Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Izinto Ezinokukunceda Ubonise Ukuba Uthanda UThixo Nommelwane

Izinto Ezinokukunceda Ubonise Ukuba Uthanda UThixo Nommelwane

Nakubeni singasaphili ngoMthetho KaMoses, kodwa imiyalelo yawo emibini emikhulu yokuthanda uThixo nommelwane, isasibonisa oko kufunwa nguThixo kuthi. (Mat 22:37-39) Olo thando asizalwa nalo. Ungenza njani ukuze ube nalo? Eyona nto ibalulekileyo onokuyenza, kukufunda iBhayibhile yonke imihla. Xa sifunda size sicinge ngeempawu zikaThixo eziseZibhalweni, sitsho sibone ‘ukuthandeka kwakhe.’ (Nd 27:4) Siye simthande nangakumbi size sicinge ngohlobo acinga ngalo. Loo nto isenza sifune ukuthobela imithetho yakhe efana nalo wokuthanda abanye. (Yoh 13:34, 35; 1Yo 5:3) Nazi iindlela ezintathu ezinokukunceda ukuthande ukufunda iBhayibhile:

  • Cinga ngoko ukufundayo. Yiba ngathi ulapho. Ubuza kubona, uve okanye usezele ntoni? Inoba babeziva njani abo babelapho?

  • Funda ngeendlela ezahlukeneyo. Usenokuyifunda ngokuvakalayo okanye usebenzise erekhodiweyo. Endaweni yokufunda izahluko ngokulandelelana kwazo, unokufunda ngomntu oseBhayibhileni okanye ngomxholo othile onomdla kuwo. Ngokomzekelo, ukuba ufuna ukufunda ngoYesu, sebenzisa incwadana ethi, Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo kwicandelo 4 necandelo 16. Funda sonke isahluko ethathwe kuso itekisi yosuku. Funda iincwadi zeBhayibhile ngokokulandelelana kwexesha ezabhalwa ngalo.

  • Fundel’ ukwazi. Ukufunda isahluko esinye ngosuku, usive uze ucingisise ngento oyifundileyo, kubhetele kakhulu kunokufunda izahluko ezininzi kuba nje ufuna ukugqiba. Cinga ngezinto ezazisenzeka apho. Zama ukuqonda yonke into oyifundayo. Sebenzisa iimaphu neembekiselo zezibhalo eziphakathi kwiphepha ngalinye kwiBhayibhile yakho. Phanda ngento ongayiqondiyo. Ukuba kunokwenzeka, xa ucingisisa ngento oyifundileyo chitha ixesha elilingana neli obufunda ngalo.