Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 20

Bathuthuzele Abantu Abakha Baphathwa Kakubi

Bathuthuzele Abantu Abakha Baphathwa Kakubi

‘UThixo wentuthuzelo yonke. . . usithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’​2 KOR. 1:3, 4.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Ngowuphi umzekelo obonisa ukuba isegazini kuthi into yokufuna ukuthuthuzelwa ibe siyakwazi nokuthuthuzela abanye? (b) Abanye abantwana baye bonzakale njani?

ISEGAZINI kuthi into yokufuna ukuthuthuzelwa ibe siyakwazi nokuthuthuzela abanye. Ngokomzekelo, xa umntwana edlala aze awe agruzuke edolweni, uye abalekele kumama wakhe elila. Umama akanakukwazi ukulenza liphile eli dolo, kodwa unako ukumthuthuzela umntwana wakhe. Usenokumbuza athi: “Kwenzeke ntoni mntanam?,” amosule iinyembezi, amthuthuzele, avuthele inxeba mhlawumbi aliqabe okanye alibophe. Kungekudala, umntwana uyayeka ukulila ibe usenokude aphinde ayokudlala. Ethubeni, idolo liye liphile.

2 Ngamanye amaxesha, abantwana baye bonzakale ngaphezu kwale ndlela ichazwe ngasentla. Abanye baphathwa kakubi ngokwesondo. Kwabanye le nto isenokwenzeka kube kanye, kanti kwabanye isenokwenzeka kangangeminyaka. Enoba le nto yenzeke ixesha elingakanani, loo mntwana usenokungayeki ukuba buhlungu. Ngamanye amaxesha, umntu ophethe kakubi umntwana ngokwesondo usenokubanjwa. Kanti omnye usenokungade abanjwe. Enoba ubanjwe ngoko nangoko, yena umntwana usenokuba neengxaki naxa emdala.

3. Ngokutsho kweye-2 kwabaseKorinte 1:3, 4, yintoni uYehova ayifunayo ibe yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

3 Yintoni enokunceda umzalwana okanye udade osebuhlungu kuba wayephethwe kakubi ngokwesondo esengumntwana? (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4) Ngokuqinisekileyo, uYehova ufuna abakhonzi bakhe bathandwe baze bathuthuzelwe. Ngoko, siza kuphendula le mibuzo mithathu: (1) Kutheni besenokufuna ukuthuthuzelwa abantu abaye baphathwa kakubi ngokwesondo besebancinci? (2) Ngoobani abanokubathuthuzela? (3) Sinokubathuthuzela njani?

KUTHENI BEFUNA UKUTHUTHUZELWA ABANTU ABAKHA BAPHATHWA KAKUBI NGOKWESONDO?

4-5. (a) Kutheni kufuneka sikhumbule ukuba abantwana abafani nabantu abadala? (b) Yintoni enokwenzeka xa umntwana ephathwa kakubi ngokwesondo ngumntu amthembayo?

4 Abantu abaye baphathwa kakubi ngokwesondo besebancinci basenokufuna ukuthuthuzelwa. Ngoba? Ukuze siyiqonde kakuhle le nto, kufuneka sikhumbule ukuba abantwana abafani nabantu abadala. Xa umntwana ephethwe kakubi ngokwesondo uye onzakale kakhulu kunomntu omdala. Makhe sithethe ngale mizekelo ilandelayo.

5 Abantwana bayafuna ukubathanda nokubathemba abantu ababakhulisayo. Loo nto iyabaqinisekisa ukuba bakhuselekile ibe ibenza bakwazi ukubathemba nabanye abantu ababathandayo. Into ebuhlungu kukuba, kuxhaphakile ukuba abantwana baphathwe kakubi ngokwesondo emakhayeni abo, zizalamane okanye ngabahlobo abavana kakhulu nentsapho. Xa umntwana ephathwa kakubi ngokwesondo ngumntu amthembayo, usenokungabathembi abantu naxa emdala.

6. Kutheni sisithi bakhohlakele abantu abaphatha abantwana kakubi ngokwesondo?

6 Abantwana abakwazi kuzikhusela ibe umntu obaphatha kakubi ngokwesondo ukhohlakele kwaye uyabenzakalisa. Umntu owenza isondo nabantwana abancinci ube umzimba nengqondo yabo isencinci kakhulu ukuba ingenza isondo, ubenzakalisa kakhulu. Xa umntwana ephathwa kakubi ngokwesondo usenokulijonga ngenye indlela isondo, azicaphukele okanye angathembi kwamntu uzisondeza kuye.

7. (a) Kutheni abantwana besenokuqhathwa lula baze baphathwe kakubi ngokwesondo, ibe basenokuqhathwa njani? (b) Loo mntwana usenokukhula ecinga ntoni?

7 Abantwana abakwazi ukucinga nokuphepha iingozi njengabantu abadala. (1 Kor. 13:11) Yiyo le nto besenokuqhathwa lula baze baphathwe kakubi ngokwesondo. Abantu abaphatha abantwana kakubi ngokwesondo basenokubaqhatha. Ngokomzekelo, basenokuthi kungenxa yabo le nto bebaphatha kakubi ngokwesondo. Kwakhona basenokuthi bangaze bachazele mntu ngale nto ibe nokuba bangaxela akukho mntu oza kubamamela okanye abakholelwe. Basenokude babaqhathe ngokuthi akukho nto imbi xa umntwana esabelana ngesondo nomntu omdala amthandayo. Umntwana usenokubona xa emdala ukuba tyhini lonke eli xesha ebeqhathwa. Loo mntwana usenokukhula ecinga ukuba akabalulekanga ibe akukho mntu unokumthanda okanye amthuthuzele.

8. Kutheni siqinisekile ukuba uYehova uyakwazi ukubathuthuzela abantu abaphethwe kakubi ngokwesondo?

8 Ezi zinto sithethe ngazo ngasentla zisinceda sibone ukuba kutheni abantu abaye baphathwa kakubi ngokwesondo besiba neengxaki kangangeminyaka. Bakhohlakele nyhani abantu abenza le nto! Ukuxhaphaka kwale nto emhlabeni wonke kubonisa ukuba ngokwenene siphila kwimihla yokugqibela kuba abantu ‘abanawo umsa wemvelo’ ibe ‘abantu abangendawo namabhedengu [abantu abazenza amalungisa] bahambela phambili ebubini.’ (2 Tim. 3:1-5, 13) Amacebo kaSathana abonisa ukuba ukhohlakele ibe kubuhlungu ukubona abantu besenza izinto ezifunwa nguye. Kodwa ke, uYehova unamandla kakhulu kunoSathana kunye nabantu abenza izinto ezifunwa nguye. Uyayibona yonke into eyenziwa nguSathana. Asiyithandabuzi into yokuba uyazazi iingxaki esinazo ibe uyakwazi nokusithuthuzela. Sisikeleleke nyhani ngokuba “noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sikwazi ukuthuthuzela abo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo ngayo intuthuzelo nathi ngokwethu esithuthuzelwa ngayo nguThixo.” (2 Kor. 1:3, 4) Kodwa ke, uYehova usebenzisa bani xa ethuthuzela umntu?

NGOOBANI ABANOKUTHUTHUZELA ABANTU ABAKHA BAPHATHWA KAKUBI NGOKWESONDO?

9. Ngokutsho kweNdumiso 27:10, uYehova ubenzela ntoni abantu abaphathwa kakubi ngokwesondo nangona abazali babo besazi?

9 Abantu abaphathwa kakubi ngokwesondo ngabantu ababaqhelileyo, nabo bangazange bakhathalelwe ngabazali babo nangona babebona ukuba baphethwe kakubi ngokwesondo, bakufuna nyhani ukuthuthuzelwa. UDavide wayesazi ukuba oyena mntu uhlala esithuthuzela nguYehova. (Funda iNdumiso 27:10.) Wayesazi nokuba uYehova uza kuba nguTata kubantu abaphethwe kakubi ziintsapho zabo. UYehova uyenza njani le nto? Usebenzisa abakhonzi bakhe. Abazalwana noodadewethu abasebandleni bayintsapho yethu. Ngokomzekelo, uYesu wathi abantu ababekhonza uYehova kunye naye ngoobhuti, oosisi noomama bakhe.​—Mat. 12:48-50.

10. Wathini uPawulos xa wayechaza indlela awayesebenza ngayo?

10 Nanku umzekelo obonisa ukuba siyintsapho emabandleni ethu. Umpostile uPawulos wayengumdala osebenza nzima nothembekileyo. Wababonisa indlela efanelekayo yokwenza izinto, ibe wade waphefumlelwa ukuba achazele abanye ukuba bamele baxelise yena njengokuba naye exelisa uKristu. (1 Kor. 11:1) Xa wayechaza indlela awayesebenza ngayo ekubeni wayengumdala, wathi: “Siye saba ngabathantamisayo phakathi kwenu, njengaxa umama oncancisayo ebaphatha ngononophelo abakhe abantwana.” (1 Tes. 2:7) Namhlanje, abadala banokusithuthuzela besebenzisa iZibhalo.

Oodade abanokholo olomeleleyo ngabona badla ngokukwazi ukuthuthuzela oodade abakha baphathwa kakubi ngokwesondo (Jonga isiqendu 11) *

11. Yintoni ebonisa ukuba ayingobadala bodwa abamele bathuthuzele abanye?

11 Ngaba ngabadala bodwa abamele bathuthuzele umntu oye waphathwa kakubi ngokwesondo? Akunjalo. Sonke simele ‘sithuthuzelane.’ (1 Tes. 4:18) Oodade abanokholo olomeleleyo banokubathuthuzela kakuhle oodade abakhe baphathwa kakubi ngokwesondo. Nkqu noYehova wazifanisa nomama othuthuzela unyana wakhe. (Isa. 66:13) IBhayibhile ithetha ngamabhinqa akhe athuthuzela abantu abakhathazekileyo. (Yobhi 42:11) Uvuya nyhani uYehova xa ebona oodade abanokholo olomeleleyo bekhuthaza oodade abakhathazekileyo. Ngamanye amaxesha, abadala basenokucela omnye udade ukuba ancede udade okhathazekileyo. *

SINGABATHUTHUZELA NJANI?

12. Yintoni esingafuni ukuyenza xa sithuthuzela umzalwana okanye udade?

12 Kakade ke, xa sithuthuzela umzalwana okanye udade, asifuni ukumbuza ngezinto angafuni ukuthetha ngazo. (1 Tes. 4:11) Yintoni esinokuyenza ukuze sithuthuzele abantu abakhathazekileyo? Makhe sithethe ngeendlela ezintlanu enokusinceda ngazo iBhayibhile ukuze sikwazi ukuthuthuzela abanye.

13. Ngokutsho kweyoku-1 yooKumkani 19:5-8, ingelosi kaYehova yamnceda njani uEliya, ibe thina singayilinganisa njani?

13 Menzele into eza kumnceda. Xa umprofeti uEliya wayebaleka abantu ababefuna ukumbulala, wakhathazeka kakhulu kangangokuba wade wafuna ukufa. UYehova wathumela ingelosi yakhe kuEliya. Le ngelosi yamnceda ngezinto awayezidinga. Yamnika ukutya yaza yamcenga ukuba makatye. (Funda eyoku-1 yooKumkani 19:5-8.) Le nto isifundisa ukuba nento nje encinci esiyenzela omnye umntu, inokumnceda kakhulu. Sinokubonisa ukuba siyamthanda umzalwana okanye udadewethu okhathazekileyo ngokumnika ukutya, isipho okanye ngokumbhalela ileta ekhuthazayo. Ukuba kunzima kuthi ukuthetha naye ngeengxaki zakhe, sinokukhetha ukumnceda ngenye indlela.

14. Yeyiphi enye into esinokuyifunda kwinto eyenzeka kuEliya?

14 Menze abone ukuba ukhuselekile. Kukho enye into esinokuyifunda kwinto eyenzeka kuEliya. UYehova wamnceda waya kwiNtaba yeHorebhe nangona yayikude. Mhlawumbi uEliya wabona ukuba ukhuselekile kule ndawo kuba kulapho uYehova wayenze isivumelwano nabantu bakhe. Mhlawumbi wabona nokuba wayekude kakhulu kubantu ababefuna ukumbulala. Sifunda ntoni kule nto? Into yokuqala esimele siyenze ukuze sithuthuzele umntu oye waphathwa kakubi ngokwesondo, kukumenza abone ukuba ukhuselekile. Ngokomzekelo, abadala banokubona kukuhle ukuthetha nodade okhathazekileyo endlwini yakhe kunokuthetha naye kwiHolo yoBukumkani. Kodwa omnye usenokukhululeka xa abadala bethetha naye kwiHolo yoBukumkani.

Sinokumthuthuzela umntu ngokummamela kakuhle, sithandaze naye size siqiniseke ukuba amazwi esiwathethayo ayathuthuzela (Jonga isiqendu 15-20) *

15-16. Yintoni omele uyenze ukuze ubonise ukuba ummamele kakuhle umntu?

15 Mmamele kakuhle. IBhayibhile icebisa ngokuthi: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha.” (Yak. 1:19) Ngaba sibamamela kakuhle abantu? Mhlawumbi sicinga ukuba ukummamela kakuhle umntu, kukumjonga nje emehlweni size singathethi nto. Kodwa asimele siphelele nje apho. Ngokomzekelo, uEliya wade wamchazela uYehova indlela abuhlungu ngayo ibe noYehova wammamela kakuhle. UYehova wayebona ukuba uEliya wayesoyika, ecinga ukuba uyedwa ibe ecinga nokuba yonke into ayenzileyo ayinamsebenzi. UYehova wamnceda wayeka ukuziva ngolu hlobo. Wabonisa ukuba wayemmamele kakuhle uEliya.​—1 Kum. 19:9-11, 15-18.

16 Singabonisa njani ukuba siyamcingela umntu xa esichazela ingxaki yakhe? Ngamanye amaxesha, sinokumthuthuzela ngamazwi ambalwa, ngaloo ndlela sibonisa ukuba siyavelana naye. Usenokuthi: “Ndibuhlungu ngale nto ikwehleleyo. Abantu abamele babaphathe kakubi ngolu hlobo abantwana.” Ukuze uqiniseke ukuba uyayiva le nto ayithethayo unokumbuza imibuzo embalwa. Usenokuthi: “Andiqondi ukuba ndikuve kakuhle, ndicela undicacisele le nto ugqib’ ukuyithetha” okanye unokuthi “Andazi nokuba ndikuve kakuhle xa ubusithi . . . ” Xa umbuza le mibuzo unokutsho aqiniseke ukuba ummamele ibe ufuna ukumva kakuhle.​—1 Kor. 13:4, 7.

17. Kutheni simele ‘sicothe ukuthetha’?

17 Umele ‘ucothe ukuthetha.’ Ungamphazamisi esathetha kuba ufuna ukumcebisa okanye ufune ukumlungisa. Mlinde agqibe ukuthetha. Xa uEliya wachazela uYehova indlela abuhlungu ngayo, wayekhathazekile. Emva kokuba ethuthuzelwe nguYehova, waphinda wamchazela indlela abuhlungu ngayo, ibe wayithetha kanye ngala ndlela wayeyithethe ngayo. (1 Kum. 19:9, 10, 13, 14) Isifundisa ntoni le nto? Ngamanye amaxesha, abantu abakhathazekileyo basoloko bethetha ngendlela ababuhlungu ngayo. NjengoYehova, nathi kufuneka sibamamele kakuhle. Endaweni yokubachazela ukuba bazilungise njani iingxaki zabo, simele sibacingele size sivelane nabo.​—1 Pet. 3:8.

18. Sinokumthuthuzela njani umntu xa sithandaza?

18 Thandaza kunye naye. Umntu okhathazekileyo usenokungakwazi ukuthandaza. Usenokubona ngathi akakufanelekeli ukuthetha noYehova. Sinokumthuthuzela ngokubiza igama lakhe xa sithandaza kunye naye. Sinokumchazela uYehova indlela thina nabanye abazalwana noodade esimthanda ngayo. Sinokumcela uYehova ukuba amthuthuzele umkhonzi wakhe. Ukuthandaza ngale ndlela kunokumthuthuzela nyhani umntu okhathazekileyo.​—Yak. 5:16.

19. Yintoni enokusinceda sikwazi ukuthuthuzela umntu?

19 Qiniseka ukuba amazwi owathethayo ayathuthuzela. Ungathethi ungacinganga. Ungamonzakalisa umntu xa uthetha ungacinganga, kodwa amazwi athuthuzelayo ayaphilisa. (IMize. 12:18) Ngoko, mcele uYehova akuncede uthethe izinto ezithuthuzelayo. Khumbula ukuba eyona ndlela yokuthuthuzela umntu kukusebenzisa amazwi kaYehova aseBhayibhileni.​—Heb. 4:12.

20. Abantu abakhe baphathwa kakubi ngokwesondo basenokucinga ntoni, ibe sifuna ukubakhumbuza ntoni?

20 Abantu abakhe baphathwa kakubi ngokwesondo basenokucinga ukuba ababalulekanga ibe akukho mntu ubathandayo. Bubuxoki obo! Batyhilele iZibhalo ukuze ubabonise ukuba uYehova ubathanda nyhani. (Jonga ibhokisi ethi “ Thuthuzela NgeZibhalo.”) Usayikhumbula indlela ingelosi eyamthuthuzela ngayo uDaniyeli xa wayekhathazekile? UYehova wayefuna uDaniyeli ayazi ukuba uyamthanda. (Dan. 10:2, 11, 19) UYehova uyabathanda nabazalwana noodadewethu abakhathazekileyo!

21. UYehova uza kubenza ntoni abo baphatha abanye kakubi ngokwesondo baze bangaguquki, ibe thina simele senze ntoni okwangoku?

21 Xa sibathuthuzela abantu siyabakhumbuza ukuba uYehova uyabathanda. Singaze siyilibale into yokuba uYehova nguThixo ofuna abantu baphathwe kakuhle. Uyamazi wonke umntu owakhe waphathwa kakubi ngokwesondo enoba akukho mntu uyaziyo loo nto. Ekubeni uYehova ebona yonke into, uza kubatshabalalisa bonke abo baphatha abanye kakubi ngokwesondo baze bangaguquki. (Num. 14:18) Okwangoku, masibathande abantu abakha baphathwa kakubi ngokwesondo. Ngaphezu koko, kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba uYehova uza kuyiphelisa intlungu abanayo abantu abaye baphathwa kakubi nguSathana nalihlabathi lakhe! Kungekudala, ezi zinto azizuphinda zithi qatha ezingqondweni nasezintliziyweni zethu.​—Isa. 65:17.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni

^ isiqe. 5 Abantu abaye baphathwa kakubi ngokwesondo besebancinci basenokuba neengxaki naxa bebadala. Eli nqaku liza kusinceda siqonde ukuba kutheni kunjalo nje. Siza kubona nokuba ngoobani abanokuthuthuzela abantu abaye baphathwa kakubi ngokwesondo. Emva koko, siza kubona ukuba singabathuthuzela njani.

^ isiqe. 11 Umntu oye waphathwa kakubi ngokwesondo umele azigqibele ngokwakhe ukuba uyafuna okanye akafuni ukuya kwagqirha.

^ isiqe. 76 IMIFANEKISO: Udade okhulileyo ukhuthaza udade okhathazekileyo.

^ isiqe. 78 IMIFANEKISO: Abadala bathuthuzela udade okhathazekileyo. Lo dade ucele omnye udade ukuba abe khona. Masithandane Ngokusuka Entliziyweni