Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 49

Kukho Ixesha Lokusebenza Nelokuphumla

Kukho Ixesha Lokusebenza Nelokuphumla

“Yizani . . . kwindawo engasese, niphumle kancinane.”​—MARKO 6:31.

INGOMA 143 Masihlale Silindile

INTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Abantu abaninzi bawujonga njani umsebenzi?

NGABA bakuthanda kakhulu ukusebenza abantu abakwindawo ohlala kuyo? Kumazwe amaninzi, abantu basebenza nzima ibe basebenza ixesha elide kunakuqala. Abantu abasebenza kakhulu badla ngokungabi nalo ixesha lokuphumla, lokuhlala neentsapho zabo nelokufunda ngoThixo. (INtshu. 2:23) Abanye abantu abawuthandi umsebenzi, ibe bakhangela kwanto enokubenza bangasebenzi.​—IMize. 26:13, 14.

2-3. Sifunda ntoni kuYehova noYesu ngokusebenza?

2 Abanye abantu basebenza kakhulu, abanye bayonqena. Kodwa uYehova noYesu basebenza ngendlela eyahlukileyo kuneyabo. Siyazi ukuba uYehova uyakuthanda ukusebenza. UYesu wayenza yacaca loo nto xa wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ke ndiyasebenza.” (Yoh. 5:17) Khawucinge ngomsebenzi uThixo awawenzayo xa wayedala iingelosi ezininzi, iinkwenkwezi neeplanethi. Ezinye izinto ezintle awazenzayo sizibona apha emhlabeni. Siyabona ukuba kwakutheni ukuze umdumisi athi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.”​—INdu. 104:24.

3 UYesu wasebenza njengoTata wakhe. Wancedisa uThixo xa wayedala amazulu. Wayekunye noYehova ‘engumsebénzi onobuchule.’ (IMize. 8:27-31) Naxa wayesemhlabeni, wayewenza kakuhle umsebenzi wakhe. Wade wathi loo msebenzi ufana nokutya kuye, ibe izinto awayezenza emhlabeni zibonisa ukuba wayethunywe nguThixo.​—Yoh. 4:34; 5:36; 14:10.

4. Sifunda ntoni kuYehova noYesu ngokuphumla?

4 Ngaba indlela uYehova noYesu abasebenza ngayo ithetha ukuba akubalulekanga ukuphumla? Akuthethwa loo nto. UYehova akadinwa, akunyanzelekanga ukuba aphumle. IBhayibhile iyatsho ukuba emva kokuba edale amazulu nomhlaba ‘waphumla waza wazihlaziya.’ (Eks. 31:17) Loo nto ithetha ukuba uYehova wakhe akasebenza, wabuka izinto azenzileyo. Naye uYesu wayenalo ixesha lokuphumla nelokutya nabahlobo bakhe nangona wayesebenza nzima.​—Mat. 14:13; Luka 7:34.

5. Yintoni ekhe ibe nzima kubakhonzi bakaThixo?

5 IBhayibhile ikhuthaza abantu bakaThixo ukuba bawuthande umsebenzi. Abakhonzi bakhe bamele bakhuthale, bangonqeni. (IMize. 15:19) Mhlawumbi uyaphangela ukuze ubeke isonka etafileni. Kwakhona, bonke abafundi bakaKristu bamele bashumayele iindaba ezilungileyo. Nangona kunjalo, kufuneka uphumle. Ngaba kukhe kube nzima ukuba nexesha elaneleyo lokusebenza, lokushumayela nelokuphumla? Sinokwazi njani ukuba lingakanani ixesha esimele sisebenze ngalo nesimele siphumle ngalo?

IXESHA LOKUSEBENZA NELOKUPHUMLA

6. UMarko 6:30-34 ubonisa njani ukuba uYesu wayezimisela emsebenzini kodwa enalo nexesha lokuphumla?

6 Kubalulekile ukuba sisebenze size sibe nalo nexesha lokuphumla. UKumkani uSolomon waphefumlelwa ukuba athi: “Yonke into inexesha layo.” Wathetha ngokutyala, ukwakha, ukulila, ukuhleka, ukudanisa nangezinye izinto. (INtshu. 3:1-8) Kuyabonakala ukuba zimbini ezona zinto zibalulekileyo, kukusebenza nokuphumla. UYesu wayezimisela emsebenzini kodwa enalo nexesha lokuphumla. Ngenye imini, abapostile babevela kushumayela. Ngenxa yendlela ababexakeke ngayo, abazange ‘babenalo nexesha lokuphola nelokutya.’ UYesu wathi kubo: “Yizani, nedwa kwindawo engasese, niphumle kancinane.” (Funda uMarko 6:30-34.) Nangona uYesu nabafundi bakhe babesoloko bengenalo ixesha lokuphumla, uYesu wayesazi ukuba kufuneka baphumle.

7. Kuza kusinceda njani ukufunda ngeSabatha?

7 Ngamanye amaxesha, kufuneka siphumle okanye sitshintshe indlela esizenza ngayo izinto. Loo nto siyibona kwiSabatha uThixo awayenzela abakhonzi bakhe bakudala. Kunokusinceda ukufunda ngezinto ezathethwa nguMthetho kaMoses ngeSabatha nangona singasathobeli wona. Izinto esizifunda kuwo zinokusinceda silazi ixesha lokusebenza nelokuphumla.

ISABATHA YAYILIXESHA LOKUPHUMLA NOKUKHONZA

8. IEksodus 31:12-15 ithi iSabatha yayilusuku lokwenza ntoni?

8 ILizwi LikaThixo lithi emva ‘kweentsuku’ ezintandathu, uThixo wagqiba ukudala. (Gen. 2:2) Nangona kunjalo, uYehova uyakuthanda ukusebenza ibe “uyasebenza kude kube ngoku.” (Yoh. 5:17) Wasebenza iintsuku ezintandathu waza waphumla ngosuku lwesixhenxe ibe waxelela amaSirayeli ukuba aphumle qho ngosuku lwesixhenxe. Wade wathi iSabatha yayiza kuba luphawu oluphakathi kwakhe namaSirayeli. Yayilusuku ‘lokuphumla ngokupheleleyo nolungcwele kuYehova.’ (Funda iEksodus 31:12-15.) Abantu babesiba nexesha elininzi lokwenza izinto ezibasondeza kuThixo.

9. AbaFarisi babesithini ngeSabatha?

9 ISabatha yayibalulekile ebantwini bakaThixo, kodwa ngexesha likaYesu abaFarisi abaninzi babenemithetho enzima ngendlela ezimele zenziwe ngayo izinto ngeSabatha. Babesithi akuvumelekanga nokukha iinkozo zokutya okanye ukuphilisa umntu ogulayo. (Marko 2:23-27; 3:2-5) Indlela ababezenza ngayo izinto yayingafunwa nguThixo ibe noYesu wayenza yacaca loo nto xa wayethetha nabantu.

Eyona nto yayisenziwa ngeSabatha kuloYesu yayikukukhonza uThixo (Jonga isiqendu 10) *

10. KuMateyu 12:9-12, sifunda ntoni ngento eyayicingwa nguYesu ngeSabatha?

10 UYesu nabalandeli bakhe abangamaYuda babephumla ngeSabatha kuba bethobela uMthetho KaMoses. * Kodwa uYesu wathetha waza wenza izinto ezininzi ezazibonisa ukuba kwakungeyonto imbi ukunceda abantu ngeSabatha. Wade wathi: “Kusemthethweni ukwenza into entle ngesabatha.” (Funda uMateyu 12:9-12.) Wayengacingi ukuba kukophula umthetho ukunceda umntu ngeSabatha. Izinto ezazisenziwa nguYesu zibonisa ukuba wayekuqonda ukubaluleka kokubakho kweSabatha. Abantu babekwazi ukumkhonza kakuhle uThixo kuba babengasebenzi. UYesu wakhulela kwintsapho eyayikhonza uThixo ngeSabatha. Loo nto siyibona kwinto awayenzayo xa wayekwidolophu yakowabo, iNazarete. IBhayibhile ithi: “Ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena kwindlu yesikhungu, waza wema ukuze afunde.”​—Luka 4:15-19.

UYAZIMISELA XA USEBENZA?

11. UYesu wafunda kubani ukusebenza?

11 UYosefu wafundisa uYesu indlela uThixo awuthanda ngayo umsebenzi waza wamfundisa ukuba ngumchweli. (Mat. 13:55, 56) UYesu wayeyibona indlela uYosefu asebenza nzima ngayo ukuze ondle intsapho yakhe enkulu. Ekuhambeni kwexesha, wathi kubafundi bakhe: “Umsebénzi uwufanele umvuzo wakhe.” (Luka 10:7) Kuyabonakala ukuba uYesu wayeqhelile ukusebenza nzima.

12. Zeziphi iZibhalo ezibonisa into ethethwa yiBhayibhile ngokusebenza?

12 Umpostile uPawulos wayeqhelile ukusebenza nzima njengoYesu. Oyena msebenzi wayewenza yayikukuxelela abantu ngoYesu nangezinto awayezifundisa. Kodwa wayesenza nomnye umsebenzi ukuze afumane imali. AmaKristu aseTesalonika ayesazi ukuba ‘wayesebenza ebulaleka ubusuku nemini’ ukuze angabi ngumthwalo ebantwini. (2 Tes. 3:8; IZe. 20:34, 35) Xa uPawulos wayethetha ngokusebenza, kusenokwenzeka ukuba wayethetha ngokwenza iintente. EKorinte wayehlala noAkwila noPrisila ‘esebenza nabo, kuba umsebenzi wabo yayikukwenza iintente.’ Xa wayesithi wayesebenza “ubusuku nemini” wayengathethi ukuba wayengaphumli. Wayekhe aphumle ngamanye amaxesha. Ngokomzekelo, wayengazenzi iintente ngeSabatha. Wayedla ngokushumayela kumaYuda, nawo awayengasebenzi ngeSabatha.​—IZe. 13:14-16, 42-44; 16:13; 18:1-4.

13. Yintoni esinokuyifunda kuPawulos?

13 Ininzi into esinokuyifunda kumpostile uPawulos. Nangona wayesebenza ukuze afumane imali, wayewenza qho “umsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo zikaThixo.” (Roma 15:16; 2 Kor. 11:23) Wakhuthaza nabanye abantu ukuba benze njalo. UAkwila noPrisila ‘babesebenzela uKristu uYesu’ njengoPawulos (Roma 12:11; 16:3) UPawulos wakhuthaza amaKristu aseKorinte ukuba ahlale ‘enokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Kor. 15:58; 2 Kor. 9:8) UYehova wade wamphefumlela ukuba abhale athi: “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.”​—2 Tes. 3:10.

14. UYesu wayethetha ukuthini xa wayethetha la mazwi akuYohane 14:12?

14 Owona msebenzi ubalulekileyo kule mihla yokugqibela kukushumayela nokwenza abafundi. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba babeza kwenza imisebenzi emikhulu kuneyakhe. (Funda uYohane 14:12.) Wayengathi siza kwenza imimangaliso njengaye. Wayethetha ukuba abafundi bakhe babeza kushumayela baze bafundise ixesha elide kunaye, kwiindawo ezininzi nasebantwini abaninzi.

15. Yeyiphi imibuzo esimele sizibuze yona, ibe ngoba?

15 Ukuba uyaphangela, zibuze le mibuzo: ‘Ngaba ndaziwa ndingumntu ozimiselayo emsebenzini? Ngaba ndiwenza kakuhle umsebenzi wam ndize ndiwugqibe ngexesha?’ Ukuba uthi ewe, umqeshi wakho usenokukuthemba. Nabantu osebenza nabo basenokuba nomdla wokuzimamela iindaba ezilungileyo. Khawucinge ngendlela oshumayela nofundisa ngayo uze uzibuze le mibuzo: ‘Ngaba ndaziwa ndingumntu okhutheleyo entsimini? Ndilungiselela kakuhle xa ndiza kuya kwindlu ngendlu? Ngaba ndikhawuleza ndibuyele ebantwini abanomdla? Ngaba ndizisebenzisa qho iindlela ezahlukeneyo zokushumayela?’ Ukuba uthi ewe, uza kuyithanda intsimini.

KUTHETHA UKUTHINI UKUPHUMLA KUWE?

16. UYesu nabapostile bakhe babekujonga njani ukuphumla ngokwahlukileyo ebantwini abaninzi namhlanje?

16 UYesu wayesazi ukuba ngamanye amaxesha kufuneka aphumle nabapostile bakhe. Kodwa, abantu abaninzi belo xesha nabanamhlanje banokufaniswa nendoda esisityebi uYesu awazekelisa ngayo. Le ndoda yazixelela le nto: “Khululeka, yitya, sela, ziyolise.” (Luka 12:19; 2 Tim. 3:4) Yayicinga ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuphumla nokonwaba. Kodwa uYesu nabapostile bakhe babengacingi njalo.

Ukuzimisela emsebenzini nokuba nexesha lokuphumla kuza kusinceda senze imisebenzi eza kusivuyisa (Jonga isiqendu 17) *

17. Senza ntoni xa singayanga emsebenzini?

17 Nathi sifuna ukufana noYesu. Xa singayanga emsebenzini, asifuni ukucinga ngokuphumla nje qha kodwa sifuna ukuya entsimini nakwiintlanganiso. Ukwenza abafundi nokuya kwiintlanganiso kubaluleke kakhulu kuthi, yiyo loo nto sizama kangangoko sinako ukuzenza ezi zinto. (Heb. 10:24, 25) Nokuba siseholideyini, siyaya kwiintlanganiso enoba siphi, ibe sizama ukuncokola nabantu esidibana nabo ngeBhayibhile.​—2 Tim. 4:2.

18. UKumkani wethu onguKristu uYesu ufuna senze ntoni?

18 Kusivuyisa nyhani ukuba noKumkani onguKristu uYesu, kuba uyasicingela ibe usinceda sizimisele emsebenzini kodwa sibe nalo nexesha lokuphumla. (Heb. 4:15) Ufuna siphumle, sizimisele xa siphangele size sikhuthale nakumsebenzi omnandi wokwenza abafundi. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngendlela uYesu asikhulule ngayo ebukhobokeni.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

^ isiqe. 5 IZibhalo zisifundisa ukuba sizimisele xa sisebenza kodwa sibe nexesha lokuphumla. Eli nqaku, liza kuthetha ngezinto esinokuzifunda kwiSabatha eyayisenziwa ngamaSirayeli, lize lisincede sizimisele xa sisebenza size sibone nokuba kuthetha ukuthini ukuphumla kuthi.

^ isiqe. 10 Abafundi bakaYesu babephumla ngeSabatha kangangokuba bayeka ukulungisa izinto zokuqhola umzimba kaYesu de kwadlula iSabatha.​—Luka 23:55, 56.

^ isiqe. 55 IMIFANEKISO: UYosefu usa intsapho yakhe kwindlu yesikhungu ngeSabatha.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Utata uyaphangela ukuze abeke isonka etafileni. Xa engaphangelanga uya ezintlanganisweni aze ashumayele. Ezi zinto uzenza naxa beye eholideyini.