Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 10

Ndinqandwa Yintoni Ndingabhaptizwa?

Ndinqandwa Yintoni Ndingabhaptizwa?

“Behla bangena emanzini, bobabini uFilipu nethenwa; walibhaptiza.”​—IZE. 8:38.

INGOMA 52 Ukubhaptizwa KwamaKristu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi izinto abalahlekelwa zizo uAdam noEva, ibe loo nto yabangela ntoni?

UCINGA ukuba ngubani omele axelele abantu ngento elungileyo nembi? Xa uAdam noEva batya isiqhamo kumthi wokwazi okulungileyo nokubi bayenza yacaca into yokuba abamthembanga uYehova nemithetho yakhe. Bafuna ukuzigqibela ngokwabo ngento elungileyo nengalunganga. (Gen. 3:22) Kodwa khawucinge ngezinto abalahlekelwa zizo. Bayeka ukuba ngabahlobo bakaYehova. Balahlekelwa nalithuba lokuphila ubomi obungunaphakade baza badlulisela isono nokufa kubantwana babo. (Roma 5:12) Isigqibo abasenzayo sazisa iintlungu zodwa.

Emva kokuva ngoYesu, ithenwa elingumTiyopiya lafuna ukubhaptizwa ngoko nangoko (Jonga isiqendu 2-3)

2-3. (a) Ithenwa elingumTiyopiya lenza ntoni emva kokuba uFilipu eshumayele kulo? (b) Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo xa sibhaptiziwe, ibe yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 Khawuthelekise into eyenziwa nguAdam noEva kunye nento eyenziwa lithenwa elingumTiyopiya xa uFilipu washumayela kulo. Eli thenwa laba nombulelo kakhulu ngento elayenzelwa nguYehova noYesu kangangokuba labhaptizwa ngoko nangoko. (IZe. 8:34-38) Xa sizinikela kuThixo size sibhaptizwe njengela thenwa, siyenza icace into yokuba siyambulela uYehova noYesu ngento abasenzele yona. Sibonisa nokuba siyamthemba uYehova ibe siyaqonda ukuba nguye omele asixelele into elungileyo nengalunganga.

3 Khawucinge ngeentsikelelo esizifumanayo xa sikhonza uYehova! Enye yazo kukufumana zonke izinto uAdam noEva abalahlekelwa zizo kuquka nethuba lokuphila ubomi obungunaphakade. UYehova uyazixolela izono zethu aze asincede sibe nezazela ezicocekileyo kuba sinokholo kuYesu Kristu. (Mat. 20:28; IZe. 10:43) Sitsho sibe ngabakhonzi bakaYehova abanethemba lokuphila ubomi obumnandi kwixesha elizayo. (Yoh. 10:14-16; Roma 8:20, 21) Nakubeni kunjalo, kukho abantu abaye bafunda ngoYehova kodwa ekusenzima kubo ukuba benze le nto yenziwa lithenwa elingumTiyopiya. Yintoni esenokubenza bangade babhaptizwe? Ziintoni abanokuzenza ukuze boyise ezo ngxaki?

IZINTO EZENZA ABANYE BANGADE BABHAPTIZWE

Izinto ezenza abanye bangade babhaptizwe

Ukungazithembi (Jonga isiqendu 4-5) *

4-5. Yeyiphi ingxaki ababenayo uAvery noHannah?

4 Ukungazithembi. Abazali baka-Avery ngamaNgqina KaYehova. Utata wakhe waziwa njengotata okhathalayo nongumdala osebenza nzima. Nangona kunjalo, uAvery wayesoyika ukude abhaptizwe. Ngoba? Uthi: “Ndandisithi andinakuze ndenze izinto njengotata.” UAvery wayecinga nokuba wayengenakukwazi ukuyenza imisebenzi awayeza kuyinikwa xa ebhaptiziwe. Uthi: “Ndandisiba nexhala xa ndicinga ngokucelwa ukuba ndithandaze phambi kwabantu, ndinikele iintetho okanye ndikhokele iqela lentsimi.”

5 UHannah, oneminyaka eyi-18 wayengazithembanga. Wakhuliswa ngabazali abakhonza uYehova. Nakubeni kunjalo, wayeyithandabuza into yokuba angakwazi ukuyithobela imithetho kaYehova. Ngoba? UHannah wayezijongela phantsi kakhulu. Ngamanye amaxesha wayede azenzakalise ngabom, ibe loo nto yayisenza izinto zibe mbi nangakumbi. Uthi: “Zange ndixelele mntu, nditsho nabazali bam ibe ndandizixelele ukuba uYehova akasoze afune ndibe ngumkhonzi wakhe ngenxa yento endandizenza yona.”

Abahlobo (Jonga isiqendu 6) *

6. Yintoni eyayisenza uVanessa angade abhaptizwe?

6 Abahlobo. UVanessa oneminyaka eyi-22 uthi: “Ndandinomhlobo endandivana nyhani naye phantse iminyaka eyi-10.” Kodwa umhlobo wakhe wayengeloNgqina, engayithandi inyaniso ibe loo nto yayisenza uVanessa angade abhaptizwe. Le nto yamkhathaza, ibe uthi, “Kunzima kum ukuzenzela abahlobo ibe ndandinexhala lokuba andizukumfumana omnye umhlobo onjengaye ukuba ndiyayeka ukuba ngumhlobo wakhe.”

Ukoyika Ukwenza Isono Esinzulu (Jonga isiqendu 7) *

7. UMakayla wayesoyika ntoni, ibe ngoba?

7 Ukoyika ukwenza isono esinzulu. UMakayla wayeneminyaka emihlanu xa ubhuti wakhe wakhutshelwa ngaphandle. Njengokuba ekhula, wayeyibona indlela ezazibakhathaza ngayo abazali bakhe izinto ezazisenziwa ngubhuti wakhe. UMakayla uthi: “Ndandisoyika ukubhaptizwa kuba ndandicinga ukuba ndiza kwenza impazamo, ndikhutshelwe ngaphandle ndize ndibakhathaze ngakumbi abazali bam.”

Ukoyika Ukuchaswa (Jonga isiqendu 8) *

8. UMiles wayesoyika ntoni?

8 Ukoyika ukuchaswa. Abazali bakaMiles bawuqhawula umtshato. Utata wakhe liNgqina LikaYehova kodwa umama wakhe akalilo. UMiles uthi: “Ndandineminyaka eyi-18 ndihlala nomama, ibe ndandisoyika ukumxelela ukuba ndifuna ukubhaptizwa. Ndazibona izinto awazenzayo nawazithethayo xa utata waba liNgqina. Ndandinexhala lokuba uza kundichasa.”

UNOKUZOYISA NJANI EZI NGXAKI?

9. Kuza kwenzeka ntoni xa ufunda ngendlela uYehova anomonde nasithanda ngayo?

9 UAdam noEva bakhetha ukungamkhonzi uYehova kuba abazange bazifundise ukumthanda. Nangona kunjalo, uYehova wabavumela ukuba baphile bade babenabantwana baze babakhulise ngendlela yabo. Izinto ezenzeka ngenxa yokuba uAdam noEva bengafuni ukuphathwa nguYehova zabonisa indlela ababengalumkanga ngayo. Unyana wabo omdala wabulala umninawa wakhe engenzanga nto, ibe ekuhambeni kwexesha kwagcwala abantu abathanda ukulwa nabazicingela bodwa. (Gen. 4:8; 6:11-13) Sekunjalo, uYehova wayenendlela yokusindisa abantwana baka-Adam noEva ababefuna ukumkhonza. (Yoh. 6:38-40, 57, 58) Njengoko uqhubeka ufunda ngendlela uYehova anomonde nasithanda ngayo, uza kuya umthanda ngakumbi. Awuzukufuna ukufana noAdam noEva ibe uza kuzinikela kuYehova.

Unokuzoyisa njani ezi ngxaki?

(Jonga isiqendu 9-10) *

10. Kutheni ukucinga ngeNdumiso 19:7 kunokukunceda ukhonze uYehova?

10 Qhubeka ufunda ngoYehova. Njengoko uqhubeka ufunda ngoYehova uza kutsho uzithembe uze ukwazi ukumkhonza ngokuphumelelayo. UAvery, ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ndaqalisa ukuzithemba emva kokufunda nokucinga ngesithembiso esikwiNdumiso 19:7.” (Yifunde.) Xa uAvery wabona indlela uYehova awayenza ngayo into ayithembise kule vesi, wamthanda ngakumbi. Uthando alusenzi sizithembe nje qha kodwa lusinceda sijonge kuYehova size senze into ayifunayo. UHannah, ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ukufunda iBhayibhile neencwadi zentlangano kwandinceda ndabona ukuba xa ndizenzakalisa, ndikhathaza noYehova.” (1 Pet. 5:7) UHannah waba ‘ngumenzi welizwi.’ (Yak. 1:22) Yamnceda njani loo nto? Uthi: “Xa ndabona indlela ekwandinceda ngayo ukuthobela uYehova, ndamthanda nangakumbi. Ngoku ndiqinisekile ukuba uYehova uza kundibonisa indlela xa ndifuna ukuncedwa.” UHannah wayeka ukuzenzakalisa. Wazinikela kuYehova waza wabhaptizwa.

(Jonga isiqendu 11) *

11. Wenza ntoni uVanessa ukuze abe nabahlobo abalungileyo, ibe thina sifunda ntoni kuloo nto?

11 Bakhethe kakuhle abahlobo. UVanessa, ebekukhe kwathethwa ngaye wabona ukuba umhlobo wakhe wayemenza angamkhonzi kakuhle uYehova. Ngoko wayeka ukuba ngumhlobo wakhe. Kodwa akazange aphelele apho. Wazama kangangoko anako ukuzenzela abahlobo ebandleni. Uthi wancedwa ngumzekelo kaNowa nentsapho yakhe. Uthi: “Babephila phakathi kwabantu ababengamthandi uYehova, kodwa bona babesondelelene.” Emva kokuba ebhaptiziwe, uVanessa waba nguvulindlela. Uthi: “Le nto indincede ndanabahlobo abalungileyo, hayi nje ebandleni kodwa nakwamanye amabandla.” Nawe unokuba nabo abahlobo abalungileyo ngokuzixakekisa ngomsebenzi kaYehova.​—Mat. 24:14.

(Jonga isiqendu 12-15) *

12. Yintoni uAdam noEva abangazange boyike ukuyenza, ibe loo nto yabangela ntoni?

12 Zazi izinto omele uzoyike. Lukhona uhlobo lokoyika olufunekayo. Ngokomzekelo, kufuneka sikoyike ukwenza izinto uYehova angazithandiyo. (INdu. 111:10) Ukuba uAdam noEva babemoyika ngolo hlobo uYehova, ngebabengazange bamvukele. Kodwa bamvukela. Emva kokwenza oko, amehlo abo avuleka baza baqonda ukuba bonile. Badlulisela isono nokufa ebantwaneni babo. Bathi bakuqonda ukuba bophule umthetho kaThixo, baneentloni kuba behamba ze baza banxiba.​—Gen. 3:7, 21.

13-14. (a) Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 3:21, kutheni singamele sikoyike kakhulu ukufa? (b) Zeziphi izizathu esinazo zokumthanda uYehova?

13 Nangona simele sikoyike ukwenza izinto uYehova angazifuniyo, asimele sikoyike kakhulu ukufa. UYehova usivulele indlela yokuba siphile ubomi obungunaphakade. Xa sisenza isono size siguquke ngokunyanisekileyo, uYehova uyasixolela. Usixolela kuba sinokholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe. Enye yezona ndlela zibalulekileyo sinokubonisa ngazo ukholo kukunikela ngobomi bethu kuThixo size sibhaptizwe.​—Funda eyoku-1 kaPetros 3:21.

14 Zininzi izizathu zokumthanda uYehova. Akasiniki nje izinto esinazo imihla ngemihla kodwa usifundisa inyaniso ngaye nangeenjongo zakhe. (Yoh. 8:31, 32) Usinike ibandla lamaKristu ukuze asikhokele aze asixhase. Usinceda sinyamezele iingxaki esinazo ngoku, ibe usinika nethemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elingazukuba nayo nenjani na ingxaki. (INdu. 68:19; ISityhi. 21:3, 4) Xa sicinga ngezinto uYehova asele ezenzile ukuze asibonise indlela asithanda ngayo, siye simthande nangakumbi. Xa simthanda uYehova, siye sizazi izinto esimele sizoyike. Siyoyika ukukhathaza uMntu esimthanda kangaka.

15. Yintoni eyanceda uMakayla wayeka ukuba nexhala lokuba uza kwenza isono esinzulu?

15 UMakayla, ebekukhe kwathethwa ngaye, wayeka ukuba nexhala lokuba uza kwenza isono esinzulu xa waqonda indlela uYehova axolela ngayo. Uthi: “Ndabona ukuba sonke asifezekanga ibe siza kuzenza iimpazamo. Kodwa ndabona nokuba uYehova uyasithanda ibe uza kusixolela ngenxa yentlawulelo.” Indlela amthanda ngayo uYehova yamenza wazinikela kuye waza wabhaptizwa.

(Jonga isiqendu 16) *

16. Yintoni eyanceda uMiles wayeka ukoyika ukuchaswa?

16 UMiles, owayesoyika ukuxelela umama wakhe ochasayo ukuba ufuna ukubhaptizwa, wacela uncedo kumveleli wesiphaluka. UMiles uthi: “Naye kokwabo yayingutata wakhe qha iNgqina, umama wakhe engelilo. Wandinceda ndacinga ngento endinokuyithetha ukuze ndicacisele umama ukuba ndizenzele ngokwam isigqibo sokubhaptizwa, andinyanzelwanga ngutata.” Umama kaMiles akazange asithande eso sigqibo. Ekugqibeleni, kwanyanzeleka ukuba ahambe kokwabo, kodwa akazange agungqe kwisigqibo sakhe. Uthi: “Kwandichukumisa nyhani ukufunda ngezinto uYehova andenzele zona. Xa ndacingisisa ngedini lentlawulelo likaYesu, ndayibona kakuhle indlela uYehova andithanda ngayo. Loo nto yandenza ndazinikela kuye ndaza ndabhaptizwa.”

UNGAGUNQGQI KWISIGQIBO SAKHO

Sinokubonisa ukuba siyazibulela izinto uThixo asenzele zona (Jonga isiqendu 17)

17. Yintoni esinokuyibonisa sonke?

17 Xa uEva watya isiqhamo kumthi wase-Eden, wamvukela uTata wakhe osezulwini. Xa noAdam watya eso siqhamo, wabonisa ukuba akanambulelo ngezinto uYehova amenzele zona. Sonke sinokubonisa ukuba asifani noAdam noEva. Siyambulela uYehova ngazo zonke izinto asenzela zona. Xa sibhaptizwa, sibonisa ukuba nguYehova onegunya lokusixelela into elungileyo nengalunganga. Sibonisa nokuba siyamthanda uTata wethu ibe siyamthemba.

18. Yintoni enokukunceda uphumelele ekukhonzeni uYehova?

18 Emva kokubhaptizwa simele siqhubeke sisenza into efunwa nguYehova, kungekhona efunwa sithi. Iimiliyoni zabantu abakhonza uYehova ziphila ngolo hlobo. Unokufana nabo ukuba uyaqhubeka uzama ukuliqonda kakuhle iLizwi LikaThixo, iBhayibhile; uhlanganisane rhoqo nabazalwana noodade; uze uzimisele ukuxelela abanye ngezinto ozifundileyo ngoTata wakho okuthandayo. (Heb. 10:24, 25) Xa usenza izigqibo, limamele icebiso uYehova akunika lona esebenzisa iLizwi lakhe nentlangano yakhe. (Isa. 30:21) Ngokwenza loo nto, yonke into oyenzayo iza kuphumelela.​—IMize. 16:3, 20.

19. Yintoni omele uqhubeke ucinga ngayo, ibe ngoba?

19 Xa uqhubeka ucinga ngendlela oncedakala ngayo kukukhokelwa nguYehova, uza kumthanda ngakumbi, yena nemithetho yakhe. Xa kunjalo, akukho nto anokuyenza uSathana ukuze uyeke ukukhonza uYehova. Khawube nombono wakho kwiminyaka eliwaka ezayo. Uza kuthi xa ujonga emva, ubone ukuba wenza esona sigqibo sibalulekileyo ebomini bakho!

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

^ isiqe. 5 Esona sigqibo sibalulekileyo unokusenza kukukhetha ukuba uza kubhaptizwa okanye awuzukubhaptizwa. Kutheni sibalulekile eso sigqibo? Eli nqaku liza kuphendula lo mbuzo. Liza kunceda nabo bacinga ngokubhaptizwa ukuba bazoyise iingxaki ezisenokuba zibenza bangade babhaptizwe.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Ukuzithemba: Umfana woyika ukuphendula kwiintlanganiso.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Abahlobo: Udade osemtsha onomhlobo ongalunganga uneentloni xa ebona amanye amaNgqina.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Ukoyika ukwenza isono esinzulu: Intombazana inexhala lokuba iza kwenza isono esinzulu xa ibona ubhuti wayo ekhutshelwa ngaphandle aze ahambe ekhaya.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: Ukuchaswa: Umfana woyika ukuthandaza njengoko umama wakhe emjongile.

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: Ukuzithemba: Umfana ufundisisa ngakumbi.

^ isiqe. 67 IMIFANEKISO: Abahlobo: Udade osemtsha uzama ukungabi nantloni ngokuba liNgqina.

^ isiqe. 69 IMIFANEKISO: Ukoyika ukwenza isono esinzulu: Intombazana iqalisa ukuyithanda inyaniso ize ibhaptizwe.

^ isiqe. 71 IMIFANEKISO: Ukuchaswa: Umfana uba nesibindi aze acacisele umama wakhe izinto azikholelwayo.