Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Abalusi Abasebenza Ukuze Kuncedwe Abantu BakaYehova

Abalusi Abasebenza Ukuze Kuncedwe Abantu BakaYehova

Abantu abaninzi ababathembi abantu abasemagunyeni. Siyaqondakala ke phofu isizathu saloo nto. Kwakudala, abantu abaninzi bebesebenzisa izikhundla zabo ngendlela embi ukuze kuncedakale bona. (Mik 7:3) Siyibulela kakhulu into yokuba abadala bethu beqeqeshwa ukuze basebenzise ilungelo labo lokukhokela ukuze kuncedakale abantu bakaYehova.​—Est 10:3; Mat 20:25, 26.

Abadala abafani nabantu abanegunya kweli hlabathi, kuba bona benza umsebenzi wabo kuba bethanda uYehova nabantu bakhe. (Yoh 21:16; 1Pe 5:1-3) Kuba bekhokelwa nguYesu, aba balusi benza mvakalisi ngamnye azive esekhaya, ekwintsapho kaYehova ibe besondele kuye. Bayakhawuleza ukukhuthaza izimvu zikaYehova nokuzinceda xa kukho into engxamisekileyo yezonyango okanye xa kwehle intlekele. Ukuba ufuna ukuncedwa, kutheni ungathethi nomdala webandla lakho?​—Yak 5:14.

BUKELA IVIDIYO ETHI ABALUSI ABAZIKHATHALELEYO IIGUSHA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • UMariana uncedwe njani ngabadala?

  • UElias uncedwe njani ngabadala?

  • Emva kokubukela le vidiyo uziva njani ngomsebenzi owenziwa ngabadala?