Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 44

Yiba Nabahlobo Ngaphambi Kokuba Kufike Isiphelo

Yiba Nabahlobo Ngaphambi Kokuba Kufike Isiphelo

“Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke.”​—IMIZE. 17:17.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Siza kubadinga abahlobo ‘ngembandezelo enkulu’ (Jonga isiqendu 2) *

1-2. Eyoku-1 kaPetros 4:7, 8 ithi yintoni enokusinceda sinyamezele xa kunzima?

SISENOKUBA neengxaki ezinzima njengoko sele iza kuphela le ‘mihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1) Ngokomzekelo, emva kokuba kuvotiwe kwelinye ilizwe eliseAfrika, kwaliwa kakhulu. Le nto yenza abazalwana noodadewethu abakwazi ukuya kwiindawo ababefuna ukuya kuzo kangangeenyanga ezingaphaya kwezintandathu. Yintoni eyabancedayo xa kwakusenzeka le nto? Abanye bahlala kumakhaya abazalwana noodade ababekwindawo ekungaliwayo kuyo. Omnye umzalwana wathi: “Kwandivuyisa kakhulu ukuba nabazalwana noodade ngela xesha, kuba sasikhuthazana.”

2 Xa kuqala ‘imbandezelo enkulu,’ siza kukuvuyela nyhani ukuba nabahlobo abasithandayo. (ISityhi. 7:14) Ngoko kubalulekile ukuba sisondelelane kakhulu kwangoku. (Funda eyoku-1 kaPetros 4:7, 8.) Zininzi izinto esinokuzifunda kuYeremiya owancedwa ngabahlobo bakhe ukuze anyamezele ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem. * Sinokumxelisa njani?

YINTONI ESINOKUYIFUNDA KUYEREMIYA?

3. (a) Yintoni eyayinokwenza uYeremiya azikhethe? (b) Yintoni uYeremiya awayixelela uBharuki, ibe loo nto yabangela ntoni?

3 Kangangeminyaka engaphezu kweyi-40, uYeremiya wayephila phakathi kwabantu abangathembekanga. Abo bantu yayingabamelwane bakhe, mhlawumbi nabantu awayezalana nabo ababehlala kwidolophu awayesuka kuyo, iAnatoti. (Yer. 11:21; 12:6) Kodwa ke, wayengazikhethi. Kutheni sisitsho nje? Kuba wazithetha izinto awayezicinga kunobhala wakhe uBharuki, ibe nathi siyazazi. (Yer. 8:21; 9:1; 20:14-18; 45:1) Sisenokuyicinga nendlela abasondelelana ngayo xa uBharuki wayebhala yonke into eyayisenzeka kuYeremiya.​—Yer. 20:1, 2; 26:7-11.

4. UYehova wathi uYeremiya makenze ntoni, ibe lo msebenzi wamnceda njani ukuze asondelelane kakhulu noBharuki?

4 Kangangeminyaka, uYeremiya waba nesibindi sokulumkisa amaSirayeli ngento eyayiza kwenzeka eYerusalem. (Yer. 25:3) Ukuze akhuthaze abantu ukuba baguquke, uYehova wathi uYeremiya makabhale izilumkiso zakhe. (Yer. 36:1-4) UYeremiya noBharuki bawenza kangangeenyanga lo msebenzi babewunikwe nguThixo, ibe siqinisekile ukuba izinto ababencokola ngazo zazikhuthaza.

5. UBharuki wabonisa njani ukuba ungumhlobo kaYeremiya nyhani?

5 Emva kokuba begqibile ukubhala izilumkiso, uYeremiya wathi uBharuki makaxelele abantu ngazo. (Yer. 36:5, 6) Kuba wayenesibindi, uBharuki wayenza le nto nangona kwakuyingozi. Inoba wavuya nyhani uYeremiya xa uBharuki waya etempileni waza wafundela abantu ezo zilumkiso. (Yer. 36:8-10) Iinkosana zakwaYuda zayiva le nto yenziwa nguBharuki zaza nazo zathi makazifundele. (Yer. 36:14, 15) Ezi nkosana zaqonda ukuba mazixelele uKumkani uYehoyakim ngale nto ithethwe nguYeremiya. Kuba zazimcingela uBharuki, zathi kuye: “Hamba, zifihle, wena noYeremiya, ukuze kungabikho bani konke konke uya kwazi ukuba niphi na.” (Yer. 36:16-19) Yayilicebiso elihle eli.

6. Benza ntoni uYeremiya noBharuki xa babetshutshiswa?

6 UKumkani uYehoyakim waba nomsindo kakhulu xa weva into eyabhalwa nguYeremiya. Wawutshisa umsongo waza wathi uYeremiya noBharuki mababanjwe. Kodwa uYeremiya akazange oyike tu. Wathatha omnye umsongo waza wawunika uBharuki. UYeremiya wamxelela into eyathethwa nguYehova waza wawabhala “onke amazwi encwadi leyo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda wayitshisayo emlilweni.”​—Yer. 36:26-28, 32.

7. Kusenokwenzeka ukuba kwenzeka ntoni xa uYeremiya noBharuki babebhala umsongo?

7 Abantu abanyamezela into ebuhlungu kunye badla ngokusondelelana kakhulu. Ngoko kusenokwenzeka ukuba njengoko babebhala umsongo owawutshiswe nguKumkani uYehoyakim, uYeremiya noBharuki basondelelana kakhulu kunakuqala. Yintoni esinokuyifunda kubo?

THETHA NABAHLOBO BAKHO

8. Kutheni kusenokuba nzima ukusondelelana nabazalwana noodadewethu, ibe kutheni singamele sinikezele?

8 Kusenokuba nzima ukuthetha yonke into kwabanye abantu kuba kukho umntu esasimthembile waza wasiphoxa. (IMize. 18:19, 24) Okanye sisenokuthi asinaxesha okanye asinamdla wokusondelelana nabanye abantu. Kodwa asimele sinikezele. Ukuba sifuna abazalwana bethu basincede xa kunzima, simele sifunde ukubathemba size sithethe nabo ngoku. Ibaluleke nyhani loo nto ukuze sikwazi ukusondelelana nabo.​—1 Pet. 1:22.

9. (a) UYesu wabonisa njani ukuba uyabathemba abahlobo bakhe? (b) Kunokukunceda njani ukuthetha ngayo yonke into nabahlobo bakho? Yenza umzekelo.

9 UYesu wabonisa ukuba uyabathemba abahlobo bakhe kuba wayengabafihleli nto. (Yoh. 15:15) Njengaye, nathi sinokuncokola nabahlobo bethu xa sonwabile, sikhathazekile naxa siphoxekile. Xa ummamela kakuhle umntu oncokola naye, usenokubona ukuba izinto ezininzi enicinga ngazo nenizimisele ukuzenza ziyafana. Makhe sithethe ngoCindy, oneminyaka eyi-29. Waba ngumhlobo kaMarie-Louise, udade onguvulindlela oneminyaka eyi-67. UCindy noMarie-Louise bashumayela kunye qho ngoLwesine ibe akukho nto bangathethi ngayo. UCindy uthi: “Ndiyakuthanda ukuncokola nabahlobo bam ngezinto ezibalulekileyo kuba loo nto indinceda ndibazi bhetele.” NjengoCindy, ukuba uncokola ngayo yonke into nabahlobo bakho, niza kusondelelana kakhulu.​—IMize. 27:9.

SHUMAYELA NABAZALWANA NOODADE

Abahlobo bashumayela kunye (Jonga isiqendu 10)

10. IMizekeliso 27:17 isibonisa ukuba kunokwenzeka ntoni xa sishumayela nabazalwana noodadewethu?

10 Xa sishumayela nabazalwana noodadewethu siye sibone izinto ezintle kubo, sifunde kubo size sisondelelane nabo njengoYeremiya noBharuki. (Funda iMizekeliso 27:17.) Ngokomzekelo, uye ube njani xa ubona umzalwana okanye udade ecacisa izinto azikholelwayo enesibindi okanye ethetha ngendlela aqiniseke ngayo ngoYehova nangezinto aza kuzenza? Usenokumthanda kakhulu kunakuqala.

11-12. Yenza umzekelo obonisa ukuba ukushumayela nabazalwana noodade kunokunenza nisondelelane kakhulu.

11 Makhe sithethe ngemizekelo emibini ebonisa ukuba ukushumayela kunye kunokubenza bavane kakhulu abantu. UAdeline, oneminyaka eyi-23 wacela umhlobo wakhe uCandice ukuba baye kushumayela kwintsimi engafane ishunyayelwe. Uthi: “Sasifuna ukukhuthazeka size siyithande kakhulu intsimi. Sobabini sasifuna ukumkhonza kangangoko sinako uYehova.” Kwabanceda njani ukushumayela kunye? UAdeline uthi: “Xa sigqibile ukushumayela, sasincokola ngezinto ezisikhuthazileyo nendlela esibone ngayo ukuba uYehova uyasixhasa. Sobabini sasikuthanda ukuncokola ngezi zinto ibe sazana kakuhle.”

12 ULaïla noMarianne, oodade ababini baseFransi baya kushumayela iiveki ezintlanu eBangui, iphondo elinabantu abaninzi lakwiCentral African Republic. ULaïla uthi: “Kwakuba nzima ngamanye amaxesha, kodwa kuba sasisoloko sincokola ibe sivana nyhani, sasondelelana kakhulu. Ndaqaphela ukuba uMarianne wayekwazi ukwenza izinto angaziqhelanga, ebathanda abantu basekuhlaleni ibe ekukhuthalele nokushumayela. Le nto yandenza ndamhlonipha kakhulu.” Akunyanzelekanga ukuba ude uye kwelinye ilizwe ukuze ufumane abahlobo abanje. Qho xa ushumayela kwintsimi yenu nabazalwana noodade, unokubazi bhetele uze usondelelane kakhulu nabo.

JONGA IZINTO EZINTLE KWABANYE UZE UBAXOLELE

13. Yintoni esenokwenzeka xa sisebenza kunye nabazalwana noodadewethu?

13 Ngamanye amaxesha xa sisebenza kunye nabazalwana noodadewethu, siye singaboni nje izinto ezintle kubo kodwa sibone neempazamo zabo. Yintoni enokusinceda sihlale sibathanda nangona besenza iimpazamo? Makhe siphinde sithethe ngoYeremiya. Yintoni eyamnceda wabona izinto ezintle kwabanye abantu waza wazixolela iimpazamo zabo?

14. Yintoni awayeyazi uYeremiya ngoYehova ibe loo nto yamnceda njani?

14 UYeremiya wabhala incwadi kaYeremiya ibe kusenokwenzeka ukuba eyoku-1 neyesi-2 yooKumkani zabhalwa kwanguye. Siqinisekile ukuba loo msebenzi wamenza wayibona kakhulu indlela uYehova abaxolela ngayo abantu abangafezekanga. Ngokomzekelo, wayesazi ukuba uYehova uthe ngenxa yokuba uKumkani uAhabhi eguqukile, intsapho yakhe ayizukutshatyalaliswa esaphila. (1 Kum. 21:27-29) Wayesazi nokuba uManase wamona uYehova ngaphezu koAhabhi. Kodwa uYehova wamxolela uManase kuba waguquka. (2 Kum. 21:16, 17; 2 Kron. 33:10-13) Kusenokwenzeka ukuba ezi zinto zamnceda uYeremiya wanomonde nenceba kubahlobo bakhe njengoThixo.​—INdu. 103:8, 9.

15. UYeremiya wabonisa njani ukuba unomonde njengoYehova xa kwakukho into eyayiphazamisa uBharuki?

15 Khawucinge ngendlela uYeremiya awamnceda ngayo uBharuki xa kwakukho into eyayimphazamisa emsebenzini wakhe. Endaweni yokuba akhawuleze amncame umhlobo wakhe, uYeremiya wamxelela umyalezo owawuvela kuThixo. (Yer. 45:1-5) Sifunda ntoni?

Abahlobo bayaxolelana (Jonga isiqendu 16)

16. IMizekeliso 17:9 ithi yintoni esingamele siyenze ukuze singohlukani nabahlobo bethu?

16 Asinakulindela ukuba abazalwana noodadewethu bangazenzi iimpazamo. Ngoko xa siye safumana umhlobo, simele sisebenze nzima ukuze singohlukani naye. Xa enze impazamo, kusenokufuneka simlungise sisebenzisa iLizwi LikaThixo. (INdu. 141:5) Ukuba usikhathazile, kufuneka simxolele. Xa simxolele, akufuneki siphinde sithethe ngaloo nto. (Funda iMizekeliso 17:9.) Kula maxesha anzima, kubaluleke kakhulu ukujonga izinto ezintle kubazalwana noodadewethu endaweni yeempazamo zabo. Loo nto iza kusinceda sithandane kakhulu, ibe siza kubadinga abahlobo abasithandayo ngembandezelo enkulu.

BATHANDE ABAZALWANA NOODADE

17. Xa kwakunzima, wenza ntoni uYeremiya ukuze kucace ukuba ungumhlobo nyhani?

17 Xa kwakunzima, umprofeti uYeremiya wenza kwacaca ukuba ungumhlobo nyhani. Ngokomzekelo, emva kokuba uEbhedi-meleki esindise uYeremiya ngokumkhupha kwiqula awayeza kufela kulo, woyika ukuba iinkosana ziza kumenzakalisa. Akuyiva le nto uYeremiya, akazange athule abe nethemba lokuba umhlobo wakhe uza kukwazi ukunyamezela. Nangona wayesentolongweni, wamkhuthaza umhlobo wakhe ngokumxelela izithembiso zikaYehova.—Yer. 38:7-13; 39:15-18.

Abahlobo banceda abazalwana noodade xa kunzima (Jonga isiqendu 18)

18. IMizekeliso 17:17 isikhuthaza ukuba senze ntoni xa umhlobo wethu esengxakini?

18 Zininzi kakhulu iingxaki abanazo abazalwana noodadewethu namhlanje. Ngokomzekelo, abanye baphila kabuhlungu ngenxa yeemfazwe, iinyikima nezinye izinto. Xa behlelwe zezi zinto, sinokubamkela emakhayeni ethu. Abanye kuthi basenokubanceda ngemali. Kodwa sonke sinokumcela uYehova ukuba abancede. Ukuba sibona umzalwana okanye udade otyhafileyo, sisenokungazi ukuba masithini. Kodwa sonke sinokumnceda. Ngokomzekelo, sinokuzipha ixesha lokuba kunye naye. Sinokummamela kakuhle xa ethetha size simbonise nesibhalo esisithandayo esiza kumthuthuzela. (Isa. 50:4) Eyona nto ibalulekileyo kukubakho xa umhlobo wakho ekudinga.​—Funda iMizekeliso 17:17.

19. Ukubathanda kwangoku abazalwana noodadewethu kuza kusinceda njani?

19 Kufuneka sizimisele ukubathanda kakhulu abazalwana noodadewethu kwangoku. Ngoba? Kuba iintshaba zethu ziza kuzama ukusahlukanisa ngokuxoka. Ziza kufuna silwe sodwa. Kodwa soze yenzeke loo nto. Siza kuhlala sithandana. Nokuba zingenza ntoni, soze siyeke ukuba ngabahlobo. Siza kuhlala singabo de kube ngunaphakade.

INGOMA 24 Yiza Entabeni KaYehova

^ isiqe. 5 Simele sizame kangangoko sinako ukuhlala singabahlobo nabazalwana noodadewethu kuba isiphelo sisondele. Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo: Ziintoni esinokuzifunda kwizinto ezenzeka kuYeremiya? Ukuba nabahlobo ngoku kuza kusinceda njani xa kunzima?

^ isiqe. 2 Izinto ekuthethwe ngazo kwincwadi kaYeremiya azibhalwanga ngokulandelelana kwazo.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Umfanekiso osekuqaleni ubonisa into enokwenzeka ‘ngembandezelo enkulu.’ Abazalwana noodade bazimele kwikhaya lomnye umzalwana. Bayathuthuzelana ngeli xesha linzima. Eminye emithathu ibonisa ukuba aba bazalwana noodade baqala ukuba ngabahlobo ngaphambi kwembandezelo enkulu