Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘UAmen’ Wakho Ubalulekile KuYehova

‘UAmen’ Wakho Ubalulekile KuYehova

INDLELA esikhonza ngayo ibalulekile kuYehova. ‘Unikela ingqalelo ephulaphule’ abakhonzi bakhe, ibe uxabisa nantoni esiyenzayo ukuze simdumise nokuba incinci kangakanani na. (Mal. 3:16) Ngokomzekelo, khawucinge ngegama esidla ngokulithetha amaxesha amaninzi. Elo gama ‘nguamen.’ Ngaba kubaluleke nelo gama lilula ngolo hlobo kuYehova? Ewe, libalulekile! Ukuze sive isizathu, makhe sibone ukuba lithetha ukuthini eli gama nendlela elisetyenziswa ngayo eBhayibhileni.

“BATHI BONKE ABANTU, ‘AMEN!’”

Igama elithi “amen” lithetha ukuthi “makube njalo” okanye “ngokuqinisekileyo.” Lisuka kwigama lesiHebhere elithetha “ukuthembeka.” Ngamanye amaxesha lalidla ngokusetyenziswa xa kuxoxwa amatyala. Emva kokuba umntu enze isithembiso wayesithi “amen” ukuze aqinisekise ukuba loo nto ayithethileyo ichanile ibe wamkela nantoni enokwenzeka ngenxa yaloo nto. (Num. 5:22) Xa esithi “amen” phambi kwabantu, wayenesizathu esingakumbi sokuyenza into ayithembisileyo.​—Neh. 5:13.

Indlela emangalisayo elisetyenziswe ngayo igama elithi “amen” ibhalwe kwiDuteronomi isahluko 27. Emva kokuba amaSirayeli engene kwiLizwe Lesithembiso, ayemele adibane phakathi kweNtaba ye-Ebhali neNtaba yaseGerizim ukuze eve uMthetho uphindaphindwa. Awazange aye ukuze amamele nje kuphela kodwa ayemele atsho ukuba ayawamkela uMthetho. Ayenza le nto ngokuthi “Amen!” xa kufundwa into eza kwenzeka xa engathobeli. (Dut. 27:15-26) Khawube nombono wamadoda, amabhinqa, nabantwana abaninzi besithi “Amen!” ngelizwi elivakalayo! (Yosh. 8:30-35) Ngokuqinisekileyo abazange bawalibale amazwi abawathetha ngaloo mini. Loo maSirayeli asigcina eso sithembiso, kuba iBhayibhile ithi: “USirayeli waqhubeka ekhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa nayo yonke imihla yamadoda amakhulu awayolulayo imihla yawo emva koYoshuwa nawayeyazi yonke imisebenzi kaYehova awayenzela uSirayeli.”​—Yosh. 24:31.

UYesu naye wayesithi “amen” ukuze aqinisekise ukuba into ayithethayo iyinyani, kodwa wayenza le nto ngendlela eyahlukileyo. Endaweni yokuba athi “amen” (ngesiXhosa lithi “inene”) emva kwento ethethwe ngumntu, uYesu wayesithi “amen” ngaphambi kokuba athethe into ukuze aqinisekise ukuba into ayithethayo iyinyani. Ngamanye amaxesha wayeliphindaphinda, athi “amen amen.” (Mat. 5:18; Yoh. 1:51) Waqinisekisa abantu ababemmamele ukuba izinto awayezithetha zaziyinyani. Wayefanele ke ukuyenza loo nto kuba nguye owayenikwe igunya lokuzenza zonke izinto ezithenjiswe nguThixo.​—2 Kor. 1:20; ISityhi. 3:14.

“ABANTU BATHI, ‘AMEN!’ BAMDUMISA UYEHOVA”

AmaSirayeli nawo ayesithi “amen” xa edumisa naxa ethandaza kuYehova. (Neh. 8:6; INdu. 41:13) Xa ayesithi “amen” emva komthandazo ayebonisa ukuba ayavumelana nento ethethiweyo. Bonke ababekho babenokuba nento abayithethayo, ibe loo nto yayibenza bakuvuyele ukukhonza uYehova ngale ndlela. Kwenzeka kanye le nto xa uKumkani uDavide wasa iTyeya kaYehova eYerusalem. Ngoxa kwakubhiyozwa, wacula umthandazo wakhe osuka entliziyweni obhalwe kweyoku-1 yeziKronike 16:8-36. Abantu ababelapho bachukunyiswa ngumthandazo wakhe baza “bonke abantu bathi, ‘Amen!’ bamdumisa uYehova.” Babekuvuyela nyhani ukukhonza uYehova kunye.

NamaKristu exesha labapostile ayesithi “amen” xa edumisa uYehova. Ababhali beBhayibhile babedla ngokulifaka eli gama kwiileta zabo. (Roma 1:25; 16:27; 1 Pet. 4:11) Incwadi yeSityhilelo ide ibonise izidalwa zomoya ezulwini zizukisa uYehova ngokuthi: “Amen! Dumisani uYa!” (ISityhi. 19:1, 4) AmaKristu exesha labapostile ayedla ngokuthi “amen” emva kokuba kuthandaziwe kwiintlanganiso. (1 Kor. 14:16) Kodwa ke, ayengathi “amen” engakhange acinge nokucinga.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUBA SITHI “AMEN”?

Emva kokufunda ngendlela abakhonzi bakaYehova ababelisebenzisa ngayo igama elithi “amen,” siyabona ukuba kutheni kubalulekile ukuba sithi “amen” emva komthandazo. Xa sisitsho emva kokuzithandazela, sibonisa ukuba siqinisekile ngento esiyithethileyo. Naxa sisithi “amen” xa kuthandazwa phambi kwabantu, nokuba sitsho ngaphakathi, sibonisa ukuba siyavumelana naloo nto ithethiweyo. Makhe sithethe ngezinye izizathu ezibonisa ukubaluleka kokuthi “amen.”

Siyamamela xa omnye umntu ethandaza kuba leyo yindlela esikhonza ngayo. Sikhonza uYehova xa kuthandazwa kungekuphela nje ngezinto esizithethayo kodwa nangezinto esizenzayo. Kuba sifuna ukuthi “amen” ngokunyanisekileyo, singamamela kakuhle size singacingi ngezinye izinto ngoxa kuthandazwa.

Simanyene njengabakhonzi bakaThixo. Xa kuthandazwa ebandleni, siva umthandazo omnye. (IZe. 1:14; 12:5) Xa sisithi “amen” ngexesha elinye nabazalwana noodadewethu, simanyana nangakumbi. Ukuthi “amen” kwethu ngexesha elinye, enoba sitsho ngelizwi elivakalayo okanye ngaphakathi, kunokwenza uYehova ayenze loo nto simcela yona.

Ukuthi “amen” yenye yeendlela esimdumisa ngazo uYehova

Sidumisa uYehova. UYehova uqaphela nento encinci esiyenzayo xa simkhonza. (Luka 21:2, 3) Uyazibona iintliziyo zethu ibe wazi nezizathu zokuba senze izinto. Ukuthi “amen” kwethu kubalulekile kuYehova, nokuba sesimamele iintlanganiso ngefowuni. Xa sisithi “amen,” sidumisa uYehova kunye nabo bakwiintlanganiso.

Kusenokubonakala ngathi akubalulekanga kangako ukuthi “amen,” kodwa ke kubalulekile. Enye iencyclopedia yeBhayibhile ithi abakhonzi bakaThixo bangabonisa “ukumthemba, ukuvuma ngokupheleleyo nethemba elisentliziyweni yabo ngokusebenzisa eli gama nje linye.” Kwanga nanini na sisithi “amen” singatsho ngendlela eza kumvuyisa uYehova.​—INdu. 19:14.