Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Sebenzisa Iphepha Lokuqala Eliku-JW.ORG Xa Ushumayela

Sebenzisa Iphepha Lokuqala Eliku-JW.ORG Xa Ushumayela

Iphepha lokuqala lewebhsayithi yethu linamanqaku neevidiyo ezenzelwe ukufikelela iintliziyo zabo bangengomaNgqina kaYehova. (IZe 13:48) Lidla ngokuthetha ngezinto ezisezindabeni okanye izinto abantu abacinga nabathetha ngazo.

Ungalisebenzisa njani iphepha lokuqala eliku-jw.org xa ushumayela?

  • Yijonge qho iwebhsayithi yethu. Yazi imixholo ebonisiweyo nendlela onokuyisebenzisa ngayo ukuze uncede umntu onomdla. Ukumane uyijonga iwebhsayithi yethu kuza kukunceda ube nazo nezinye iindlela onokuzisebenzisa entsimini.

  • Sebenzisa amanqaku neevidiyo ezikwiphepha lokuqala ukuze uqalise incoko. La manqaku nezi vidiyo asinceda siyazi ukuba abantu abakwintsimi yethu bacinga ntoni.

  • Babonise abantu iphepha lokuqala. Thetha ngemixholo ethile uze ubonise lo mntu uthetha naye ukuba isetyenziswa njani le webhsayithi.

  • Bathumelele ilinki. Abanye abantu abafuni ukuthetha nathi xa sishumayela kubo kodwa abanangxaki ngokuzingenela kwiwebhsayithi yethu. Yiloo nto kufuneka ungonqeni ukuthumelela abantu abanomdla ilinki ebasa kwiphepha lokuqala lewebhsayithi yethu okanye eza kubasa kwinqaku okanye ividiyo ethile.