Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Uyabasindisa Abo Batyumkileyo Emoyeni

UYehova Uyabasindisa Abo Batyumkileyo Emoyeni

Wonke umntu ukhe angonwabi ngamanye amaxesha. Ukungonwabi akuthethi ukuba asinalukholo kuYehova. NoYehova wabonisa ukuba ukhe angonwabi ngamanye amaxesha. (Gen 6:5, 6) Kodwa yintoni esinokuyenza xa sibona ukuba amaxesha amaninzi sisoloko singonwabanga?

Thandaza kuYehova ukuze ufumane uncedo. UYehova unomdla kwindlela esivakalelwa ngayo. Uyasazi xa sonwabile naxa singonwabanga. Uyaziqonda izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. (Nd 7:9b) Okona kubalulekileyo kukuba uYehova usikhathalele ibe uyakwazi ukusinceda xa singonwabanga naxa sikhathazeke kakhulu.​—Nd 34:18.

Zigade izinto ozicingayo. Xa sicinga ngezinto ezityhafisayo asipheleli nje ekubeni singonwabi, kodwa loo nto iye ichaphazele nobuhlobo bethu noYehova. Ngenxa yesi sizathu, senza konke esinako ukuze sikhusele intliziyo yethu—umntu esinguye ngaphakathi.​—IMi 4:23.

BUKELA IVIDIYO ETHI: INDLELA ABAZALWANA BETHU ABAHLALA BESELUXOLWENI NGAYO NANGONA BENEDEPRESSION, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi izinto awazenzayo uNikki ukuze akwazi ukumelana nedepression yakhe?

  • Kwakutheni ukuze uNikki azive ngathi udinga uncedo lukagqirha?​—Mat 9:12

  • Zeziphi iindlela uNikki awaye wathembela ngazo kuYehova?