Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

Izinto Esinokuzifunda Kwincwadi YeLevitikus

Izinto Esinokuzifunda Kwincwadi YeLevitikus

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”​—2 TIM. 3:16.

INGOMA 98 IZibhalo​—Ziphefumlelwe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kutheni amaKristu emele azimisele ukuyifunda incwadi yeLevitikus?

UMPOSTILE UPAWULOS wakhumbuza umhlobo wakhe uTimoti ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.” (2 Tim. 3:16) Incwadi yeLevitikus sesinye sezo Zibhalo. Ucinga ntoni wena ngale ncwadi? Kusenokwenzeka ukuba abanye abantu bacinga ukuba inemithetho engenakusinceda, kodwa amaKristu awacingi njalo.

2 Incwadi yeLevitikus yabhalwa malunga neminyaka eyi-3 500 eyadlulayo, kodwa uYehova waqiniseka ukuba iyagcinwa ukuze sifunde kuyo. (Roma 15:4) Kufuneka sizimisele ukuyifunda le ncwadi kuba isibonisa indlela uYehova acinga ngayo. Zininzi izinto esinokuzifunda kuyo. Makhe sithethe ngezine zazo.

SINOKUMVUYISA NJANI UYEHOVA?

3. Kwakutheni ukuze amaSirayeli anikele ngezilwanyana ngoMhla Wocamagusho?

3 Okokuqala: Simele sivuyise uYehova ukuze azamkele izinto esinikela ngazo. Qho ngonyaka, ngoMhla Wocamagusho amaSirayeli ayedibana ukuze anikele ngezilwanyana. Loo minikelo yayiwakhumbuza ukuba anesono ibe ayefuna ukuxolelwa. Kodwa ngaphambi kokuba umbingeleli ase igazi lesilwanyana kweYona Ngcwele, kukho into awayemele ayenze. Le nto yayibaluleke ukodlula ukuxolelwa kwezono zamaSirayeli.

(Jonga isiqendu 4) *

4. ILevitikus 16:12, 13 ithi wayesenza ntoni umbingeleli omkhulu xa engena okokuqala kweYona Ngcwele ngoMhla Wocamagusho? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

4 Funda iLevitikus 16:12, 13. Khawube nombono wombingeleli omkhulu engena okokuqala emnqubeni ngoMhla Wocamagusho. Uza kuphinda angene kabini ngolo suku phambi kweYona Ngcwele. Kwesinye isandla, uphethe isitya esinesiqhumiso esinuka kamnandi, kanti kwesinye uphethe isitya somlilo esinamalahle avuthayo. Ngaphambi kokuba angene kweYona Ngcwele, ukhe eme kancinci. Ungena ngembeko, aze afike ame phambi kwetyeya yomnqophiso. Xa ekule ndawo, kuba ngathi ume phambi koYehova uThixo. Ugalela isiqhumiso kwisitya samalahle uze umnquba wonke utsho ngevumba elimnandi. * Xa ephinda engena uza kunikela ngegazi lezilwanyana. Uqaphele ukuba utshisa isiqhumiso ngaphambi kokuba anikele ngegazi lezilwanyana?

5. Yintoni esinokuyifunda ngokusetyenziswa kwesiqhumiso ngoMhla Wocamagusho?

5 Yintoni esinokuyifunda ngokusetyenziswa kwesiqhumiso ngoMhla Wocamagusho? IBhayibhile ifanisa imithandazo yabakhonzi bakaYehova abathembekileyo neziqhumiso. (INdu. 141:2; ISityhi. 5:8) Khumbula ukuba umbingeleli omkhulu wayengena ngembeko xa ezisa isiqhumiso phambi koYehova. Nathi siba nembeko xa sithandaza kuYehova. Siyibulela kakhulu into yokuba uMdali wendalo yonke esivumela sithethe naye size sisondele kuye, oku komntwana kutata wakhe. (Yak. 4:8) Ufuna sibe ngabahlobo bakhe. (INdu. 25:14) Siyivuyela kakhulu loo nto kangangokuba asifuni kumphoxa.

6. Sifunda ntoni kwinto eyayisenziwa ngumbingeleli omkhulu ngaphambi kokuba enze umbingelelo?

6 Khumbula ukuba umbingeleli omkhulu kwakufuneka atshise isiqhumiso ngaphambi kokuba enze imibingelelo. Loo nto yayimenza aqiniseke ukuba uThixo uza kuvuyiswa yimibingelelo aza kuyinikela. Sifunda ntoni? Xa uYesu wayesemhlabeni, kukho into ebalulekileyo awayenzayo. Le nto yayibaluleke ukodlula ukusindisa abantu. Yayiyintoni leyo? Kwakufuneka ahlale ethembekile de ayokufa ukuze uYehova awamkele umnikelo wakhe. Ngaloo ndlela wayebonisa ukuba, ukwenza izinto ngendlela kaYehova yeyona ndlela yokuphila nokuba indlela alawula ngayo ilungile.

7. Yintoni eyenza uYehova wayithanda indlela uYesu awayephila ngayo emhlabeni?

7 UYesu wamthobela uYehova ubomi bakhe bonke elapha emhlabeni. Akukho kwasilingo esamenza wathandabuza ukuba uTata wakhe ngoyena ulawula kakuhle. Zange ayithandabuze le nto nangona wayesazi ukuba uza kufa kabuhlungu. (Fil. 2:8) Xa kunzima, wayethandaza ekhala kabuhlungu, kusehla neenyembezi. (Heb. 5:7) Imithandazo yakhe esuka entliziyweni yayibonisa ukuba ufuna ukuhlala emthobela uYehova. Xa uYesu ethandaza, kwakuba ngathi uYehova uva ivumba elimnandi. UYehova wayithanda kakhulu indlela uYesu awaphila ngayo apha emhlabeni, ibe loo nto yangqina ukuba nguYehova ofanele alawule abantu.

8. Yintoni esinokuyenza ukuze siphile njengoYesu?

8 NjengoYesu, nathi sinokuzimisela ukuthobela uYehova nokuhlala sithembekile kuye. Xa silingwa, sicela uYehova asincede kuba sifuna ukumvuyisa. Xa sisenza le nto, sibonisa ukuba sithanda indlela uYehova alawula ngayo. Siyaqonda ukuba uYehova akazukuyimamela imithandazo yethu ukuba senza izinto angazithandiyo. Kodwa ke, siqinisekile ukuba xa sisenza izinto uYehova azithandayo, imithandazo yethu iza kuba ngathi livumba elimnandi kuye. Enye into esiqiniseke ngayo kukuba uTata wethu osezulwini uvuya kakhulu xa simthobela naxa singagungqi ekumkhonzeni.​—IMize. 27:11.

SIYAMTHANDA IBE SIYAMBULELA UYEHOVA

(Jonga isiqendu 9) *

9. UmSirayeli wayewenza xa kutheni umbingelelo wobudlelane?

9 Okwesibini: Isizathu sokuba sikhonze uYehova kukuba sifuna ukumbulela. Ukuze siyiqonde le nto, makhe sithethe ngenye into ebalulekileyo eyayisenziwa ngamaSirayeli xa enqula uYehova, imibingelelo yobudlelane. * KwiLevitikus sifunda ukuba umSirayeli wayesenza umbingelelo wobudlelane xa ‘ebulela’ kuYehova. (Lev. 7:11-13, 16-18) Wayengawenzi kuba enyanzelekile, wayewenza kuba efuna. Ngoko, umntu wayezikhethela ukwenza lo mnikelo kuba ethanda uThixo wakhe, uYehova. Kwakufuneka eso silwanyana anikela ngaso asitye kunye nentsapho yakhe nababingeleli. Kodwa enye inyama kwakufuneka anikele ngayo kuYehova. Yeyiphi loo nyama?

(Jonga isiqendu 10) *

10. Imibingelelo yobudlelane ekuthethwa ngayo kwiLevitikus 3:6, 12, 14-16 ifana njani nendlela uYesu awazinikela ngayo kuYehova?

10 Okwesithathu: Simkhonza uYehova ngamandla ethu onke kuba simthanda. Amanqatha yeyona ndawo uYehova wayeyibona ibalulekile kwisilwanyana. Zikhona nezinye iindawo ezazibalulekile kuye, njengezintso. (Funda iLevitikus 3:6, 12, 14-16.) Wayevuya kakhulu uYehova xa umSirayeli enikela kuye amanqatha kunye nezi ndawo zibalulekileyo. UmSirayeli owenze le nto wayebonisa ukuba ufuna ukunikela kuThixo ngeyona nto ibalulekileyo anayo. NoYesu wazinikela ngokupheleleyo kuYehova ngokumkhonza ngamandla akhe onke kuba emthanda. (Yoh. 14:31) Kwakumvuyisa ukwenza ukuthanda kukaThixo ibe wayewuthanda umthetho wakhe. (INdu. 40:8) NoYehova wayevuya nyhani xa ebona uYesu emkhonza ngolu hlobo.

Sikhonza uYehova ngamandla ethu onke kuba simthanda (Jonga isiqendu 11-12) *

11. Indlela esimkhonza ngayo uYehova ifana njani nemibingelelo yobudlelane, ibe loo nto isithuthuzela njani?

11 Nathi simkhonza uYehova kuba simthanda, njengokuba kwakunjalo kubantu ababesenza imibingelelo yobudlelane. Simkhonza kangangoko sinako ngenxa yokuba simthanda. Inoba uvuya nyhani xa ebona iimiliyoni zabantu zimkhonza kuba zimthanda ibe zithanda nendlela enza ngayo izinto. Sithuthuzeleka kakhulu xa sikhumbula ukuba akaboni nje izinto esizenzayo kodwa ubona nesizathu sokuba sizenze. Ngokomzekelo, ukuba ngoku umdala ibe awusakwazi ukumenzela ezinye izinto ozinqwenelayo, qiniseka ukuba uYehova uyayiqonda loo nto. Mhlawumbi wena uthi akukho nto ingako unokumenzela yona, kodwa yena uyakubona xa usenza loo nto ukwaziyo ukuyenza kuba umthanda. Wamkela loo nto ukwazi ukuyenza ngamandla akho onke.

12. Ukuvuyiswa kukaYehova yimibingelelo yobudlelane kusiqinisekisa ngantoni?

12 Sifunda ntoni kule mibingelelo yobudlelane? UYehova wayevuya kakhulu xa kutshiswa ezi ndawo zibalulekileyo enyameni, kunyuke nomsi. Ngoko qiniseka ukuba uvuya kakhulu xa umkhonza ngamandla akho onke. (Kol. 3:23) Inoba uyancuma xa ekubona usenza loo nto. UYehova uyazixabisa izinto omenzela zona ibe akasoze azilibale nokuba zininzi okanye zincinci kangakanani na.​—Mat. 6:20; Heb. 6:10.

UYEHOVA UYAYISIKELELA INTLANGANO YAKHE

13. ILevitikus 9:23, 24 ithi yintoni eyenziwa nguYehova eyayibonisa ukuba uyabamkela ababingeleli abatsha?

13 Okwesine: UYehova uyayisikelela inxalenye yentlangano yakhe esemhlabeni. Khawucinge ngento eyenzeka ngo-1512 B.C.E. xa umnquba wawumiswe phambi kweNtaba YaseSinayi. (Eks. 40:17) UMoses wayebeka uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli. Isizwe sakwaSirayeli sasize kubukela aba babingeleli xa babeqala ukubingelela. (Lev. 9:1-5) Wenza ntoni uYehova ukuze abonise ukuba uyabamkela aba babingeleli batsha? Bathi uMoses noAron besasikelela abantu, kwehla umlilo ovela kuYehova wayitshisa yaphela imibingelelo.​—Funda iLevitikus 9:23, 24.

14. Ukwamkela kukaYehova uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli kubaluleke ngantoni kuthi namhlanje?

14 Yintoni eyayiboniswa ngulo mlilo? UYehova wayebonisa ukuba uyabamkela ibe uza kubaxhasa uAron noonyana bakhe ababeza kuba ngababingeleli. Athi amaSirayeli akubona ukuba uYehova uza kubaxhasa aba babingeleli, azixelela ukuba nawo aza kubaxhasa. Kutheni le nto ibalulekile kuthi namhlanje? Ngenxa yokuba aba babingeleli babemela abanye ababingeleli ababaluleke kakhulu. Oyena mbingeleli mkhulu, uKristu, uza kulawula nababingeleli abayi-144 000 ezulwini.​—Heb. 4:14; 8:3-5; 10:1.

UYehova uyayisikelela ibe uyayikhokela intlangano yakhe. Thina siyixhasa kangangoko sinako (Jonga isiqendu 15-17) *

15-16. Zeziphi izinto ezibonisa ukuba uYehova uyalixhasa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’?

15 Ngo-1919, uYesu wakhetha abazalwana abambalwa abathanjisiweyo ukuba babe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Eli khoboka likhokela kumsebenzi wokushumayela lize linike abafundi bakaKristu ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mat. 24:45) Zeziphi izinto ezibonisa ukuba uThixo uyalixhasa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?

16 USathana nabantu bakhe bazame ngeendlela ezininzi ukuwenza nzima umsebenzi wekhoboka elithembekileyo. Ukuba belingaxhaswa nguYehova, belingazukwazi tu ukuwenza. Kukhe kwakho iimfazwe zehlabathi ezimbini nemeko embi yezoqoqosho emhlabeni wonke. Kwakhona, abantu bakaThixo baye baphathwa kakubi, betshutshiswa. Kodwa eli khoboka, khange liyeke ukondla abalandeli bakaKristu. Khawucinge ngendlela ezininzi ngayo iincwadi esizifumanayo. Ziguqulelwe ngeelwimi ezingaphaya kwe-900 ibe zifumaneka mahala. Izicacele nje into yokuba eli khoboka lixhaswa nguYehova. Umsebenzi wokushumayela yenye into ebonisa ukuba uYehova uyalisikelela. Iindaba ezilungileyo zishunyayelwa “kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mat. 24:14) Siyazibonela indlela uYehova ayikhokela ngayo intlangano yakhe namhlanje.

17. Singayixhasa njani intlangano kaYehova?

17 Simele sizibuze, ‘Ngaba ndiyayibulela into yokuba ndingomnye wabantu abakwinxalenye yentlangano kaYehova esemhlabeni?’ Ngexesha likaMoses noAron, uYehova wehlisa umlilo ukubonisa ukuba uyabaxhasa. Ngoko nathi usenze saqiniseka ukuba uyayixhasa intlangano yakhe namhlanje. Ininzi nyhani into esimele simbulele ngayo uYehova. (1 Tes. 5:18, 19) Singayixhasa njani intlangano yakhe? Ngokwenza izinto eziseBhayibhileni ekuthethwa ngazo kwiincwadi zethu, kwiintlanganiso nakwiindibano. Kwakhona, sinokuyixhasa ngokuzimisela kumsebenzi wokushumayela nokufundisa.​—1 Kor. 15:58.

18. Uzimisele ukwenza ntoni?

18 Masizimisele ukuzenza izinto esizifunde kwincwadi yeLevitikus. Sifuna uYehova ayamkele iminikelo yethu. Simkhonza kuba simbulela ngezinto asenzele zona. Simkhonza ngamandla ethu onke ngenxa yokuba simthanda. Sizimisele nokuxhasa intlangano yakhe ayisikelelayo. Xa sisenza ezi zinto, sibonisa uYehova ukuba siyayixabisa into yokuba esivumele saba ngamaNgqina akhe.

INGOMA 96 Incwadi KaThixo Ixabisekile

^ isiqe. 5 Incwadi yeLevitikus inemithetho uYehova awayixelela amaSirayeli. Thina maKristu asikho phantsi kwaloo mithetho, kodwa ingasinceda. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezibalulekileyo esinokuzifunda kule ncwadi.

^ isiqe. 4 Esi siqhumiso sasingcwele ibe amaSirayeli ayesisebenzisa xa ekhonza uYehova kuphela. (Eks. 30:34-38) Akukho nto ebhaliweyo ebonisa ukuba amaKristu exesha labapostile ayesebenzisa iziqhumiso xa ekhonza.

^ isiqe. 9 Xa ufuna ukwazi nezinye izinto ngemibingelelo yobudlelane, funda i-Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphe. 526.

^ isiqe. 54 IMIFANEKISO: NgoMhla Wocamagusho umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli wayengena kweYona Ngcwele ephethe isiqhumiso namalahle avuthayo ukuze wonke umnquba unuke kamnandi. Wayephinda angene kweYona Ngcwele ephethe igazi lomnikelo wesono

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: UmSirayeli unika umbingeleli igusha yomnikelo wobudlelane ukuze abonise ukuba uyazibulela izinto uYehova azenzele yena nentsapho yakhe.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wabonisa ukuba uyamthanda uYehova ngokumthobela nangokufundisa abalandeli bakhe ukuba bamthobele.

^ isiqe. 61 IMIFANEKISO: Lo dade sele ekhulile ibe zininzi izinto angasakwaziyo ukuzenza, kodwa sekunjalo ushumayela ngokubhala iileta.

^ isiqe. 63 IMIFANEKISO: NgoFebruwari 2019, uMzalwana uGerrit Lösch weQumrhu Elilawulayo wakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo yesiJamani ibe abantu bavuya kakhulu. Namhlanje, abazalwana noodade baseJamani bashumayela ngayo le Bhayibhile njengokuba sibabona aba dade babini.