Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 40

Hlala Uxakekile ‘Ekupheleni Kwale Mihla’ Yokugqibela

Hlala Uxakekile ‘Ekupheleni Kwale Mihla’ Yokugqibela

“Qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.”—1 KOR. 15:58.

INGOMA 58 Sikhangela Abantu Abathanda Uxolo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni esenza siqiniseke ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’?

NGABA wazalwa emva ko-1914? Ukuba kunjalo, ubomi bakho bonke ubuphile “ngemihla yokugqibela” yokupheliswa kweli hlabathi. (2 Tim. 3:1) Sonke sizibonele ngawethu izinto uYesu awathi ziza kwenzeka kule mihla. Ezinye zezo zinto ziimfazwe, indlala, iinyikima, ukuxhaphaka kwezifo ezibulalayo, ukwanda kolwaphulo-mthetho nokutshutshiswa kwabantu bakaYehova. (Mat. 24:3, 7-9, 12; Luka 21:10-12) Sibabonile nabantu abenza izinto umpostile uPawulos awayethethe ngazo. (Jonga ibhokisi ethi “ Banjani Abantu Namhlanje?”) Ngoko, thina maNgqina KaYehova siqinisekile ukuba siphila “ekupheleni kwemihla” yokugqibela.—Mika 4:1.

2. Yeyiphi imibuzo esifuna ukwazi iimpendulo zayo?

2 Kuba wadlula kudala u-1914, simele ukuba ngoku siphila ekupheleni ‘kwemihla yokugqibela.’ Eli hlabathi liza kutshatyalaliswa kungekudala, ngoko simele sazi iimpendulo zale mibuzo ibalulekileyo: Kuza kwenzeka ntoni xa kuphela ‘imihla yokugqibela’? Ngoxa silindele ukuba zenzeke ezo zinto, uYehova ufuna senze ntoni?

KUZA KWENZEKA NTONI XA KUPHELA ‘IMIHLA YOKUGQIBELA’?

3. Eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:1-3 ithi sesiphi isaziso esiza kwenziwa ziinkokeli zamazwe?

3 Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:1-3. Apha uPawulos uthetha ‘ngemini kaYehova.’ Le mini kaYehova iza kuqala xa kuhlaselwa “iBhabhiloni Enkulu,” eliqela leecawa, ize iphele xa kuqala iArmagedon. (ISityhi. 16:14, 16; 17:5) Ngaphambi nje kokuba iqale loo ‘mini,’ iintlanga ziza kwenza isaziso sokuba kukho ‘uxolo nonqabiseko.’ Ngamanye amaxesha, iinkokeli zamazwe zidla ngokuthetha into efana nale xa zizama ukuqinisa ubuhlobo namanye amazwe. * Kodwa ke, esi saziso ‘soxolo nonqabiseko’ kuthethwa ngaso eBhayibhileni siza kwahluka. Ngoba? Xa kusenziwa esi saziso, abantu abaninzi baza kucinga ukuba iinkokeli zamazwe zide zakwazi ukwenza kubekho uxolo kulo mhlaba. Kodwa kuza kuthi kusenjalo, kuqale “imbandezelo enkulu” ize ilandelwe ‘yintshabalalo yequbuliso.’—Mat. 24:21.

Ungaqhatheki xa iinkokeli zamazwe zisithi “luxolo nonqabiseko” (Jonga isiqendu 3-6) *

4. (a) Zeziphi izinto esingazaziyo ngesaziso ‘soxolo nonqabiseko’? (b) Yintoni esiyaziyo ngesi saziso?

4 Zikhona izinto esizaziyo ngesi saziso ‘soxolo nonqabiseko.’ Kodwa ke, zikhona nesingazaziyo. Asazi ukuba yintoni eza kubangela kwenziwe esi saziso nokuba siza kwenziwa njani. Asazi nokuba kuza kwenziwa izaziso ezininzi okanye kuza kwenziwa isaziso esinye. Kodwa enoba kwenzeka ntoni, singaze siqhatheke sicinge ukuba iinkokeli zamazwe zingenza kubekho uxolo kulo mhlaba. Simele sazi ukuba sesi saziso ethi iBhayibhile masisilindele kuba sibonisa ukuba “imini kaYehova” sele iza kuqala.

5. Eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:4-6 ithi simele senze ntoni ukuze silungele “imini kaYehova”?

5 Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:4-6. Apha uPawulos usixelela into esimele siyenze ukuze silungele “imini kaYehova.” Uthi “masingalali njengoko abanye besenza.” Simele ‘sihlale siphaphile.’ Ngokomzekelo, simele sihlale silumkile ukuze singaziboni sele singene kwiipolitiki. Ukuba ingenzeka loo nto, singazibhaqa sele ‘siyinxalenye yehlabathi.’ (Yoh. 15:19) Siyazi ukuba buBukumkani bukaThixo qha obuza kuzisa uxolo kulo mhlaba.

6. Yintoni esifuna ukuyenza, ibe ngoba?

6 Asifuni ibe sithi sodwa abahlala bephaphile, sifuna ukuvusa nabanye abantu ngokubaxelela izinto iBhayibhile eyathi ziza kwenzeka emhlabeni. Simele siyenze ngoku le nto, kuba xa kuqala imbandezelo enkulu, abantu abangekamkhonzi uYehova baza kube beshiywe lixesha. Yiyo le nto simele sishumayele ngoku ixesha lisavuma. *

HLALA USHUMAYELA

Xa sishumayela, sibonisa ukuba buBukumkani BukaThixo qha obuza kwenza lo mhlaba ube yindawo ekhuselekileyo (Jonga isiqendu 7-9)

7. UYehova ufuna senze ntoni ngoku?

7 Kweli xesha lincinci lishiyekileyo ngaphambi kokuba ifike “imini” yakhe, uYehova ufuna sihlale sixakeke kukushumayela. Simele siqiniseke ukuba ‘sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Kor. 15:58) UYesu wayichaza kwangaphambili into esiza kuyenza. Xa wayethetha ngezinto eziza kwenzeka ngemihla yokugqibela, wathi: “Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:4, 8, 10; Mat. 24:14) Ngoko qho xa usiya entsimini, khumbula ukuba nawe wenza le nto uYesu wathi iza kwenzeka.

8. Uhamba njani umsebenzi wokushumayela?

8 Uhamba njani umsebenzi wokushumayela? Qho ngonyaka, sishumayela ebantwini abaninzi. Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela abaye baba baninzi ngayo abavakalisi kule mihla yokugqibela. Ngo-1914, babeyi-5 155 kumazwe ayi-43. Ngoku, bamalunga ne-8 500 000 kumazwe ayi-240. Kodwa ke, asikagqibi ukushumayela. Simele siqhubeke sixelela abantu ukuba buBukumkani bukaThixo qha obuza kulungisa iingxaki zabo.—INdu. 145:11-13.

9. Kutheni simele singayeki ukushumayela?

9 Asizukuyeka ukushumayela de uYehova athi umsebenzi wethu ugqityiwe. Lingakanani ixesha elishiyekileyo lokuba abantu bafunde ngoYehova uThixo noYesu Kristu? (Yoh. 17:3) Asazi. Into esiyaziyo kukuba, abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ bangaziva iindaba ezilungileyo, baze bakhonze uYehova ngaphambi kwembandezelo enkulu. (IZe. 13:48) Singabanceda njani abo bantu bengekashiywa lixesha?

10. UYehova usinceda njani ukuze sifundise abantu inyaniso?

10 UYehova usinika zonke izinto esizidingayo ukuze sifundise abantu inyaniso esebenzisa intlangano yakhe. Ngokomzekelo, qho ngeveki siyaqeqeshwa kwintlanganiso yaphakathi evekini. Le ntlanganiso isifundisa indlela yokushumayela xa siqala ukudibana nomntu naxa sibuyela kuye. Isifundisa nendlela yokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Intlangano kaYehova isinike nezixhobo zokufundisa. Ezi zixhobo zisinceda sikwazi . . .

  • ukuqala incoko,

  • ukwenza abantu babe nomdla,

  • ukwenza abantu bafune ukufunda izinto ezininzi ngeBhayibhile,

  • ukufundisa izifundo zeBhayibhile inyaniso,

  • nokukhuthaza abantu ukuba bangene kwiwebhsayithi yethu baze baye nakwiintlanganiso.

Masingabi nazo njee ezi zixhobo, kodwa masizisebenzise. * Ngokomzekelo, ukuba ushiyele umntu onomdla iphecana okanye imagazini, uza kuyifunda de ubuyele kuye. Simele sihlale sixakeke kukushumayela qho ngenyanga.

11. Kwakutheni ukuze intlangano yenze iOnline Bible Study Lessons?

11 Enye indlela uYehova ayisebenzisayo ukuze ancede abantu bafunde inyaniso kukusebenzisa iOnline Bible Study Lessons eku-jw.org wesiNgesi. Ngoba? Qho ngenyanga, abantu abaninzi bangena kwi-intanethi kuba befuna ukwazi iBhayibhile. Iwebhsayithi yethu ingabanceda aba bantu bayazi inyaniso efundiswa liLizwi LikaThixo. Kukho nabantu abangafuniyo ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ukuba udibana nomntu onjalo, mbonise iOnline Bible Study Lessons kwiwebhsayithi yethu okanye umthumelele ilinki yayo. *

12. Zeziphi izinto abantu abanokuzifunda kwiOnline Bible Study Lessons?

12 KwiOnline Bible Study Lessons kukho le mixholo: “IBhayibhile noMbhali Wayo,” “Abantu Ekuthethwa Ngabo EBhayibhileni,” nothi “Umyalezo WeBhayibhile Osenza Sibe Nethemba.” Kule mixholo, nazi izinto aza kuzifunda umntu:

  • IBhayibhile ingamnceda njani?

  • Ngubani uYehova, uYesu neengelosi?

  • Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu?

  • Kutheni kusenzeka izinto ezimbi?

Le mixholo ithetha nangendlela uYehova aza . . .

  • kuziphelisa ngayo iintlungu nokufa,

  • kubavusa ngayo abantu abaswelekileyo,

  • kubasusa ngayo oorhulumente kuze kulawule uBukumkani bakhe.

13. Ngaba iOnline Bible Study Lessons iyakuphelisa ukuqhutywa kwezifundo zeBhayibhile? Cacisa.

13 Le Online Bible Study Lessons ayikuphelisi ukuqhutywa kwezifundo zeBhayibhile. UYesu wathi masenze abafundi. Siyathemba ukuba abantu abanomdla baza kufunda ngeBhayibhile kwiwebhsayithi yethu, bazithande izinto abazifundayo baze bafune ukufunda nezinye. Ukuba kunjalo, mhlawumbi baza kuvuma ukufundelwa iBhayibhile. Xa kuphela isifundo ngasinye kwiOnline Bible Study Lessons, kukho indawo apho umntu anokucela khona ukufundelwa iBhayibhile. Yonke imihla bangaphezu kwe-230 abantu abangena kwiwebhsayithi yethu baze bacele ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Kubalulekile ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

QHUBEKA USENZA ABAFUNDI

14. KuMateyu 28:19, 20, uYesu wathi masenze ntoni, ibe ngoba?

14 Funda uMateyu 28:19, 20. Njengoko siqhuba izifundo zeBhayibhile, simele sizame ngamandla ethu onke ‘ukwenza abafundi . . . , sibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto [uYesu] asiyalele zona.’ Simele sincede abantu baqonde indlela ekubaluleke ngayo ukukhonza uYehova nokuxhasa uBukumkani bakhe. Le nto ithetha ukuba simele sikhuthaze abantu ukuba bazenze izinto abazifundayo, bazinikele kuYehova baze babhaptizwe. Ukuba bayayenza loo nto, baza kusinda ngemini kaYehova.—1 Pet. 3:21.

15. Yintoni esingenaxesha lokuyenza, ibe kutheni?

15 Njengoko bekutshiwo ngaphambili, lincinci kakhulu ngoku ixesha elishiyekileyo ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe eli hlabathi. Ngenxa yaloo nto, asinalo ixesha lokufunda nabantu ekungade kucace ukuba bayafuna okanye abafuni ukuba ngabafundi bakaKristu. (1 Kor. 9:26) Ungxamisekile lo msebenzi. Baninzi abantu ekusafuneka beve iindaba ezilungileyo bengekashiywa lixesha.

HAMBELA KUDE KUNQULO LOBUXOKI

16. ISityhilelo 18:2, 4, 5, 8 sithi simele senze ntoni? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

16 Funda iSityhilelo 18:2, 4, 5, 8Ezi vesi zibonisa enye into uYehova afuna abakhonzi bakhe bayenze. AmaKristu enene amele aqiniseke ukuba akukho kwanto ewadibanisa neBhabhiloni Enkulu. Kusenokwenzeka ukuba omnye umntu ebehamba icawa ngaphambi kokuba afundelwe iBhayibhile. Mhlawumbi bekukho izinto ebezenza kuyo, enikela nangemali. Ngaphambi kokuba abe ngumvakalisi ongabhaptizwanga, umele aqiniseke ukuba uphume waphela kunqulo lobuxoki. Umele abhalele icawa ebeyihamba ileta ethi uyaphuma kuyo. Le leta umele ayibhale naxa eshiya umbutho onento yokwenza neBhabhiloni Enkulu. *

17. Yeyiphi imisebenzi angenakuyenza umKristu, ibe ngoba?

17 UmKristu wenene umele aqiniseke ukuba umsebenzi wakhe awumdibanisi neBhabhiloni Enkulu. (2 Kor. 6:14-17) Ngokomzekelo, akanakuvuma ukuqeshwa yicawa. Kwakhona, umKristu oqeshwe yenye inkampani akanakwenza umsebenzi omninzi ecaweni. Nokuba uziqeshile akanakufuna ukusebenzela iBhabhiloni Enkulu. Kutheni sixolele ukwenza loo nto? Ngenxa yokuba asifuni ukwenza izinto ezenziwa lunqulo lobuxoki athi uThixo zimdaka.—Isa. 52:11. *

18. Omnye umzalwana wenza ntoni ebonisa ukuba akagungqi kwinto ethethwa yiBhayibhile?

18 Kule minyaka idlulileyo, omnye umdala ongumchweli wacelwa ngomnye umakhi ukuba ayokusebenza kwicawa ekwindawo awayehlala kuyo. Lo makhi wayesazi ukuba lo mzalwana akafuni ukusebenza ezicaweni. Kodwa waya kuye kuba wayengamfumani umntu. Umzalwana akazange avume, kuba wayesazi ukuba iBhayibhile ithini. Kwiveki elandelayo, iphephandaba lasekuhlaleni lalinomfanekiso womnye umchweli oxhoma umnqamlezo ecaweni. Ukuba lo mzalwana wayevumile, yayiza kuba nguye okwelo phephandaba. Loo nto yayiza kulingcolisa igama lakhe ebandleni ize imkhathaze noYehova.

SIFUNDE NTONI?

19-20. (a) Sifunde ntoni? (b) Siza kufunda ngantoni kwinqaku elilandelayo?

19 Isiprofeto esibalulekileyo seBhayibhile esiza kwenzeka kungekudala kukuba iinkokeli zamazwe zikhuphe isaziso esithi “luxolo nonqabiseko.” Kodwa thina, ngenxa yokuba sifundiswe nguYehova, siyazi ukuba soze zikwazi ukwenza kubekho uxolo kulo mhlaba. Simele senze ntoni ngaphambi kokuba kwenziwe eso saziso nangaphambi kokuba kutshatyalaliswe eli hlabathi? UYehova ufuna sixakeke kukushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi. Kwakhona, simele sihambele kude kunqulo lobuxoki. Loo nto ithetha ukuba simele siphume siphele kwiBhabhiloni Enkulu size singayenzi imisebenzi eza kusidibanisa nayo.

20 Zikhona nezinye izinto eziza kwenzeka ekupheleni ‘kwemihla yokugqibela.’ Kukho nezinto uYehova alindele ukuba sizenze. Ziintoni ezo? Singenza ntoni ukuze sizilungele zonke ezi zinto ziza kwenzeka kungekudala? Le mibuzo siza kuyiphendula kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 71 Singumkhosi KaThixo

^ isiqe. 5 Kungekudala siza kuva iinkokeli zamazwe zisithi kukho “uxolo nonqabiseko.” Loo nto iza kubonisa ukuba imbandezelo enkulu ayifikanga igalelekile. UYehova ufuna senze ntoni ngaphambi kokuba iinkokeli zamazwe zithethe loo nto? Eli nqaku liza kusiphendula.

^ isiqe. 3 Ngokomzekelo, kwiwebhsayithi yazo, iZizwe Ezimanyeneyo zithi ‘ziqinisekisa ukuba emhlabeni wonke abantu baseluxolweni ibe bakhuselekile.’

^ isiqe. 6 Funda inqaku elikule Mboniselo elithi “Imigwebo KaThixo—Ngaba Usoloko Esilumkisa Kuselithuba?

^ isiqe. 10 Ukuze ubone ukuba zisetyenziswa njani Izixhobo Zokufundisa, funda inqaku elithi “Indlela Yokufundisa InyanisokwiMboniselo kaOktobha 2018.

^ isiqe. 11 Okwangoku iOnline Bible Study Lessons ifumaneka ngesiNgesi nangesiPhuthukezi.

^ isiqe. 16 Simele siyilumkele nemibutho yolutsha neyokuzonwabisa enento yokwenza nonqulo lobuxoki. Le mibutho isenokungabonakali inento yokwenza necawa. Kodwa ke, xa ujonga ukuba isuka phi nesizathu sokuba iqalwe, utsho ubone ukuba idibene nonqulo lobuxoki.

^ isiqe. 17 Ukuze uve ukuba iBhayibhile ithini ngokusebenza kwiindawo zonqulo, funda “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo ka-Aprili 15, 1999.

^ isiqe. 83 UMFANEKISO: Abantu babona isaziso esithi “luxolo nonqabiseko” ezindabeni. AmaNgqina atshatileyo akule venkile awaqhatheki sesi saziso.