akhule ngayo nezinto azicingayo, ukuba phofu ukubuza izinto ezinjalo kwamkelekile kwindawo ohlala kuyo. Xa sibabuza imibuzo abanye, sitsho sazi ukuba kutheni bezidinga iindaba ezilungileyo. Xa siyazi loo nto, siye sibacingele size sibashumayeze ngezo zinto bazidingayo, kanye njengoko uYesu wenzayo.​—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 9:19-23.

Zama ukucinga ngendlela ekusenokuba uphila ngayo umntu oshumayela kuye (Jonga isiqendu 10-11)

10-11. Ngokutsho kweyesi-2 kwabaseKorinte 4:7, 8, yeyiphi indlela yesibini esingabacingela ngayo abanye abantu? Yenza umzekelo.

10 Okwesibini, zama ukucinga ngendlela ekusenokuba baphila ngayo. Kusenokwenzeka ukuba nathi sikhe sakwimeko efana neyabo. Ngapha koko, nathi asifezekanga ibe sinazo iingxaki. (1 Kor. 10:13) Siyazi nokuba akululanga ukuphila kule mihla. Sinyamezela kuba sincedwa nguYehova. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:7, 8.) Kodwa khawucinge ngabo bangasondelanga kuYehova. Inoba kunzima nyhani kubo ukuphila kweli hlabathi ngaphandle kokuncedwa nguye. NjengoYesu, siyabasizela ibe sifuna ukubaxelela “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi.”​—Isa. 52:7.

11 Khawucinge ngomzekelo kaSergey. Ngaphambi kokuba afunde inyaniso, uSergey wayengumntu othuleyo noneentloni. Kwakunzima kuye ukuthetha nabanye abantu. Ethubeni wavuma ukufundelwa. USergey uthi: “Njengoko ndandifunda iBhayibhile, ndafumanisa ukuba amaKristu amele axelele abanye ngezinto azikholelwayo. Ndandisithi soze ndikwazi ukuyenza loo nto.” Kodwa wacinga ngabantu abangekayiva inyaniso, waza wacinga ngendlela ekunokwenzeka ukuba bunzima ngayo ubomi babo kuba bengamazi uYehova. Uthi: “Izinto endandizifunda zandenza ndonwaba ndaza ndazola. Ndaqonda ukuba nabanye abantu kufuneka bazifunde ezi zinto.” Kuba wayebacingela abanye abantu, waba nesibindi sokushumayela. USergey uthi: “Ndothuka ndakufumanisa ukuba ukuxelela abanye ngeBhayibhile kundenze ndazithemba ngakumbi. Kwakhona, ukuthetha nabanye ngezinto endizikholelwayo kwaluqinisa ukholo lwam.” *

Kusenokuthatha ixesha ukuba abanye benze izinto ezifunwa nguThixo (Jonga isiqendu 12-13)

12-13. Kutheni simele sibe nomonde kubantu esibafundisayo? Yenza umzekelo.

12 Okwesithathu, yiba nomonde kubantu obafundisayo. Khumbula ukuba kusenokwenzeka ukuba zange bakhe bacinge ngezinye izinto eziseBhayibhileni esizazi kakuhle thina. Khumbula nokuba abantu abaninzi baqinisekile ukuba ziyinyani izinto abazikholelwayo. Basenokubona ngathi ezo zinto zibasondeza kakhulu kwiintsapho zabo, kumasiko abo nakubantu bendawo abahlala kuyo. Singabanceda njani?

13 Khawucinge ngalo mzekelo: Kudla ngokwenzeka ntoni xa iblorho endala ikwimeko embi? Kudla ngokwakhiwa enye ngoxa abantu besasebenzisa le indala. Emva kokuba le blorho intsha igqityiwe ukwakhiwa, endala iyadilizwa. Ngendlela efanayo, ngaphambi kokuba sithi abantu esibafundelayo mabayeke izinto “ezindala” abazikholelwayo nabazithandayo, kusenokufuneka sibancede baqonde baze bathande izinto “ezintsha” eziseBhayibhileni ababengazazi. Emva koko, baza kukulungela ukuziyeka izinto abazikholelwayo. Kusenokuthatha ixesha ukunceda abantu bayeke izinto ababekade bezikholelwa.​—Roma 12:2.

14-15. Singabacacisela njani abantu ukuba kuza kubakho iparadesi apha emhlabeni? Yenza umzekelo.

14 Ukuba sinomonde, asizukulindela ukuba abantu bazamkele izinto esibafundisa zona beqala nje ukuziva. Endaweni yoko, siza kubacingela size sibanike ixesha elaneleyo lokucinga ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Le nto masiyizekelise ngendlela esinokumnceda ngayo umntu aqonde ukuba abantu baza kuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Abantu abaninzi abayazi le nto, nabayaziyo bayazi nje kancinci. Basenokucinga ukuba xa umntu esifa, kuphelile ngaye. Abanye basenokuthi bonke abantu abalungileyo baza kuya ezulwini. Singabanceda njani?

15 Nantsi enye indlela omnye umzalwana ayisebenzisayo ukuze ancede abantu baqonde ukuba abantu baza kuphila ngonaphakade emhlabeni. Uqala ngokufunda iGenesis 1:28. Emva koko, ubuza loo mntu ukuba uThixo wayefuna abantu baphile phi, ibe baphile njani. Abantu abaninzi badla ngokuphendula ngokuthi, “Wayefuna baphile emhlabeni bonwabile.” Emva koko, ufunda uIsaya 55:11 aze abuze loo mntu ukuba itshintshile na le nto uThixo wayefuna yenzeke. Abantu abaninzi badla ngokuphendula ngokuthi hayi. Lo mzalwana ugqibelisa ngokufunda iNdumiso 37:10, 11, aze abuze ukuba abantu baza kuphila njani kwixesha elizayo. Ngokusebenzisa iBhayibhile ngolu hlobo, uye wanceda abantu abaninzi baqonda ukuba uThixo usafuna abantu baphile ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.

Bangakhuthazeka abantu xa sibanceda ngento encinci, mhlawumbi ngokubabhalela ileta (Jonga isiqendu 16-17)

16-17. Sicinga ngeMizekeliso 3:27, zeziphi izinto esinokuzenza ukuze sibonise abanye ukuba sibakhathalele? Yenza umzekelo.

16 Okwesine, cinga ngezinto onokuzenza ukuze ubonise abantu ukuba ubakhathalele. Ngokomzekelo, yintoni esimele siyenze xa sifike ngexesha elingafanelekanga emzini womntu? Sinokuxolisa size sicele ukubuya ngelinye ixesha. Simele senze ntoni xa umntu esidibana naye entsimini efuna simncede ngento encinci? Siza kuthini ukuba umntu ongakwaziyo ukuphuma endlini kuba egula okanye ekhulile usithuma kwenye indawo? Kwiimeko ezinjalo singamnceda loo mntu.​—Funda iMizekeliso 3:27.

17 Omnye udade wenza into entle eyayibonakala ingabalulekanga kodwa eyaba nemiphumo emihle. Wabhalela enye intsapho eyayiswelekelwe ngumntwana ileta. Le leta yayineevesi ezithuthuzelayo. Yathini le ntsapho yakufumana le leta? Umama womntwana wabhala wathi: “Bendikhathazeke nyhani izolo. Ileta yakho isincede kakhulu. Siyabulela ngeleta yakho kuba isithuthuzele. Inoba ndiyifunde izihlandlo ezingaphaya kweziyi-20 izolo. Andikhange ndiyicinge tu ukuba ingasithuthuzela ngolu hlobo. Enkosi kakhulu.” Ngokuqinisekileyo baza kukhuthazeka abanye abantu xa sicinga ngeengxaki abanazo size sibancede.

YAZI INTO ONGENAKUKWAZI UKUYENZA ENTSIMINI

18. Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseKorinte 3:6, 7, yintoni esingafuni ukuyilibala ngomsebenzi wokushumayela?

18 Kakade ke, asifuni kuyilibala into yokuba zikhona izinto esinokukwazi nesingenakukwazi ukuzenza kumsebenzi wokushumayela. Siyabafundisa abantu ngoThixo, kodwa ayisithi abenza eyona nto ibalulekileyo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6, 7) NguYehova otsala abantu. (Yoh. 6:44) Ekugqibeleni, kuxhomekeka kwintliziyo yomntu ukuba uza kuyamkela okanye akazukuyamkela inyaniso. (Mat. 13:4-8) Khumbula ukuba abantu abaninzi zange bammamele uYesu nakubeni wayengoyena Mfundisi wakha waphila! Ngoko masingatyhafi xa abantu abaninzi esizama ukubanceda bengasimameli.

19. Kuza kwenzeka ntoni xa sibacingela abantu entsimini?

19 Imiphumo iza kuba mihle xa sibacingela abantu esishumayela kubo. Siza kukuthanda ngakumbi ukushumayela. Siza kubona apha kuthi ukuba konwabisa ngakumbi ukupha kunokwamkela. Kuza kutsho kube lula kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ ukuba bamkele iindaba ezilungileyo. (IZe. 13:48) Ngoko “lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke.” (Gal. 6:10) Ngokwenza njalo siza kuzukisa uTata wethu osezulwini ibe loo nto iza kusivuyisa.​—Mat. 5:16.

INGOMA 64 Masincedise Ekuvuneni Sivuya

^ isiqe. 5 Xa sibacingela abantu, siza konwaba ngakumbi entsimini ibe abantu abaninzi baza kusimamela. Kutheni sisitsho? Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto esinokuzifunda kuYesu size emva koko sithethe ngeendlela ezine esinokubacingela ngazo abantu esidibana nabo entsimini.

^ isiqe. 5 IGAMA ELICACISIWEYO: Ngokwendlela elisetyenziswe ngayo eli gama apha, ukuba nosizi kuthetha ukuvela umntu osentlungwini okanye oye waphathwa kakubi. Xa sibasizela abantu, sisenokufuna ukwenza nantoni na ukuze sibancede.

^ isiqe. 8 Jonga inqaku elithi “Sebenzisa UMthetho Omkhulu Xa UshumayelaelikwiMboniselo kaMeyi 15, 2014.