Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Thembela NgoYehova Xa Kukho Umntu Okuntlontayo

Thembela NgoYehova Xa Kukho Umntu Okuntlontayo

Abantu abasintlontayo banokusenzakalisa emzimbeni okanye basenze sikhathazeke. Basenokumosha nobuhlobo bethu noYehova ukuba sivumela ukoyikiswa ngabo xa besichasa. Ungazikhusela njani kumntu okuntlontayo?

Abakhonzi bakaYehova abaninzi baye bakwazi ukumelana nabantu ababantlontayo ngokuthembela ngoYehova. (Nd 18:17) Ngokomzekelo, uEstere wathetha ukuze aveze amaqhinga awayefuna ukwenziwa yenye indoda engcolileyo ekwakusithiwa nguHaman. (Est 7:1-6) Ngaphambi kokuba awaveze loo maqhinga waye wabonisa intembelo yakhe kuYehova ngokuthi azile ukutya. (Est 4:14-16) UYehova wamsikelela waze wakhusela yena kunye nabantu bakhe.

Bantu abasebatsha, ukuba kukho umntu onintlontayo, celani uYehova anincede nize nithethe nomntu omdala oqolileyo njengabazali benu ngeengxaki eninazo. Qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda ngendlela awamnceda ngayo noEstere. Yintoni enye into onokuyenza ukuze umelane nokuntlontwa?

BUKELA IVIDIYO ETHI UBOMI BAM NJENGOMNTU OSEMTSHA​—NDINGAMELANA NJANI NOKUNTLONTWA? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Abantu abasebatsha banokufunda ntoni kumzekelo kaCharlie nokaFerin?

  • Abazali bangafunda ntoni kwinto ethethwa nguCharlie noFerin ngokunceda abantwana babo bamelane nokuntlontwa?