Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uyafuna Ukwazi Inyani?

Uyafuna Ukwazi Inyani?

Xa umntu eyazi inyani unokungangeni engxakini. Ngokomzekelo, abantu baye bancedakala ngokwazi ukuba ziintoni ezibangela izifo zosulele ngokukhawuleza.

Kugqithe iminyaka emininzi abantu bengazi ukuba yintoni eyenza izifo zibosulele, ibe baninzi abaye basweleka ngenxa yazo. Kodwa emva kwexesha, oososayensi baye bafumanisa ukuba yintoni unobangela. Bathi ixesha elininzi izifo zibangelwa ziintsholongwane nezinto ezimdaka. Ukwazi loo nto kuncede abantu abaninzi bazikhusela ibe banyanga izifo ezininzi. Loo nto ibancede baphila ixesha elide besempilweni.

Ukukhangela inyani ngale mibuzo ilandelayo kungakunceda njani?

  • Ngubani UThixo?

  • Ngubani UYesu Kristu?

  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?

  • Ucinga Ntoni Ngekamva?

Abantu abaninzi baye bazifumana iimpendulo zale mibuzo ibe zibancede baphila ubomi obubhetele. Nawe zingakunceda.

UKHONA UMNTU OYAZIYO INYANI?

Mhlawumbi uthi: ‘Ndingayifumana phi inyani?’ Phofu, kunzima ukuba abantu bayazi inyani ngezinto ezininzi. Ngoba?

Kaloku abantu abaninzi babone ukuba urhulumente, abantu bezoshishino nabeendaba bayaqhatha. Loo nto ibangele ukuba kube nzima kubo ukwahlula inyani kwinto ethethwa nje ngabantu. Enye into ebangela loo nto kukuba abanye bayaxoka okanye bangayithethi yonke inyani. Abantu bade baphikise nenyani eza kubanceda kuba bengabathembi abantu esuka kubo.

Ngaphezu kwazo zonke ezo zinto, inyani kweyona mibuzo ibalulekileyo iyafumaneka. Ifumaneka njani? Ngokwenza into abadla ngokuyenza abantu xa befuna ukwazi into.

YIPHANDE INYANI

Kusenokwenzeka ukuba uhlala uyiphanda inyani kwizinto ezininzi. Khawuve ukuba uJessica uye athini. Uthi: “Intombi yam ayimele itye into eneepinatsi, nepinatsi nje encinci inokuyibulala.” UJessica uye akufunde ukutya akuthengayo ukuze aqiniseke ukuba kuza kuyilungela intombi yakhe. Uthi: “Into yokuqala endiyenzayo kukujonga ukuba ukutya endikuthengayo akunazo na iipinatsi. Emva koko, ndifowunela kwindawo ekwenziwe kuyo oko kutya ukuze ndiqinisekise ukuba ayifakwanga nyhani. Andipheleli apho, ndiye ndiphande nakwezinye iindawo ukuze ndiqinisekise ukuba ndingabathemba nyhani na.”

Usenokungabi nangxaki efana nekaJessica, kodwa umele wenze into efanayo ukuze ufumane inyani. Nazi izinto onokuzenza:

  • Buza.

  • Phanda.

  • Qinisekisa ukuba abantu obuza kubo bathembekile.

Ukwenza ngale ndlela kunokukunceda ufumane eyona nyhani kwizinto ezithethwayo. Ungaqala phi?

EYONA NCWADI INENYANI

Xa uJessica wayefuna ukwazi inyani ethethwa yiBhayibhile, wenza laa nto wayenzayo xa wayephanda ngokutya. Uthi: “Ukuphanda nokuyifunda kakuhle iBhayibhile kundincede ndayifumana inyani ethethwa yiyo.” Abantu abaninzi nabo baphandile ukuze bazazi iimpendulo zale mibuzo:

  • Sadalelwa ntoni?

  • Uyaphi umntu xa eswelekile?

  • Kutheni abantu besokola?

  • UThixo uza kukuphelisa njani ukusokola?

  • Yintoni enokunceda intsapho yonwabe?

Funda iBhayibhile uze ungene ku-www.pr418.com/xh, iza kuphenduleka le mibuzo neminye ozibuza yona.