Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Esinokuzikhusela Ngayo Kwiqhinga LikaSathana

Indlela Esinokuzikhusela Ngayo Kwiqhinga LikaSathana

NJENGOKUBA amaSirayeli ayesele eza kuwela iYordan esiya kwiLizwe Lesithembiso, andwendwelwa ngabantu awayengawalindelanga. Aba bantu yayiziintombi ezingengomaSirayeli ibe zamema amadoda angamaSirayeli kwitheko. La maSirayeli ayesenokubona ngathi lithuba elihle eli lokuba nabahlobo, adanise aze atye nabanye abantu. Indlela ezaziphila ngayo ezi ntombi yayingafani neyamaSirayeli kuba wona ayethobela uMthetho kaThixo. Kodwa kusenokwenzeka ukuba amanye amaSirayeli ayesithi: ‘Akhonto iza kwenzeka kuthi. Siyayazi into elungileyo nengalunganga.’

Kwenzeka ntoni emva koko? IBhayibhile ithi: “Baqala abantu baba neentlobano zokuziphatha okubi neentombi zakwaMowabhi.” Ezi ntombi zazifuna la maSirayeli akhonze izithixo. Ibe nyhani ayenza loo nto. Yiyo le nto “wavutha umsindo kaYehova kuSirayeli.”​—Num. 25:1-3.

La maSirayeli ophula uMthetho kaThixo ngeendlela ezimbini. Akhonza izithixo aza aziphatha kakubi ngokwesondo. Le nto yabangela ukuba kufe abantu abaninzi. (Eks. 20:4, 5, 14; Dut. 13:6-9) Yeyiphi enye into ebangela libe buhlungu kakhulu eli bali? Lixesha eyenzeka ngayo yonke le nto. AmaSirayeli ayesele esondele kwiLizwe Lesithembiso, kwakushota nje awele iYordan. Ngoko ukuba la madoda angamawaka ayemthobele uThixo, nawo ayeza kungena.​—Num. 25:5, 9.

Umpostile uPawulos wathi xa ethetha ngeli bali: “Ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.” (1 Kor. 10:7-11) Siqinisekile ukuba uSathana wavuya kakhulu xa amanye amaSirayeli ona uYehova, aza awavunyelwa ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso. Masifunde kule nto yenzeka kumaSirayeli, kuba siyazi ukuba uSathana angavuya kakhulu ukuba sinokungangeni kwihlabathi elitsha!

IQHINGA ELIYINGOZI LIKASATHANA

USathana usafuna ukubambisa amaKristu nanamhlanje, ibe uzama ukuyenza le nto ngamaqhinga akha amsebenzela ngaphambili. Njengokuba sekutshiwo ngaphambili, wawabambisa amaSirayeli ngokuziphatha kakubi ngokwesondo. Eli qhinga lakhe liseyingozi nanamhlanje. Enye into uSathana anokuyisebenzisa ukuze siziphathe kakubi ngokwesondo, yiphonografi.

Namhlanje umntu uyakwazi ukubukela iphonografi engabonwa ngabanye abantu. Kudala, xa umntu efuna ukubukela iphonografi, kwakufuneka aye kwindawo ekubukelwa kuyo iimuvi okanye kwivenkile ethengisa iincwadi zephonografi. Abantu abaninzi babengayi kwezi ndawo kuba bengafuni ukubonwa ngabantu. Kodwa ngoku, ukuba nje umntu une-intanethi, angayibukela iphonografi enoba usemsebenzini okanye uhleli emotweni. Kumazwe amaninzi, umntu angayibukela iphonografi engakhange aphume nangomnyango.

Akuphelelanga apho. Iithablethi neefowuni zenze kwalula ukuba umntu abukele iphonografi enoba uhamba ngeenyawo, ngebhasi okanye ngetreyini.

Namhlanje, iphonografi yenzakalisa abantu abaninzi kunakuqala, kuba ngoku kulula ukuyibukela nokuyifihla loo nto. Abantu abaninzi ababukela iphonografi bonakalelwa yimitshato, baphelelwe sisidima baze batyiwe zizazela. Eyona nto imbi kukuba, bazixabanisa noThixo. Ngoko nyhani iphonografi iyabenzakalisa abantu abayibukelayo. Indlela eyingozi ngayo singayifanisa nokuba nenxeba elingapholiyo, kuba umntu owenzakaliswe yiyo unokuba buhlungu ixesha elide ibe kunokuba nzima ukohlukana nayo.

Masikhumbule ukuba uYehova angasikhusela kweli qhinga likaSathana. Ukuze sikhuselwe nguYehova, simele singafani namaSirayeli, kunoko ‘simthobele.’ (Eks. 19:5) Masikhumbule ukuba uYehova akafuni nokuyibona iphonografi. Kutheni sisitsho nje?

YICAPHUKELE NJENGOYEHOVA IPHONOGRAFI

Khumbula ukuba imithetho uThixo awayinika amaSirayeli yayingafani nemithetho yezinye iintlanga. Le mithetho yayifana nodonga kuba yayiwakhusela amaSirayeli ukuba angenzi izinto ezazisenziwa ngabantu bezinye iintlanga. (Dut. 4:6-8) Kwakhona yayenza yacaca into yokuba uYehova akafuni abantu baziphathe kakubi ngokwesondo.

UYehova waxelela amaSirayeli izinto ezimbi ezazisenziwa ngabantu beentlanga, waza wathi kuwo: “Ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo. . . . Ilizwe eli alihlambulukanga, yaye ndiya kulohlwaya ngesiphoso salo.” Kuba uYehova enguThixo ongcwele, wathi akubona indlela awayephila ngayo amaKanan, wathi iLizwe lawo limdaka.​—Lev. 18:3, 25.

UYehova wawohlwaya amaKanan, kodwa abanye abantu baqhubeka beziphatha kakubi ngokwesondo. Emva kokuba kudlule iminyaka eyi-1 500, uPawulos wathi abantu abangengomaKristu ababephila ngexesha lakhe ‘babengasaziva konke konke ngokokuziphatha.’ Ngapha koko, ‘babezinikele kwihambo evakalala ukuze basebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo bebawa.’ (Efe. 4:17-19) Nanamhlanje, abantu abaninzi baziphethe kakubi ngokwesondo, ibe abanazintloni ngaloo nto. Ngoko, abakhonzi bakaThixo bamele baqiniseke ukuba abazibukeli izinto ezingcolileyo zeli hlabathi.

Abantu abakhuthaza nababukela iphonografi babonisa ukuba abamhloniphi uThixo. Wasidala safana naye waza wasenza sakwazi ukubona into elungileyo nengalunganga. Ekubeni elumkile, wasibekela imithetho engendlela elimele lenziwe ngalo isondo. Lalimele lenziwe lize lonwabise abantu abatshatileyo kuphela. (Gen. 1:26-28; IMize. 5:18, 19) Kodwa, ngaba abantu abenza nabakhuthaza iphonografi benza le nto uThixo ayifunayo? Hayi, endaweni yoko bayijongela phantsi indlela uThixo afuna abantu baziphathe ngayo. Ngoko, abantu abakhuthaza iphonografi abamhloniphi uYehova. UThixo uza kubaphendulisa abantu abenza ezi zinto kuba barhuqela eludakeni imithetho yakhe.​—Roma 1:24-27.

Kodwa kuthekani ngabo bafunda baze babukele iphonografi ngabom? Abanye babo basenokuthi bayazonwabisa nje akhonto imbi. Kanti ke, baxhasa abantu abangayithobeliyo imigaqo kaYehova. Kusenokwenzeka ukuba babengayazi loo nto xa babeqala ukubukela iphonografi. Kodwa ke, iBhayibhile iyenza icace into yokuba abakhonzi bakaThixo bamele bayithiy’ egazini iphonografi. Ithi: “Nina nithanda uYehova, kuthiyeni okubi.”​—INdu. 97:10.

Kusenokuba nzima nasemntwini ongafuniyo ukubukela iphonografi. Kaloku asifezekanga, ibe kusenokufuneka silwe nzima ukuze singenzi izinto ezinqwenelwa yimizimba yethu. Kwakhona, ukungafezeki kusenokusenza sicinge ukuba akuyonto embi ukubukela iphonografi. (Yer. 17:9) Kodwa abantu abaninzi abangamaKristu ngoku, baye bakwazi ukohlukana nephonografi. Le nto ingakukhuthaza nawe ukuba unengxaki efanayo. Makhe sithethe ngendlela iLizwi LikaThixo elingakunceda ngayo wohlukane nephonografi.

SUKUHLALA UCINGA NGOKUZIPHATHA KAKUBI

Njengokuba bekusele kutshiwo, amaSirayeli amaninizi acinga izinto ezimbi de angena engxakini. Ingenzeka le nto nanamhlanje. NoYakobi wayichaza indlela eyingozi ngayo le nto. Wathi: ‘Ngamnye . . . utsalwa awexulwe ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono.’ (Yak. 1:14, 15) Ukuba umntu usoloko ecinga ngokuziphatha kakubi, usenokude one. Ngoko simele sizinyanzele ukuba singacingi ngokuziphatha kakubi ngokwesondo.

Ukuba usoloko ucinga ngokuziphatha kakubi, khawuleza wenze into. UYesu wathi: “Ukuba ke, isandla sakho okanye unyawo lwakho luyakukhubekisa, lunqumle ululahle kude. . .  Kwaneliso lakho, ukuba liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude.” (Mat. 18:8, 9) UYesu wayengathi masizenzakalise. Endaweni yoko, wayezekelisa ukuze abonise ukuba simele sizame ukujonga isizathu sokuba sicinge izinto ezimbi, size emva koko senze utshintsho. Le nto ingasinceda njani ukuze singabukeli iphonografi?

Ukuba kuthi gqi iphonografi ungalindelanga, sukuthi, ‘Akhonto iza kwenzeka.’ Khawuleza ujonge kude. Khawuleza uyicime loo tv, ikhompyutha, ifowni okanye ithablethi ngoko nangoko. Emva koko, zama ukucinga ngeny’ into . Ukwenza le nto kungakunceda ungacingi ngezinto ezimbi uze ucinge ngezintle.

YINTONI ESIMELE SIYENZE UKUBA SISOLOKO SICINGA NGEPHONOGRAFI?

Kuthekani ukuba ude wakwazi ukuyiyeka iphonografi, kodwa ayide iphume engqondweni yakho? Iphonografi isenokuthatha ixesha ukulibaleka. Isenokuvele ithi gqi engqondweni yomntu nanini na. Xa isenzeka loo nto, usenokuzibhaqa sele ufuna ukwenza izinto ezenyanyekayo, ezinjengokuphulula amaphambili. Yazi ukuba usenokumane uzicinga ezi zinto wawuzibukela. Ngoko, cinga ukuba uza kwenza ntoni ukuze uzilwe.

Zixelele ukuba wena uza kucinga uze wenze izinto ngendlela uThixo afuna ngayo. NjengoPawulos, nawe kulungele ‘ukuwuqoba umzimba wakho uze uwuphathe njengekhoboka.’ (1 Kor. 9:27) Ungavumi ukwenza yonk’ into embi oyicingayo. ‘Guquka ngokutshintsha ingqondo yakho, ukuze ukungqine ngokwakho ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:2) Khumbula ukuba awuzukonwaba xa ucinga ngezinto ezimbi, kodwa uza konwaba xa ucinga uze wenze izinto ezifunwa nguThixo.

Awuzukonwaba xa ucinga ngezinto ezimbi, kodwa uza konwaba xa ucinga uze wenze izinto ezifunwa nguThixo

Zama ukunkqaya iivesi zeBhayibhile. Emva koko, xa ucinga ngezinto ezimbi, zama ukucinga ngezi vesi uzinkqayileyo. Nazi izibhalo ezingakunceda uyijonge iphonografi ngendlela uYehova afuna ngayo: INdumiso 119:37, uIsaya 52:11, uMateyu 5:28, eyabase-Efese 5:3, amaKolose 3:5 neyoku-1 kwabaseTesalonika 4:4-8.

Yintoni omele uyenze xa ubona ngathi awukwazi ukuyeka ukucinga nokubukela iphonografi? Yenza ngendlela awenza ngayo uYesu, onguMzekelo wethu. (1 Pet. 2:21) Emva kokuba ebhaptiziwe, uSathana waqhubeka emlinga. Wenza ntoni uYesu? Zange avume ukwenza izinto ezazifunwa nguSathana. Wayesithi uSathana akuthetha le, uYesu aphendule ngeSibhalo. Wathi: “Hamb’ umke, Sathana!” Ibe uSathana wahamba. UYesu akazange ayeke ukumlwa uSathana, nawe ke unganikezeli. (Mat. 4:1-11) USathana neli hlabathi lakhe baza kuqhubeka bezama ukukwenza ucinge ngezinto ezingafanelekanga, kodwa ke ungayeki ukulwa. Ungakwazi ukohlukana nephonografi. UYehova angakunceda ukwazi ukuyenza loo nto.

THANDAZA KUYEHOVA UZE UMTHOBELE

Qhubeka uthandaza kuYehova uze umcele akuncede. UPawulos wathi: “Zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:6, 7) UThixo uza kukunika uxolo lwengqondo ukuze ukwazi ukungavumi ukwenza izinto ezimbi. Ukuba uyasondela kuYehova, ‘naye uza kusondela kuwe.’​—Yak. 4:8.

USathana akanakuze asibambise ngamaqhinga akhe ukuba sihlala singabahlobo noMlawuli wendalo iphela. UYesu wathi: “Umlawuli wehlabathi [uSathana] uyeza, kwaye akanandlela yakubambelela kum.” (Yoh. 14:30) Yintoni eyayisenza uYesu aqiniseke ngale nto? Wathi: “Lowo undithumileyo ukunye nam, akandishiyanga ndedwa, ngenxa yokuba ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yoh. 8:29) Nawe uYehova akanakuze akushiye ukuba uqhubeka usenza izinto azithandayo. Ngoko, hambela kude kwiphonografi, ibe xa usenza njalo uSathana akanakuze akubambise.