Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo

Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo

UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Buyintoni uBukumkani BukaThixo? Benza ntoni? Kutheni sifanele sibuthandazele?

UYesu nguMlawuli woBukumkani BukaThixo.

Luka 1:31-33: “Umbize ngokuba nguYesu igama lakhe. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.”

Eyona nto uYesu wayeshumayela ngayo buBukumkani BukaThixo.

Mateyu 9:35: “Kwaye uYesu wanduluka wakhenketha zonke izixeko needolophana, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani yaye ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.”

UYesu waxelela abafundi bakhe into eyayiza kubanceda babone ukuba uBukumkani busondele.

Mateyu 24:7: “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.”

Namhlanje, abafundi bakaYesu bashumayela emhlabeni wonke ngoBukumkani.

Mateyu 24:14: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”