Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 34

Unokonwaba Nokuba Uyeke Umsebenzi Obuwenza Kwintlangano

Unokonwaba Nokuba Uyeke Umsebenzi Obuwenza Kwintlangano

“UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”​—HEB. 6:10.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-3. Zeziphi ezinye zezinto eziye zibangele abantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo bayeke imisebenzi ebebeyenza?

UROBERT uthi: “Emva kokuba sibe ngabathunywa bevangeli iminyaka eyi-21, abazali bam nabenkosikazi yam, uMary Jo, bagula kakhulu. Zange sibe nangxaki xa kwafuneka sibahoye. Kodwa sakhathazeka kakhulu kuba kwafuneka sishiye indawo esasiyithanda.”

2 UWilliam uthi: “Xa mna nenkosikazi yam uTerrie sabonayo ukuba asizukwazi ukuqhubeka nomsebenzi wethu ngenxa yempilo, zavela zazehlela iinyembezi. Sasisoloko sifuna ukukhonza kwelinye ilizwe, kodwa sasingazukuba sakwazi ngoku.”

3 UAleksey uthi: “Sasisazi ukuba urhulumente ufuna ukuyivala iofisi yesebe endandikhonza kuyo. Kodwa sonke sothuka xa yavalwayo ibe kwanyanzeleka simke eBheteli.”

4. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

4 Kwakhona, kukho abazalwana abaninzi ababeseBheteli nababekwezinye iinkonzo zexesha elizeleyo abaye bayeka imisebenzi ababeyenza. * Kusenokuba nzima kakhulu kwaba bazalwana noodade ukuyeka imisebenzi ababeyithanda. Yintoni enokubanceda baqhele imisebenzi emitsha abayenzayo? Ungabanceda njani? Iimpendulo zale mibuzo ziza kusinceda sonke xa izinto zitshintsha kubomi bethu.

YINTONI ENOKUSINCEDA XA IZINTO ZITSHINTSHA?

Yintoni enokwenza kube nzima kubantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo xa beyeka umsebenzi ababewenza?(Jonga isiqendu 5) *

5. Zeziphi izinto ezinokwenzeka xa umntu eyeka umsebenzi ebekade ewenza kwintlangano?

5 Enoba siseBheteli okanye entsimini, sisenokubathanda kakhulu abantu esikunye nabo nendawo esihlala kuyo. Ngoko singakhathazeka kakhulu ukuba kunganyanzeleka sihambe. Sisenokubakhumbula kakhulu abazalwana noodade esibashiya ngasemva. Kwakhona, sisenokuba nexhala ngabo, ingakumbi ukuba simke kuba sitshutshiswa. (Mat. 10:23; 2 Kor. 11:28, 29) Enye into esenokuba nzima kukuya kwenye indawo kuba kusenokufuneka ufunde indlela izinto ezenziwa ngayo apho. Le nto inokwenzeka enoba ubuyele kwindawo obukade ukuyo. URobert uthi: “Nangona sasibuyele ekhaya, kwakunzima kuthi ukuqhela indlela izinto ezenziwa ngayo ekuhlaleni. Kwakunzima nokuba sishumayele ngolwimi lwethu. Kwakungathi asizalelwanga kweli lizwe.” Abanye abantu abayeke imisebenzi ababeyenza kusenokufuneka basebenzise imali kwizinto ababekade bengayisebenzisi kuzo. Ezi zinto zinokubakhathaza kakhulu. Yintoni enokubanceda?

Kubalulekile ukuba sisondele kuYehova size simthembe (Jonga isiqendu 6-7) *

6 Singenza njani ukuze sihlale sisondele kuYehova?

6 Hlala usondele kuYehova. (Yak. 4:8) Singayenza njani loo nto? Ngokuyithemba into yokuba ‘unguMphulaphuli wemithandazo.’ (INdu. 65:2) INdumiso 62:8 ithi ‘masiphalaze iintliziyo zethu phambi kwakhe.’ UYehova “unako ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo.” (Efe. 3:20) Akasenzeli kuphela izinto esizicelayo. Usenokuzilungisa iingxaki zethu ngendlela esingazange sayicinga.

7. (a) Yintoni eza kusinceda sisondele kuYehova? (b) Ngokutsho kwamaHebhere 6:10-12, yintoni eza kwenzeka ukuba asiyeki ukukhonza uYehova sithembekile?

7 Ukuze uhlale usondele kuYehova, funda iBhayibhile yonke imihla uze ucinge ngezinto ozifundayo. Omnye umzalwana owayekade engumthunywa wevangeli uthi: “Ungayeki ukwenza unqulo lwentsapho nokulungiselela iintlanganiso, kanye njengokuba ubusenza.” Kwakhona, shumayela kangangoko unako kwibandla osandul’ ukufika kulo. UYehova akabalibali abantu abahlala bemkhonza bethembekile, enoba abasakwazi ukuzenza izinto ababezenza.​—Funda amaHebhere 6:10-12.

8. Amazwi akweyoku-1 kaYohane 2:15-17 angakunceda njani ungafuni izinto ezininzi?

8 Sukufuna ukuba nezinto ezininzi. Sukuvumela amaxhala eli hlabathi likaSathana ‘akuminxe’ uze uyeke ukukhonza uYehova. (Mat. 13:22) Ungabamameli abantu abangamkhonziyo uYehova okanye abahlobo nabantu ozalana nabo, abazama ukukunceda ngokuthi umele ube nemali eninzi ukuze uphile ubomi obubhetele. (Funda eyoku-1 kaYohane 2:15-17.) Simele sithembele ngoYehova, othembisa ukusinika zonke izinto esizidingayo “ngexesha elifanelekileyo.” Uza kusinceda sihlale sinokholo olomeleleyo, sizole ibe uza kusinika nezinto esizidingayo ukuze siphile.​—Heb. 4:16; 13:5, 6.

9. Ngokutsho kweMizekeliso 22:3, 7, kutheni kufuneka sikuphephe ukuboleka imali nokuba akunyanzelekanga, ibe yintoni enokusinceda sizenze kakuhle izigqibo?

9 Sukuboleka imali nokuba akunyanzelekanga. (Funda iMizekeliso 22:3, 7.) Xa umntu efuduka kusenokufuneka asebenzise imali eninzi kakhulu ibe loo nto isenokumfaka ematyaleni. Ngoko, sukuboleka imali ukuze uthenge izinto ongazidingiyo. Kusenokuba nzima ukuyazi ukuba uza kudinga malini xa usengxakini, njengaxa uhoye ilungu lentsapho eligulayo. Xa kunjalo, khumbula ukuba ‘umthandazo nesikhungo’ unokukunceda uzenze kakuhle izigqibo. UYehova unokuyiphendula imithandazo yakho ngokukunceda uzole ukuze uyazi eyona nto umele uyenze.​—Fil. 4:6, 7; 1 Pet. 5:7.

10. Unokuba nabo njani abanye abahlobo?

10 Yiba kunye nabantu abakukhuthazayo. Thetha nabahlobo bakho ngezinto ozicingayo nangeengxaki onazo, ingakumbi abo bakhe bakwingxaki efana neyakho. Xa uyenza loo nto, uza kuba bhetele. (INtshu. 4:9, 10) Abantu ababengabahlobo bakho kwindawo osuka kuyo baza kuhlala bengabo. Ngoku, kufuneka ube nabanye abahlobo kwindawo okuyo. Khumbula ukuba ukuze ube nabahlobo kufuneka nawe ube ngumntu onobubele. Unokuba nabo njani abanye abahlobo? Babalisele abanye ngezinto ezimnandi ebezisenzeka kumsebenzi obukade uwenza kwintlangano, ukuze bayibone indlela okuthanda ngayo ukusebenzela uYehova. Abanye ebandleni basenokungayiqondi eyona nto ikwenza uyithande kangaka inkonzo yexesha elizeleyo. Kodwa abanye bona basenokufuna ukwazi okungakumbi baze babe ngabahlobo bakho. Umele ungathethi kakhulu ngawe nangezinto ozenzileyo kumsebenzi ubukade uwenza kwintlangano. Enye into onokuyenza kukuthetha ngezinto ezintle kuphela.

11. Yintoni enokwenza umyeni nenkosikazi bonwabe?

11 Ukuba uyeke umsebenzi obukade uwenza kwintlangano kuba umyeni okanye inkosikazi yakho igula, ungayityholi. Kwelinye icala, ukuba nguwe ogulayo, ungabi nexhala lokuba umphoxile umyeni okanye inkosikazi yakho. Khumbula ukuba ‘ninyama-nye’ ibe xa nanitshata nathembisa uYehova ukuba niza kukhathalelana nokuba sekumnyama entla. (Mat. 19:5, 6) Masithi ke uyeke umsebenzi obukade uwenza kwintlangano kuba uza kuba nomntwana obungamlindelanga. Mxelele umntwana wakho ukuba ubaluleke ngakumbi kunaloo msebenzi. Mxelele qho ukuba ‘ungumvuzo’ ovela kuThixo. (INdu. 127:3-5) Ungalibali ke nokumxelela ngezinto ezintle ebezisenzeka kuwe kumsebenzi obukade uwenza kwintlangano. Ukwenza loo nto kunokumnceda umntwana wakho afune ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo njengokuba wenzayo nawe.

BANGANCEDA NJANI ABANYE?

12. (a) Sinokubanceda njani abantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo ukuze bahlale kuyo? (b) Sinokubanceda njani ukuze kube lula kubo ukuqhelana nokutshintsha kwezinto?

12 Amabandla amaninzi nabazalwana noodade bayabanceda abantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo ukuze bahlale kuyo. Le nto bayenza ngokubanika imali okanye ngokubanika izinto abazidingayo ukuze baphile. Bayenza nangokuhoya amalungu abo entsapho ahlala kude. (Gal. 6:2) Ukuba kufike umntu ebandleni lakho oyeke umsebenzi ebekade ewenza, sukucinga ukuba wenze into embi okanye ebengawenzi kakuhle umsebenzi wakhe. * Kunoko, mncede ukuze kube lula kuye ukuqhelana nokutshintsha kwezinto. Bamkele uze ubancome ngomsebenzi ebebewenza, nokuba abasakwazi ukuwenza njengakuqala ngenxa yokugula. Zama kangangoko unako ukubazi nokufunda kuzo zonke izinto abazaziyo.

13. Sinokubanceda njani abantu abayeke imisebenzi ebebekade beyenza?

13 Xa aba bazalwana noodade befika, basenokufuna ubancede bafumane indawo yokuhlala, into yokukhwela, umsebenzi nezinye izinto. Basenokufuna sibancede ngezinto ezinjengokubhatala umasipala nangezinto ezinento yokwenza neinshorensi. Kodwa eyona nto bayifunayo kukuba siyiqonde imeko yabo kunokuba sibasizele. Kusenokwenzeka ukuba bayagula okanye kukho umntu ogulayo kwintsapho yabo, okanye baswelekelwe. * Basenokukhathazeka kuba bekhumbula abahlobo abakwindawo abasuka kuyo, nangona bengazukuthetha ngayo loo nto. Basenokungakhawulezi bayeke ukucinga ngolu hlobo.

14. Abanye abavakalisi bamncede njani omnye udade waqhelana nokutshintsha kwezinto?

14 Ukuba ushumayela nabo uze ubakhuthaze ngokuba ngumzekelo omhle kubo, unokubanceda bakwazi ukuqhelana nokutshintsha kwezinto. Omnye udade owakhonza iminyaka emininzi kwelinye ilizwe uthi: “Kwindawo ebendikade ndikuyo bendifundela abantu yonke imihla. Kule ndikuyo ngoku, kunzima nokuvula iBhayibhile le, andisathethi ke ngokubukelisa umntu ividiyo entsimini. Kodwa abavakalisi balapha baye bandicela ukuba ndihambe nabo xa besiya kumabuyelo nakwizifundo zabo. Ukubona aba bazalwana noodade bakhutheleyo befundela abantu abaqhuba kakuhle, kuyenze yatshintsha indlela endiyijonga ngayo le ntsimi. Ndifunde ukuqalisa incoko kwintsimi endingayiqhelanga. Yonke le nto indenze ndaphinda ndonwaba.”

HLALA UZIMISELE

Zama ukushumayela kangangoko unako kwintsimi yakowenu (Jonga isiqendu 15-16) *

15. Yintoni onokuyenza ukuze uwenze kakuhle umsebenzi owenzayo ngoku?

15 Zininzi izinto ezintle ezinokwenzeka kumsebenzi owenzayo ngoku. Ungacingi ukuba ubungawenzi kakuhle umsebenzi obukade uwenza okanye wena awusabalulekanga njengakuqala. Hlala ucinga ngezinto ezininzi uYehova akwenzela zona, uze ungayeki nokushumayela. Yiba njengamaKristu exesha labapostile. ‘Ayelityhutyha ilizwe evakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi’ nakweyiphi indawo ayekuyo. (IZe. 8:1, 4) Xa ungayeki ukushumayela, kusenokwenzeka izinto ezintle. Ngokomzekelo, kukho oovulindlela abagxothwa kwelinye ilizwe baza baya kwelikufutshane ekwathi kanti nalo lidinga abavakalisi abathetha ulwimi lwabo. Emva nje kweenyanga ezimbalwa, amaqela anabantu abathetha olu lwimi anda kakhulu.

16. Yintoni enokukunceda uwuthande umsebenzi owenzayo ngoku?

16 UNehemiya waxelela amaYuda ukuba eyona nto yayiza kuwenza onwabe, ngamandla avela kuYehova. (Neh. 8:10) Eyona nto imele isivuyise kukuba ngabahlobo bakaYehova kungekhona imisebenzi esiyenzayo, enoba siyithanda kangakanani na. Ngoko, hlala usondele kuYehova uze uqiniseke ukuba nguye oza kukunika ubulumko, oza kukukhokela noza kukuxhasa. Khumbula ukuba eyona nto yakwenza wawuthanda umsebenzi obuwenza kukuzimisela ukunceda abantu. Ngoko zimisele kulo uwenzayo umsebenzi, ibe uYehova uza kukunceda uwuthande nawo.​—INtshu. 7:10.

17. Yintoni esimele siyikhumbule ngemisebenzi esiyenzayo ngoku?

17 Masikhumbule ukuba siza kumkhonza ngonaphakade uYehova, kodwa yona imisebenzi esiyenzayo yeyokwexeshana. Kusenokwenzeka ukuba sonke siza kwenza eminye imisebenzi kwihlabathi elitsha. UAleksey ebesikhe sathetha ngaye uthi ukutshintshwa komsebenzi ebewenza kumncede wayazi ukuba uza kuthini xa kufika elo xesha. Uthi: “UYehova ebesoloko engumntu wokwenene kum, kodwa ebengathi ukude. Bendicinga njalo ke nangehlabathi elitsha. Ngoku ndisondele kakhulu kuYehova ibe nehlabathi elitsha ingathi alifikanga ligalelekile.” (IZe. 2:25) Ngoko enoba senza owuphi umsebenzi, masihlale sisondele kuYehova. Akasoze asishiye, kodwa uza kusinceda siwuthande umsebenzi esiwenza kwintlangano yakhe enoba siwenza siphi.​—Isa. 41:13.

INGOMA 90 Khuthazanani

^ isiqe. 5 Ngamanye amaxesha, abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo kusenokufuneka bayeke umsebenzi ebebewenza kwintlangano okanye basenokunikwa omnye umsebenzi. Kweli nqaku, siza kuthetha ngeengxaki ababa nazo nangezinto abanokuzenza xa kunjalo. Kwakhona, siza kuthetha ngendlela abanye abanokubakhuthaza baze babaxhase ngayo. Emva koko, siza kuthetha ngendlela iBhayibhile engasinceda ngayo sonke xa izinto zitshintsha kubomi bethu.

^ isiqe. 4 Ngendlela efanayo, abadala abaninzi baye banika abazalwana abasebatsha imisebenzi ababeyenza xa befika kwiminyaka ethile. Funda inqaku elithi “Bazalwana Abakhulileyo—UYehova Uyanithanda Xa Ningagungqi EkumkhonzenielikwiMboniselo kaSeptemba 2018, nelithi “Hlala Uzolile Nokuba Iimeko Ziyatshintsha,” elikwiMboniselo kaOktobha 2018.

^ isiqe. 12 Abadala bebandla ebekade ekhonza kulo bamele babhale ileta emazisayo ngoko nangoko ukuze aqhubeke enguvulindlela, umdala okanye isicaka solungiselelo.

^ isiqe. 13 Jonga amanqaku akuVukani! ka-2018, No. 3, phantsi komxholo othi, “Ukuthuthuzela Abantu Abaswelekelweyo.”

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Lo mzalwana nenkosikazi yakhe bebengabathunywa bevangeli kweli lizwe. Ngoku bakhathazekile kuba belishiya eli bandla.

^ isiqe. 59 IMIFANEKISO: Ngoku bakwilizwe labo ibe bacela uYehova ukuba abancede kwiingxaki abanazo.

^ isiqe. 63 IMIFANEKISO: UYehova uye wabanceda baphinda bakwinkonzo yexesha elizeleyo. Bashumayela kumntu othetha ulwimi ababeluthetha xa babengabathunywa bevangeli.