Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 27

Izinto Esinokuzenza Ngoku Ukuze Sinyamezele Xa Sitshutshiswa

Izinto Esinokuzenza Ngoku Ukuze Sinyamezele Xa Sitshutshiswa

“Bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.”​—2 TIM. 3:12.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni simele sizilungiselele ukutshutshiswa?

NGOBUSUKU obungaphambi kokuba iNkosi yethu uYesu ibulawe, yathi wonke umntu ofuna ukuba ngumlandeli wakhe wayeza kucatshukelwa. (Yoh. 17:14) Oko yayisenzeka le nto, kangangokuba isenzeka nanamhlanje. AmaKristu asatshutshiswa ngabantu abangamkhonziyo uYehova. (2 Tim. 3:12) Njengoko sele liza kutshatyalaliswa eli hlabathi, silindele ukutshutshiswa nangakumbi.​—Mat. 24:9.

2-3. (a) Yintoni enokwenzeka xa sicinga ngezinto ezimbi eziza kwenzeka kuthi? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Yintoni esimele siyenze ngoku ukuze sikwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa? Asimele sicinge ngezinto ezimbi eziza kwenzeka kuthi. Loo nto inokusenza soyike kakhulu. Sinokude siyeke nokukhonza uYehova nangona zingekasehleli izinto ezimbi. (IMize. 12:25; 17:22) Enye indlela elizama ukusihlasela ngayo ‘utshaba lwethu, uMtyholi’ kukusoyikisa. (1 Pet. 5:8, 9) Ngoko ke, yintoni esimele siyenze ngoku ukuze sikwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa?

3 Kweli nqaku, siza kubona ukuba singenza njani ukuze siqinise ubuhlobo bethu noYehova, nokuba kutheni kubalulekile ukuba siyenze ngoku loo nto. Siza kuthetha nangezinto esimele sizenze ukuze sibe nesibindi nangakumbi. Ekugqibeleni, siza kubona ukuba yintoni esimele siyenze xa abantu besicaphukela.

UNGABUQINISA NJANI UBUHLOBO BAKHO NOYEHOVA?

4. Ngokutsho kwamaHebhere 13:5, 6 yintoni esimele siqiniseke ngayo, ibe ngoba?

4 Qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda ibe akanakuze akulahle. (Funda kumaHebhere 13:5, 6) Kudala, iMboniselo yakha yathi: “Umntu omazi kakuhle uThixo uza kumthemba kakhulu xa etshutshiswa.” Yinyani le! Ukuze sikwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa, simele simthande uYehova size simthembe nyhani size singaze siyithandabuze into yokuba uyasithanda.​—Mat. 22:36-38; Yak. 5:11.

5. Yintoni enokukunceda ubone ukuba uYehova uyakuthanda?

5 Funda iBhayibhile yonke imihla ukuze buqine ubuhlobo bakho noYehova. (Yak. 4:8) Njengoko uyifunda, cinga ngendlela uYehova anothando, anenceba nanobubele ngayo. Xa ufunda ngezinto awazenzayo nawazithethayo, zama ukubona indlela akuthanda ngayo. (Eks. 34:6) Kwabanye kusenokuba nzima ukuyikholelwa into yokuba uThixo uyabathanda kuba kungekho mntu wakha wabathanda. Ukuba kunjalo nakuwe, zama le nto: Qho ngosuku, bhala izinto uYehova akwenzele zona kuba enenceba nobubele. (INdu. 78:38, 39; Roma 8:32) Njengoko ucinga ngezinto ezikhe zenzeka kuwe nangezinto ozifunde eBhayibhileni, kuza kuba lula ukubona ukuba zininzi izinto akwenzele zona uYehova. Ukuba uyazixabisa izinto akwenzela zona uYehova, buza kutsho buqine ubuhlobo benu.​—INdu. 116:1, 2.

6. Ngokutsho kweNdumiso 94:17-19, yintoni eza kwenzeka xa uthandaza kuYehova?

6 Thandaza qho. Khawucinge ngomntwana ogonwe ngutata wakhe. Ekubeni ezibona ukuba ukhuselekile, uthetha ngayo yonke into entle nembi eyenzeke kuye ngaloo mini. Bunganjalo ke nobuhlobo bakho noYehova ukuba uthandaza kuye yonke imihla. (Funda iNdumiso 94:17-19.) Xa uthandaza kuYehova, “phalaza intliziyo yakho . . . kanye njengamanzi” uze umchazele uTata wakho yonke into ekwenza woyike nekukhathazayo. (IZili. 2:19) Emva koko, yintoni eza kwenzeka? Uza kuba ‘noxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.’ (Fil. 4:6, 7) Xa uqhubeka uthandaza ngolu hlobo, buza kuqina nangakumbi ubuhlobo bakho noYehova.​—Roma 8:38, 39.

Siba nesibindi xa simthemba uYehova naxa siqinisekile ukuba izithembiso azenzileyo ngoBukumkani bakhe ziza kwenzeka

UStanley Jones walomeleza ukholo lwakhe ngokungabuthandabuzi uBukumkani BukaThixo (Jonga isiqendu 7)

7. Kutheni umele uqiniseke ukuba zonke izinto uYehova azithembisileyo ngoBukumkani bakhe ziza kwenzeka?

7 Qiniseka ukuba zonke izinto uYehova azithembisileyo ziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani bakhe. (Num. 23:19) Ukuba uyayithandabuza le nto, kuza kuba lula ngoSathana nabantu abasebenzisayo ukuba bakoyikise. (IMize. 24:10; Heb. 2:15) Yintoni omele uyenze ngoku ukuze ungabuthandabuzi uBukumkani BukaThixo? Phanda ngezithembiso eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo uze uphande nangokuba kutheni umele uzikholelwe ukuba ziza kwenzeka. Iza kukunceda njani loo nto? Makhe sithethe ngoStanley Jones, owabanjwa kangangeminyaka esixhenxe ngenxa yokushumayela. * Yintoni eyamnceda wakwazi ukunyamezela? Wathi: “Ukholo lwam lwalomelele kuba ndandibazi uBukumkani BukaThixo nezinto ebuza kuzenza ibe ndandingabuthandabuzi. Ngoko, akukho mntu wayenokundenza ndiyeke ukukhonza uYehova.” Ukuba uyamthemba uThixo ukuba uza kuzenza izinto azithembisileyo, uza kumthanda ibe awuzokuyeka ukumkhonza ngenxa yokoyika.​—IMize. 3:25, 26.

8. Ukuya kwethu kwiintlanganiso kubonisa ntoni? Cacisa.

8 Yiya qho ezintlanganisweni. Iintlanganiso zisinceda buqine ubuhlobo bethu noYehova. Ukuya kwethu kwiintlanganiso kubonisa indlela esiza kukwazi ngayo ukunyamezela xa sitshutshiswa kwixesha elizayo. (Heb. 10:24, 25) Ngoba? Ukuba asiyi ngoku ezintlanganisweni ngenxa nje yezinto ezingenamsebenzi, kobekisela phi xa kwixesha elizayo kufuneka sibeke ubomi bethu esichengeni ukuze siye ezintlanganisweni? Kanti xa sizimisela kwangoku ukuya ezintlanganisweni, asizukuyeka xa abantu abangamkhonziyo uYehova bezama ukusiyekisa. Eli lelona xesha simele sikuthande ngalo ukuya kwiintlanganiso. Xa sikuthanda ukuya ezintlanganisweni, asizukuyeka ‘ukuthobela uThixo njengomlawuli kunabantu,’ enoba siyatshutshiswa okanye urhulumente uthi masiyeke ukuya ezintlanganisweni.​—IZe. 5:29.

Xa sizinkqaya izibhalo kunye neengoma zokudumisa uYehova, siza kukwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa (Jonga isiqendu 9) *

9. Ukunkqaya izibhalo kuza kusinceda njani sikwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa?

9 Zinkqaye izibhalo ozithandayo. (Mat. 13:52) Kusenokwenzeka ukuba ungumntu olibalayo kodwa uYehova usenokukukhumbuza ezo zibhalo ngokusebenzisa umoya wakhe oyingcwele. (Yoh. 14:26) Omnye umzalwana owayebanjiwe waza wavalelwa yedwa esiseleni eMpuma Jamani uthi: “Ndandonwabe nyhani kuba ndandinkqaye izibhalo ezingaphaya kweziyi-200! Nangona ndandivalelwe ndedwa, ndandisoloko ndicinga ngezinto ezahlukahlukeneyo eziseBhayibhileni.” Ezo zibhalo zamnceda lo mzalwana baqina ubuhlobo bakhe noYehova waza wakwazi ukunyamezela.

(Jonga isiqendu 10) *

10. Kutheni simele sizinkqaye iingoma zokudumisa uYehova?

10 Nkqaya uze ucule iingoma zokudumisa uYehova. Xa uPawulos noSilas babebanjiwe eFilipi, bacula iingoma zokudumisa uYehova, ababezazi ngentloko. (IZe. 16:25) Ngokufanayo, xa abazalwana bethu bagxothwayo eRashiya baza basiwa eSiberia, benza ntoni ukuze bakwazi ukunyamezela? UMariya Fedun uthi: “Sazicula zonke iingoma ezikwiculo lethu esasizikhumbula.” Uthi ezi ngoma zabakhuthaza zaza zabuqinisa ubuhlobo babo noYehova. Ngaba ukholo lwakho luyomelela xa ucula ezona ngoma uzithandayo kwiculo lethu nezikwiwebhsayithi? Ukuba kunjalo, kutheni ke ungazinkqayi?​—Jonga ibhokisi ethi “ Ndenze Ndibe Nesibindi.”

IZINTO ESIMELE SIZENZE UKUZE SIBE NESIBINDI NANGAKUMBI

11-12. (a) Ngokutsho kweyoku-1 kaSamuweli 17:37, 45-47, yintoni le yayisenza uDavide abe nesibindi? (b) Sifunda ntoni kweli bali likaDavide?

11 Ukuze sikwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa, simele sibe nesibindi. Yintoni omele uyenze ukuba awunaso isibindi? Khumbula, ukuba nesibindi akuxhomekekanga kubude, kumandla onawo okanye kwizinto okwazi ukuzenza. Khawucinge ngoDavide xa kwakufuneka alwe noGoliyati. Xa ethelekiswa nesi sigebenga, yena uDavide wayemfutshane, engenamandla ibe enezixhobo ezimbalwa zokulwa. Wayengenalo nekrele eli. Kodwa kuyo yonke loo nto, wayenesibindi. UDavide zange oyike, kangangokuba waya ebaleka xa eyokulwa nesi sigebenga sinekratshi.

12 Yintoni le yayisenza uDavide abe nesibindi? Wayeqinisekile ukuba uYehova ukunye naye. (Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:37, 45-47.) UDavide zange ajonge indlela uGoliyati awayemde ngayo kuye. Endaweni yoko, wajonga indlela uGoliyati awayemfutshane ngayo xa ethelekiswa noYehova. Sifunda ntoni kweli bali? Siza kuba nesibindi kuphela xa siqinisekile ukuba uYehova ukunye nathi naxa siqinisekile ukuba iintshaba zethu zincinci xa zithelekiswa noThixo wethu onamandla. (2 Kron. 20:15; INdu. 16:8) Yintoni esimele siyenze kwangoku ukuze sibe nesibindi ngaphambi kokuba ifike intshutshiso?

13. Yintoni esimele siyenze ukuze sibe nesibindi nangakumbi? Cacisa.

13 Sinokuba nesibindi nangakumbi xa sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. Ngoba? Kuba xa sishumayela, siye simthembe uYehova size singaboyiki nabantu. (IMize. 29:25) Njengokuba umzimba wethu uye ube namandla xa sijima, ngokufanayo nathi siye sibe nesibindi ngakumbi xa sishumayela kwindlu ngendlu, kwiindawo ezinabantu, esikolweni, emsebenzini, ebhasini okanye kwiindawo ezinamashishini. Ukuba siba nesibindi sokushumayela kwangoku, siza kushumayela naxa urhulumente esithi masiyeke ukushumayela.​—1 Tes. 2:1, 2.

UNancy Yuen zange avume ukuyeka ukushumayela iindaba ezilungileyo (Jonga isiqendu 14)

14-15. Sifunda ntoni kuNancy Yuen nakuValentina Garnovskaya?

14 Ininzi into esinokuyifunda koodade ababini ababa nesibindi. Nangona uNancy Yuen wayemfutshane, wayengoyiki ngokoyikiswa. * Zange avume xa kwathiwa makayeke ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. Ngoko, wabanjwa iminyaka engaphezu kweyi-20 eTshayina. Abantu abasebenzela urhulumente ababemhlaba ngemibuzo bathi “wayengoyena mntu unenkani” eTshayina!

UValentina Garnovskaya wayeqinisekile ukuba uYehova ukunye naye (Jonga isiqendu 15)

15 Ngokufanayo, uValentina Garnovskaya wabanjwa eRashiya kathathu, kangangeminyaka emalunga neyi-21. * Ngoba? Wayezimisele ukuqhubeka eshumayela, kangangokuba abantu abasebenzela urhulumente bathi “sesona saphuli-mthetho siyingozi.” Yintoni eyanceda la mabhinqa mabini anesibindi kangaka? Ayeqinisekile ukuba uYehova wayekunye nawo.

16. Yeyiphi eyona ndlela yokuba nesibindi?

16 Njengokuba besesitshilo ngaphambili, asimele sithembele ngamandla ethu okanye ngezinto esikwazi ukuzenza. Endaweni yoko, simele siqiniseke ukuba uYehova ukunye nathi nokuba nguye osilwelayo. (Dut. 1:29, 30; Zek. 4:6) Le yeyona ndlela yokuba nesibindi.

YINTONI ESIMELE SIYENZE XA SICATSHUKELWA NGABANTU?

17-18. Ngokutsho kukaYohane 15:18-21, uYesu wasilumkisa ngantoni? Cacisa.

17 Siyavuya xa abantu besihlonipha, kodwa asimele sicinge ukuba asibalulekanga xa abantu besicaphukela. UYesu wathi: “Ninoyolo xa sukuba abantu benithiyile, naxa sukuba benikhuphela bucala yaye beningcikiva kwaye beliphosela phandle igama lenu njengelingendawo ngenxa yoNyana womntu.” (Luka 6:22) Wayethetha ukuthini?

18 UYesu wayengathi amaKristu aza kuvuya xa ecatshukelwa. Endaweni yoko, wayesilumkisa ngento enokwenzeka kuthi. Asizenzi izinto ezenziwa ngabantu behlabathi. Senza izinto uYesu awayezifundisa ibe sishumayela ngezinto awayeshumayela ngazo. Yiloo nto ke abantu behlabathi bengafuni nokusibona. (Funda uYohane 15:18-21.) Sifuna ukuvuyisa uYehova. Ukuba abantu bayasicaphukela kuba sithanda uTata wethu, ayongxaki yethu leyo!

19. Sifunda ntoni kubapostile?

19 Ungaze uvumele kwanto ethethwa okanye eyenziwa ngabantu ikwenze ube neentloni ngokuba liNgqina LikaYehova. (Mika 4:5) Into eyenziwa ngabapostile emva kokuba uYesu ebulewe ingasinceda siyeke ukoyika abantu. Babeyazi indlela ezazibacaphukela ngayo iiNkokeli zonqulo zamaYuda. (IZe. 5:17, 18, 27, 28) Nangona kunjalo, babesiya yonke imihla etempileni ibe babezibonakalisa ukuba bangabafundi bakaYesu kuba babeshumayela. (IZe. 5:42) Abazange bayeke ukushumayela ngenxa yokoyika. Nathi sinako ukuyeka ukoyika ukuba siyaziveza ukuba singamaNgqina KaYehova emsebenzini, esikolweni nasekuhlaleni.​—IZe. 4:29; Roma 1:16.

20. Yintoni le yayivuyisa abapostile nangona babecatshukelwa?

20 Yintoni le yayivuyisa abapostile? Babeyazi ukuba kutheni becatshukelwa, ibe yayibavuyisa into yokuba bephathwa kakubi ngenxa yokwenza ukuthanda kukaThixo. (Luka 6:23; IZe. 5:41) UPetros wathi: “Kwanokuba niyabandezeleka ngenxa yobulungisa, ninoyolo.” (1 Pet. 2:19-21; 3:14) Ukuba siyaqonda ukuba abantu basicaphukela kuba sisenza into elungileyo, asizoyeka ukukhonza uYehova ngenxa yaloo nto.

UZA KUNCEDAKALA XA UZILUNGISELELA

21-22. (a) Yintoni ozimisele ukuyenza ukuze ukwazi ukunyamezela xa sitshutshiswa? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

21 Asiyazi ukuba siza kutshutshiswa nini okanye urhulumente uza kutsho nini ukuba masiyeke ukushumayela. Kodwa siyazi ukuba simele sizilungiselele kwangoku, ngokuqinisa ubuhlobo bethu noYehova, ngokuba nesibindi ngakumbi, nangokufunda ukunyamezela xa sicatshukelwa ngabantu. Xa sizilungiselela kwangoku, asizukuyeka ukumkhonza uYehova.

22 Kodwa ke, siza kuthini xa urhulumente esithi masiyeke ukushumayela? Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngemigaqo yeBhayibhile eza kusinceda siqhubeke simkhonza uYehova naxa urhulumente esithi masiyeke.

INGOMA 118 “Sinike Ukholo Olungakumbi”

^ isiqe. 5 Asifuni kucatshukelwa. Kodwa ke, kungekudala sonke siza kutshutshiswa. Eli nqaku liza kusinceda sibe nesibindi size sikwazi ukumelana nentshutshiso.

^ isiqe. 7 Jonga iMboniselo yesiNgesi kaDisemba 15, 1965, iphe. 756-767.

^ isiqe. 14 Jonga iMboniselo kaJanuwari 15, 1980, iphe. 4-8 nevidiyo ethi Igama LikaYehova Liza Kwaziswa (Yiya kwindawo ethi INCOKO NAMAVA kwiJW BROADCASTING.)

^ isiqe. 15 Funda Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova ka-2008, iphepha 191-192.

^ isiqe. 67 IMIFANEKISO: Kuqhutywa unqulo lwentsapho, ibe abazali basebenzisa amakhadi ukuze bancede abantwana bakwazi ukunkqaya izibhalo.

^ isiqe. 70 IMIFANEKISO: Le ntsapho ipraktiza iingoma zokudumisa uYehova emotweni njengoko isiya ezintlanganisweni.